Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    23—“Ubukumkani BukaThixo Busondele”

    “Weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.”Marko 1:14, 15.ULw 231.1

    Ukufika kukaMesiya kwaqalwa ukuvakaliswa kwaYuda. Etempileni eYerusalem, ukuzalwa komanduleli kwakuxeliwe kuZekariya xa wayelungiselela phambi kwesibingelelo. Kwiinduli zaseBhetelehem, iingelosi zakuvakalisa ukuzalwa kukaYesu. EYerusalem, izazi zafika zimfuna. Etempileni, uSimon noAna bangqina ngobuThixo baKhe.“IYerusalem, nalo lonke elakwaYuda,” lalikumamele ukushumayela kukaYohane umBhaptizi; nabathunywa abasuka kwiSanhedrin, kunye nesihlwele, bonke babuva ubungqina obungoYesu. KwaYuda, uKristu wafumana khona abafundi baKhe bokuqala. Apha umsebenzi waKhe omninzi wokuqala wenziwa khona. Ukubaneka kobuThixo baKhe ekuhlambululeni itempile, imimangaliso yaKhe yokuphilisa, nezifundo zenyaniso yezulu zaphuma kwimilebe yaKhe, konke kuvakalisa okwathi, emva kokuphilisa eBhetesda, wakuvakalisa phambi kweSanhedrin,--ukuba nguNyana kwaKhe kuLowo Ongunaphakade. ULw 231.2

    Ukuba iinkokheli zakwaIsrayeli zazimamkele uKristu, wayeya kuzizukisa njengabathunywa baKhe ukuba zithwalele iindaba ezilungileyoehlabathini.Kuzo, kwanikelwa ithuba lokuqala ULw 231.3

    lokuba ngabavakalisi bobukumkaninobabalo lukaThixo. UIsrayeli kodwa akazange alazi ixesha lokundwendwelwa kwakhe. Umona nokungathembi kweenkokheli zakwaYuda kwavuthwa kwayintiyo ephandle, zaza iintliziyo zabantu zasuswa kuYesu.ULw 232.1

    ISanhedrin yayisalile isigidimi sikaKristu yaza yazimisela ekubeni imbulale; ngoko ke, uYesu wayishiya iYerusalem, esuka kubabingeleli, etempileni, kwiinkokheli zenkolo, kubantu ababefundisiwe ngomthetho, wabuyela kolunye udidi ukuba avakalise isigidimi saKhe, nokuba aqokelele abo babeza kuzisa iindaba ezilungileyo kuzo zonke izizwe. ULw 232.2

    Njengokuba ukukhanya nobomi babantu kwaliwa ngamagunya enkolo ngemihla kaKristu, ngokunjalo kwaliwa nakwizizukulwana ezilandelayo. Yaphinda-phindwa imbali yokurhoxa kukaYesu kwelakwaYuda. Xa abaHlaziyi babeshumayela ilizwi likaThixo, abazange bacinge ngokuzahlula ebandleni elimiselweyo; kodwa iinkokheli zenkolo azizange zikwazi ukukunyamezela ukukhanya, baza bathi abo bakuthweleyo banyanzeleka ukuba bafune olunye udidi, olwaluyilangazelela inyaniso. Kule mihla yethu yabantu abazibiza ngokuba balandela abaHlaziyi, bambalwa abaqhutywa ngumoya wabo. Bambalwa abamamela ilizwi likaThixo, baze balungele ukuyamkela inyaniso nokuba inikwa ifihlakele nangaluphi uhlobo. Abo balandela amanyathelo abaHlaziyi bakholisa ukunyanzeleka ukuba bawashiye amabandla abawathandayo, khon’ ukuze bavakalise imfundiso ecacileyo yelizwi likaThixo. Amaxesha amaninzi abo bafuna ukukhanya, bathi kwangale mfundiso inye banyanzeleke ukuba bashiye iinkozo zoyise, ukuze bakwazi ukuthobela. ULw 232.3

    Abantu baseGalili babedelekile koorabhi baseYerusalem kusithiwa bakrwada abafundanga, kanti ke babe ngumhlaba ofanelekileyo womsebenzi woMsindisi. Babezimisele benyaniseke ngaphezulu, bengalawulwa kangako ziinkani; ingqondo zabo zazivulekile ukuba ziyamkele inyaniso. Ekuyeni eGalili, uYesu wayengafuni ukuba secaleni okanye ukuba likheswa. Ummandla, ngeli xesha, wawulikhaya lemfumba yabantu, uneqela elikhulu lomxube wabantu bezinye izizwe kunokuba kwakunjalo kwaYuda. ULw 232.4

    Xa uYesu wayecanda iGalili, efundisa ephilisa, izihlwele zangungelana kuYe ziphuma kwimizi neelali. Abaninzi beza bevela nakwaYuda neminye imimandla eyayamileyo. Wayesoloko ekhuthazwa ukuba azifihle ebantwini. Ulangazelelo lwaluphezulu lokuba kuyafuneka ukuba athabathe ingqalelo ukhuseleko hleze amagunya amaRoma avukelwe kukoyika uqhushululu. Alizange labakho ngaphambili ixesha elinje ngeli emhlabeni. Izulu lalithotyiwe leza ebantwini. Imiphefumlo elambileyo nenxaniweyo eyayilinde ixesha elide lokuhlangulwa kukaIsrayeli ngoku yayixhamla kubabalo loMsindisi onenceba. ULw 232.5

    Umthwalo wokushumayela kukaKristu wawusithi, “Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo.” Ngoko ke isigidimi seendaba ezilungileyo, njengoko sanikwa nguMsinsisi ngokwaKhe, sasisekwe phezu kweziprofeto. “Ixesha” awathetha ngalo ukuba lizalisekile yayilixesha elaziswa yingelosi uGabriyeli kuDaniyeli. “Bamiselwe iiveki ezimashumi asixhenxe,” yatsho ingelosi, “abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele, ukuba sithintelwe isikreqo, zitywinwe izono, bucanyagushelwe ubugwenxa, kuziswe ubulungisa obungunaphakade, utywinwe umbono nomprofeti, ithanjiswe ingcwele kangcwele.” Dan. 9:24. Usuku esiprofetweni lumele umnyaka. Khangela kuNumeri 14:34; Hez. 4:6. Iiveki ezimashumi asixhenxe okanye iintsuku ezingamakhulu amane anamashumi alithoba, zimele amakhulu amane anamashumi alithoba yeminyaka. Indawo eliqala kuyo eli xesha inikiwe: “Yazi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyinganga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini,” iiveki ezingamashumi amathandathu anethoba, okanye amakhulu amane anamashumi asibhozo anantathu yeminyaka. Dan. 9:25. Umthetho wokuba kubuyiselwe kwakhiwe iYerusalem, njengoko wagqitywa ngumthetho kaKoreshi Longimanus (khangela kuEzra 6:14; 7:1, 9), waba nokwenziwa ekwindla ngo-B. C. 457. Ngokwesiprofeto, eli xesha laliza kufikelela kuMesiya, uMthanjiswa. Ngowe-A. D. 27, uYesu, ekubhaptizweni kwaKhe, wazuza intambiso kaMoya Oyingcwele, kwathi kwangoko emva koko, wawuqala umsebenzi waKhe wolungiselelo. Ngelo xesha isigidimi savakaliswa, “Ixesha lizalisekile.” ULw 233.1

    Emva koko yathi ingelosi, “abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki enye [iminyaka esixhenxe].” Iminyaka esixhenxe emva kokuba uMsindisi engenile emsebenzini waKhe wolungiselelo, iindaba ezilungileyo zaziza kushunyayelwa ngokukodwa kumaYuda;iminyakaemithathuenesiqingathanguKristungokwaKhe;kuze kuthi emva koko ibe ngabapostile. “Ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla.” Dan. 9:27. Ngentwasa-hlobo yowe-A. D. 31, uKristu, umbingelelo oyinyaniso, wanikelwaeKalvari. Ngelo xesha, ikhuselo letempile lakrazuka kubini, libonisa ukuba ubungcwele nokubaluleka kwenkonzo yombingelelo kwakumkile. Ixesha lalifikile ukuba umbingelelo wasemhlabeni neenkonzozentlambululo ziyekwe. ULw 233.2

    Iveki enye—iminyaka esixhenxe—yaphela ngo-A. D. 34. Ngelo xesha, ngokuxulutywa ngamatye kukaStefano, amaYuda ekugqibeleni akutywina ukuzala kwawo iindaba ezilungileyo; abafundi ababethe saa kwiindawo ngeendawo ezikude ngenxa yentshutshiso, “batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi” (Zenzo 8:4); kwathi kungekudala emva koko, uSawule umtshutshisi waguquka, waba nguPawulos, umpostile eziNtlangeni. ULw 233.3

    Ixesha lokufika kukaKristu, ukuthanjiswa kwaKhe nguMoya Oyingcwele, ukufa kwaKhe, nokunikelwa kweendaba ezilungileyo eziNtlangeni, konke kwakuxelwe kakuhle. Yayililungelo labantu bakwaYuda ukuziqonda ezi ziprofeto, nokukuqonda ukuzaliseka kwazo emsebenzini kaYesu. UKristu wakubethelela phezu kwabafundi baKhe ukubaluleka kokufundwa kwesiprofeto. Ebhekisa kwisiprofeto esasinikwe uDaniyeli ngokubhekiselele kwixesha labo, wathi, “Olesayo makaqiqe.” Mat. 24:15. Emva kokuvuka kwaKhe wabachazela abafundi baKhe kubo “bonke abaprofeti” “iindawo ezingaye.” Luka 24:27. UMsindisi wayethethile ngabo bonke abaprofeti. “UMoya kaKristu,” owayengaphakathi kubo, “wayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela.” 1 Petros 1:11.ULw 234.1

    YayinguGabriyeli, ingelosi elandelayo ngesikhundla kuNyana kaThixo, oweza nesigidimi sezulu kuDaniyeli. YayinguGabriyeli, “ingelosi yaKhe,” uKristu awamthumayo ukuba alityhile ikamva likaYohane othandekayo; yavakaliswa nentsikelelo kwabo bawafundayo bawave amazwi esiprofeto, baze bazigcine izinto ezibhaliweyo apho kuso. IsiTy. 1:3.ULw 234.2

    “Ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.”Nangona “izinto ezisitheleyo zizezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni.” Amos 3:7; Dut. 29:29. UThixo usinikile ezi zinto, yaye intsikelelo yaKhe inabo bathobelayo, bathi ngomthandazo bazifunde izibhalo zesiprofeto. ULw 234.3

    Njengoko isigidimi sikaKristu sokufika okokuqala sasivakalisa ubukumkani bobabalo lwaKhe, ngokunjalo isigidimi sokufika kwaKhe kwesibini sivakalisa ubukumkani baKhe bozuko. Isigidimi sesibini, njengesokuqala, sisekwe phezu kweziprofeto. Amazwi engelosi kuDaniyeli ahambelana nemihla yokugqibela ayeza kuqondwa ngexesha lesiphelo. Ngelo xesha, “baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi.” “Abangendawo baya kwenza okungendawo. Abangendawo bonke abayi kukuqonda oko, kodwa abanengqiqo baya kukuqonda.” Dan. 12:4, 10. UMsindisi ngokwaKhe wanika imiqondiso yokuza kwaKhe. Uthi, “Xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.” “Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.” “Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla nokumiswa phambi koNyana woMntu.” Luka 21:31, 34, 36. ULw 234.4

    Sifikile kwixesha elixelwe kwangaphambili kwezi ziBhalo. Ixesha lesiphelo lifikile, imibono yabaprofeti iyatyhilwa, nezilumkiso zabo kuthi ezinendili zisalathisa ekufikeni kweNkosi yethu isebuqaqawulini ukuba kukufuphi. ULw 235.1

    AmaYuda alichaza alisebenzisa gwenxa ilizwi likaThixo, awalazi ixesha lokuvelelwa kwawo. Iminyaka yokusebenza kukaYesu nabapostile baKhe,--iminyaka ebalulekileyo yokugqibela yobabalo kubantu abanyuliweyo,--alichitha eceba ukutshabalalisa abathunywa beNkosi. Amabhongo ehlabathi abaginya, sathi isipho sobukumkani basemoyeni babafikela ngelize. Kunjalo namhlanje, ubukumkani beli lizwe buginya iingcamango zabantu, baze bangakuqapheli ukuzaliseka ngokukhawuleza kweziprofeto nemiqondiso yokufika ngokukhawuleza kobukumkani bukaThixo.ULw 235.2

    “Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.” Nangona singenakho ukuyazi iyure yokubuya kweNkosi yethu, sinakho ukwazi xa ikufuphi. “Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.” 1 Tes. 5:4-6.ULw 235.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents