Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    69—ENtabeni YeMinquma

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 24; Marko 13; Luka 21:5-38.]

    Amazwi kaKristu kubabingeleli nabaphathi, athi, “Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize,” (Mat. 23:38), azibetha zoyika iintliziyo zabo. Achukumisa ukungakhathali, kodwa umbuzo wahlala ukho ezingqondweni zabo ngokubaluleka kwala mazwi. Ingozi engabonwayo yayibazela. Ingaba itempile entle kakhulu, eyayiligugu lesizwe, yayiza kuba ziindonga kungekudala? Ukulindela ububi kwakuviwa nangabafundi, baza balindela benexhala ukuba kukho intetho ecace kakhulu eyayiza kuphuma kuYesu. Bathi xa bedlula naYe bephuma apho etempileni, bamkhangelisa ukomelela nobuhle bayo. Amatye etempile ayelibhastile elicoceke kakhulu, ubumhlophe obucwengileyo, kwaye amanye wawo emakhulu ngendlela emangalisayo. Indawo enkulu apha eludongeni yamelana nokungqingwa ngumkhosi kaNebhukadenetsare. Ekwakhiweni kwayo yayibonakala ingathi lilitye elinye elikhulu elombiwa linjalo lonke emgodini. Indlela ezi ndonga zinkulu ezazinokuwiswa ngayo, abazange babe nokuyiqonda abafundi. ULw 627.1

    Njengoko ingqalelo kaKristu yayitsaleleke kubuhle betempile, zinokuba zazisithini iingcinga zaKhe angazange azithethe ngaLowo waliwayo [Yena Kristu]! Umbono ophambi kwaKhe, ngokwenene, wawumhle, kodwa ngosizi wathi, Ndiyibona yonke le nto. Izakhiwo ngokwenene zihle kakhulu. Nalatha kwezi ndonga ngokungathi azinako ukuchithwa; kodwa ke, phulaphulani amazwi aM: Iyeza imini, “akuyi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.” ULw 627.2

    Amazwi kaKristu athethwa kusiva iqela elikhulu labantu; kodwa wathi xa eyedwa, uPetros, noYohane, noAndreya beza kuYe ehleli eNtabeni yeMinquma. “Sixelele,” batsho, “ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?” UYesu akazange abaphendule abafundi ngokukuthabatha ngokwahlukeneyo ukutshatyalaliswa kweYerusalem kwimini enkulu yokufika kwaKhe. Wayixuba inkcazo yezi ziganeko zibini. Ukuba wayebachubele abafundi baKhe iziganeko zexesha elizayo njengoko azibonayo, babengayi kukwazi ukuwunyamezela loo mbono. Ngovelwano nabo, wayidibanisa inkcazo yeziganeko ezikhulu ezibini, ebashiya abafundi ukuba bazifundele intsingiselo ngokwabo. Wathi xa ebhekisa kwiYerusalem, amazwi aKhe obuprofeti afikelela ngaphaya kweso siganeko ekutshisweni ngalo mini xa iNkosi iya kusuka endaweni yayo ukuba yohlwaye ihlabathi ngenxa yobugwenxa babo [abantu], xa umhlaba uya kulivuma igazi lawo, ungabuye ubafihle ababuleweyo bawo. Intetho yonke yanikwa, kungekuko abafundi kuphela, kodwa nakwabo babeya kuphila ngemiboniso yokugqibela yembali yalo mhlaba.ULw 628.1

    Ejika ekhangela kubafundi, uKristu wathi, “Lumkani ningalahlekiswa mntu. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi.” Baninzi oomesiya bobuxoki abaya kuvela, besithi ixesha lokuhlangulwa kwesizwe sakwaYuda lifikile. Aba baya kulahlekisa abaninzi. Amazwi kaKristu azaliseka. Phakathi kokufa kwaKhe nokurhawulwa kweYerusalem, kwavela abaprofeti bobuxoki abaninzi. Esi silumkiso sona sanikwa naso kwabo baphila kule mihla yehlabathi. Kwazona ezo nkohliso zenziwa phambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem zibe zisenziwa kuwo amaphakade, kwaye ziya kuphindwa kwakhona.ULw 628.2

    “Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.” Phambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem abantu balwela ukuba phezulu. Ookumkani babulawa. Abo babemele ukuba bakufuphi etroneni babulawa. Kwabakho iimfazwe namarhe eemfazwe. “Zonke ezo zinto zimele ukuhla,” watsho uKristu, “kanti kona ukuphela [kwesizwe sakwaYuda njengesizwe] akukabikho. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.” UKristu wathi, Xa abafundisi beyibona le miqondiso, baya kuthi zizigwebo zikaThixo phezu kwezizwe ngokuba ziye zabenza amakhoboka abantubaKhe abanyuliweyo. Bayakuthi le miqondisoyeyokufika kukaMesiya. Musani ukukhohliswa; iya kuba ziziqalelo zezigwebo. Abantu babekhangele kwiziqu zabo. Babengakhanga baguquka baza babuya ukuze ndibaphilise. Imiqondiso abayibeka ngokuthi imele izibonakalaliso zokukhululwa kwabo ebukhobokeni yimiqondiso yentshabalalo yabo. ULw 628.3

    “Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa banikelane bathiyane.” Konke oku kwenzeka kumaKristu. Ootata noomama babangcatsha abantwana babo. Abantwana babangcatsha abazali babo. Abahlobo babanikela abahlobo babo kwiSanhedrin. Abatshutshisi bayifeza injongo yabo ngokubulala uStefano, uYakobi, namanye amaKristu.ULw 629.1

    Ngabakhonzi baKhe, uThixo wabanika abantu bakwaYuda ithuba lokugqibela lokuguquka. Wazibonakalalisa ngamangqina aKhe ekubanjweni kwabo, ematyaleni abo, nasekuvalelweni kwabo entolongweni. Kanti ke, abagwebi babo bawisa phezu kwabo isigwebo sokufa. Babengabantu elalingabafanelanga ihlabathi, kwathi ngokubabulala, amaYuda ambethelela ngokutsha uNyana kaThixo. Kuya kuba njalo kwakhona. Amagunya aza kwenza imithetho yokuthintela inkululeko yonqulo. Aza kuthabatha ilungelo elilelikaThixo kuphela. Aya kucinga ukuba anako ukunyanzelisa isazela, nto leyo inguThixo kuphela onokuyilawula. Nangoku, ayaqalisa; lo msebenzi uya kuqhubeka ubheka phambili ade afike emdeni angenako ukudlula kuwo. UThixo uya kungenelela ngenxa yabantu baKhe abanyanisekileyo, abagcina imithetho. ULw 630.1

    Kuyo yonke indawo ekwenzeka kuyo intshutshiso, abo bayibonayo benza isigqibo sokuba noKristu okanye ukumchasa. Abo babonakalalisa uvelwano kwabo bagwetywa ngokungafanelekanga, babonisa ukwayama kwabo kuKristu. Abanye bakhutyekiswa kuba imithetho-siseko yenyaniso icanda phakathi kwizenzo zabo. Abaninzi bayakhubeka bawe, belushiya ukholo ababeluvumile. Abo bakreqayo ngexesha lovavanyo, baya kuthi, ukuqinisekisa inkuseleko yabo, bangqine ngobuxoki, babangcatshe abazalwana babo. UKristu usilumkisilengalo mba, ukuze singamangaliswa likhondo elingaqhelekanga nelikhohlakeleyo labo bakwalayo ukukhanya. ULw 630.2

    UKristu wabanika abafundi baKhe umqondiso wentshabalalo eyayiza kuza kwiYerusalem, waza wabaxelela indlela yokusinda: “Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo. Ngelo xesha mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo. Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.” Esi silumkiso sasinikwe ukuze sithotyelwe kumashumi amane eminyaka emva koku, xa kutshatyalaliswa iYerusalem. AmaKristu asithobela isilumkiso, akwaze kutshabalale noyedwa umKristu ekuweni kwesixeko. ULw 630.3

    “Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangeSabatha,” watsho uKristu. Lowo wenza iSabatha akazange ayibhangise, ayibethelele emnqamlezweni waKhe. ISabatha ayizange yenziwe ingabi nto kukufa kwaKhe. Kumashumi amane eminyaka emva kokubethelelwa kwaKhe emnqamlezweni kwakusafuneka iphethwe ngcwele. Kwiminyaka engamashumi amane, abafundi kwakufuneka bethandazele ukuba intsabo yabo ingabi ngeSabatha.ULw 630.4

    Ukusuka ekuthetheni ngokutshatyalaliswa kweYerusalem, uKristu wadlula ngokukhawuleza wathetha ngesona siganeko sikhulu, ikhonkco lokugqibela kwityathanga lembali yalo mhlaba,--ukuza koNyana kaThixo enobungangamsha nobuqaqawuli. Phakathi kwezi ziganeko zibini,kuthe thabalala phambi kwamehlo kaKristu iinkulungwane zobumnyama, iinkulungwane ezijongene nebandla laKhe eliphawulwe ngegazi neenyembezi nentlungu. Kuyo yona le imiboniso, abafundi babengenako ukunyamezela ukuyijonga, waza uYesu wadlula kuyo ethethe nje kancinane ngayo. “Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu,” watsho, “ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. Kananjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayikubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.” Ngaphezu kwewaka leminyaka, intshutshiso enjalo, owawungazanga wakha wanayo ngaphambili umhlaba, yayiza kuza kubalandeli bakaKristu. Izigidi ngezigidi zamangqina aKhe athembekileyo, ayeza kubulawa. Ukuba isandla sikaThixo sasingolulwanga ukuba sibagcine abantu baKhe, bonke ngebatshabalala. “Ngenxa ke yabanyuliweyo,” wathi, “loo mihla iya kunqanyulelwa.” ULw 631.1

    Ngoku, ngelizwi elingeke libe nokuphazanywa, iNkosi yethu ithetha ngokubuya kwaYo kwesibini, kwaye inika isilumkiso seengozi eziza kuza ngaphambi kokufika kwaYo emhlabeni. “Ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa. Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye, Nokuba bathi, Nanko egumbini, musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumlanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.” Njengomnye wemiqondiso yokutshatyalaliswa kweYerusalem, uKristu wathi, “Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.” Kuza kubakho abaprofeti bobuxoki, abaza kukhokelela imfumba yabantu entlango. Oosiyazi nabakhwitsi, bebanga amandla emimangaliso, batsale abantu emva kwabo ukubasa kwiintaba zobulolo. Esi siprofeto sasikwathethwa ngokubhekiselele kwimihla yokugqibela. Lo mqondiso unikwe njengomqondiso wokubuya kwesibini. Nangoku, ookristu bobuxoki nabaprofeti bobuxoki babonisa imiqondiso nezimanga ukulahlekisa abafundi baKhe. Ingaba asiyiva indanduluko ethi, “Nankuya, usentlango”? Amawaka awaphumanga ukuya entlango, ethembe ukufumana uKristu? Kumawaka eentlanganiso apho abantu bathi bathetha nemimoya yabafileyo, asilulo ubizo oluvakalayo ngoku, “Bonani, nanko egumbini”? Libango eli elenziwa lunqulo lwemimoya. Uthini phofu uYesu? “Musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumlanga, ubonakale kude kusentshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.”ULw 631.2

    UMsindisi unika imiqondiso yokuza kwaKhe, ngaphezu koko, umisa ixesha eya kuthi ngalo ibonakale eyokuqala kule miqondiso: “Kwaoko ke, emveni kwembandezeloyaloo mihla,ilangaliyakwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkweziziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.” ULw 632.1

    Ekupheleni kwentshutshiso enkulu yobupopi, uKristu wathi, ilanga liya kuba mnyama, nenyanga ingakuniki kakuhle ukukhanya kwayo. Kuya kulandela ukuwa kweenkwenkwezi ezulwini. Ubuya athi, “Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.” Mat. 24:32, 33.ULw 632.2

    UKristu unike imiqondiso yokuza kwaKhe. Uthi sinako ukwazi xa ekufuphi, esemnyango. Uthi ngabo bayibonayo le miqondiso, “Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.” Le miqondiso ibonakele. Siyazi ngoku ngokuqinisekileyo ukuba ukuza kweNkosi kusondele. “Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi aM akasayi kudlula.” ULw 632.3

    UKristu uza ngamafu enobuqaqawuli obukhulu. Intlaninge yezithunywa ezibengezelayo ziya kuba zinaYe. Uza kuza avuse abafileyo, nokuguqula abangcwele abaphilileyo basuke eluzukweni basinge eluzukweni. Uya kuza kuzukisa abo bamthandileyo, bayigcina imithetho yaKhe, abase kuYe ngokwaKhe. Akabalibalanga, engasilibalanga nesithembiso saKhe. Kuya kubakho ukuhlangana kwetyathanga losapho. Xa sibakhangela abethu abafileyo, sinokucinga ngentsasa xa ixilongo likaThixo liya kukhala, “bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina.” 1 Kor. 15:52. Kungekudala siya kumkhangela ukumkani ebuhleni baKhe. Kungekudala, uya kuzisula iinyembezi emehlweni ethu. Kungekudala, uza “kusimisa phambi kobuqaqawuli bakhe [si]ngenabala, [si]gcoba.” Yuda 24. Ngoko ke, xa wayenika imiqondiso yokuza kwaKhe, wathi, “Ke kaloku, zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.”ULw 632.4

    Yona imini neyure yokufika kwaKhe uKristu akayityhilanga. Wabaxelela ngokucacileyo abafundi baKhe ukuba Yena ngokwaKhe wayengakwazi ukuyazisa imini okanye iyure yokubonakala kwaKhe kwesibini. Ukuba wayekhululekile ukuba akutyhile oku, yintoni eyayinokwenza ukuba abakhuthaze ukuba bahlale benengqondo yokuba basoloko belindile? Bakho abo bathi bayayazi eyona mini neyure yokubonakala kweNkosi yethu. Bakunyamekele kakhulu ukulandlala ixesha elizayo. Noko kunjalo, iNkosi ibalumkisile ukuba basuke kule ndawo bemi kuyo. Elona xesha lililo lokufika kwesibini koNyana woMntu yimfihlelo kaThixo.ULw 632.5

    UKristu uyaqhubeka, esalatha imeko yehlabathi ekubuyeni kwaKhe. “Njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.” UKristu akathethi apha ngeminyaka eliwaka yasemhlabeni, iminyaka abaza kuthi bonke abantu balungiselele unaphakade. Usixelela ukuba, njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, kuya kubanjalo xa uNyana woMntu esiza kwakhona. ULw 633.1

    Kwakunjani ngemihla kaNowa? “Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.” Gen. 6:5. Abemi bomhlaba baphambi kukanogumbe bamshiya uYehova, bala ukuyenza intando yaKhe engcwele. Balandela ezabo iingcamango ezikhohlakeleyo neengcinga ezigqwethekileyo. Kwakungenxa yenkohlakalo yabo ukuze batshatyalaliswe; kwaye namhlanje, ihlabathi lilandela elo khondo linye. Alibonakalalisi miqondiso iyinkohliso yewaka leminyaka yobuqaqawuli. Ukwenza kwabo amaqashiso ngemali, imidyarho yamahashe, Ukungcakaza, izenzo zabo zenkanuko, ukutshiseka kwabo okungalawulekiyo, zizinto ezikhawulezayo ukuzalisa ihlabathi ngenkohlakalo. ULw 633.2

    Kwisiprofeto esingentshabalalo yeYerusalem, uKristu wathi, “Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” Esi siprofeto siya kuphinda sizaliseke. Ukwanda kobugwenxa balo mihla, kufumana umngeni kwesi sizukulwana. Kukwanjalo nokuxelwa kwangaphambili kokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. Phambi kokuwa kweYerusalem, uPawulos, ebhala ngokuqhutywa nguMoya Oyingcwele, waxela ukuba iindaba ezilungileyo zashunyayelwa “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.” Kol. 1:23. Ngokunjalo nangoku, phambi kokufika koNyana woMntu, iindaba ezilungileyo ezingunaphakade ziya kushunyayelwa “kwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu.” IsiTy. 14:6, 14. UThixo “[u]mise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo.” IZenzo 17:31. UKristu usixelele ukuba loo mini iya kufika nini. Akathi ihlabathi lonke liya kuguquka, kodwa uthi, “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani, ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” Ngokunika kwethu ihlabathi iindaba ezilungileyo,kusemandleniethuukukukhawulezisa ukufikakwemini kaThixo. ULw 633.3

    2 Petros 3:12. Ukuba ibandla likaKristu beliwenze umsebenzi elabelwe wona njengoko iNkosi iwubekile, wonke umhlaba kwangaphambi koku ubuya kuba ulunyukisiwe, neNkosi uYesu ibe seyabuya ukuza kulo mhlaba wethu ngamandla nobuqaqawuli obukhulu.ULw 633.4

    Emva kokuba eyinikile imiqondiso yokuza kwaKhe, uKristu wathi, “Xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.” “Lumkani, musani ukulala, thandazani.” UThixo wasoloko ebanika abantu isilumkiso sezigwebo ezizayo. Abo baba nokholo kwisigidimi saKhe sexesha labo, bathi, ngokuyithobela imithetho yaKhe,, basinda kwizigwebo ezawa phezu kwabo bangathobeliyo nabangakholwayo. Ilizwi lafika kuNowa, lathi, “Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam.” UNowa wathobela, wasindiswa. Isigidimi safika kuLote, sathi, “Sukani, niphume kule ndawo, ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi.” Gen. 7:1; 19:14. ULote wazibeka phantsi kwenkokelo yezithunywa zezulu, wasindiswa. Ngokunjalo, abafundi bakaKristu banikwa isilumkiso ngokutshatyalaliswa kweYerusalem. Abo balindela umqondiso wokufika kwentshabalalo, baza babaleka bawushiya umzi, basinda kwintshabalalo. Ngokunjalo nangoku, sisinikiwe isilumkiso sokubuya kukaKristu kwesibini kwakunye nentshabalalo eza kuwa phezu kwehlabathi. Abo basivayo basithobele isilumkiso, baza kusindiswa.ULw 634.1

    Ngenxa yokuba singalazi elona xesha lililo lokuza kwaKhe, siyalelwa ukuba silinde singalali. “Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile.” Luka 12:37. Abo bakulindeleyo ukuza kweNkosi, abalindelanga bengenzi nto. Ukulindela ukuza kukaKristu kukwenza ukuba abantu bayoyike iNkosi, bazoyike nezigwebo zaYo ngokugqithwa komthetho. Kukuvusa basibone isono esikhulu sokwala izipho zaKhe zenceba. Aba balindele iNkosi bayenza nyulu imiphefumlo yabo ngokuthobela inyaniso. Ngokulinda bephaphamile bahlanganisa nokusebenza ngenyameko. Ngenxa yokuba besazi ukuba iNkosi isemnyango, inzondelelo yabo iyavuselelwa ukuba isebenzisane nezidalwa zasezulwini ekusebenzeleni ukusindiswa kwemiphefumlo. Bakhona abakhonzi abathembekileyo nabalumkileyo abanika intsapho yenkosi “umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo.” Luka 12:42. Bavakalisa inyaniso esebenza ngendlela eyodwa ngoku. Njengokuba uEnoki, uNowa, uAbraham, noMoses, elowo wavakalisa inyaniso yexesha lakhe, ngokunjalo abakhonzi bakaKristu ngoku banika isilumkiso esikhethekileyo sesizukulwana sabo. ULw 634.2

    UKristu uzisa ngaphambili olunye udidi: “Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele, ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo, iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo.”ULw 634.3

    Umkhonzi okhohlakeleyo uthi entliziyweni yakhe, “Inkosi yam iyalibala ukuza.” Akathi uKristu akasayi kuza. Akahlekisi ngengcinga yokubuya kwaKhe kwesibini. Ntonje, entliziyweni yakhe nakwizenzo zakhe, uthi iNkosi iyalibala. Uyayikhupha engqondweni yabanye ingqondo yokuba iNkosi iza ngokukhawuleza. Impembelelo yakhe ikhokelela abantu ekulibaziseni okunobuganga nokungakhathali. Bayabethelelwa ekulithandeni kwabo ihlabathi nasebuthongweni. Iinkanuko zomhlaba, iingcinga ezonakeleyo, ziyayithimba ingqondo. Umkhonzi okhohlakeleyo utya, asele nabanxilileyo, uzimanya nehlabathi ekufuneni iziyolo. Ubetha abo asebenza nabo, ebatyhola ebathuka abo bathembekileyo kwiNkosi yabo. Uzixuba nehlabathi. Balala ngengubo enye ekuwugqitheni umthetho. Kukuginywa [lihlabathi] okoyikekayo. Ubanjiswe ngumgibe wehlabathi. “Iya kufika inkosi yaloo mkhonzi . . . ngelixa angalaziyo, imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi.” ULw 635.1

    “Ukuba ngoku akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.” IsiTy. 3:3. Ukufika kukaKristu kuya kubothusa abafundisi bobuxoki. “Luxolo nokunqaba.” Njengababingeleli nabafundisi phambi kokuwa kweYerusalem, bakhangela ibandla elonwabele impumelelo nokuzukiswa kwasemhlabeni. Imiqondiso yexesha babeyichaza njengebonisa oku kwangaphambili. Lithini phofu lona ilizwi lempefumlelo? “Baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo.” 1 Tes. 5:3. Phezu kwabo bonke abahleli phezu komhlaba, kubo bonke abawenza lo mhlaba ikhaya labo, imini kaThixo iya kuza njengomgibe. Ibafikela njengesela elizulazulayo. ULw 635.2

    Ilizwe, elizele ziindywala, nelizele ziziyolo zokungahloneli Thixo, lilele, lilele kwinkuseleko yombulo. Abantu bakubhekisela kude ukuza kweNkosi. Bayazihleka izilumkiso. Ukuqhayisa kwabo bakwenza ngokuzidla besithi, “Izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.” “Neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise Kunene.” 2 Petros 3:4; Isa. 56:12. Siya kuhla nzulu ekuthandeni iziyolo. Uthi Yena uYesu, “Yabona, ndiza njengesela.” IsiTy. 16:15. Ngeli xesha kanye xa ilizwe libuza lihlekisa, lisithi, “Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe?” imiqondiso iyazaliseka. Ngeli xesha bekhwaza, besithi, “Luxolo nokunqaba,” intshabalalo yequbuliso iyeza. Xa ohlekisayo, owala inyaniso, ethe wanobuganga; xa umsebenzi wesiqhelo kwiindawo ezininzi zokwenza imali usenziwa kungahlonitshwanga mthetho-siseko; xa umfundi efuna ngenzondelelo ukwazi yonke into ngaphandle kweBhayibhile yakhe, uKristu uza njengesela.ULw 635.3

    Yonke into esemhlabeni isexhaleni. Imiqondiso yamaxesha iyoyikeka. Iziganeko ezizayo sezithumela izithunzi zazo ngaphambili. UMoya kaThixo uyatsalwa emhlabeni, kwaye iintlekele ziyalandelelana, enye emva kwenye, elwandle nasemhlabeni. Kukho izaqhwithi, iinyikima, imililo, izikhukula, ukubulalana kwazo zonke iindidi. Ngubani okwaziyo ukulifunda ikamva? Luphi ukhuseleko? Akukho nto ithembekileyo emhlabeni engumntu okanye eyeyasemhlabeni. Bayakhawuleza abantu ukuzihlanganisela phantsi kwebhanile abayinyulileyo. Balindele bekhangele ngexhala iintshukumo zeenkokeli zabo. Bakho abo balindeleyo bekwakhangele bekusebenzela ukubonakala kweNkosi yethu. Olunye udidi lungena emgceni phantsi kwenjengele engumkreqi omkhulu wokuqala. Bambalwa abakholwa ngentliziyo yabo nangomphefumlo wabo ukuba sinesihogo ekufuneka sisiphephile nezulu ekufuneka silizuzile. ULw 636.1

    Intlekele iyasichwechwela kancinane. Ilanga liyakhanya emazulwini, lihamba indlela yalo yesiqhelo, aye amazulu esavakalisa uzuko lukaThixo. Abantu basadla besela, bayatyala besakha, besenda besendisa. Abarhwebi basathenga bethengisa. Abantu basaxabana omnye nomnye, belwela izikhundla ezizezona ziphezulu. Abathandi beziyolo basazalisa iindawo zemidlalo nemiboniso, imidyarho yamahashe, imihadi yokungcakaza. Kulawula ulonwabo olukhulu kakhulu, lo gama iyure yenceba iphela ngokukhawuleza, kwaye sele kuza kugqitywa ukugwetywa kukanaphakade kwawo onke amatyala. USathana uyalibona ukuba lifutshane ixesha lakhe. Uzifake zonke izenzeleli zakhe emsebenzini wokuba abantu bakhohliswe, balahlekiswe, ide iphele imini yenceba, luze luvalwe ucango lwenceba ngonaphakade. ULw 636.2

    Ngendili, kuza kuthi kuzo zonke iinkulungwane amazwi esilumkiso seNkosi ikwiNtaba yeMinquma: “Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.” “Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.” ULw 636.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents