Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    75—Phambi Kuka-Anas Nenkundla KaKayafa

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 26:57-75; 27:1; Marko 14:53-72; 15:1; Luka 22:54-71; Yohane 18:13-27.]

    Kwelinye icala lomlanjana iKedron, ukudlula ezitiyeni nasemagcumeni yeminquma, naphakathi kwezitrato ezithe nzwanga zesixeko esileleyo, bamqweqwedisa apho uYesu. Kwakuse kudlule inzulu yobusuku, izizikhalo nokugxwala kwesihlwele esasimlandela okwakuvakala kabukhali phezu komoya ozolileyo. UMsindisi wayebotshiwe ejongwe ngeliso lokhozi, waye eshukuma kabuhlungu. Kwathi kodwa ngokungxama kwenzondelelo ababambi baKhe bayakufika naYe kwibhotwe lika-Anas, owayesakuba ngumbingeleli omkhulu.ULw 698.1

    UAnas wayeyintloko yosapho lwababingeleli abasebenzayo, kwathi ngokuhlonitshwa kobudala bakhe wathatyathwa ngabantu njengombingeleli omkhulu. Icebiso lakhe lalifunwa lenziwe ngokwezwi likaThixo. Kufuneka ambone kuqala uYesu elikhoboka kwigunya lababingeleli. Kufuneka ekho ekuvavanyweni kwebanjwa, ngokoyika hleze uKayafa ongenamava abhekele pha asilele ukuyifeza injongo abebesebenzela yona. Ubuchule bakhe, ubuqhophololo, nobuchule bakhe kufuneka busetyenziswe kwesi siganeko; kuba, kuzo zonke iziganeko, ukugwetywa kukaKristu kufuneka kwenziwe.ULw 698.2

    UKristu wayeza kuvavanywa ngokusesikweni phambi kweSanhedrin; kodwa phambi kuka-Anas wayekuvavanyo olwandulelayo. Phantsi komgaqo waseRoma, iSanhedrin yayingenako ukusiphumeza isigwebo sokufa. Bangamvavanya kuphela umbanjwa, bawise isigwebo, ekwakufuneka simiselwe ngendlela ngamagunya amaRoma. Kwakunyanzelekile, kengoko,ukubeka ngakuKristu izimangalo ezazinokubonwa ngamaRoma njengokwaphula umthetho. Isityholo kukwafuneka sifunyanwe esasiya kumenza abe netyala, uYesu, emehlweni amaYuda. Babengekho mbalwa phakathi kwababingeleli nabaphathi ababoyisakele yimfundiso kaKristu, kodwa ukoyika ukugxothwa kwabathintela ukuba bamvume. Ababingeleli bawukhumbula kakuhle umbuzo kaNikodemo, “Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo?” Yohane 7:51. Lo mbuzo waba nexesha uliqhekezile iqumrhu, uwachitha amacebo abo. UYosefu waseArimatiya noNikodemo, babengasayi kubizwa ngoku, kodwa babekho abanye abangenaso isibindi sokuthethela ubulungisa. Uvavanyo kufuneka luqhutywe ngendlela eza kuwamanya amalungu eSanhedrin ekuchaseni uKristu. Zazizibini izimangalo ababingeleli ababelangazelela ukuzibeka. Ukuba uKristu ebengafunyanwa engumnyelisi, wayengagwetywa ngamaYuda. Ukuba anganetyala lokulahlekisa, babengafuna ukufumana isigwebo samaRoma. Isimangalo sesibini uAnas wazama ukuqinisekisa ngaso kuqala. Wambuza uYesu ngabafundi baKhe kunye neemfundiso zaKhe, ethembe ukuba umbanjwa angathetha into enokumnika umhlaba anokusebenzela phezu kwawo. Wacinga ukuba atsale intetho eya kubonisa ukuba wayezama ukumisela umbutho wangasese, ngenjongo yokumisa ubukumkani obutsha. Bekuya kuthi emva koko ababingeleli bamse kumaRoma njengomphazamisi woxolo nomdali woqhushululu.ULw 698.3

    UKristu wayifunda injongo yombingeleli njengencwadi evuliweyo. Waba ngathi ufunda imbilini yomphefumlo walowo wayembuza, waza akavuma ukuba kukho naluphi uhlobo lweqhina lomanyano lwangasese, okanye ukuba wabaqokelela ngasese nasebumnyameni ukuze awafihle amacebo waKhe. Wayengenazimfihlo ngokubhekiselele kwiinjongo okanye iimfundiso zaKhe. “Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi,” waphendula; “mna bendihleli ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona, evela kumacala onke, emfihlekweni andithethanga nto.” ULw 699.1

    UMsindisi wayithelekisa eyaKhe indlela yokusebenza neendlela zabamangaleli baKhe. Kwakuziinyanga bemzingela, bezama ukumbambisa baze bamzise phambi kwenkundla yasemfihlakalweni, apho babeya kuzuza khona, ngobungqina bobuxoki, oko kwakunzima ukukuzuza ngendlela entle. Ngoku babezama ukwenza ngokwenjongo yabo. Ukubanjwa enzulwini yobusuku sisixuku, ukugculelwa nokuphathwa gadalala phambi kokuba agwetywe, okanye amangalelwe, yayiyindlela yabo yokusebenza, ingeyiyo eyaKhe. Isenzo sabo sasikukwaphula umthetho. Kwaeyabo imithetho yayisithi, wonke umntu kufuneka aphathwe ngokomsulwa ade afunyanwe enetyala. Ngokweyabo imithetho, ababingeleli babemi benetyala.ULw 699.2

    Ebuyela kowayembuza “Yinina ukuba ubuze kum?” ababingeleli nabaphathi babengathumelanga iintlola ukuba zijonge iihambo zaKhezinike ingxelo ngalo ngalinye izwi laKhe? Babengekho na aba kuyo yonke imihlangano yabantu, baza basa kubabingeleli yonke imininingwana yako konke akuthethileyo nakwenzileyo? “Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo,” waphendula uYesu, “uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo.” ULw 700.1

    UAnas wathuliswa sisigqibo sempendulo. Esoyika hleze uKristu angathetha into ngekhondo lokwenza kwakhe, nokuba wayekhetha ukuba afihlakale, akazange athethe nto yimbi kuYe ngeli xesha. Elinye lamagosa akhe, lizaliswe yingqumbo lakubona uAnas ethulisiwe, lamqhwaba uYesu ebusweni, lisithi, “Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu?” ULw 700.2

    UKristu waphendula ngokuzolileyo, “Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?” Akazange athethe amazwi ashushu okuziphindezela. Impendulo yaKhe epholileyo yaphuma kwintliziyo engenasono, enomonde, nenobulali eyayingenako ukucatshukiswa. ULw 700.3

    UKristu waphatheka kabuhlungu kakhulu phantsi kobugadalala nokuthukwa. Ezandleni zabantu awabadalayo, nawayesenza umbingelelo ongenamida ngenxa yabo, wayifumana yonke impatho yokudelwa. Waphatheka ngokomlinganiselo wokugqibelela kobungcwele baKhe ngokuthiya kwaKhe isono. Ukuvavanywa kwaKhe ngabantu ababekwenza oko ngokwentshaba, kuYe oko kwaye kungumbingelelo ongenasiphelo. Ukurhangqwa ngabantu abaphantsi kolawulo lukaSathana kwakunezothe kuYe. Wayesazi ukuba kwakamsinyane ngokudanyaza nje kwamandla aKhe angcwele, angabalahla eluthulini bonke abathuthumbisi baKhe. Oku kwalenza uvavanyo lwanzima ngakumbi ukuluthwala.ULw 700.4

    AmaYuda ayelindele ukuba uMesiya avezwe ngokuzibonakalalisa ngembonakalo yangaphandle. Ayemlindele, ngokutshawuza nje kwentando yaKhe engaphezu kwako konke, ukuba ayiguqule indlela ekhoyo yeengcamango zabantu, abanyanzele ukuba bakwamkele ukuba nobungangamsha kwaKhe. Ngokwenza njalo, ngokweyabo inkolo, wayeza kuzizuzela okwaKhe ukuphakanyiswa, aze awakholise amathemba abo anamabhongo. Ngoko ke, xa uKristu wayephethwe ngendelelo, wafikelwa sisihendo esikhulu sokuziveza ukuba ungubani. Ngelizwi, ngokujonga, wayenako ukubanyanzela abamtshutshisayo ukuba bavume ukuba uyiNkosi ngaphezu kokumkani nabaphathi, ababingeleli kunye netempile. Phofu yayingumsebenzi onzima kuYe ukuzigcina kwisikhundla awasikhethayo sokuba ngomnye wabantu. ULw 700.5

    Izithunywa zasezulwini zayibona yonke intshukumo eyenziwa ukuchasa uMphathi-mkhosi wazo othandekayo. Zazilangazelela ukumhlangula uKristu. Phantsi kukaThixo iingelosi zinamandla wonke. Kwesinye isiganeko, ekuthobeleni umyalelo kaKristu, zabulala emkhosini wama-Asiriya ngobusuku obunye, ikhulu elinamashumi asibhozo anesihlanu lamawaka amadoda. Kwakuya kuba lula kangakanani, ngokubona umbono olusizi wokulingwa kukaKristu, ezazinokukwenza ukubonisa ingqumbo yazo ngokuqwenga abachasi bakaThixo! Sekunjalo, zazingayalelwanga ukubazikwenzeoku.Lowo ngewayezigwebile iintshaba zaKhe ukuba zife, wayinyamezela inkohlakalo yazo. Uthando lwaKhe kuYise, nesibhambathiso saKhe esenziwa kwasekusekweni kwehlabathi, sokuba abenguMthwali wesono, konke kwamkhokelela ekubeni ayinyamezele engakhalazi impatho embi ngabo wayeze ukuba abasindise. Kwakuyinxalenye yoko wayezele kona ukuthwala, esenyameni, konke ukuchukushwa nokuphathwa gadalala okwakuza kufunjwa phezu kwaKhe ngabantu. Ithemba loluntu ekwakuphela kwalo, lalikoku kuzinikela kukaKristu kuko konke ukuze akunyamezele kuphuma ezandleni nasezintliziyweni zabantu.ULw 700.6

    UKristu wayengazanga wathetha nto yayinokunika abamangaleli baKhe ikroba; kanti ke wayebotshiwe, ukubonisa ukuba wayegwetyiwe. Kufuneka, phofu, kubekho umfanekiso nje wokwenza ngokungathi kukho ubulungisa. Kwakufanelekile ukuba kubekho unomgogwana wokuxoxwa kwetyala ngokusemthethweni. Oku, abasemagunyeni bazimisela ukukukhawulezisa. Babeyazi indlela abantu ababemxabise ngayo uYesu, baza boyika ukuthi, ukuba ukumbamba kwakuvakaliswe kuyo yonke indawo, kwakuya kuzanywa ukumhlangula. Kwakhona, ukuba uvavanyo nokubulawa akwenziwanga kwangoko, kwakuya kubakho ukulibaziseka kweveki ngenxa yesikhumbuzo sePasika. Oku bekuya kuwachitha amacebo abo. Ukuze bakwazi ukumgweba uYesu, babexhomekeke kakhulu ekufuneni kwengxolo yendimbane, uninzi lwabo lwalungumgwenye oyimbuthumbuthu yaseYerusalem. Ukuba kwakungabakho ukulibaziseka kweveki, umoya wovukelo wawuza kuthotha, kuze kubekho ukusabela okusezingqondweni. Uninzi lwabantu lwaluya kuphaphamela ukuba ngakwicala likaKristu; baninzi ababeza kuvela benobungqina obumthethelelayo, buveze imisebenzi emikhulu awayenzayo. Le nto yayiya kuvusa ingqumbo eninzi ngakwiSanhedrin. Indlela abaqhuba ngayo yayiza kugxekwa, aze uYesu akhululwe, afumane imbeko entsha kwisihlwele. Ababingeleli nabaphathi bazimisela ukuba, ngaphambi kokuba injongo yabo yaziwe, uYesu kufuneka enikelwe kwizandla zamaRoma.ULw 703.1

    Noko kunjalo, phambi kwako konke, kumelwe ukuba kufunyanwe isityholo. Babengekafumani nto kude kube leli xesha. UAnas wayalela ukuba uYesu asiwe kuKayafa. UKayafa wayengowehlelo labaSadusi, abanye babo ngoku babezintshaba ezizezona zingxamileyo zikaYesu. Yena ngokwakhe, uKayafa, nangona wayeswele amandla esimilweni sakhe, wayephelelisile kubungqongqo, ekukhohlakaleni, nasekungakhathalini njengoAnas. Kwakusekuseni ngeli xesha, kusemnyama kakhulu; kwathi ngokukhanya kweetotshi nezibane, ibutho elixhobileyo lahamba nombanjwa walo kwayiwa kwibhotwe lombingeleli omkhulu. Apha, lo gama amalungu eSanhedrin, iqumrhu elilawulayo lababingeleli, babesahlangana, uAnas noKayafa baphinda bambuza uYesu, kodwa abaphuma nanto.ULw 703.2

    Lathi lakuba lihlangene iqumrhu egumbini lamatyala, uKayafa wathabatha isihlalo segosa elichophele ityala. Wayexhagwe ngabagwebi, kunye nabo babenomdla etyaleni. Amasoldati amaRoma ayemi kumgangatho ongezantsi kwesihlalo sokugweba. Apha phantsi phambi kwesihlalo kwakumi uYesu. Amehlo onke esihlwele athi ntsho kuYe. Umoya wenkxalabo wawuphezulu. Kuyo yonke loo ndimbane yayinguYe yedwa owayezolile ebonakala enoxolo. Kwaumoya lo owawumjikelezile wawungathi uzele lifuthe elingcwele.ULw 704.1

    UKayafa wayembona uYesu njengotshaba lwakhe. Ulangazelelo lwabantu ukuva uMsindisi nokubonakala kokulungelwa kwabo ukwamkela iimfundiso zaKhe, kwavusa ikhwele elikrakra kumbingeleli omkhulu. Wathi kodwa ngoku uKayafa akumkhangela umbanjwa, wangenwa kukumthanda ngenxa yembonakalo yaKhe enesidima nembeko. Yafika kuye inkolo ethi, lo Mntu wayezalana noThixo. Ngomzuzu olandelayowayigxothangokomshologulengcamango. Kwangoko izwi lakhe laviwa ngezandi zonyeliso nokuziphakamisa lisithi uYesu makenze omnye wemimangaliso yaKhe yamandla phambi kwabo. Sekunjalo, amazwi akhe awa ezindlebeni zoMsindisi wabangathi akakhange awave. Abantu bathelekisa ukucaphuka nokuziphatha okubi kuka-Anas noKayafa kunye nokuzola okunobungangamsha bokuziphatha kukaYesu. Nasezingqondweni zeso sihlwele siqaqadekileyo kwabakho umbuzo, Ingaba lo mntu obukho baKhe bufana nobukaThixo uza kugwetywa ngokwaphula umthetho na? ULw 704.2

    UKayafa, ngokubona umfutho owawuthe tshitshilili, wakukhawulezisa ukuthethwa kwetyala. Iintshaba zikaYesu zadideka kakhulu. Zazizimisele ukwenza ukuba agwetywe, kodwa indlela yokwenza oko zazingayazi. Amalungu equmrhu ohlukana phakathi kwabaFarisi nabaSadusi. Kwakukho ukungavani okukhulu nembambano phakathi kwabo; ezinye zezinto ababengavani ngazo babengafuni kuzithetha ngokoyika ingxabano. Ngamazwi nje ambalwa, uYesu ngewayiphembelela intiyo yabo, abanye ngakwabanye, abe ngaloo ndlela uyayijika ingqumbo isuke ngakuYe. UKayafa wayekwazi oku, waza wakuphepha ukuqhwaya ingxabano. Ayemazi amangqina okubonisa ukuba uKristu wabalahlela phantsi ababingeleli nababhali, nokuba wathi bangabahanahanisi nababulali; kodwa obu bungqina babunganelanga ukuba bunikwe. AbaSadusi, ekuxabaneni kwabo kakhulu nabaFarisi, babelusebenzisile ulwimi olunjalo ngakubo. Ubungqina obunjalo ke babungasayi kuba nabunzima kumaRoma, nawo awaye edikiwe kukuzenzisa kwabaFarisi. Babubuninzi ubungqina bokuba uYesu wayengazihloniphanga izithethe zamaYuda, nokuba wathetha ngokungenambeko ngeenkonzo ezininzi, kodwa ngokwesithethe, abaFarisi nabaSadusi babehlabana. Iintshaba zikaKristu zazingakwazi ukumtyhola ngokwaphula iSabatha, hleze ukuhlolisisa kuveze imo yomsebenzi waKhe. Ukuba imimangaliso yaKhe yokuphilisa yayiveziwe, yayiya koyiswa mpela eyona njongo yababingeleli.ULw 705.1

    Amangqina obuxoki athengwa ukuba atyhole uYesu ngokuqhwaya uqhushululu nokuzama ukumisela uburhulumente obusecaleni. Ubungqina bawo bafumaniseka bungekho ntweni kwaye buphikisana. Phantsi kokuhlolisiswa, axoka ngeentetho zawo. ULw 705.2

    Kwasekuqaleni komsebenzi waKhe, uKristu wayethe, “yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.” Kwintetho engumfuziselo yesiprofeto, ngaloo ndlela wayexela kwangaphambili ngokufa nokuvuka kwaKhe. “Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe.” Yohane 2:19, 21. La mazwi amaYuda awaqonda ukuba awantsonkothanga, njengoko ayebhekisa etempileni eYerusalem. Kuko konke awakuthethayo uKristu, ababingeleli abazange bakwazi kufumana nto abanakoukuyisebenzisaukumchasa,ngaphandle kwale. ngokuwabeka gwenxa la mazwi, babethembe ukuba bangaba nomhlaba. AmaRoma ayenenxaxheba ekwakhiweni ngokutsha nasekuhonjisweni kwetempile, aza anebhongo elikhulu ngayo; konke ke ukuyidelela okwenziwayo kwakuqinisekile ukuba kuya kuvusa ingqumbo yawo. Apha, amaRoma namaYuda, abaFarisi nabaSadusi, babehlangana; kuba bonke babeyihlonipha kakhulu itempile. Kule ndawo, amangqina amabini afumaneka, ubungqina bawo babungaphikisani kangako njengokuba obabanye babunjalo. Omnye wawo, owayethengiwe ukuba amtyhole uYesu, wathi, “Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.” Amazwi kaKristu abekwa ngendlela engeyiyo. Ukuba ayebekwe kanye njengoko wayewathethile, ngebabengazange bakufumana ukugwetywa kwaKhe naliqumrhu iSanhedrin. Ukuba uYesu wayengumntu nje, ngokokutsho kwamaYuda, ukuthetha kwaKhe kwakuya kuba kubonisa nje umoya wokungabhadli nozibabazayo kodwa wawungayi kukrunwa ube kukunyelisa. Kanti ke, naxa wawubekwa gwenxa ngamangqina obuxoki, amazwi akuyo intetho ayengenanto yayinokude ithatyathwe ngamaRoma njengokwaphula umthetho okufanelwe kukufa. ULw 705.3

    Ngomonde, uYesu wabuphulaphula ubungqina obuphikisanayo. Akukho lizwi walithethayo ukuzikhusela. Ekugqibeleni, ababemtyhola, baphithana, badideka, bacaphuka. Ityala lalingahambeli phambili; kwakubonakala ngokungathi ukuceba kwabo kwakuza kuwa phantsi. UKayafa wayephelelwa lithemba. Yayinye kuphela indawo yokubhenela eseleyo; kwakufuneka uKristu anyanzelwe ukuba azigwebe. Umbingeleli omkhulu waqalisa esihlalweni sokugweba, ubuso bakhe bujijekile [enyevulile] kukuvutha ngumsindo, ilizwi lakhe nenkangeleko yakhe zibonisa ngokucacileyo ukuba, ukuba wayenawo amandla, wayenokumlahla phantsi umbanjwa owayephambi kwakhe. “Akuphenduli nento le na?” wadanduluka; “bangqina ntoni na aba ngawe?” ULw 706.1

    UYesu wathula wathi tu. “Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe.” Isaya 53:7. ULw 706.2

    Ekugqibeleni uKayafa, ephakamisa isandla sakhe sasekunene, wenza isifungo esinendili: “Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo.”ULw 706.3

    Kwesi isibheno,uKristuwayengakwaziukuthicwaka.Lalikho ixesha lokuthula, nexesha lokuthetha. Wayengazanga wathetha ade abe ubuzwe into ethe ngqo. Wayesazi ukuba ukuphendula ngoku kuya kukuqinisekisa ukufa kwaKhe. Umngeni kodwa wenziwa lelona gunya liphezulu lesizwe elaziwayo, usenziwa egameni lOsenyangweni. UKristu wayengazi kungakubonisi ukulihlonipha igunya elililo lomthetho. Ngaphezu koku, olwaKhe ulwalamano noYise lwaluthandatyuzwa. Kufuneka ke ngoko avakalise ngokucacileyo ukubaungubani, uyintoni umsebenzi aze ukuba awenze. UYesu wayethe kubafundi baKhe, “Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini.” Mat. 10:32. Ngoku, ngowaKhe umzekelo, wasiphinda eso sifundo. ULw 707.1

    Yonke indlebe yayithobile ukuba iphulaphule, aye onke amehlo ethe ntsho ebusweni baKhe ngexesha wayephendula, “Uselutshilo nawe.” Ukukhanya kwezulu kwaba ngathi kukhanyisa ubuso bakhe obumbatshileyo, xa wayesongeza ngokuthi, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.” ULw 707.2

    Okomzuzwana, ubuThixo bukaKristu bathi tshazi ngaphaya kokuzifihla kobuntu. Umbingeleli omkhulu wankwantya phambi kwamehlo agqobhozayo oMsindisi. Oko kujonga kwakungathi kufunda iingcinga ezifihlakeleyo, kutshisa kungena phakathi entliziyweni. Akazange aphinde ekuphileni kwakhe emva koko akulibale oko kujonga kuphengululayo koNyana kaThixo owayetshutshiswa. ULw 707.3

    “Emveni koku,” watsho uYesu, “niya kumbonauNyanawoMntu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.” Ngala mazwi, uKristu wanika elinye icala lomboniso owawusenzeka ngoko. Yena, Nkosi yobomi nozuko, uya kuba ehleli ngasekunene kukaThixo. Uya kuba engumgwebi wawo wonke umhlaba, kwaye kwisigqibo saKhe akusayi kubakho kubhena. Ngelo xesha, yonke into efihlakeleyo iya kubekwa ekukhanyeni kwembonakalo kaThixo, aze wonke umntu agwetywe ngokwemisebenzi yakhe. ULw 708.1

    Amazwi kaKristu amothusa umbingeleli omkhulu. Ingcamango yokuba kuya kubakho uvuko lwabafileyo, xa bonke baya kuma kwisihlalo sokugweba sikaThixo, ukuba bavuzwe ngokwemisebenzi yabo, yaba yingcamango eyoyikekayo kuKayafa. Akazange anqwenele ukukholwa ukuba kwixesha elizayo uya kuba efumana isigwebo ngemisebenzi yakhe. Kwabaleka phambi kwengqondo yakhe umfanekiso ohambayo wemiboniso yomgwebo wokugqibela. Okomzuzwana wabona umbono owoyikekayo wamangcwaba ekhupha abakuwo abafileyo, neemfihlelo awayethembe ukuba zifihlakele ngonaphakade. Okomzuzwana, waziva engathi umi phambi koMgwebi kanaphakade, oliso lakhe, elibona zonke izinto, lalifunda umphefumlo wakhe, luzisa ekukhanyeni iimfihlelo ezimele ukuba zifihlwe nabafileyo.ULw 708.2

    Umboniso wakhawuleza ukudlula kumbono wombingeleli. Amazwi kaKristu amhlabanisela, umSadusi, wakhawuleza ukucaphuka. UKayafa wayeyikhanyela imfundiso yovuko, umgwebo, nobomi obuzayo. Ngoku, wayephanjaniswa yingqumbo yenkohlakalo. Ingaba lo mntu, ibanjwa eliphambi kwakhe, laliza kuhlasela iimfundiso awayezithanda kakhulu? Ekrazula ingubo yakhe, ukuze abantu bakubone ukothuka kwakhe, kokuzenzisa phofu, wanyanzelisa ukuba kuthi, kungakhange kubekho ngxoxo yimbi, umbanjwa agwetyelwe ukunyelisa. “Sisawafunelani na amangqina?” watsho; “Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?” Baza bonke bamgweba. ULw 708.3

    Ukoyiseka kuxutywe nokuvutha ngumsindo kwamkhokelela uKayafa ukuba enze njengoko wenzayo. Wayenomsindo ngesiqu sakhe ngokuba ekholelwa amazwi kaKristu, kodwa endaweni yokukrazula intliziyo yakhe phantsi kovo olunzulu lwenyaniso, nokuthi avume ukuba uYesu wayenguMesiya, wasuka wakrazula ingubo yobubingeleli ngenxa yokuxhathisa okuzimiseleyo. Esi senzo sasibaluleke kakhulu. Akazange ayiqonde uKayafa intsingiselo yaso. Kwesi senzo, nesenziwa ukuphembelela abagwebi nokuzuza ukugwetywa kukaKristu, umbingeleli omkhulu wazigweba yena ngokwakhe. Ngokomthetho kaThixo, wayengasabufanelanga ububingeleli. Wawisa phezu kwakhe isigwebo sokufa. ULw 708.4

    Umbingeleli omkhulu kwakungafuneki azikrazule iingubo zakhe. Ngokomthetho wabaLevi, oku kwakusalelwa phantsi kwesigwebo sokufa. Zazingekho iimeko, kungekho nayiphi na imeko, awayenokuthi ngenxa yayo ayikrazule ingubo yakhe. Yayilisiko phakathi kwamaYuda ULw 708.5

    ukuba iingubo zikrazulwe xa kufe izihlobo, kodwa eli siko kwakungafuneki ligciniwe ngababingeleli. Umyalelo otsolileyo wawunikelwe nguKristu kuMoses ngalo mba. Lev. 10:6.ULw 708.6

    Yonke into eyayinxitywa ngumbingeleli kwakufuneka iphelele, ingabi nasiphako. Ngezo ngubo zintle zobugosa, kwakufuziselwa isimilo sesiqu esikhulu, uYesu Kristu. Akukho nto ngaphandle kwegqibeleleyo, kwisinxibo nasekuziphatheni, elizwini nasemoyeni, eyayinokwamkeleka kuThixo. Ungcwele, kwaye ubuqaqawuli baKhe nokugqibelela kwaKhe kufuneka kumelwe yinkonzo yasemhlabeni. Akukho nto ngaphandle kokugqibelela enokumela ngokufanelekileyo ubungcwele benkonzo yasemazulwini. Umntu onokufa angayikrazula intliziyo yakhe ngokubonisa ukutyumka nokuthobeka komoya. Oku, uThixo uya kukuqonda. Akukho ke okunye ukukrazulwa ekufuneka kwenziwe kwiingubo zobubingeleli, kuba oku kuya kungcolisa ukumelwa kwezinto zasemazulwini. Umbingeleli omkhulu ongaba nobuganga bokubonakala phambi komsebenzi ongcwele, enze inkonzo yasengcweleni, enengubo ekrazulweyo, wayebonwa njengozisusileyo kuThixo. Ngokukrazula ingubo yakhe, uzinqamle ekubeni ngumntu ongummeli. Wayengasamkelwanga nguThixo njengombingeleli osebenzayo. Le ndlela yokwenza, njengoko yabonakaliswa nguKayafa, yabonisa imvakalelo yomntu, ukungagqibeleli komntu. ULw 709.1

    Ngokukrazula ingubo yakhe, uKayafa wawenza waba yinto engento umthetho kaThixo, ukulandela isithethe sabantu. Umthetho owenziwe ngabantu wawuvuma ukuba kuthi kwimeko yokunyelisa umbingeleli angazikrazula iingubo zakhe ngokoyika isono, aze angabi natyala. Ngoko ke, umthetho kaThixo wawusenziwa ukuba ungabi nto yimithetho yabantu. ULw 709.2

    Isenzo ngasinye sombingeleli omkhulu sasiqwalaselwe ngomdla ngabantu; waza uKayafa wacinga ngendlela enempumelelo anokubonisa ngayo ubungcwele bakhe. Kwathi kodwa kwesi senzo, esilungiselwe ukuba sibe sisityholo ngakuKristu, wamgculela Lowo uThixo wathi ngaYe, “Igama lam likuso [isithunywa sikaYehova].” Eks. 23:21. Yena ngokwakhe wayenyelisa. Emi phantsi kokugwetywa nguThixo, wavakalisa isigwebo phezu kukaKristu sokuba ungumnyelisi.ULw 709.3

    Ukukrazula kukaKayafa ingubo yakhe, isenzo sakhe sasibonisa indawo apho uYuda njengesizwe awayeza kuba kuyo emva koko ngakuThixo. Abantu ababethandiwe ngaphambili nguThixo, babezahlule kuYe, baye bekhawuleza ukuba ngabantu abalahliweyo nguYehova. Xa uKristu emnqamlezweni wayekhala, esithi, “Kugqityiwe” (Yohane 19:30), laza ikhuselo letempile lakrazuka kubini, uMbukeli Oyingcwele wavakalisa ukuba abantu bakwaYuda babemalile Lowo wayesisiqu sayo yonke imifuziselo, isiqu esibambekayo sazo zonke izithunzi. UIsrayeli wazikhupha emtshatweni noThixo. Wayefanele uKayafa ngoko ukuba azikrazule iingubo zakhe zasemthethweni, ezazibonisa ukuba unebango lokuba ngummeli woMbingeleli omKhulu; kuba zazingasenayo intsingiselo kuye okanye ebantwini. Kwakukuhle ukuba umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe ngokuzoyikela yena kwakunye nesizwe. ULw 709.4

    ISanhedrin yayivakalise ukuba uYesu ufanelwe kukufa; kodwa kwakuchasene nomthetho wamaYuda ukuxoxa ityala lombanjwa ngobusuku. Ngokwesigwebo sasemthethweni kwakungekho nto yayinokwenziwa kungekho ekukhanyeni kwemini naphambi kwentlanganiso epheleleyo yequmrhu. Nangona sekunjalo oko, uMsindisi ngoku waphathwa njengomaphuli womthetho osele egwetyiwe, waza wanikelwa ukuba aphathwe gadalala ngabona baphantsi nabangcolileyo abantu. Ibhotwe lombingeleli omkhulu lalijikeleze inkundla elibala elivulekileyo apho kwakubuthelene khona amasoldati nezihlwele. Wacanda kule nkundla uYesu esiwa kwigumbi lomgcini, ehamba egculelwa macaleni onke kuba ethe unguNyana kaThixo. Amazwi waKhe athi, “ehleli ngasekunene kwamandla,” nathi, “esiza esemafini ezulu,” aphindwa ngokunyelisa. Ngexesha ekwigumbi lokugcinwa, elindele ukuxoxa ngokusemthethweni, wayengenalo ukhuseleko. Indibandiba engazi nto yabona inkohlakalo awaphathwa ngayo liqumrhu, yaza koku yabona ilungelo lokubonakalalisa yonke inkohlakalo yayo. Kwaubunene obu bukaKristu nokuziphatha okukaThixo, kwaba kokona kubaphambanisayo. Ukululama kwaKhe, ukuba msulwa kwaKhe, umonde wobungangamsha baKhe, kwabazalisa ngentiyo eyayivela kuSathana. Inceba nobulungisa, zizinto ezanyhashwa phantsi. Akazanga waphathwa ngenkohlakalo enjalo umntu owaphule umthetho njengoko kwenziwa kuNyana kaThixo. ULw 710.1

    Ukubandezeleka okunzulu kwayikrazula intliziyo kaYesu; isithonga esahlaba elona linzulu inxeba lalingenakwenziwa nasisandla sotshaba. Wathi ngexesha ephantsi kokugculelwa kunomgogwana wovavanyo lwetyala phambi kukaKayafa, uKristu wakhanyelwa ngomnye wabona bangabaKhe abafundi.ULw 710.2

    Emva kokuba beyishiyile iNkosi yabo esitiyeni, ababini kubafundi babanokuqina balandela, bechasele, isihlwele esasikhokelwa nguYesu. Aba bafundi yayinguPetros noYohane. Ababingeleli bamnakana uYohane njengomfundi owaziwa kakhulu kaYesu, baza bamngenisa eholweni, benethemba lokuba, xa ebona ukuthotyelwa phantsi kweNkokheli yakhe, uya kuyicaphukela ingcinga yokuba onjalo abe unguNyana kaThixo. UYohane wathetha kakuhle ngoPetros, waza wakwazi ukwenza ukuba angeniswe naye.ULw 710.3

    Enkundleni kwakubaswe umlilo; kuba yayilelona lixa libandayo lobusuku, kanye phambi kokuba kuse. Iqela lasondela ngasemlilweni, noPetros ngobuganga wahlala kunye nabo. Wayenganqweneli ukuba aqondwe njengomfundi kaYesu. Ngokuzixuba ngokungenamsebenzi nesihlwele, wayethembe ukuba uya kuthatyathwa njengomnye wabo babezise uYesu apho eholweni. ULw 710.4

    Kwathi ukukhanya kwakuwa ebusweni bukaPetros, intokazi eyayigcine umnyango yamkrwaqula. Yayiqaphele ukuba ungene noYohane, yazayaphawulainkangelekoyokudakumbaebusweni bakhe, yacinga ukuba unokuba ungumfundi kaYesu. Yayingomnye wabasebenzi endlwini kaKayafa, yaza yanga ingafumana ulwazi. Yathi kuPetros, “Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na?” UPetros wothuka wadideka. Wenza ngokungathi akayivanga; kodwa yazingisa, yathi kwabo babekufuphi kuyo, le ndoda yayinoYesu. UPetros waziva enyanzelekile ukuba aphendule, waza wathi, ngomsindo, “Nkazanandini, andimazi.” Oku kwaba kukukhanyela kokuqala, yathi kwangoko umqhagi wakhala. Owu, uPetros, wayiphoxa ngokukhawuleza kangako iNkosi yakho! Kamsinyane kangako ukukhanyela iNkosi yakho!ULw 711.1

    Umfundi uYohane, wathi akungena egumbini letyala, akaze azame ukuyifihla into yokuba ube engumlandeli kaYesu. Akazange azixube neqela elikrwada elaliyigculela iNkosi yakhe. Akazange abuzwe, kuba akazange azenze abe ngathi ungumntu ongenguye, aze abe uzibeka kwimekoyokurhaneleka. Wafunaindawo esekhusini apho wayeza kuhlala angaqatshelwa yindimbane, kodwa kufuphi kangangoko wayenako kuYesu. Kule ndawo wayeza kukwazi ukubona nokuva konke okwenzekayo etyaleni leNkosi yakhe.ULw 711.2

    UPetros wayengalungiselelanga ukuba eyona nto ayiyo yaziwe. Ngokwenza ngokungathi akakhathali, wazibeka emhlabeni wotshaba, waza waba lixhoba elisisisulu kwisihendo. Ukuba kwakuthiwe makazokulwela iNkosi yaKhe, ngewaba lisoldati elinesibindi; kodwa wathi akolathwa ngumnwe wokugculela, waziveza ukuba uligwala. Abaninzi abangakoyikiyo ukusebenzela iNkosi yabo, bagxothwa kukugculelwa ukuba balukhanyele ukholo lwabo. Ngokuzihlanganisa kwabo nabo kufuneka bebaphephile, bazibeka endleleni yesihendo. Bamema utshaba ukuba lubalinge, baze banyanzeleke ukuba bathethe, benze oko bekunokuthi phantsi kwezinye iimeko bangabi natyala ngako. Umfundi kaKristu othi, ngale mihla yethu, alufihle ukholo lwakhe ngokoyika ukuphatheka kakubi okanye ukugculelwa, ukhanyela iNkosi yakhe kanye njengoko wenzayo uPetros enkundleni yamatyala.ULw 712.1

    UPetros wazama ukungabonisi mdla kwityala leNkosi yakhe, kodwa intliziyo yakhe yazaliswa yintlungu xa wayesiva izithuko ezikhohlakeleyo, wabona ukuphathwa kakubi eyayikuko. Ngaphezu koku, wamangaliswa wanomsindo xa uYesu ezithoba, Yena nabafundi baKhe, ngokuvuma ukuba aphathwe ngolo hlobo. Ukuze ayifihle indlela aziva ngayo ngokwenene, wazama ukuzihlanganisa nabatshutshisi bakaYesu ekuhlekiseni kwabo ngexesha elingelilo. Imbonakalo yakhe yayingaqhelekanga. Wayesenza ubuxoki, wathi nangoku ezama ukuthetha ngokungathi akakhathali, akakwazi ukuyibamba intetho yengqumbo ngokuphathwa kakubi okwakufunjwa phezu kweNkosi yakhe.ULw 712.2

    Iingqondo zaphinda zatsalelwa kuye okwesibini, waza waphindwa ukutyholwa ngokuba ngumlandeli kaYesu. Ngeli xesha wathetha ngesifungo, “andimazi loo mntu.” Waphinda wanikwa elinye ithuba. Kwakuse kudlule iyure, xa omnye wabakhonzi bombingeleli omkhulu, nowayezalana nendoda awayisusa indlebe uPetros, yambuza, “andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?” “Inyaniso, ungowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.” Hay’ ke, uPetros waphambana ngumsindo. Abafundi bakaYesu babesaziwa ngokusulungeka kwentetho yabo, waza wathi, ukuze akwazi ukubakhohlisa ngokupheleleyo abambuzayo, nokugudisa isimilo sakhe asiqwebayo, uPetros ngoku wayikhanyela iNkosi yakhe ngokuqalekisa nokuthuka. Waphinda wakhala umqhagi. UPetros wawuva ngoku, wakhumbula amazwi kaYesu, “Ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” Marko 14:30. ULw 712.3

    Zathi zisezitsha izifungoezihlazisayozikaPetros emilebeni yakhe, nesikhalo esihlabayo senkuku sisavakala ezindlebeni zakhe, uMsindisi wajika, wawasusa amehlo aKhe kubagwebi abajalileyo, wakhangela ngokupheleleyo kusizi lomfundi waKhe. Kwangelo xesha linye, amehlo kaPetros atsalekela eNkosini yakhe. Kuloo mbonakalo inemfesane, wabona uvelwano nentlungu enzulu, kodwa kungekho ngqumbo apho. ULw 713.1

    Umbono wobo buso bumbatshileyo, bunentlungu, loo milebe ibebezelayo, eyabonakala inemfesane noxolelo, kwamhlaba entliziyweni ngokotolo. Isazela savuka. Inkumbulo yasebenza. UPetros wakhumbula isithembiso sakhe kwiiyure ezimbalwa ngaphambi koku sokuba uya kuya neNkosi yakhe entlolongweni nasekufeni. Wayikhumbula intlungu yakhe xa uMsindisi wayemxelela, bekwigumbi eliphezulu, ukuba uza kuyikhanyela kathathu iNkosi yakhe ngobo busuku bunye. UPetros wayesanda kuvakalisa ukuba akamazi uYesu, kodwa ngoku wawuqonda ngentlungu enkulu indlela iNkosi yakhe eyayimazi kakhulu ngayo, nokuba yayiyifunde ngokuchaneke kakuhle intliziyo yakhe, ubuxoki obabungaziwa nanguye ngokwakhe. ULw 713.2

    Umsinga weenkumbulo wamfikela. Inceba yoMsindisi enothando, ububele baKhe, nokuzeka kade kwaKhe umsindo, uthando nomonde waKhe ngakubafundi abaphazamayo,--konke kwakhunjulwa. Wakhumbula isilumkiso, “Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa. Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli.” Luka 22:31, 32. Wakukhumbula ngoloyiko ukungabi nambulelo kwakhe, ukuxoka kwakhe, ukugqwetha inyaniso. Waphinda wakhangela eNkosini yakhe, wasibona isandla esihlambelayo siphakama ukuba siyibethe ebusweni. Ngokungakwazi ukuwunyamezela lo mbono, wabaleka, intliziyo yaphukile, wayishiya iholo. ULw 713.3

    Wabheka phambili eyedwa kwaye kumnyama, engazi kwaye engakhathali nokuba ubheka phi. Ekugqibeleni wazifumana eseGetsemane. Umboniso weeyure ezimbalwa ngaphambi koko, wamfikela ucace kakhulu engqondweni yakhe. Ubuso obusentlungwini beNkosi yakhe, ukubila okudyojwe ligazi nobutsalwe yintlungu, bathi tha phambi kwakhe. Wakhumbula ngokuzohlwaya okukrakra ukuba uYesu wayelila encwina ekuthandazeni yedwa, lo gama, abo babemele ukuba bamanyene naYe ngelo lixa libuhlungu, babelele. Wakhumbula umyalelo waKhe onendili, “Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni.” Mat. 26:41. Waphinda wabona umboniso okwigumbi letyala. Kwaba kukuthuthunjiswa kwintliziyo yakhe eyophayo ukwazi ukuba wongeza kowona mthwalo unzima wokuhlaziswa nentlungu yoMsindisi. Kuyo yona kanye indawo apho uYesu wathulula khona umphefumlo waKhe entlungwini kuYise, uPetros wawa ngobuso, wanga ebengafa. ULw 713.4

    Kwakungenxa yokulala ukuze uYesu amyalele ukuba alinde athandaze, awathi uPetroswalungiselelakhonaindlela yesono sakhe esikhulu. Bonke abafundi, ngokulala ngelo lixa linzima, baba nelahleko enkulu. UKristu wayeyazi intlungu etshisayo ababeza kuphumela kuyo. Wayeyazi indlela uSathana awayeza kusebenza ngayo ukubulala izivo zabo ukuze bangakulungeli ukulingwa. Ngoko ke, yiloo nto eyenza ukuba abalumkise. Ukuba ezo yure esitiyeni zazichithwe kulindiwe kuthandazwa, uPetros ngengazange ashiywe yedwa ukuba axhomekeke kumandla wakhe abuthakathaka. Ngengazanga wayikhanyela iNkosi yakhe. Ukuba abafundi babelinde noKristu kwintlungu yaKhe, ngebabekulungele ukuyibona intlungu yaKhe emnqamlezweni. Ngebabewuqondile noko umgangatho wendalo yentlungu yaKhe eyayinamandla awoyisayo. Ngebabekwazile ukukhumbula amazwi aKhe awaxela kwangaphambili iintlungu zaKhe, ukufa kwaKhe, nokuvuka kwaKhe. Phakathi kobumnyama belona lixa linzima kakhulu, ngeyayikho imitha yethemba yokukhanyisa ebumnyameni ize iluxhase ukholo lwabo. ULw 713.5

    Kwathi ngako nje ukuba ivele imini, iSanhedrin yaphinda yahlangana, kwakhona uYesu waziswa kwigumbi lequmrhu. Wayethe unguNyana kaThixo, baye bawabeka ngandlela yimbi amazwi aKhe ukuze abe lityala ngakuYe. Phofu babengakwazi ukumgweba ngenxa yoku, kuba abaninzi kubo babengekho kuloo ntlanganiso yobusuku, ngoko abaweva amazwi aKhe. Babesazi kodwa ukuba inkundla yamaRoma yayingayi kufumana nto ifanele ukufa kuwo. Ukuba ke kodwa kweyaKhe imilebe banokuwava la mazwi ephindwa, injongo yabo yayingaba ifezekile. Ibango laKhe lokuba nguMesiya babenako ukulijija libe libango elilahlekisayo elingombuso. ULw 714.1

    “Unguye na uKristu?” batsho, “sixelele.” UKristu wathi cwaka. Baqhubeka bemhlisa bemnyusa ngemibuzo. Ekugqibeleni, ngovelwano olunosizi, waphendula, “Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa; nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.” Ukuze ke bangabi nakuzithethelela, wongeza isilumkiso esinendili, “Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.” ULw 714.2

    Unguye na ke wena uNyana kaThixo?” bambuza ngazwi nye. Wathi kubo, “Nani nithi ndinguye.” Bakhala bekhwaza, “Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.” ULw 714.3

    Ngoko, ngokwesesithathu isigwebo samagunya amaYuda, kwakufuneka uYesu afe. Into eyayisele ngoku, bacinga, yayikukuba amaRoma asamkele esi sigwebo, aze amnikele ezandleni zabo.ULw 714.4

    Emva koko kwabakho umboniso wesithathu wokuphathwa gadalala nokugculelwa kakubi, nangaphezu koko kwenziwa yindimbane engazi nto. Kanye phambi kwababingeleli nabaphathi, nangemvume yabo, oku kwenzeka. Lonke uluvo lwemfesane okanye ubuntu kwakuphele tu ezintliziyweni zabo. Ukuba iingxoxo zabo zazingavakali, baza boyiswa kukulithulisa izwi laKhe, babenazo ezinye izixhobo, njengezo zazisetyenziswa ezinkulungwaneni ukuthulisa abakreqi,--ukuvisa ubuhlungu, nobundlongondlongo kunye nokufa. ULw 714.5

    Xa kwakuwiswa isigwebo sikaYesu ngabagwebi, abantu bathiwa hlasi yingqumbo yenkohlakalo. Ingxolo yamazwi yafana neyezilwanyana zasendle. Isihlwele sagxalathelana ukuya kuYesu, sikhwaza, Unetyala, makabulawe! Ukuba kwakungengakuba kukho amasoldati amaRoma, uYesu ngewayengazanga waphila ukuze abethelelwe emnqamlezweni eKalvari. Ngewadlakazwa phambi kwabagwebi baKhe, ukuba igunya laseRoma lalingangenelelanga, lathi ngokusebenzisa izixhobo labunqanda ubundlongondlongo besihlwele.ULw 715.1

    Abantu abangabahedeni babenomsindo ngendlela ekhohlakeleyo yokuphathwa komntu ekungekho mposiso yafunyanwayo kuye. Amagosa amaRoma ayixela into yokuba, ngokuwisa isigwebo kuYesu, amaYuda ayexovula phezu kwegunya laseRoma, nokuba kwakukwachasene nomthetho wamaYuda ukugwebela umntu ukufa ngobakhe ubungqina. Oku kungenelela kwazisa ukuthi yabalala okomzuzu kokuqhubekayo; kodwa iinkokheli zamaYuda zazife ngokufanayo kuvelwano nosizi. ULw 715.2

    Ababingeleli balibala nesidima sesikhundla sabo, bamgculela uNyana kaThixo ngeentetho zenkcaso ezingcolileyo. Bamngcikiva ngabazali baKhe. Bathi ubuganga baKhe bokuthi unguMesiya bumenze wafanela okona kufa kubi. Nawona madoda angcolileyo ayenenxaxheba kokona kuphathwa kakubi kungazimasekanga koMsindisi. Irhonya lengubo endala laphoswa phezu kwentloko yaKhe, baza abatshutshisi baKhe bamqhwaba ngempama ebusweni, besithi, “Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?” Lathi lakususwa irhonya elo, olunye usizana lodwayi lwamtshicela ebusweni.ULw 715.3

    Iingelosi zikaThixo zakucholachola ngokuthembeka konke ukukhangela ngolunya, izwi nesenzo sokuchasa uMphathi-mkhosi wazo othandekayo. Ngenye imini abantu abaphantsi ngesimilo abamthukayo, babutshicela ubuso obuzolileyo nobumbatshileyo bukaKristu, baya kubujonga buseluzukweni, bubengezela ngokukhanya okungaphezu kobelanga. ULw 715.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents