43—Iindonga Ezahlulayo Zawiswa
[Esi sahluko sisekwe kuMat. 15:21-28; Marko 7:24-30.]
Emva kokuqubisana nabaFarisi, uYesu wayishiya iKapernahum, wacanda eGalili, wayakuphumla kwilizwe leenduli kwimida yaseFenike. Ekhangele ngaseNtshona, wayenokubona, kwendlalekile phezu kwisithabazi ezantsi, imizi yakudala yaseTire neTsidon, ineetempile zayo zobuhedeni, amabhotwe amahle neemalike zoshishino, namachweba azaliswe yimikhombe. Ngaphesheya kwakusisithabazi solwandle oluluhlaza lweMeditere, nekwakufuneka abathunywa beendaba ezilungileyo badlule kulo ukusa iindaba zovuyo kwimizi yobukumkani obukhulu behlabathi. Phofu ixesha lalingekafiki. Umsebenzi owawuphambi kwaKhe yayikukulungisela abafundi baKhe umsebenzi wabo. Ekuzeni kulo mmandla wayethembe ukufumana uphumlo angazange akwazi ukukufumana eBhetesayida. Kanti ke, kwakungekuphela kwenjongo yaKhe ekuthabatheni olu hambo.ULw 399.1
“Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon.” Mat. 15:22. Abantu besi sithili babeluhlanga oludala lwamaKanana. Babengabanquli bezithixo, kwaye babejongelwe phantsi bethiyiwe ngamaYuda. Kolu didi, kwakukho intokazi eyeza kuYesu ngoku. Yayingumhedeni, yazangenxa yoko yaba ibekelwe bucala kokuhle ULw 399.2
kokuhle okwakufunyanwa ngamaYuda yonke imihla. Ayemaninzi amaYuda awayehlala phakathi kwamaFenike, zaza iindaba zomsebenzi kaKristu zafikelela kulo mmandla. Abanye babantu babewavile amazwi waKhe baza bayibona imisebenzi yaKhe emangalisayo. Le ntokazi yayivile ngomprofeti, owathi, ngokwengxelo, waphilisa zonke intlobo zezifo. Yathi yakuva ngamandla waKhe, kwabakho ithemba entliziyweni yayo. Ngokukhuthazwa luthando lukamama, yazimisela ukuba iya kuyisa imeko yentwazana yayo kuYe. Yayiyinjongo yayo eqinileyo ukuyizisa imbandezelo yayo kuYesu. Kufuneka emphilisile umntwana wayo. Yayilufunile uncedo koothixo babahedeni, kodwa ayizange ifumane kunyangwa. Maxa wambi yayilingeka ukuba icinge, ithi, Yintoni anokundenzela yona lo mfundisi womYuda? Noko kunjalo, lalifikile izwi, Uphilisa zonke iintlobo zezifo, nokuba abo beza kuYe bazizityebi okanye bangamahlwempu. Yazimisela ukuba ingalilahli ithemba layo ekuphela kwalo. ULw 400.1
UKristu wayeyazi imeko yale ntokazi. Wayesazi ukuba yayinolangazelelo lokumbona, waza wazibeka endleleni yayo. Ngokulungiselela kwintlungu yayo, wayenokunika isifundo esiphilileyo kulo mmandla. Wanqwenela ukuba bakubone ukungazi okukhoyo kwimizi namaphandle akufupbi kwilizwe lakwaIsrayeli. Abantu ababenikwe lonke ithuba lokuyiqonda inyaniso babengenalo ulwazi lwezidingo zabo babebajikelezile. Akukho malinge enziwayo ukunceda imiphefumlo esebumnyameni. Udonga olwahlulayo olwakhiwa ngamaYuda anekratshi, lwavalela nabafundi ukuba babenenceba ngelizwe labahedeni. Le miqobo kodwa kwakufuneka iwisiwe. ULw 400.2
UKristu akazange akhawuleze asiphendule isicelo sale ntokazi. Wamamkela lo mmeli wohlanga olujongelwe phantsi ngohlobo awayeya kwenza ngalo amaYuda. Ngokwenjenje, wayecebe ukuba abafundi baKhe bayibone indlela ebandayo nengenalo uvelwano abeza kuyiphatha ngayo amaYuda imeko elolu hlobo, njengoko ibonakalaliswa ekwamkeleni kwaKhe le ntokazi, kwanendlela yovelwano anga bangaphatha ngayo imeko yoxinzelelo olunjalo, njengoko kubonakalaliswe emva koko kukuyinika kwaKhe ngokwesicelo sayo. ULw 400.3
Nangona uYesu wayengaphendulanga, intokazi ayizange ilahle themba. Wathi xa edlula, engathi akayiva, yamlandela, iqhubeka nokubongoza kwayo.Bathi ngokukhathazwa kukuncekelela kwayo, abafundi bamcela uYesu ukuba ayigxothe. Babona ukuba iNkosi yabo uyiphethe ngokungayikhathaleli, baza bacinga ukuba intiyo yamaYuda eyayichasene namaKanana iyamkholisa. Kanti ke, yayinguMsindisi onovelwano le ntokazi eyayisenza isicelo sayo kuYe, waza ukuphendula abafundi, uYesu wathi, “Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaIsrayeli.” Nangona le mpendulo yabonakala ingathi ihambelana nentiyo yamaYuda, yayikukukhalimela okubhekiswe kubafundi, nabathi bakuqonda kamva njengokubakhumbuza into awayesoloko ebaxelela,--ukuba weza ehlabathini ukuza kusindisa bonke abayakuthi bamamkele. ULw 400.4
Intokazi yaqinisisa ngemeko yayo ngokuzingisileyo, isiwa ezinyaweni zikaKristu, ilila, “Ndenzele inceba, Nkosi.” UYesu waqhubeka engathi uyakwala ukucenga kwayo, ngokwentiyo engavakalelwayo yamaYuda, waphendula, wathi, “Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.” Oku yayikukubonisa ukuba, yayingekuko ukuphosa nje iintsikelelo eziziswe kubantu abenzelwe inceba bakaThixo kubantu abangaziwayo nabasemzini kwaIsrayeli. Le mpendulo yayinokumtyhafisa ngokupheleleyo umntu ofuna enganyanisekanga kangako. Yona le ntokazi yabona ukuba ithuba layo lifikile. Ngaphantsi koku kubonakala ikukwala kukaYesu, yabona imfesane awayengakwazi ukuyifihla. “Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.” Nangona abantwana bekhaya besitya etafileni kayise, nezinja aziyekwa zinganikwanga ukutya. Zinelungelo kumaqhekeza awa etafileni ezele kukutya. Ngoko ke, njengoko zazininzi iintsikelelo ezinikwe uIsrayeli, yayingasekho na intsikelelo enokuza kuye? Wayejongwe njengenja, kanti ke, ingaba wayengenalo ibango lenja kwingququ yentabalala yaKhe?ULw 401.1
UYesu wayesanda kusuka kwintsimi yomsebenzi waKhe kuba ababhali nabaFarisi babefuna ukumbulala. Babekrokra bekhalaza. Babonakalalisa ukungakholwa nobukrakra, baza balwala usindiso ababelunikwa simahla, ngaphandle kwentlawulo. Apha uKristu uhlangana nomnye wabantu abalusizi nabajongelwe phantsi, nabangakhange babenethamsanqa lokuzuza ukukhanya kwelizwi likaThixo; ukanti uziyekela kwangoko kwimpembelelo engcwele kaKristu, kwaye unokholo olucacileyo ekukwazini kwaKhe ukumnika inceba ayicelayo. Ucela nje ukuba afumane imvuthuluka ewa etafileni yeNkosi. Ukuba anganalo nje ilungelo lenja, ukulungele ukuba athatyathwe njengenja. Akanayo intiyo okanye ikratshi lobuzwe okanye lenkolo elinempembelelo kwindlela yakhe, waza wathi, kwangoko, wamvuma uYesu ukuba unguMhlanguli, nonokukwazi ukwenza konke oko amcela ukuba akwenze. ULw 401.2
UMsindisi waneliseka. Uluvavanyile ukholo lwayo, [le ntokazi] kuYe. Ngokuyiphatha kwaKhe, ubonise ukuba lowo ube ethatyathwa njengolahlelwe ngaphandle kwaIsrayeli akasenguye owasemzini, kokwa ungumntwana wosapho lukaThixo. Njengomtwana, lilungelo lakhe ukuxhamla kwizipho zikaYise. UKristu ngoku wenza ngokwesicelo sakhe, abe uyasigqiba isifundo kubafundi. Ejika ebuyela kuyo, intokazi, eyikhangela ngovelwanonothando, uthi, “Mfazi, lukhuluukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho.” Ukususela ngelo lixa, intombi yayo yaphila. Idemon ayiphindanga iyihluphe. Intokazi yahamba, imvuma uMsindisi wayo, yonwabile kuba eyenzele isicelo sayo.ULw 401.3
Yayikuphela kommangaliso lo awawenzayo uYesu ngexesha ekolu hambo. Yayikukuze enze esi senzo ukuze aye kwimida yeTire neTsidon. Wanqwenela ukukhulula intokazi ebandezelekileyo, kuze kuthi kwangelo xesha ashiye umzekelo emsebenzini waKhe wemfesane ngakomnye wabantu abadeliweyo khon’ ukuze abafundi baKhe bazuze okuhle xa sele engasekho kunye nabo. Wanqwenela ukubakhokelela kude ekuzibekeleni bucala kwamaYuda ukuze babenolangazelelo lokusebenzela abanye ngaphandle kwababo abantu. ULw 402.1
UYesu wayefuna ukutyhila iimfihlakalo ezinzulu zenyaniso ezazifihliwe kwasezizukulwaneni, ukuze iiNtlanga zibe zindlalifa kunye namaYuda, zibe “ngamahlulelana nathi ngedinga lakhe, sikuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo.” Efese 3:6. Le nyaniso babebamba kade ukuyifunda, waza uMfundisi wezulu wabanika isifundo phezu kwesifundo. Ekuluvuzeni ukholo lomthetheli-khulu eKapernahum, nasekushumayeleni iindaba ezilungileyo kubemi baseSikare, wayesele ebanikile ubungqina bokuba wayengahambelani nokungabi nakunyamezela kwamaYuda. AmaSamariya wona ayenalo ulwazi oluthile ngoThixo; kwaye umthetheli-khulu wayebonise ububele kuIsrayeli. Ngoku uYesu wabazisa abafundi baKhe ukuba bahlangane nomhedeni, ababemthabatha ngokuba akanasizathu sokuba abe ngaphezu kwakhe nawuphi umntu kubantu bakhe, ukuba angalindela inceba evela kuYe, uYesu. Wayeza kwenza umzekelo wendlela onjalo amakaphathwe ngayo. Abafundi babecinge ukuba wayephisa ngesisa kakhulu ngezipho zobabalo lwaKhe. [Yena] wayenga angabonisa ukuba, uthando lwaKhe kwakungafuneki luphelele kuphela kuhlanga okanye kwisizwe [esithile]. ULw 402.2
Xa wayesithi, “Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaIsrayeli zodwa,” wayethetha inyaniso, kwaza ukusebenzela kwaKhe intokazi yomKanana kwawuzalisekisa umyalelo waKhe. Le ntokazi yayiyenye yezimvu ezilahlekileyo ekwakufuneka uIsrayeli ezihlangule. Yayingumsebenzi obekelwe bona, umsebenzi abawutyeshelayo, lo uKristu wayewenza. ULw 402.3
Esi senzo sazivula iingqondo zabafundi kakhulu ngokupheleleyo kumsebenzi owuphambi kwabo phakathi kweeNtlanga. Babubona ububanzi bamasimi okuba babe lulutho ngaphandle kwakwaYuda. Bayibona imiphefumlo ethwele iintlungu ezingaziwayo ngabo babenzelwe imfesane kakhulu. Phakathi kwabo babefundiswe ukubajongela phantsi, kwakukho imiphefumlo elangazelela ukuzuza uncedo kuMphilisi onamandla, elambele ukukhanya kwenyaniso, awayeyiphiwe yaninzi kakhulu amaYuda. ULw 402.4
Emva koko, akuba amaYuda athe azimisela ukurhoxa ngokupheleleyokubafundi,kubababesithiuYesuunguMsindisiwehlabathi, naxa udonga olwahlulayo lwaluwisiwe kukufa kukaKristu, esi sifundo, nezinye ezifana naso ezazisalatha kumsebenzi weendaba ezilungileyo ongathintelwa lisiko okanye ubuzwe, zathi zaba nempembelelo enamandla phezu kwabameli bakaKristu, ekubakhokeleni kumsebenzi wabo. ULw 403.1
Ukuhambela koMsindisi eFenike, nommangaliso awawenza apho, kwakunenjongo ebanzi kakhulu. Kwakungekuphela kwintokazi eyayibandezelekile, kungekuko nakubafundi baKhe nakwabo bamkela ukusebenza kwabo, owathi wafezekiswa umsebenzi; kodwa “ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.” Yohane 20:31. Kwazona izenzeleli ezo zazinqanda abantu ukuba bangezi kuKristu kwiminyaka eliwaka elinamakhulu asibhozo eyadlulayo, isasebenza nanamhla oku. Umoya owakha udonga lokwahlula phakathi kwamaYuda neentlanga usasebenza. Ikratshi nentiyo zakhe iindonga eziqinileyo zokwahlula phakathi kwendidi ezahlukeneyo zabantu. UKristu nomsebenzi waKhe ubekwe ngendlela egwenxa, zaza izihlwele zaziva zingathi zivalelwe ngaphandle ngokupheleleyo kulungiselelo lweendaba ezilungileyo. Mabangaziva bevalelwe ngaphandle kukaKristu. Akukho miqobo enokumiswa ngumntu okanye uSathana engenakugqojozwa lukholo. ULw 403.2
Ngokholo intokazi yaseFenike yaziphosa kwimiqobo eyayifunjiwe phakathi komYuda neNtlanga. Ngakutyhafiso, nokuba yintoni eyayibonakala inokumenza athandabuze, wathembela kuthando loMsindisi. UKristu ufuna ukuba sithembele njalo nathi kuYe. Iintsikelelo zosindiso zezomntu wonke. Kuphela kukukhetha kwakhe okunokumthintela ekubeni nenxaxheba kwisithembiso sikaKristu ngeendaba ezilungileyo. ULw 403.3
Ucalulo lwabantu ngeendidi luthiyekile kuThixo. Akayijongi nokuyijonga into ehambelana nento enjalo. Emehlweni aKhe yonke imiphefumlo yabantu inexabiso elilinganayo. “Kananjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye.” Kungekho kucalula ngobudala, okanye ngesikhundla, okanye ngobuzwe, okanye ngelungelo lenkolo, bonke bayamenywa ukuba baze kuYe baze baphile.“Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa. Kuba akukho kwahluka.” “Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo.” “Izityebi namahlwempu; umenzi wabo bonke nguYehova.” “Ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.” IZenzo 17:26, 27; Gal. 3:28; Miz. 22:2;Roma 10:11-13.ULw 403.4