Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    47—Ulungiselelo

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 17:9-21; Marko 9:9-29; Luka 9:37-45.]

    Ubusuku bonke bachithelwa entabeni; kwathi xa liphuma ilanga, uYesu nabafundi baKhe bahlela entilini. Besezingcingeni ezinzulu, abafundi bamangaliswa bathi cwaka. NoPetros akazange abe nalizwi lakuthetha. Ngebabekuvuyele ukuhlala kuloo ndawo ingcwele eyayichukunyiswe kukukhanya kwasemazulwini, nalapho uNyana kaThixo wabonakalalisa ubuqaqawuli baKhe; kodwa kwakukho umsebenzi ekwakufuneka wenzelwe abantu, ababesele bemzingela kuyo yonke indawo uYesu. ULw 426.1

    Emazantsi entaba, kwakuhlangene isihlwele esikhulu, esasikhokelelwe khona apho ngabafundi ababesele emva bona, nababesazi apho uYesu wayeye khona. Wathi xa esondela uMsindisi, wawayalela amaqabane aKhe amathathu ukuba angazithethi izinto azibonileyo, esithi, “Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.” Intyilelo eyenziwa kubafundi yayiza kwetyiswa ezintliziyweni, ingasasazwa kude. Ukuyichazela izihlwele kwakuya kuvusa ukuhlekisa okanye ukumangala okungeyonto. Nesithoba sabapostile asizange siwuqonde umboniso wada waba uYesu uvukile kwabafileyo. Indlela abacotha ngayo ukuqonda naba bathathu babenzelwe imfesane, ibonakala kwinto yokuba, kuko konke uKristu awakuthethayo ngoko kwakuphambi kwaKhe, babuzana ukuba kungaba kuthetha ntoni ukuvuka kwabafileyo. Kanti kunjalo, abazange bayibuze kuYesu ingcaciso. Amazwi aKhe ngoko kuzayo abazalisa ngentlungu; baza abafuna kutyhilelwa ngakumbi ngoko babenokukuvuyela xa bekunokuthi kanti akunakuze kwenzeke. ULw 426.2

    Bathi abantu basentilini bakumbona uYesu, babaleka bamhlangabeza, bembulisa ngembeko nangovuyo. Iliso laKhe elikhawulezayo labona ukuba banokudideka okukhulu. Abafundi babonakala bekhathazekile. Kwakusanda kwenzeka isiganeko esabenza banokudaniswa nokuhlaziswa okubi kakhulu.ULw 427.1

    Kwakuthe besalindile emazantsi entaba, kwafika kubo umzali ozise unyana wakhe, ukuba akhululwe kumoya ongathethiyo owawumthuthumbisa. Igunya phezu kwemimoya emdaka lalinikwe abafundi, xa uYesu wayethuma ishumi elinambini ukuba lishumayele kulo lonke elaseGalili. Bathi ukuhamba kwabo, bomelele elukholweni, oomoya abakhohlakeleyo balithobela ilizwi labo. Ngoku, egameni likaKristu, bawuyalela umoya ongcungcuthekisayo ukuba uphume kwixhoba lawo; yasuka idemon yahlekisa ngabo ngokuphinda ibonise ngamandla ayo. “Abafundi, ngokungakwazi ukunika ingxelo ngokoyiswa kwabo, baziva bephoxeke bona neNkosi yabo. Kwaye kukho phakathi kwesihlwele ababhali, abalisebenzisa kakhulu eli thuba ukuba babahleke. Bathi bengqonge abafundi, babafumba ngemibuzo, bezama ukubabonisa ukuba, bona neNkosi yabo, babengabalahlekisi. Apha, abafundisi bathetha ngoloyiso besithi, kwakukho umoya okhohlakeleyo owawungenako ukoyiswa ngabo bafundi kwanayiNkosi yabo ngokwaYo. Abantu babekekelele ekwayameni ngakubabhali, kwaza kwakho umoya wokudelela nokugculela owangena esihlweleni.ULw 427.2

    Kuthe kodwa ngequbuliso kwathi nqum ukutyhola. UYesu nabafundi abathathu babonwa besiza, kwathi kwabakho ukuphethuka komoya okukhawulezileyo ebantwini, baza bajika ukuba babahlangabeze. Ubusuku bobuqaqawuli basezulwini babushiye umda kuMsindisi nabahlobo baKhe. Ebusweni babo kwakukho ukukhanya okwaqhiphula umbilini kwabo babebakhangele. Ababhali bahlehla, lo gama abantu besamkela uYesu. ULw 427.3

    Ngokungathi wayekubona konke okwakusenzeka, uMsindisi wafika kule ndawo yembambano, wathi ekhangele ntsho kubabhali, wabuza, “Nibuzana ntoni na nabo?” ULw 427.4

    Amazwi awayenesibindi, edelela ngaphambili, athi cwaka. Yathi nzwanga indimbane yonke. Ngoku utata owayebandezelekile waphumela phakathi kwesihlwele, wathi esiwa ezinyaweni zikaYesu, waliphalaza ibali lenkathazo yakhe kwanokudaniswa kwakhe.ULw 427.5

    “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, . . . ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.”ULw 428.1

    UYesu wasingasinga sonke isihlwele esasimjikelezile, sisoyika, ababhali abanentiyo, abafundi abadidekileyo. Wakufunda konke ukungakholwa kwayo yonke intliziyo eyayilapho; waza, ngelizwi elizele yintlungu, wadanduluka, wathi, “Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni?” Waba sele esithi kuyise onoxinzelelo, “Mzise apha unyana wakho.” ULw 428.2

    Inkwenkwana yaziswa, athi amehlo oMsindisi akuwa kuyo, umoya ongcolileyo wayiphosa emhlabeni ixhuzula yintlungu. Yalala ibhuqabhuqeka, ixhaphe amagwebu, ikrazula umoya ngesikhalo sayo esingaqhelekanga esikrakra.ULw 428.3

    Yaphinda iNkosi yobomi kunye netshawe lamagunya obumnyama baqubisana ebaleni ledabi,--uKristu ekuzalisekiseni kwaKhe umsebenzi “[woku]vakalisa inkululeko kubathinjwa, . . . ndindulule abaqobekileyo bekhululekile” Luka 4:18), uSathana efuna ukulibamba ixhoba phantsi kolawulo lwakhe. Iingelosi zokukhanya kunye nomkhosi weengelosi zobubi, zingabonwa, zasondelelana ukuba zilwe. Okomzuzwana, uYesu wawuvumela umoya ombi ukuba ubonise amandla awo, nokuze abo babukeleyo bakuqonde ukuhlangulwa okwakuza kwenziwa.ULw 428.4

    Isihlwele sajonga sibambe umphefumlo, uyise ekwintlungu yethemba nokoyika. UYesu wabuza, “Kumgama ungakanani na imhlile le nto?” Uyise walibalisa ibali leminyaka emide yokugula, waza wathi, ngokungathi akasakwazi kunyamezela ngakumbi, uYesu wabuza, wadanduluka, wathi, “ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.” “Ukuba unako!” Nangoku uyise usawathandabuza amandla kaKristu.ULw 428.5

    UYesu waphendula, wathi, “Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.” Akukho kuswela mandla kwicala likaKristu; ukuphila konyana kuxhomekeke elukholweni lukayise. Ethulula iinyembezi, ekuqonda ukungabi nakuzinceda kwakhe, uyise waziyekela kwinceba kaKristu, enesikhalo, “Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam.” ULw 428.6

    UYesu uyajika ukhangela kulo ugulayo, athi, “Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye ungabi sangena kuye.” Kukho isikhalo, idabi elilusizi. Idemon, idlula, yayingathi iza kuwukrazula umphefumlo wexhoba layo. Inkwenkwe yalala ingashukumi, ibonakala ngokungathi ayisaphili. Isihlwele sathethela phantsi, sisithi, “Ufile.” UYesu uyibamba ngesandla, ayiphakamise, ayinikele kuyise, iphile qete engqondweni nasemzimbeni.Uyise nonyanabadumisa igama loMhlanguli wabo. Abantu beseso sihlwele “bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo,” lo gama ababhali, boyisiwe bematshekile, bajika bemka bethe khunubembe.ULw 428.7

    “Ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.”Mingaphi imiphefumlo esindwa sisono ewuphindileyo loo mthandazo. Kuyo yonke, impendulo yoMsindisi onovelwano ithi, “Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.” Lukholo olusihlanganisa nezulu, luze lusinike amandla okumelana namagunya obumnyama. KuKristu, uThixo usinike zonke izixhobo zokoyisa zonke iimpawu zesono, nokumelana naso sonke isilingo, nokuba siqine kangakanani. Abaninzi kodwa beva ngokungathi baluswele ukholo, baze ngoko bahlale bekude kuKristu. Le miphefumlo mayithi, ekungabini nakuzinceda kwayo, izilahlele kwinceba yoMsindisi wayo onemfesane. Makungakhangelwa ku-mna, kodwa makukhangelwe kuKristu. Lowo waphilisa abagulayo wakhupha iidemon xa wayehamba phakathi kwabantu, ukwangulo Mhlanguli mnye nanamhlanje. Ukholo lubakho ngelizwi likaThixo. Ngoko ke, makubanjwe isithembiso saKhe, esithi, “nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle.” Yohane 6:37. Ziphose ezinyaweni zaKhe, ukhale, uthi, “Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam.” Akusokuze utshabalale lo gama usenza oku—akungekhe.ULw 429.1

    Ngexeshana nje elifutshane, abafundi abenzelwa inceba, basibonile isiphelo sobuqaqawuli nesokuthotyelwa phantsi. Babubonile ubuntu xa babumiliselwa ngokutsha kumfanekiselo kaThixo, naxa uthotyelwe kwimfano kaSathana. Entabeni, apho ebethetha khona nabathunywa basezulwini, nalapho ebevakaliswe ukuba unguNyana kaThixo lilizwi elivela kubuqaqawuli obubengezelayo, bambonile uYesu esihla ukuba ahlangane naloo meko ingumbono odakumbisa ucaphukise kakhulu, inkwenkwe enempambano, ejijeke ubuso, etshixizisa amazinyo ngamaxesha amana efika entlungu ekungekho mandla wamntu anokuyiphilisa. Lo Mhlanguli unobungangamsha, osanda kuma nje kwiiyure ezimbalwa ngaphambi koku ezukisiwe phambi kwabafundi baKhe ababekhwankqisiwe, uyathoba ukuba aphakamise ixhoba likaSathana emhlabeni apho belizibhuqabhuqa khona, lisempilweni yengqondo nomzimba, elibuyisela kuyise nasekhayeni lalo. ULw 429.2

    Yayisisifundo sokuhlangulwa ngomzekelo,--Oyingcwele weZulu evela kubuqaqawuli bukaYise, ethoba ukuba asindise olahlekileyo. Sasikwamele nomsebenzi oza kuthunywa abafundi. Akusayi kuba kuphela encotsheni yentaba kunye noYesu, ngeyure zokukhanyiselwa kwasemoyeni, apho ubomi babakhonzi bakaKristu buza kuchithwa khona. Ukho umsebenzi wabo ezantsi ethafeni. Imiphefumlo uSathana ayikhobokisileyo ilindele ilizwi lokholo nomthandazo ukuba ikhululwe. ULw 429.3

    Abafundi abasithoba, babesetyisa la mava akrakra okusilela kwabo; waza wathi ngako nje ukuba uYesu aphinde abe nabo bebodwa, bambuza, “Bekunganinaukuba singabinako ukuyikhupha thina?” UYesu wabaphendula wathi, “Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela. Olu ke uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.” Ukungakholwa kwabo, okwabavalelangaphandle kovelwano ULw 430.1

    olunzulu noKristu, nokungabi nankathalo abawuphatha ngako umsebenzi ongcwele owawubekwe ezandleni zabo, kwaba ngunobangela wokusilela kwabo edabini namagunya obumnyama.ULw 430.2

    Amazwi kaKristu awalatha ekufeni kwaKhe azisa usizi nentandabuzo. Kanti ke, ukukhetha abafundi abathathu ukuba bahambe naYe ukuya entabeni kwavusa umona kwisithoba. Endaweni yokulomeleza ukholo lwabo ngomthandazo nokucamngca amazwi kaKristu, babehleli kwizinto ezibatyhafisayo nezikhalazo zabo ngabanye. Kule meko yobumnyama, baba nokuzayamanisa necala likaSathana kweli dabi. ULw 431.1

    Ukuze baphumelele kwidabi elinjalo, kufuneka beze emsebenzini benomoya owahlukileyo. Ukholo lwabo kufuneka lomeleziwe ngokuthandaza nokuzila, nentliziyo ethobekileyo. Kufuneka kubhokoxwe u-mna, kuze kuzaliswe ngoMoya namandla kaThixo. Umthandazo onyanisekileyo, ozingisileyo kuThixo ngokholo—ukholo olukhokelela ekuxhomekekeni ngokupheleleyo kuThixo, nokuzinikela ngokupheleleyo emsebenzini waKhe—lulodwa lunako ukubanika abantu uncedo lukaMoya Oyingcwele edabini lokulwa nabalawuli namagunya, nabaphathi bobumnyama beli hlabathi, nemimoya ekhohlakeleyo kweziphezulu iindawo. ULw 431.2

    “Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade,” watsho uYesu, “nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke.” Nangona ukhozo lwemostade luluncinane kakhulu, lunemfihlakalo efanayo yomthetho-siseko yobomi ethi iveze ukukhula kowona mthi mkhulu. Xa ukhozo lwemostade luthe lwaphoswa emhlabeni, isibindi esincinane sibamba konke okusisiqalelo sobomi athe uThixo wasilungiselela lona ukuba londleke, luze luhlume ngokukhawuleza, lomelele. Ukuba ninokholo olunje, niya kubambelela elizwini likaThixo, nakuzo zonke izenzeleli eziluncedo athe wazibeka. Ukholo lwenu luya komelela, luniphathele uncedo lwamandla ezulu. Izikhubekiso ezifunjwe nguSathana endleleni yenu, nangona zibonakala ngokungathi azingeqabeleki, okweenduli ezimi ngonaphakade, ziya kunyamalala phambi kokufunwa lukholo. “Akuyi kubakho nto iya kuninqabela.” ULw 431.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents