Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    79—“Kugqityiwe”

    UKristu akazange abunikele ubomi baKhe wada waba uwufezile umsebenzi awayeze ukuba awenze, kwathi xa umoya waKhe usuka, wathi, “Kugqityiwe.” Yohane 19:30. Idabi laliphunyelelwe. Isandla saKhe sokunene nengalo yaKhe engcwele zaziluzuzile uloyiso. Njengomoyisi, wayimisa ibhanile yaKhe kwiindawo eziphezulu zikanaphakade. Ingaba azizange zivuye iingelosi? Lonke izulu loyisa ngoloyiso loMsindisi. USathana woyiswa, wazi futhi ukuba ubukumkani bakhe bulahlekile.ULw 758.1

    Ezingelosini nakumazwe angazange awe, intetho ethi, “Kugqityiwe,” yayinentsingiselo enzulu. Umsebenzi omkhulu wokuhlangula wenziwa wagqitywa ngenxa yawo kunye nathi. Wona kunye nathi sixhamla iziqhamo zoloyiso lukaKristu.ULw 758.2

    Kwada kwaba sekufeni kukaKristu ukwandula kokutyhileka ngokucacileyo kwesimilo sikaSathana ezingelosini nasemazweni angawanga. Umkreqi omkhulu wazambathisa kakhulu ngenkohliso kangangokuba izidalwa ezingcwele azizange ziyiqonde imithetho-siseko yakhe. Zazingekaze ziyibone ngokucacileyo indalo yovukelo lwakhe.ULw 758.3

    Wayesisidalwa samandla nobuqaqawuli obumangalisayo izinto ezamenza ukuba achase uThixo. Ethetha ngoKhwezi, uYehova uthi, “Wena lutywino lwesakhiwo esilinganiselweyo, uzeleyo bubulumko, umhle kwaphela.” Hez. 28:12. UKhwezi wayeyikerubhi egqubuthelayo. Wayesima ekukhanyeni phambi kukaThixo. Wayesesona sidalwa sasiphezulu kuzo zonke izidalwa, nesasisesona siphambili ekutyhileni iinjongo zikaThixongendalo yonke(iyunivesi). Emva kokuba onile, amandla wakhe okukhohlisa akhohlisa ngakumbi, kwathi nokungatyhileki kwesimilo sakhe kwanzima kakhulu, kuba ngenxa yendawo yakhe ephakamileyo awayekuyo noBawo.ULw 758.4

    UThixo ngewayemtshabalalisile uSathana kunye nabo bavelana naye ngokulula njengokuphosa ilityana emhlabeni, kodwa akazange akwenze oku. Uvukelo kwakungafunekanga koyiswe ngamandla. Amandla anyanzelisayo afumaneka kulawulo lukaSathana. Imithetho-siseko kaYehova ayikho kolo didi. Igunya laKhe lizinze phezu kokulunga, inceba nothando; kwaye ukunikezelwa kwale mithetho-siseko yindlela ekufuneka isetyenziswe. Ulawulo lukaThixo lunendlela yokuziphatha kwaye inyaniso nothando kufuneka zibe ngamandla aphezu kwako konke.ULw 759.1

    Yayiyinjongo kaThixo ukuzibeka zonke izinto phezu kwemeko yokhuseleko olungunaphakade, kwaye kumaqumrhu asezulwini kwakugqitywe ukuba ixesha kufuneka linikiwe khon’ ukuze uSathana aphuhlise imithetho-siseko eyayisisiseko sohlobo lwakhe lokulawula. Wayethe le mithetho-siseko ingaphezulu kwaleyo kaThixo. Lanikezwa ixesha lokusebenza kwemithetho-siseko kaSathana, ukuze ibonwe yindalo yonke yezulu. ULw 759.2

    USathana wakhokelela abantu esonweni, laza icebo lokuhlangula lasetyenziswa. Kube ngamawaka amane eminyaka uKristu esebenzela ukumphakamisa umntu, uSathana yena esebenzela intshabalalo nokumthoba. Indalo yonke yakubona konke.ULw 759.3

    Ukufika kukaYesu emhlabeni, amandla kaSathana ajikelwa ukuchasa Yena. Ukususela kwixesha awavela elusana eBhetelehem, umphangi wasebenzela ukuzisa intshabalalo yaKhe. Ngayo yonke indlela anokwenza ngayo, wafuna ukumthintela uYesu ekuphuhliseni ubuntwana obufezekileyo, ubudoda obungenamposiso, ulungiselelo olungcwele, nombingelelo ongenasiphako. Woyiswa ke noko. Akakwazanga ukumkhokelela uYesu esonweni. Akakwazanga ukumtyhafisa, okanye ukumgxotha emsebenzini awayeze emhlabeni ukuba awenze. Ukususela entlango ukuya eKalvari, isaqhwithi somsindo kaSathana sabetha kuYe, kodwa okona saba ngabinanceba, kwaba kukona kuqina ukubambelela koNyana kaThixo kwisandla sikaYise, nokubheka phambili endlelni enamachaphaza egazi. Onke amalinge kaSathana okumcinezela nokumoyisa asuka aveza, ngokukhanya okungaphezulu, isimilo saKhe esingenachaphaza. ULw 759.4

    Lonke izulu nawo onke amazwe angawanga ayengamangqina edabini. Umdla ongako ekwakulandelwa ngawo imibono yokugqibela yembambano! Bambona uMsindisi engena esitiyeni saseGetsemane, umphefumlo waKhe uthobele ezantsi bububi bobumnyama obukhulu. Bakuva ukukhala kwaKhe okukrakra, “Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe.” Mat. 26:39. Njengokuba ubuso bukaYise babususiwe, bambona ezaliswe yintlungu engaphezu kwaleyo yedabi elikhululokugqibela ekufeni. Ukubilakwakuthontsizaukuphuma elufeleni lwaKhe, kusiwa kungamathontsi emhlabeni. Kwaba kathathu umthandazo wokuhlangulwa unyanzeleka ukuba uphume emilebeni yaKhe. Izulu alizange likwazi ukuwunyamezela umbono, waza umthunywa wentuthuzelo wathunyelwa kuNyana kaThixo.ULw 759.5

    Izulu lilibona iXhoba lingcatshwa ngokunikelwa ezandleni zesixuku esinengqumbo, kwathi ngokuhlekisa nobubhovubhovu waqweqwediswa ukusuka kule inkundla ukuya kwenye. Lakuva (izulu) ukunyevula kwabatshutshisi baKhe ngokuzalwa kwaKhe okuphantsi. Lakuva ukukhanyela ngezithuko nezinyeliso komnye wabona bafundi bathandwayo. Lawubona umsebenzi wempambano kaSathana, namandla akhe phezu kweentliziyo zabantu. Owu, umbono owoyikekayo! uMsindisi ebanjwa ezinzulwini zobusuku eGetsemane, erhuqwa ehliswa enyuswa esuswa ebhotwe asiwe endlwini yamatyala, wamiswa kabini phambi kwababingeleli, kabini phambi kweQumrhu lamadoda amakhulu elilawulayo (iSanhedrin), kabini phambi kukaPilato, kanye phambi kukaHerode, egculelwa, etyabulwa, egwetywa, wakhokelelwa ekubethelelweni emnqamlezweni, enyamezele umthwalo onzima womnqamlezo, phakathi kwezikhalo zeentombi zaseYerusalem nengxubevange eyayigculela. ULw 760.1

    Izulu lakukhangela ngentlungu nokukhwankqiswa ukujinga kukaKristu emnqamlezweni, igazi liqengqeleka liphuma kwiintlafuno zaKhe ezingxwelerhiweyo, ukubila kungcoliswe ngegazi elalimi ebunzini laKhe. Ezandleni nasezinyaweni igazi lawa, ithontsi nethontsi, phezu kwelitye elalombelwe unyawo lomnqamlezo. Amanxeba awayenziwe zizikhonkwane avuleka ngexesha ubunzima bomzimba waKhe buzitsala izandla. Ukuphefumla kwaKhe okwakunzima kwaya kukhawuleza kusiba nzulu, umphefumlo wakhe ukhefuzela phantsi komthwalo wezono zehlabathi. Izulu lonke lazaliswa kukumangala xa umthandazo kaKristu wanikelwayo phakathi kweentlungu zaKhe,--“Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.” Luka 23:34. Lonke elo xesha kwakumi abantu, abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo, bemanyene ukuba babutyumze ubomi boNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo. Umbono ombi kangako kwindalo yonke! ULw 760.2

    Iziphatha-mandla namagunya obumnyama zazibuthelene zijikeleze umnqamlezo, ziphosa izithunzi zazo zenkohlakalo yokungakholwa ezintliziyweni zabantu. Ukuzidala kwaKhe uYehova ezi zidalwa ukuba zime phambi ketrone yaKhe, zazizihle zinobuqaqawuli. Ukuthandeka kwazo nobungcwele bazo babuhambelana nokuphakama kwendawo ezazikuyo. Zazaliswa ngobulumko bukaThixo, zabhinqiswa ngolungiselelo olupheleleyo lwezulu. Zazingabalungiseleli bakaYehova. Phofu, ngubani owaye ngaba sabona kwiingelosi eziwileyo ukuqaqamba kweeserafi ezakha zalungiselela kwiinkundla zasezulwini? ULw 760.3

    Izenzeleli zikaSathana zazibandakanya nabantu abakhohlakeleyo ekukhokeleleni abantu ukuba bakholwe ukuba uKristu wayengumoni omkhulu, nokuba zimenze abe ngekujoliswe kuYe ngentiyo. Abo babemgculela uKristu ngexesha ejinga emnqamlezweni, babezaliswengumoya womvukeliomkhulu wokuqala. Wabazalisa ngobukrakra Benyongo yobubi neentetho ezicekisekayo. Wakhuthaza ukumchukusha kwabo. Phofu akazuzanga nto ngako konke oku.ULw 760.4

    Ukuba kwakunokufunyanwa nje isono esinye kuKristu, ukuba nje wayeke wayekela kuSathana indawana nokuba inye, ukuze asinde ekuthuthunjisweni, utshaba lukaThixo nomntu ngelwaloyisile. UKristu wayithoba intloko yaKhe wafa, kodwa walubamba lwaqina ukholo lwaKhe nokuzinikela kuThixo. “Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku.” IsiTy. 12:10.ULw 761.1

    USathana wakubona ukuba ukuzifihla kwakhe kutyhiliwe. Ukuphatha kwakhe kwandlaleka phambi kweengelosi ezingawanga naphambi kweyunivesi yezulu. Waziveza ukuba ungumbulali. Nokuphalaza igazi loNyana kaThixo, wazinyothula neengcambu kuvelwano lwezidalwa zasezulwini. Ukususela ngoko, umsebenzi waKhe waba nemida. Nokuba wayengacinga ntoni na ngoku, wayengasenako ukuba angalindela nto kwiingelosi, xa ziphuma kwiinkundla zasezulwini, ukuba athi phambi kwazo atyhole abazalwana bakaKristu ngelithi banxitywe iingubo zobumnyama nokungcoliswa sisono. Ikhonkco lokugqibela lovelwano phakathi kukaSathana nelizwe lasezulwini laliqhawukile. ULw 761.2

    Kanti ke uSathana akazange atshatyalaliswe ngelo xesha. Iingelosi azizange nangelo xesha zikuqonde konke okwakubandakanyeka kwimbambano enkulu. Imithetho-siseko eyayisemngciphekweni yatyhilwa ngokupheleleyo. Kanti ke ngenxa yomntu, ubukho bukaSathana kufuneka buqhubekile. Umntu kunye neengelosi kufuneka babone umahluko phakathi kweNkosi yokukhanya nenkosi yobumnyama. Kufuneka umntu azikhethele aya kuyikhonza.ULw 761.3

    Ekuqalekeni kwembambano enkulu, uSathana wayevakalisa ukuba umthetho kaThixo awunako ukuthotyelwa, nokuba ubulungisa babungahambelani nenceba, nokuthi, ukuba umthetho ungaphulwa, angeke kwenzeke ukuba umoni axolelwe. Isono ngasinye kufuneka sihlangene nesohlwayo saso, wanyanzelisa ngelitshoyo uSathana; kwaye ukuba uThixo angakuyeka ukohlwaya isono, angaba akanguye uThixo wenyaniso nobulungisa. Bathi abantu bakwaphula umthetho kaThixo, bayidelela intando yaKhe, uSathana wavuya. Kwabonakalaliswa, watsho, ukuba umthetho awunako ukuthotyelwa; umntu akangeke axolelwe. Ngenxa yokuba yena, emva kovukelo lwakhe, wagxothwa ezulwini, uSathana wathi uhlanga olungabantu kufuneka luvalelwe ngaphandle kwemfesane kaThixo. UThixo akakwazi ukuba nobulungisa, aze akwazi ukubonisa inceba kumoni.ULw 761.4

    Phofu ke nanjengomoni, umntu wayekwimeko eyahlukileyo kuleyo kaSathana. UKhwezi ezulwini wona phambi kobuqaqawuli bukaThixo. Kuye, ngokungafaniyo aso nasiphi isidalwa, wanikwa intyilelo yothando lukaThixo. Esazi isimilo sikaThixo, ekwazi ukulunga kwaKhe, uSathana wakhetha ukulandela intando yokuzithandela, ezimele geqe. Oku kukhetha kwaye kukokokugqibela. Kwakungekho nto uThixo awayenokuyenza ukumsindisa. Umntu yena wakhohliswa; ingqondo yakhe yenziwa yamnyama bubuqhophololo bukaSathana. Ukuphakama nobunzulu bothando lukaThixo wayengabazi. Ngokubona isimilo saKhe, wayenokutsalwa abuyele kuThixo.ULw 762.1

    NgoYesu, inceba kaThixo yabonakalaliswa ebantwini; kodwa inceba ayibubeki bucala ubulungisa. Umthetho uveza iimpawu zesimilo sikaThixo, kwaye kungeke kuguqulwe nokuba liganyana okanye isuntswana ukuhlangabezana nomntu kwimeko yokuwa kwakhe. UThixo akazange awuguqule umthetho waKhe, kodwa wazincama, kuKristu, ukuze kuhlangulwe umntu. “UThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi” 2 Kor. 5:19.ULw 762.2

    Umthetho ufuna ubulungisa,--ubomi obulungileyo, isimilo esifezekileyo; oku ke umntu akanako ukuba angakunika. Akanako ukumelana namabango omthetho kaThixo ongcwele. UKristu yena, eze emhlabeni engumntu, waphila ubomi obungcwele, wakhulisa isimilo esifezekileyo. Ezi zinto unikela ngazo njengesipho sasimahla kubo bonke abathi bazamkele. Ubomi baKhe bumi endaweni yobomi babantu. Ngaloo ndlela banoxolelo lwezono ezadlulayo, ngokunyamezela kukaThixo. Ngaphezu koku, uKristu ubazalisa abantu ngempawu zikaThixo. Uyasakha isimilo somntu sifane nesimilo sezulu, ingubo entle yamandla nobuhle bomoya. Ngoko ke, kwaubulungisa bomthetho buzalisekiswa kulowo ukholwayo kuKristu. UThixo uba “lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.” Roma 3:26.ULw 762.3

    Uthando lukaThixo lubonakalaliswe kubulungisa baKhe ngokungekho nganeno kwinceba yaKhe. Ubulungisa sisiseko setrone yaKhe, nesiqhamo sothando lwaKhe. Ibiyinjongo kaSathana ukwahlula inceba kwinyaniso nobulungisa. Wayezama ukubonisa ukuba ubulungisa bomthetho kaThixo bulutshaba noxolo. Sekunjalo, uKristu ubonisa ukuba, kwicebo likaThixo, ezi zinto ziqhagamshelene ngendlela engenakuze yahlulwe; enye ayikwazi ukubakho ingekho enye. “Kuya kuqubisana inceba nenyaniso, kuya kwangana ubulungisa noxolo.” Nd. 85:10.ULw 762.4

    Ngobomi baKhe nokufa kwaKhe, uKristu wabonisa ukuba ubulungisa bukaThixo abuzange buyitshabalalise inceba yaKhe, kodwa isono sinako ukuxolelwa, nokuba umthetho ulungile, kwaye unokuthotyelwa ngokufezekileyo. Izityholo zikaSathana zaphikiswa. UThixo wamnika umntu isiqinisekiso esingenako ukuphazanywa sothando lwaKhe. ULw 762.5

    Enye inkohliso yayiza kuziswa. USathana wathi inceba ibuchithe kwaphela ubulungisa, nokuba ukufa kukaKristu kwawubhangisa umthetho kaYise. Ukuba kwakunokwenzeka ukuba umthetho uguqulwe okanye ubhangiswe, kwakungayi kubakho sidingo sokuba uKristu afe. Ukuwubhangisa umthetho kwakuya kumisela ukreqo ngonaphakade, kubeke ilizwe phantsi kolawulo lukaSathana. Kwakungokuba umthetho awuguquki, kuba umntu wayengasindiswa kuphela ngokuthobela imiyalelo yawo, okwenza ukuba uYesu aphakanyiswe emnqamlezweni. Ngoku le ndlela awamisela ngayo umthetho uKristu, uSathana uyibeka njengewutshitshisayo. Liya kuphuma apha idabi lokugqibela lembambano enkulu phakathi kukaKristu noSathana.ULw 762.6

    Into yokuba umthetho owawuthethwe lilizwi likaThixo ngokwaKhe unesiphako, nokuba kubekwe nje ecaleni inkcukacha ethile, elo libango uSathana alibeka phambili ngoku. Lulahlekiso olukhulu lokugqibela aza kuluzisa phezu kwehlabathi. Akadingi kuwuhlasela wonke umthetho; ukuba nje angakhokelela abantu ukuba batyeshele umyalelo ube mnye, injongo yakhe ifeziwe. Kuba “yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke.” Yakobi 2:10. Ngokuvuma ukwaphula umthetho omnye, abantu baba ngaphantsi kwegunya likaSathana. Ngokumisa umthetho wabantu endaweni yomthetho kaThixo, uSathana uya kuzama ukulilawula ihlabathi. Lo msebenzi uxelwe ngenx’ engaphambili esiprofetweni. Ngegunya elikhulu lokreqo elimele uSathana, kuthiwa, “Athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonakalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha.” Dan. 7:25.ULw 763.1

    Abantu ngokuqinisekileyo baya kumisa eyabo imithetho ukuba isebenze ngokuchaseneyo nemithetho kaThixo. Baya kuzama ukunyanzela izazela zabanye, kuthi kwinzondelelo yabo yokunyanzela le mithetho, babacinezele abazalwana babo. ULw 763.2

    Imfazwe elwa umthetho kaThixo, eyaqala ezulwini, iya kuqhuba kude kuphele ixesha. Wonke umntu uya kuvavanywa. Ukuthobela okanye ukungathobeli ngumba ekufuneka kugqitywe ngawo lihlabathi lonke. Bonke baya kubizwa ukuba bakhethe phakathi komthetho kaThixo nemithetho yabantu. Uya kukrwelwa apha umgca owahlulayo. Ziya kuba mbini kuphela iindidi. Sonke isimilo siya kuphuhliswa ngokupheleleyo; bonke baya kubonisa ukuba bakhethe icala lokuthobela na okanye elovukelo. ULw 763.3

    Kwandule ke ukufika isiphelo. UThixo uya kuwuphindezela umthetho waKhe abakhulule abantu baKhe. USathana nabo bonke abazihlanganise naye ekuvukeleni baya kunqanyulwa. Isono naboni baya kutshabalala, ingcambu nesebe, (Mal. 4:1),--uSathana ingcambu, abalandeli bakhe amasebe. Liya kuzaliseka ilizwi elibhekisa kwinkosi yobubi, elithi, “Ngenxa enokuba wayenza intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo, . . . Ndikutshabalalise, kerubhi igqubuthelayo, usuke phakathi kwamatye anomlilo. . . . Ube sisikhwankqiso, ungabuyi ubekho naphakade.” Ngelo xesha uya kuthi “angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho;” “zide zibe ngathi zange zibekho.” Hez. 28:6-19; Nd. 37:10; Obhadiya 16, IBHAYIBHILE .ULw 763.4

    Esi asisiso isenzo samandla okuzithandela kwicala likaThixo. Abo bala inceba yaKhe bavuna oko bakuhlwayeleyo. UThixo ungumthombo wobomi; xa ubani enyula ukukhonza isono, uyazahlula kuThixo, aze ngoko anqanyulwe ebomini. “[Aka]zani nobomi bukaThixo.” UKristu uthi, “Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.” Efese 4:18; IMiz. 8:36. UThixo ubanika ithutyana lokuphila ukuze baphuhlise isimilo sabo baveze imithetho-siseko yabo. Kwakuba kugqityiwe oku, bafumana iziphumo zokukhetha kwabo. Ngobomi bovukelo, uSathana nabo bonke abazimanya naye, bazibeka ngaphandle kokuvumelana noThixo, kuthi ubukho baKhe kubo kube ngumlilo odlayo. Ubuqaqawuli baLowo uluthando buya batshabalalisa. Ekuqalekeni kwembambano enkulu iingelosi zazingayiqondi le nto. Ukuba uSathana nomkhosi wakhe babeyekelwe ukuba bavune iziphumo ezipheleleyo zesono sabo, ngebatshabalala; kodwa kwakungayi kucaca kwizidalwa zasezulwini ukuba esi yayisisiphumo esiqinisekileyo sesono. Intandabuzo ngokulunga kukaThixo yayiya kuhlala ezingqondweni njengembewu yobubi, ukuze iveze isiqhamo sesono nosizi.ULw 764.1

    Akuyi kubanjalo xa iphela imbambano enkulu. Ngoko, icebo lokuhlangulwa lakuba liphelile, isimilo sikaThixo sityhiliwe kuzo zonke izidalwa ezinengqondo. Imithetho yothando lwaKhe ibonakala ingenakuguquka. Ngelo xesha isono senziwe sabonakala indalo yaso: isimilo sikaSathana. Ngoko ukupheliswa kwesono kuya kungqinela uthando lukaThixo lumisele ukuhlonitshwa kwaKhe phambi kweyunivesi yezidalwa ezonwabela ukwenza intando yaKhe, nezinomthetho waKhe entliziyweni yazo. ULw 764.2

    Kucacile kona ukuba iingelosi zazivuya xa zazikhangele umnqamlezo woMsindisi; kuba naxa zazingaqondi konke, zazisazi ukuba intshabalalo yesono noSathana yaqinisekiswa, nokuba ukuhlangulwa komntu kwakuqinisekile, nokuba indalo yonke ikhuseleke ngonaphakade. NguKristu ngokwaKhe owaziqonda ngokupheleleyo iziphumo zombingelelo owenziwa eKhalvari. Kuko konke oku, wayekhangele phambili xa wayekhala esemnqamlezweni, esithi, “Kugqityiwe.” ULw 764.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents