Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    44—Umqondiso Wenene

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 15:29-39; 16:1-12; Marko 7:31-37; 8:1-21.]

    “Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kemida yaseDekapoli. Marko 7:31.ULw 404.1

    Kwakukummandla waseDekapoli apho ababeneedemon baseGergesa baphiliswa khona. Apha, abantu bathi bothuswe kukutshatyalaliswa kweehagu, bamnyanzela ukuba ahambe phakathi kwabo. Phofu baya babaphulaphula abathunywa ababesele ngasemva, kwaza kwabakho umnqweno wokumbona. Ukubuyela kwaKhe kulo mmandla kwakhona, inkitha yabantu yangungelana kuYe, kwaza kwaziswa kuYe umntu osisithulu, othintithayo. UYesu akazange, ngokwesiko laKhe, amphilise loo mntu ngelizwi kuphela. Emthabathele bucala esihlweleni, wafaka iminwe yaKhe ezindlebeni zakhe, wachukumisa ulwimi lwakhe; wathi, ekhangele ezulwini, uYesu, wanesingqala akucinga ngeendlebe ezazingasayi kuze zivulelwe inyaniso, iilwimi ezazisala ukumamkela uMhlanguli. Kwathi kwilizwi, elathi, “Vuleka,” kwabuyiselwa ukuthetha kwale ndoda, yathi, ingawuthobelanga umyalelo wokuba ingaxeleli mntu, yalisasaza kuyo yonke indawo ibali lokuphiliswa kwayo. ULw 404.2

    UYesu wenyuka waya entabeni, kodwa nalapho isihlwele sangumqodi ukuya kuYe, kuziswa ababo abagulayo neziqhwala, bebabeka ezinyaweni zaKhe. Wabaphilisa bonke; bathi abantu bengabahedeni benjalo, bamzukisa uThixo kaIsrayeli. Kwaba ziintsuku ezintathu beqhubeka ukumngqonga uMsindisi, ebusuku belala empengempengeni, bathi emini bangungelane ngolangazelelo lokubabeveamazwiaKheuKristu,nokubababone imisebenziyaKhe. Ekupheleni kweentsuku ezintathu, kwaphela ukutya kwabo. UYesu wayengayi kubandulula belambile, waza wayalela abafundi baKhe ukuba babaphe into etyiwayo. Baphinda abafundi baKhe baveza ukungakholwa kwabo. EBhetesayida babeyibonile indlela ekwathi, ngentsikelelo kaKristu, intwana ababeyigcinile yakwazi ukutyisa isihlwele; ukanti ngoku abezi nako phambili konke abanako, bathembe amandla waKhe ukukwandisela izihlwele ezilambileyo. Ukudlula apho, abo wayebatyisile uYesu eBhetesayida, yayingamaYuda; aba babeziNtlanga nabahedeni. Intiyo yamaYuda yayisenamandla ezintliziyweni zabafundi, baza bamphendula uYesu, bathi, “Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?” Bathi kodwa kuba bethobela ilizwi laKhe, bazisa loo nto banayo,--izonka ezisixhenxe neentlanzi ezimbini. Isihlwele satyiswa, kwasala iingobozi ezinkulu ezisixhenxe zamaqhekeza. Amadoda angamawaka amane, ngaphandle kwabafazi nabantwana, bahlaziyeka, waza uYesu wabandulula beneentliziyo ezizaliswe luvuyo nombulelo. ULw 404.3

    Emva koko [uYesu] wathabatha iphenyane ekunye nabafundi baKhe, wanqumla ichibi waya eMagadala, kwisiphelo sangasezantsi kwithafa laseGenesarete. Emdeni weTire neTsidon, umoya waKhe wavuselelwa kukubonakalaliswa kokumthemba ngendlela eyodwa ngumfazi ongumSirofenikikazi. Abantu ababengabahedeni baseDekapoli babemamkele ngovuyo. Uthe ngoku akuphinda ukufika eGalili, apho amandla aKhe ayebonakalaliswe ngokukhulu, apho imisebenzi yaKhe yenceba emininzi yayenziwe khona, neemfundiso zazinikwe khona, wamkelwa ngokungakholwa okunendelelo yokumjongela phantsi. ULw 405.1

    Abathunywa babaFarisi babehlangene nabameli babaSadusi ababe ngabantu abazizityebi nabaphakamileyo, iqela lababingeleli, abona bantu babe nentandabuzo bekwazizihandiba zesizwe. La maqela mabini ayenobutshaba obukhulu phakathi kwawo. AbaSadusi babenkonye ukuzithandisa kwigunya elilawulayo ukuze bagcine esabo isikhundla negunya. Bona abaFarisi, kwelinye icala, babekhuthaza intiyo yomntu wonke ngakumaRoma, belangazelela ixesha xa yayiya kususwa idyokhwe yaboyisi. Ngoku umFarisi nomSadusi bamanyana ekuchaseni uKristu. Izinto ezifanayo ziyafunana; ububi naphi na apho bukhoyo, buhlangana nobubi ekutshabalaliseni okulungileyo.ULw 405.2

    Ngoku abaFarisi nabaSadusi beza kuKristu, becela umqondiso ovela ezulwini. Xa, ngemihla kaYoshuwa, uIsrayeli wayephuma esiya edabini namaKanana eBhetehoron, ilanga lema ngxi ngomyalelo womphathi womkhosi kwada kwazuzwa uloyiso; nezinye izimanga ezabonakalaliswa embalini yawo, amaIsrayeli. Babefuna umqondiso oyelele apho kuYesu. Yona le miqondiso yayingeyona nto awayeyidinga amaYuda. Abukho obunye ubungqina obongeziweyo obabuya kuba luncedo kuwo. Into awayeyidinga yayingekuko ukukhanyiselwa ngokwasengqondweni, kodwa ukwenziwa ngokutsha emoyeni.ULw 406.1

    “Bahanahanisindini,” watsho uYesu,” “nikwazi nje ukubucalucalula ubuso bezulu,”--ngokufunda isibhakabhaka, babekwazi ukuyixela kwangaphambili imozulu,--“ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?” Amazwi kaKristu, ethethwe ngamandla kaMoya Oyingcwele abaxelela ngesono, ayengumqondiso uThixo awawanikayo ukwenzela ukusindiswa kwabo. Kanti ke, imiqondiso eyayiphuma ngqo ezulwini yayinikelwe ukungqinela umsebenzi awayezele wona uKristu. Ingoma yeengelosi kubelusi, inkwenkwezi eyakhokela izazi, ihobe nelizwi elavela ezulwini ekubhaptizweni kwaKhe, konke kwakungamangqina ngaYe. ULw 406.2

    “Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso?” “Asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.” Njengokuba uYona waba neentsuku ezintathu nobusuku obuthathu embilinini wentlanzi, uKristu wayeza kuba nexesha elinjalo “esembilinini womhlaba.” Kwathi njengokuba ukushumayela kukaYona kwakungumqondiso kubantu baseNineve, ngokunjalo nokushumayela kukaKristu kwakungumqondiso wesizukulwana saKhe. Umahluko ongako ekwamkelweni kwelizwi! Abantu bezixeko ezikhulu zobuhedeni, bangcangcazela bakuva isiyalo esivela kuThixo. Ookumkani nezikhakhamela zazithoba; abaphezulu nabaphantsi bebonke bakhala kuThixo wamazulu, baza bayinikwa inceba yaKhe. “Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, ” wayetshilo uKristu, “asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ke omkhulu kunoYona nanku apha.” Mat. 12:40, 41.ULw 406.3

    Wonke ummangaliso awawenzayo uKristu wawungumqondiso wobuThixo baKhe. Wayesenza wona lo msebenzi owawuxelwe ngenx’ engaphambili ngoMesiya; kodwa kubaFarisi le misebenzi yobulungisa yayisisikhubekiso esicacileyo. Iinkokeli zamaYuda zaziyijonge ngokuswela inkathalo okungenamfesane intlungu yoluntu. Kwiimeko ezininzi umona kunye nengcinezelo yazo yenza ukubandezeleka okwakhululwa nguYesu. Ngoko ke, imimangaliso kuzo yayilungcikivo.ULw 406.4

    Eyona nto yakhokelela amaYuda ekuwaleni umsebenzi woMsindisi yayikukubonakala okukhulu kobuntu baKhe obungcwele. Ukubaluleka okukhulu kwemimangaliso yaKhe kubonakala kwinto yokuba yayiyintsikelelo eluntwini. Obona bungqina bukhulu kakhulu bokuba weza evela kuThixo bobokuba ubomi baKhe batyhila isimilo sikaThixo. Wenza imisebenzi wathetha amazwi kaThixo. Ubomi obunjalo bungowona mmangaliso umkhulu kuyo yonke imimangaliso. ULw 406.5

    Xa isigidimi senyaniso sinikwa ngale mihla yethu, baninzi abathi, njengamaYuda, bakhale, besithi, Sibonise umqondiso. Yenza ummangaliso. UKristu akazange enze mmangaliso ngokufuna kwabaFarisi. Akazange wenza mmangaliso entlango ukuphendula kwizityholo zikaSathana. Akasiniki amandla ukuze siziphindisele okanye sanelise iimfuno zokungakholwa nekratshi. Ivangeli ayiwuswelanga umqondiso omvelaphi yawo isemazulwini. Asingummangaliso owokuba sikwazi ukuqhawula kwimbophelelo kaSathana? Ubutshaba ngakuSathana asinto iyindalo entliziyweni yomntu; ityalwe lubabalo lukaThixio. Xa umntu ebelawulwa ziinkani, indlela etenxileyo ikhululwe, aze aziyekele ngentliziyo epheleleyo ekutsalweni zizenzeleli zasezulwini zikaThixo, kwenzeka ummangaliso; ngokunjalo naxa umntu obephantsi kolahlekiso olungqingqwa efikelela ekuyazini inyaniso yokulungileyo. Lonke ixesha umphefumlo uguquka, ufunde ukumthanda uThixo nokugcina imithetho yaKhe, isithembiso sikaThixo siyazaliseka, “Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu.” Hez. 36:26. Utshintsho ezintliziyweni zabantu, ukwenziwa ngokutsha kwezimilo zabantu, ngummangaliso otyhila uMsindisi ohleli ephilile ngonaphakade, osebenza ukuhlangula imiphefumlo. Ubomi obuthe rhoqo bukuKristu ngummangaliso omkhulu. Ekushumayeleni ilizwi likaThixo, umqondiso onokubonakalaliswa, ngoku nangawo onke amaxesha, bubukho bukaMoya Oyingcwele, ukwenza ilizwi libe ngamandla ahlaziyayo kwabo balivayo. Obu bubungqina bukaThixo phambi kwehlabathi kumsebenzi ongcwele athunywe wona uNyana waKhe.ULw 407.1

    Abo babefuna umqondiso kuYesu, babezenze lukhuni iintliziyo zabo ngokungakholwa bada abakuqonda esimilweni saKhe ukufana noThixo. Babengawuboni umsebenzi waKhe ukuba ukukuzaliseka kweziBhalo. Kumzekeliso wesityebi noLazaro, uYesu wathi kubaFarisi, “Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.” Luka 16:31. Akukho mqondiso unikwe ezulwini okanye emhlabeni ongabanceda nakweyiphi into.ULw 407.2

    UYesu “wancwina kanzulu emoyeni waKhe,” wathi, esuka kwiqela labamchukeleyo, wabuyela emkhombeni wabafundi baKhe. Benenzolo enentlungu, baphinda baliwela ichibi. Abazange, phofu, babuyele kwindawo ababeyishiyile, kodwa bayijika indlela yabo yasinga eBhetesayida, kufuphi apho amawaka amahlanu ayetyiswe khona.Bathi bakufikakwicala elingaphesheya, uYesu wathi,“Ligqaleni nililumkele, igwele labaFarisi nabaSadusi.” AmaYuda ayeqhelene kususela kwimihla kaMoses nokulichaselisa igwele ezindlwini zawo ngexesha lePasika, kwaye ayefundiswe oko ukuze alibone njengomfuziselo wesono. Kanti ke, abafundi basilela ukumqonda uYesu. Ekusukeni kwabo kamsinya eMagadala, babelibele ukuphatha isonka, baye benesonka esinye kuphela. Kule meko, bayiqonda into uKristu abhekisa kuyo, ukuba bangathengi sonka kubaFarisi okanye kubaSadusi. Ukuswela kwabo ukholo nombono wasemoyeni kwakusoloko kubakhokelela ekuwaqondeni ngendlela engeyiyo amazwi aKhe. Ngoku, uYesu wabangxolisa ngokucinga ukuba, Lowo watyisa amawaka iintlanzi ezimbalwa nezonka zerhasi, unako ukuthi, kweso silumkiso sinendili, abe ubhekisa nje ekutyeni kwasemhlabeni. Yayikho ingozi yokuba ukucinga ngobuqhophololo kwabaFarisi nabaSadusi kwakuya kuba ligwele lokungakholwa kubafundi, lize libenze bayithabathe lula imisebenzi kaKristu. ULw 407.3

    Abafundi babekekelele ekucingeni ukuba iNkosi yabo ngeyayivumile ukuwenza umqondiso emazulwini. Babekholwa ukuba wayenako ukukwenza oku, nokuba umqondiso onjalo wawuya kuzithulisa iintshaba zaKhe. Abazange bakuqonde ukukhohlisa kwabamchukeleyo. ULw 408.1

    Sekuziinyanga emva koko, “akubon’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawakawaka abantu, ngokokude banyathelane,” uYesu wayiphinda kwaloo mfundiso inye. “Waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.” Luka 12:1.ULw 408.2

    Igwele elifakwe emgubeni lisebenza ngendlela engabonakaliyo, liyitshintshe yonke intlama ihambelane nalo. Ngoko ke, ukuba uhanahaniso luvunyelwe ukuba lubekho entliziyweni, luyasityhutyha isimilo kunye nobomi. Umzekelo ocacileyo wohanahaniso lwabaFarisi, uKristu wayesele elukhalimele ngokusingela phantsi isenzo sokuthi “ibisondeziwe,” owawutyeshelwa ngaso umthwalo wabantwna ngokuzenza ngokungathi banokunikela ngesisa etempileni. Ababhali nabaFarisi babengathi bagqitha nje kwimithetho-siseko ekhohlisayo. Babeyifihla eyona njongo yeemfundiso zabo, baye bekhulisa lonke ithuba lokuyibethelela ngobuchule ezingqondweni zabo babebaphulaphula. Le mithetho-siseko yobuxoki, xa yamkelwe, yayisebenza njengegwele entlameni, ingene isenze sibe sesinye isimilo. Yayile mfundiso ikhohlisayo eyenza ukuba kube nzima ukuba abantu bawamkele amazwi kaKristu. ULw 408.3

    Kwaezo mpembelelo zinye ziyasebenza namhlanje ngabo bazama ukuchaza umthetho kaThixo ngendlela yokuwenza ukuba ungahambelaninoko bakwenzayo.Oludidialuwuhlaseli elubala umthetho, kodwa luhambisa iimfundiso zeembono ezisingela phantsi imithetho-siseko. Bawuchaza ngendlela ethi ibhangise amandla awo.ULw 408.4

    Uhanahaniso lwabaFarisi lwalusisiqhamo sokufuna okukokwabo. Ukuzizukisa kwakungumgomo wobomi babo. Yayikuko oku kwenza ukuba bagqwethe basebenzise gwenxa iziBhalo, kwabenza abayibona injongo yomsebenzi azele wona uKristu. Obu bubi burhubuluzayo nabafundi bakaKristu babekwingozi yokuba nabo. Abo babezibalela ekuthini bangabalandeli bakaYesu, kodwa bengazanga bashiya konke ekuzeni babe ngabafundi, babephenjelelwa kakhulu yindlela yokucinga kwabaFarisi. Babekholisa ukuba zizantanta phakathi kokukholwa nokungakholwa, baye bengaziqondi iindyebo zobulumko obufihlwe kuKristu. Kanti ke, nabafundi nangona ngokwangaphandle babeshiye konke ngenxa kaYesu, entliziyweni babengayekanga ukuzifunela bona izinto. Yayingulo moya owavusa ingxwabangxwaba phakathi kwabo noKristu, ibenza ukuba lube luncinane uvelwano nomsebenzi awuzeleyo wokuzincama, bahamba kade ukuyiqonda imfihlelo yokungahlangulwa. Njengegwele, ukuba liyekwe ukuba liwugqibe umsebenzi walo, liya konakalisa libolise, unjalo umoya wokuzifunela okhoyo ukusebenza ukungcolisa nokutshabalalisa umphefumlo.ULw 409.1

    Phakathi kwabalandeli beNkosi yethu namhlanje, njengakudala, sinabe kangakanani esi sono sirhubuluzayo, nesikhohlakeleyo! Kukangakanani inkonzo yethu kuKristu, unxibelelwano lwethu omnye nomnye, luthi lonakaliswe ngumnqweno ofihlakeleyo wokuphakamisa umna! Indlela esoloko igquba ngayo ingcamango yokuzincoma nokulangazelela ukunconywa ngabantu! Kukuthanda u-mna, ukunqwenela indlela elula kakhulu kunaleyo inyulwe nguThixo eza kuthi ikhokelele ekubekeni iimfundiso nezithethe zabantu endaweni yemiyalelo yezulu. Kubafundi baKhe, kubhekiswa amazwi okulumkisa nguKristu, athi, “Ligqaleni nililumkele, igwele labaFarisi.”ULw 409.2

    Inkolo kaKristu ikukunyaniseka ngokwako. Inzondelelo yobuqaqawuli bukaThixo yinjongo etyalwe nguMoya Oyingcwele; kwaye kuphela kukusebenza ngempumelelo kukaMoya okunokuyityala le njongo. Kuphela ngamandla kaThixo anokugxotha umona nohanahaniso. Olu tshintsho lungumqondiso wokusebenza kwaKhe [uMoya]. Xa ukholo esilwamkelayo lubhangisa umona nokuzenzisa, xa lusikhokelela ekubeni sifune uzuko lukaThixo, kungabi lolwethu, sinokwazi ukuba luyindlela elungileyo. “Bawo, lizukise igama lakho” (Yohane 12:28), yayisesona sitshixo sobomi bukaKristu eso, kwaye ukuba sithi simlandele, siya kuba sisitshixo sobethu ubomi. Usiyalela ukuba “[sihambe] njengoko wahambayo yena;” kwaye “sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe.” 1 Yohane 2:6, 3.ULw 409.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents