Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    82—“Ulilelani Na?”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 28:1, 5-8; Marko 16:1-8; Luka 24:1-12; Yohane 20:1-18.]

    Abafazi ababemi ngasemnqamlezweni kaYesu balindela bejonge ukuba zidlule iiyure zeSabatha. Ngosuku lokuqala lweveki, kwasekuseni, bahamba baya engcwabeni bephethe kubo iziqholo ezinexabiso ukuze bathambise umzimba woMsindisi. Abazange bacinge ngokuvuka kwaKhe kwabafileyo. Ilanga lethemba labo lalitshonile, ubusuku bufikile ezintliziyweni zabo. Njengokuba babehamba nje, babebalisa ngemisebenzi kaKristu yenceba namazwi aKhe entuthuzelo. Phofu abazange bawakhumbule amazwi aKhe, athi, “Ndobuya ndinibone.” Yohane 16:22.ULw 788.1

    Bengazi nokuba kwakusenzeka ntoni ngelo xesha, basondela kufuphi esitiyeni, behamba besithi, “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke kumnyango wengcwaba?” Babesazi ukuba abangeke bakwazi ukulisusa ilitye, kodwa baqhubeka nohambo lwabo. Tyhini, ngequbuliso amazulu azaliswa kukukhanya okwakungaveli elangeni eliphumayo. Umhlaba wanyikima. Babona ukuba ilitye elikhulu liqengqiwe. Ingcwaba lalingenanto. ULw 788.2

    Abafazi babengezanga bonke engcwabeni bephuma kwicala elinye. UMariya waseMagadala waba ngowokuqala ukufika apho engcwabeni, wathi akubona ukuba ilitye lisusiwe, wakhawuleza waya kuxelela abafundi. Kuthe ngelo xesha, abanye abafazi bafika. Kwakukho ukukhanya okujikeleze ingcwaba, kodwa umzimba kaYesu wona wawungekho. Bathi besajikeleza apho, ngequbuliso, babona ukuba babengebodwa. Indodana eyayinxibe izambatho ezibengezelayo yayihlelingasengcwabeni. Yayiyingelosi eyaliqengqayo ilitye. Yayithabathe imbonakaloyomntu,ukuze ingabothusiaba bahlobo bakaYesu. Kanti ke, jikelele kuyo, ukukhanya kobuqaqawuli bezulu babusabengezela, baza abafazi boyika. Bajika ukuba babaleke, kodwa amazwi engelosi awabamba amanyathelo abo. “Musani ukoyika nina;” yatsho, “kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo. Yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi. Yiyani ngokukhawuleza nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo.” Baphinda bajonga engcwabeni, baphinda beva iindaba ezimangalisayo. Enye ingelosi, ikwimo yomntu ilapho, ithi, “Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo? Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili, esithi, UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”ULw 788.3

    Uvukile! uvukile! Abafazi bawaphindaphinda la mazwi. Azisafuneki iziqholo zokumthambisa. UMsindisi uyaphila, akafanga. Bayakhumbula ngoku ukuba, xa wayexela ngokufa kwaKhe, wathi uya kuvuka kwakhona. Imini enjalo emhlabeni! Ngokukhawuleza, bemka abafazi engcwabeni “benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe.”ULw 789.1

    UMariya wayengazivanga iindaba ezilungileyo. Wayeye kuPetros noYohane enesigidimi esilusizi, “Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi nalapho bayibeke khona.” Abafundi bakhawuleza baya engcwabeni, bafika kunjengokuba uMariya wayetshilo. Babona isithandelo neqhiya, kodwa abayifumana iNkosi yabo. Noko kunjalo, apha kwakukho ubungqina bokuba ivukile. Impahla zengcwaba zazingalahlwanga nje ecaleni ngokungakhathali, kodwa zazisongwe ngobunono, iyileyo iyodwa endaweni yayo. UYohane “wabona, wakholwa.” Wayengekasiqondi isibhalo esithi, uKristu umelwe kukuvuka kwabafileyo; kodwa ngoku wawakhumbula amazwi oMsindisi awayexela kwangaphambili ukufa kwaKhe.ULw 789.2

    YayinguKristu ngokwaKhe owazibeka ezo mpahla zengcwaba ngenkathalo enjalo. Ukufika kwengelosi enamandla ezantsi engcwabeni, enye yahlangana nayo, eyaye, neqela layo, ilinde umzimba weNkosi. Ngexesha ingelosi ephuma ezulwini yayiliqengqa ilitye, enye yangena engcwabeni, yazikhulula izithandelo emzimbeni kaYesu. Phofu ke, yaba sisandla soMsindisi esasonga ngasinye (isithandelo), sasibeka endaweni yaso. Emehlweni aKhe Lowo ukhokela ngokufanayo inkwenkwezi neatom, akukho nto ingabalulekanga. Ucwangco nokugqibelela ziyabonakala kuwo wonke umsebenzi waKhe.ULw 789.3

    UMariya wayelandele uYohane noPetros ukuya engcwabeni; bathi xa bebuyela eYerusalem, washiyeka yena. Wathi xa ekhangele kwingcwaba elize, ubuhlungubayizalisaintliziyoyakhe. Akukrobangaphakathi wazibona iingelosi ezimbini, enye ngasentloko, enye ngasezinyaweni kwindawo awayebekwe kuyo uYesu. “Mfazi, ulilelani na?” bambuza. “Bayisusile iNkosi yam,” waphendula, “andazi apho bayibeke khona.”ULw 789.4

    Emva koko wahamba, esuka ngakwiingelosi, ecinga ukuba angamfumana na umntu onokumxelela ukuba uthiweni na umzimba kaYesu. Elinye ilizwi lavakala lithetha naye, “Mfazi, ulilelani na? Ufuna bani na? Ngamehlo wakhe angaboni kakuhle ziinyembezi, uMariya wabona omnye ongathi ngumntu, ecinga ukuba ngumgcini womyezo, wathi, “Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha.” Ukuba kwakucingwa ukuba eli ngcwaba lesityebi lixabiseke kakhulu ukuba lingalingcwaba likaYesu, yena ngokwakhe wayeza kuyenza ibekho indawo yaKhe. Lalikho ingcwaba elenziwa lavuleka lilizwi likaYesu ngokwaKhe, ingcwaba apho wayelalise khona uLazaro. Ingaba wayengayi kuyifumana apho indawo yeNkosi yakhe? Weva ngokungathi ukuwukhathalela umzimba oxabisekileyo waLowo wabethelelwa emnqamlezweni kuya kuba yintuthuzelo enkulu kuye entlungwini yakhe.ULw 790.1

    Ngoku, ngelizwi laKhe eliqhelekileyo, uYesu wathi, “Mariya!” Ngoku waya wazi ukuba asingumntu ongaziwayo lo wayethetha naye, wajika wabona phambi kwakhe uKristu ophilileyo. Ekuvuyeni kwakhe, walibala nokuba ebe bethelelwe emnqamlezweni. Wathi xa etsibela kuYe, engathi uza kuwola iinyawo zaKhe, wathi, “Rabhoni!” Wasuka uKristu waphakamisa isandla, esithi, Ungandibambezeli; “kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.” UMariya wayihamba indlela yakhe ukuya kubafundi enesigidimi sovuyo.ULw 790.2

    UYesu wala ukwamkela imbeko yabantu baKhe ade afumane isiqinisekiso sokuba umbingelelo waKhe wawamkelwe nguYise. Wenyuka waya kwiinkundla zasezulwini, waza weva kuThixo ngokwaKhe isiqinisekiso sokuba ucamagushelo lwaKhe lwezono zabantu lube lukhulu, nokuba ngegazi laKhe bonke banokubuzuza ubomi obungunaphakade. UYise wawuhlaziya umnqophiso owenziwa noKristu wokuba uya kubamkela abantu abaguqukayo bathobele, aze abathande ngohlobo athanda ngalo uNyana waKhe. UKristu kwakufuneka ewugqibile umsebenzi waKhe, asizalisekise isibhambathiso saKhe “[sokuwenza] amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire.” Isa. 13:12. Lonke igunya emazulwini nasemhlabeni lalinikwe iNkosi yoBomi, yaza yabuyela kubalandeli baYo emhlabeni wesono, ukuze ababele kumandla nozuko lwaKhe. ULw 790.3

    Ngeli xesha uMsindisi waye phambi kukaThixo, esamkelela ibandla laKhe izipho, abafundi babecinga ngengcwaba laKhe elingenanto, balusizi balila. Imini eyayiyimini yokugcoba kulo lonke izulu, kubafundi yaba yimini yokungaqiniseki, yesiphithiphithi,nokudideka. Ukungakholwa kwabo bubungqina babafazi kunika imbonakalo yendlela olwehla ngayo ukholo lwabo. Iindaba zokuvuka kukaKristu zazahluke kakhulu kwinto ababeyilindele, kangangokuba kwaba nzima ukuba bakholwe. Yabantle yagqithisa ekubeni ibe yinyaniso, bacinga njalo. Babeve kakhulu ngeemfundiso neenkcazo ezizingcingane zabaSadusi ezazibonwa njengezobunzulu-lwazi, ezazinika imbono ezazingacacanga ezingqondweni ngovuko. Babengazi kakuhle nokuba ukuvuka kwabafileyo kunokuba kuthetha ntoni. Babengakwazi ukuwamkela lo mxholo umkhulu. ULw 790.4

    “Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni,” zatsho iingelosi ebafazini. Ezi ngelosi zazinoKristu zingabalindi baKhe kubo bonke ubomi baKhe emhlabeni. Zazikubonile ukuthethwa kwetyala laKhe nokubethelelwa emnqamlezweni. Zaziwavile amazwi aKhe kubafundi baKhe. Oku kwabonakala ngesigidimi sazo kubafundi, kwaye ayemele ukuba aboyisele ekuthini ayinyaniso. Amazwi anjalo ayenokuvela kuphela kubathunywa beNkosi evukileyo. ULw 793.1

    “Nibaxelele abafundi bakhe noPetros,” zatsho iingelosi. Kususela ekufeni kukaKristu, uPetros wayesindwe kakhulu yintlungu yosizi. Ukukhanyela kwakhe okulihlazo, nokumjonga koMsindisi ngothando nentlungu, zizinto ezahlala ziphambi kwaKhe. Kubo bonke abafundi, ngoyena waphatheka kabuhlungu kakhulu. Waya wanikwa isiqinisekiso sokuba, inguquko yakhe yamkelekile nesono sakhe sixolelwe. Ubizwe ngegama. ULw 793.2

    “Nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho.” Bonke abafundi babemshiyile uYesu, kwaye ubizo lokuhlangana naYe lwalubaquka bonke. Akabalahlanga. Xa uMariya waseMagadala wayebaxelela ukuba uyibonile iNkosi, wayephinda ubizo lomhlangano waseGalili. Kwakhona, okwesithathu isigidimi sathunyelwa kubo. Emva kokuba wayenyukile waya kuYise, uYesu wabuya wabonakala kwabanye abafazi, esithi, “Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyayo, baqubuda kuye. Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.” ULw 793.3

    Umsebenzi wokuqala kaKristu emhlabeni emva kokuvuka kwaKhe wawukukoyisela abafundi baKhe ngothando lwaKhe nemfesane yaKhe engazange inciphe ngakubo. Ukubanika isiqinisekiso sokuba wayenguMsindisi wabo ophilileyo, nokuba wawaqhawula amakhamandela engcwaba, kwaye engasayi kube abanjwe kukufa kotshaba; ukutyhila ukuba wayese nentliziyo enye yothando kwanjengoko wayenabo eyiTitshala yabo ethandekayo, wamana ephinda-phinda ukuvela kubo. Wayewatsala ngakumbi amatyathanga othando abajikelezileyo ukuba basondele kuYe ngakumbi. Hambani, watsho, nibaxelele abazalwana bam, ukuba baya kuhlangana naM eGalili. ULw 793.4

    Bathi xa beliva eli dinga, linikwa ngokuqinisekileyo, abafundi baqala ukucinga amazwi kaKristu kubo xa wayexela kwangaphambili ngokuvuka kwaKhe. Kanti ke nangoku abazange bavuye. Babengakwazi ukuyilahla intandabuzo nokudideka kwabo. Naxa abafazi bavakalisa ukuba bayibonile iNkosi, abafundi abazange bakholwe. Babacingela ukuba basephantsi kwenkohliso.ULw 794.1

    Kwabonakala ngokungathi inkathazo ikhwela phezu kwenye inkathazo. Ngosuku lwesithandathu lweveki, babeyibonile iNkosi yabo isifa; ngosuku lokuqala lweveki elandelayo bazifumana behluthwe umzimba waYo, baye betyholwa ngokuwuba ngenjongo yokukhohlisa abantu. Baphelelwa lithemba ngokuhlala belungisa iimbono zobuxoki ezazifumana umhlaba ekubachaseni. Babesoyika ubutshaba bababingeleli nengqumbo yabantu. Babelangazelela ubukho bukaYesu, owayebanceda kuyo yonke ingxaki.ULw 794.2

    Bebewaphinda rhoqo amazwi athi, “Thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uIsrayeli.” Bebodwa begula entliziyweni, bawakhumbula amazwi aKhe, “Ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?” Luka 24:21; 23:31. Bahlangana bebonke kwigumbi eliphezlu, bazivala baziqinisa iingcango, besazi ukuba oko kuhlele iTitshala yabo ethandekayo, nangaliphi ixesha, nabo kunokubahlela. ULw 794.3

    Lonke ixesha, bebemelwe kukuba bayavuya kukwazi ngoMsindisi ovukileyo. Esitiyeni, uMariya wayemi elila, ngeli xesha uYesu wayekufuphi ecaleni kwakhe. Amehlo akhe ayemfamekiswe ziinyembezi wada akamqonda uYesu. Iintliziyo zabafundi zona zazizele yintlungu kangangokuba abazange bakholwe kwisigidimi seengelosi okanye kumazwi kaKristu ngokwaKhe. ULw 794.4

    Bangaphi abasenza oko kwenziwa ngabafundi! Bangaphi abasaphinda isikhalo sikaMariya sokuphelelwa lithemba, “Bayisusile iNkosi, . . . asazi nalapho bayibeke khona!” Baninzi kangakanani ekufuneka kuthethwe kubo amazwi oMsindisi, athi, “Nililela ni” nifuna bani?” Ukufuphi ecaleni kwabo, kodwa amehlo abo avalwe ziinyembezi awamqondi. Uthetha nabo, kodwa abaqondi. ULw 794.5

    Akwaba loo ntloko iwileyo ibingaphakanyiswa, ukuze amehlo avulwe ukuba ambone, zithi iindlebe zilive ilizwi laKhe! “Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile!” Yithini kubo mabangakhangeli engcwabeni elitsha likaYosefu, lona lavalwa ngelitye elikhulu, latywinwa ngetywina laseRoma. UKristu akakho apho. Makungakhangelwa kwingcwaba elingenanto. Musani ukulila njengabo bangenathemba naluncedo. UYesu uyaphila, kwaye, kuba ephila, nathi siya kuphila. Kwiintliziyo ezinombulelo, kwimilebe echukunyiswe ngumlilo ongcwele, makuvakale ingoma yovuyo, UKristu uvukile! Uyaphila ukuba asithethelele. Malibanjwe eli themba, lona liya kuwubamba uqinile umphefumlo, njengeankore ecikidiweyo. Kholwani, naye niya kulubona uzuko lukaThixo. ULw 794.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents