Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    70—“Abazalwana Bam Abangabona Bancinane”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 25:31-46.]

    “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye.” Ngoko, uKristu eseNtabeni yeMinquma wabazobela abafundi baKhe umboniso wemini enkulu yomgwebo. Wasenza ukuba isigqibo sayo sibe sijika kwingongoma enye. Xa izizwe zibuthelene phambi kwaKhe, ziya kuba zimbini iindidi, saye isiphelo sazo sikanaphakade siya kuba sigqwitywe koko bakwenzileyo okanye abakutyesheleyo ukukwenzela Yena ngokwaKhe kubantu abahluphekileyo nababulalekayo. ULw 637.1

    Ngaloo mini, uKristu akabeki phambi kwabantu umsebenzi omkhulu abenzele wona ngokunikela ubomi baKhe ukuba bahlangulwe. Ubeka umsebenzi othembekileyo abawenzele Yena. Kwabo ababeke ngasekunene kwaKhe uya kuthi, “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi; kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini, ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.” Abo uKristu abancomayo, abazi ukuba balungiselela nini kuYe. Kumbuzo wabo wokudideka, uphendula athi, “Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bancinane, nenjenjalo nakum.” ULw 637.2

    UYesu wayebaxelele abafundi baKhe ukuba babeza kuthiywa ngabantu bonke, batshutshiswe, bathuthunjiswe. Abaninzi babeza kugxothwa emakhayeni abo, benziwe babe ngamahlwempu. Abaninzi kubobabezakubanoxinzelelo ngezifonokubandezelwa. Abaninzi babeza kufakwa entolongweni. Kubo bonke abashiya abahlobo okanye amakhaya ngenxa yaKhe, wayethembise kobu bomi okuphindwe kalikhulu. Ngoku, waqinisekisa intsikelelo ekhethekileyo kubo bonke abaya kulungiselela kubazalwana babo. Kubo bonke abaphatheka kakubi ngenxa yegama laM, wathi uYesu, kuya kufuneka nindazise. Njengoko niya kulungiselela kuM, niya kwenjenjalo ukulungiselela kubo. Obu bubungqina bokuba ningabafundi baM.ULw 637.3

    Bonke abazelwe kusapho lwasezulwini ngandlela ithile bangabazalwana beNkosi yethu. Uthando lukaKristu luqamangela kunye amalungu osapho lwaKhe, kwaye naphi na apho olo thando lubonakalaliswa khona, apho ulwalamano olungcwele luyatyhilwa. “Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo.” 1 Yohane 4:7.ULw 638.1

    Abo uKristu abancomayo ngemini yomgwebo basenokuba babe nolwazi oluncinane kakhulu ngemfundo ngoThixo, kodwa babephila imithetho-siseko yaKhe. Ngempembelelo kaMoya wezulu, babe yintsikelelo kwabo babajikelezileyo. Naphakathi kwabahedeni, bakho abo baphile nabavangeli, belungiselela kubo, bebeka obabo ubomi engozini. Phakathi kwabahedeni, bakho abo banqula uThixo bengazi, abo kuthe ukukhanya kungazanga kwaziswa zizithunywa ezingabantu, kanti abasayi kutshabalala. Nangona bengazi ngomthetho kaThixo obhaliweyo, baliva izwi laKhe lithetha kubo ngendalo, bazenza izinto ezazifunwa ngumthetho. Imisebenzi yabo ibubungqina bokuba uMoya Oyingcwele uzichukumisile iintliziyo zabo, baza babalelwa ukuba bangabantwana bakaThixo.ULw 638.2

    Indlela abaya kumangaliswa bavuye ngayo abathobekileyo phakathi kwezizwe, naphakathi kwabangabahedeni, ukuva kuphuma emilebeni yoMsindisi [intetho ethi], “Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum!” Indlela eya kuvuya ngayo intliziyo yothando Olungenamda xa abalandeli baKhe bephakamisa amehlo bemangele, benovuyo ngamazwi aKhe okubancoma! ULw 638.3

    Aluphelelanga kudidi oluthile uthando lukaKristu. Uzibandakanya naye wonke umntwana waseluntwini. Ukuze sikwazi ukuba ngamalungu osapho lwasezulwini, Yena waba lilungu losapho lwasemhlabeni. Abalandeli baKhe akufuneki bazive besusiwe kwihlabathi elitshabalalayo elibarhangqileyo. Bayinxalenye yelaphu elikhulu loluntu; kwaye izulu likhangele kubo njengabazalwana baboni nabangwele. Abawileyo, abonayo, nabanezono, bayawolwa luthando lukaKristu; saye sonke isenzo sobubele esenzelwa ukuphakamisa umphefumlo owileyo, sonke isenzo senceba, samkelwe njengesenziwe kuYe [uKristu]. ULw 638.4

    Iingelosi zezulu zathunyelwa ukuba zilungiselele kwabo baya kuba zindlalifa zosindiso. Asazi ngoku ukuba bangoobani; akukenziwa kucace ukuba ngobani abaya koyisa, baze baxhamle ilifa labangcwele ekukhanyeni; kodwa iingelosi zezulu zihamba kubude nobubanzi bomhlaba, zizama ukuthuthuzela abaselusizini, ukukhusela abasengozini, ukuzuzela uKristu iintliziyo zabantu. Akukho noyedwa ongahoywanga okanye odlulwayo. UThixo akamkhethi wabuso bamntu, kwaye uyikhathalele ngokulinganayo imiphefumlo ayidalileyo.ULw 639.1

    Xa uvula umnyango wakho kwabadingayo nababulalekayo bakaKristu, wamkela iingelosi ezingabonwayo. Umema ubuqabane nezidalwa zasezulwini. Zizisa umoya ongcwele wovuyo noxolo. Ziza neendumiso emilebeni yazo, kuthi kuvakale ingoma ephendulayo ezulwini. Sonke isenzo senceba senza kubekho umculo khona apho. UBawo esetroneni yaKhe uyababala abasebenzi abazinikele bengasekeleze nzuzo phakathi kwamagugu aKhe axabisekileyo.ULw 639.2

    Abo bangasekhohlo kuKristu, abo bangazange bamkhathalele uKristu ekwiziqu zabantu abangamahlwempu nababulalekayo, babengabuqondi ubutyala babo. USathana wayebamfamekisile; abazange bayibone into ababefanele ukuyenzela abazalwana babo. Babeqwalasele kwezabo iziqu, bengazikhathaleli iizidingo zabanye.ULw 639.3

    Kwabazizityebi, uThixo ubanike ubutyebi ukuze bakhulule bathuthuzele abantwana baKhe ababulalekayo; kodwa amaxesha amaninzi basuka bangazikhathaleli iimfuno zabanye. Baziva bona bengaphaya kwabazalwana babo abahluphekileyo. Abazifaki bona ezihlangwini zabahluphekileyo. Abaziqondi izihendo namadabi abantu abangamahlwempu, isuke iphele inceba ezintliziyweni zabo. Kwizindlu zabo zexabiso nezindlu zabo zokukhonza ezintle kakhulu, abazizityebi bazivalela kude namahlwempu; ubutyebi uThixo abanike bona ukuba basikelele abasweleyo babuchitha ngokwanelisa ikratshi nokubawa. Amahlwempu ayihluthwa yonke imihla imfundo afanele ukuyifumana yeemfesane ezinothando zikaThixo; kuba wenze umsindleko omkhulu ukuze bonwatyiswe ngawo kwizidingo zobomi. Banyanzelwa ukuba babuve ubuhlwempu obucutha ubomi, bakholise ukulingwa ukuba babawe, babe nomona, bazaliswe kukucinga ububi. Abo bangakwazanga bona ngokwabo ukulunyamezela ucinezelo lwentswelo bakholisa ukubaphatha abangamahlwempu ngendlela ebajongela phantsi, babenze bazive ukuba babonwa njengeembedlenge. ULw 639.4

    UKristu uyakubona konke, aze athi, Yayindim owayelambile enxaniwe. Yayindim owasemzini. Yayindim owayegula. Yayindim owayevalelwe entolongweni. Ngexesha nina nanisidla ezitafileni zethu ezazizele zizimuncumuncu, ndandisifa yindlala emngxumeni okanye kwisitrato esingenanto. Ngexesha nanonwabile kumakhaya enu anobunewunewu, ndandingenayo nendawo yokubeka intloko yaM. Ngexesha nanizalise iindawo zenu ngeempahla zexabiso, ndandiswele. Ngexesha nanileqa iziyolo, ndandinkolonkoloza entolongweni.ULw 639.5

    Xa naniphosa intwana engacacanga yeqhekeza lesonka kwabahluphekileyo, ninika imirhaji kwabatyiwa yiqabaka, ingaba nakha nakhumbula ukuba oko nikunika iNkosi yozuko? Yonke imihla yokuphila kwenu, ndandikufuphi kuni kwiziqu zaba babandezelekileyo, kodwa anandifuna. Anizange nibe nobudlelane naM. Andinazi.ULw 640.1

    Baninzi abacinga ukuba iya kuba lilungelo elikhulu ukuya kwiindawo awayekuzo uKristu ngexesha wayesemhlabeni, ukuhamba apho wahamba khona, ukukhangela kwichibi awayethanda ukufundisa ngakulo, neenduli neentili apho amehlo aKhe ayekholisa ukukhangela khona. Kanti ke, asidingi ukuba siye eNazarete, eKapernahum, okanye eBhetani, ukuze sihambe emanyathelweni kaYesu. Siwafumana amanyathelo aKhe ecaleni komandlalo wabagulayo, kwimingxuma yentlupheko, kwiindawo ezixineneyo ezimnyama zezixeko ezikhulu, nakuyo yonke indawo apho kukho khona iintliziyo zabantu ezidinga intuthuzelo. Ngokwenza njengoko uYesu wenzayo ngexesha wayesemhlabeni, siya kuba sihamba emanyathelweni aKhe. ULw 640.2

    Wonke umntu unayo into yokwenza. “Amahlwempu la nihleli ninawo,” (Yohane 12:8), watsho uYesu, kwaye akakho ekufuneka acinge ukuba ayikho indawo apho anokumsebenzela khona. Izigidi ngezigidi zemiphefumlo yabantu elungele ukutshabalala, iqanyangelwe ngamatyathanga okungazi nesono, ayizange ive nokuva ngothando lukaKristu ngakuyo. Ukuba besingatshintshiselana nabo ngemeko, besinganqwenela ukuba bangasenzela ntoni? Konke oku, kangangoko sinawo amandla okukwenza, siphantsi kolona luxinzelelo olunendili ukuba sibenzele kona. Umgaqo kaKristu wobomi, ekufuneka elowo nalowo kuthi ame okanye awe ngawo emgwebeni, uthi, “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.” Mat. 7:12.ULw 640.3

    UMsindisi unikele ngobomi baKhe obunexabiso ukuze amisele ibandla elinako ukukhathalela imiphefumlo esentlungwini nehendwayo. Iqela lamakholwa lisenokuba lihluphekile, alifundanga, alaziwa; kanti kuKristu, banokuwenza ekhaya umsebenzi, ebumelwaneni, ebandleni nakwiindawo ‘ezikwimimango ekude,’ oziphumo zawo ziya kufikelela kunaphakade. ULw 640.4

    Kungokuba lo msebenzi utyeshelwe okwenza ukuba uninzi lwabafundi abaselula bangaze badlulele ngaphaya kwamagama nje okuba bangamaKristu. Ukukhanya okwakubengezela ezintliziyweni zabo xa uYesu wayethetha nabo, esithi, “Izono zakho zixolelwe,” kwakufuneka bekugcine kuphilile ngokunceda abo banezidingo. Amandlaangaphumliyo athanda ukuba abe lithendelengozikwabatsha angajikelwa kumajelo anokuthi ampompoze abe yimisinga yentsikelelo. Umna ebeya kulityalwa ekusebenzeleni ngenyameko ukulungelwa kwabanye.ULw 640.5

    Abo balungiselela abanye kuya kulungiselelwa kubo nguMalusi oyiNtloko. Bona ngokwabo baya kusela kumanzi aphilileyo, baneliswe. Abasayi kulangazelela iziyolo ezithabathekisayo, okanye inguqulelo ethile ebomini babo. Umxholo omkhulu womdla uya kuba yindlela abangasindisa ngayo imiphefumlo elungele ukutshabalala. Ukunxibelelana kwasekuhlaleni kuya kuba nenzuzo. Ukuthanda uMhlanguli kuya kuzitsala zihlangane iintliziyo zimanyene. ULw 641.1

    Xa siqonda ukuba singabasebenzi kunye noThixo, izithembiso zaKhe akuyi kuthethwa ngazo ngokungakhathali. Ziya kuvutha ezintliziyweni zethu, ziwuphembe umlilo emilebeni yethu. KuMoses, xa wayebizelwa ukulungiselela kwabangaziyo, abangaqeqeshekanga, nabantu abanovukelo, uThixo wanika isithembiso, esithi, “Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.” Eks. 33:14; Aphinde athi, “Ngokuqinisekileyo, ndiya kuba nawe,” Eks. 3:12 [NKJV]. Esi sithembiso siya kubo bonke abo bathi, endaweni kaKristu, basebenzele ababandezelekileyo nababulalekayo. ULw 641.2

    Ukuthanda abantu kukubonakalaliswa kwasemhlabeni kothando lukaThixo. Yayikukuze kutyalwe olu thando, ukuze senziwe sibe ngabantwana bosapho olunye, okwenza ukuba uKumkani wozuko aze abe mnye kunye nathi. Kanti ke, xa athe amazwi aKhe okwahlukana aye azaliseka, xa athi, “nithandane njengoko ndanithandayo nina” (Yohane 15:12); xa silithanda ihlabathi njengoko naYe walithanda, ngelo xesha kuthi, uya kuba ufezeke kuthi umsebenzi awayewuzele. Siya kuba silifanele izulu; kuba siya kuba sinezulu ezintliziyweni zethu.ULw 641.3

    Kanti ke, xa uthe wayeka “[uku]hlangula abasiwa ekufeni; nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande. Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngomsebenzi wakhe, yini na?” IMiz. 24:11, 12. Ngemini enkulu yomgwebo, abo bangamsebenzelanga uKristu, abaqhubeke bephila ngokucingela iziqu zabo, bezikhathalele bona, baza kubekwa ngumgwebi wawo wonke umhlaba kunye nabo benza ububi. Bafumana isigwebo esifanayo.ULw 641.4

    Wonke umphefumlo unikwe into omawuyigcine. Kuyo yonke uMalusi oyiNtloko uza kubuza, athi, “Uphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?” Aphinde athi, “Wothini na, xa ethe wakohlwaya”? Yer. 13:20, 21 [NKJV].ULw 641.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents