Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    36—Inkcukumiso Yokholo

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 9:18-26; Marko 5:21-43; Luka 8:40-56.]

    Ukubuya kwaKhe eGergesa kunxweme lwasentshona, uYesu wafumana isihlwele sibuthene ukuba simamkele, baza abantu bambulisa ngovuyo. Wahlala ngaselwandle ithuba, efundisa ephilisa, waza wabuyela endlwini kaLevi-Mateyu ukuba ahlangane nababuthi berhafu esidlweni. Apha uYayiro, umphathi wendlu yesikhungu, wamfumana khona.ULw 342.1

    Le ndoda inkulu yakwaYuda yeza kuyesu inoxinzelelo olukhulu, yaziphosa ezinyaweni zaKhe, ikhala, “Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.”ULw 342.2

    UYesu waphuma kwangoko nomphathi lowo esiya ekhayeni laKhe. Nangona abafundi babeyibonile imisebenzi yaKhe emininzi yenceba, bamangaliswa kukuvuma kwaKhe akubongozwa ngurabhi oziphakamisileyo; kodwa ke bayikhapha iNkosi yabo, baza nabantu balandela, benolangazelelo nokulindela.ULw 342.3

    Indlu yomphathi yayingekho kude, kodwa uYesu namaqabane aKhe bahamba ngokucotha, kuba isihlwele sasizinyanzela kuYe macala onke. Umzali onexhala wayetshiseka ngenxa yokulityaziswa; kodwa uYesu, enovelwano ngabantu, wayemana esima ukuba akhulule abanye abagulayo, okanye athuthuzele intliziyo ekhathazekileyo.ULw 342.4

    Bathi besesendleleni, umthunywa watyhudisa esihlweleni, ephathele uYayiro iindaba zokuba intombi yakhe ifile, ngoko kwakungasancedi nto ukuhlupha iNkosi ngapha koko. Ilizwi lafika endlebeni kaYesu. “Musa ukoyika;” watsho, “kholwa wena kuphela, yosindiswa.”ULw 342.5

    UYayiro wasondela kakhulu kuMsindisi, baza bekunye bakhawuleza ukuya ekhayeni lomphathi. Abazili bokulila abaqeshiweyo nabadlala ifleyiti babesele belapho, bezalise umoya ngengxolo yabo. Ubukho bendimbane, nesiphithiphithi saba sibi emoyeni kaYesu. Wazama, uYesu, ukubathulisa, esithi, “Yinina ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele.” ULw 343.1

    Bacaphuka ngamazwi oMntu wasemzini. Babembonile umntwana esezandleni zokufa, baza bamhleka bamgculela, uYesu. Akuba ebacelile bonke ukuba baphume endlwini, uYesu wahamba kunye noyise nonina bentwazana, kunye nabafundi abathathu, uPetros, noYakobi, kunye noYohane, bonke bangena egumbini lokufa. ULw 343.2

    UYesu waya ngasemandlalweni, wathi, akuba ebambile isandla somntwana ngesaKhe, wathethela phantsi ngolwimi oluqhelekileyo lwekhaya layo, amazwi athi, “Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!”ULw 343.3

    Kwangoko kwabakho ukushukuma kumzimba ongekho zingqondweni. Ukubetha kwentliziyo okuphilileyo kwaqala. Imilebe yavulwa luncumo. Amehlo avuleka athi gqa ngokungathi aphuma ebuthongweni, yaza intwazana yajonga imangalisiwe liqela labantu elikufuphi kuyo. Yaphakama, abazali bayo bayiwolela ezingalweni zabo, bakhala luvuyo. ULw 343.4

    Endleleni eya endlwini yomphathi, uYesu wayehlangene, kwindimbane, nosizi lwentokazi eneshumi elinambini leminyaka igula sisifo esabenza bangumthwalo ubomi bayo. Yayichithe yonke indyebo yayo koogqirha nasemayezeni, apho kwasukwa kwathiwa ayinyangeki. Amathemba wayo, sekunjalo, avuseleleka yakuva ngokuphilisa okwakusenziwa nguKristu. Yaziva iqinisekile ukuba, xa ithe yaya kuYe ingaphiliswa. Ebuthakathakeni nasentlungwini, yeza ngaselwandle apho uYesu wayefundisa khona, yazama ukutyhudisa phakathi kwesihlwele, kodwa ayakwazi. Yaphinda yamlandela ukusuka endlwini kaLevi-Mateyu, kodwa nangoku ayakwazi ukufikelela kuYe. Yayisele iqalisa ukuphelelwa lithemba, xa, ekuphumeni kwakhe phakathi kwendimbane, wasondela kufuphi apho yayikhona. ULw 343.5

    Ithuba elihle lalifikile. Yayiphambi koGqirha omKhulu! Phofu, phakathi kwesiphithiphithi yayingakwazi ukuthetha naYe, ingakwazi nokuthi tshe nje ngeliso isiqu saKhe sidlula. Yathi ngokoyika ukulahlekana nethuba lokukhululeka, yatyhudisa ibheka phambili, isithi, “Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.” Wathi xa edlula, yabheka phambili, yaza yaphumelela ukuchukumisa nje umqukumbelo wengubo yaKhe. Kuthe kodwa ngaloo mzuzu, yazi ukuba iphilisiwe. Ngokwakuchukumisa nje okunye, yayilunikele lonke ukholo lobomi bayo, kwathi kwangoko, intlungu yayo nokungabi namandla kwasuka, kwakho udlamko lwempilo egqibeleleyo.ULw 343.6

    Ngentliziyo enombulelo, yazama ukubuya umva esihlweleni; kodwa ngequbuliso uYesu wema, nabantu bema kunye naYe. Wajika, wabhekabheka, wabuza ngelizwi elaviwa ngokucacileyo ngaphezu kwesiphithiphithi sendimbane, “Ngubani na ondichukumisileyo?” Abantu bawuphendula lo mbuzo ngenkangelo yokumangaliseka. Njengoko wayexinwe macala onke, etyhalwa ngapha nangapha ngaphandle kwesimilo, njengoko wayesenziwa njalo, kwabonakala ingathi noko ngumbuzo oxakileyo lo. ULw 344.1

    UPetros, owasoloko enento yokuthetha, wathi, “Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, uthi na [ukuthi], Ngubani na lo undichukumisileyo?” UYesu wamphendula, wathi, Ukho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.” UMsindisi wayekwazi ukwahlula phakathi kwenkcukumiso yokholo nokuchukumisa nje okungenamsebenzi kwesihlwele. Ukuthemba okunjalo kwakungeke kudlulwe nje ngaphandle kokuba kubekho intetho. Wakwazi ukuthetha kule ntokazi amazwi entuthuzelo awayeza kuba ngumthombo wovuyo,--amazwi awayeza kuba yintsikelelo kubalandeli baKhe kuse ekupheleni kwexesha.ULw 344.2

    Ejike wakhangela kule ntokazi, uYesu wazingisa ekufuneni ukwazi ukubangubani naowamchukumisayo. Yathiyakufumanisaukuba ukuba ukuzifihla akuncedi nto, yavela ingcangcazela, yaziphosa ezinyaweni zaKhe. Ineenyembezi zombulelo, yambalisela ibali lentlungu yayo, nendlela eyathi yafumana ukuphila ngayo. UYesu, ngobunene, wathi, “Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile, hamba noxolo.” Akazange anike thuba leenkolo ukubanga amandla okuphilisa ngesenzo nje sokuchukunyiswa kwengubo zaKhe. Kwakungekuko ukwayamana kwangaphandle kunye naYe, kodwa kwakungokholo olwabamba amandla waKhe angcwele, okwenza ukuba kubekho ukuphiliswa. ULw 347.1

    Isihlwele esasimangele sasizinyanzele kufuphi kuKristu kodwa singeva kungena kwamandla aphilisayo. Yona intokazi eyayinesigulo yolula isandla sayo ukuba imchukumise, ikholwa ukuba iya kuphiliswa, yawava amandla aphilisayo. Kunjalo kwizinto zasemoyeni. Ukuthetha ngenkolo ngendlela nje eqhelekileyo, ukuthandaza ngaphandle komphefumlo olambileyo nokholo oluphilileyo, akwenzi nto. Ukholo nje lokuzibiza ngoKristu, olumamkele njengoMsindisi nje wehlabathi, akusayi kuze kuzise ukuphila emphefumlweni. Ukholo olusingisa elusindisweni asikukuvuma inyaniso nje ngengqondo. Lowo ulindele ulwazi lonke phambi kokuba asebenzise ukholo, akanako ukuyizuza intsikelelo evela kuThixo. Akwanelanga ukukholelwa ngoKristu; kufuneka sikholelwe kuYe. Ukholo, ekuphela kwalo olunokusinceda, lolwamkela uYesu njengoMsindisi; lwaye lusinika okuhle kwaKhe ukuba kube kokwethu. Abaninzi balubamba ukholo njengengcamango. Ukholo oluphilileyo luthetha ukwanda kwamandla, ukuthemba ngokuthembekileyo, othi ngalo umphefumlo ube ngamandla awoyisayo. ULw 347.2

    Emva kokuyiphilisa intokazi, uYesu wanga ingayivuma intsikelelo eyifumeneyo. Izipho ezinikelwa ziindaba ezilungileyo akufuneki zamkelwe ngokubiwa okanye zixhamlwe emfihlakalweni. Ngenxa yoko, iNkosi iyasicela ukuba sikuvume ukulunga kwaYo. “Ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.” Isa. 43:12.ULw 347.3

    Ukuvuma kwethu ukunyaniseka kwaKhe kusisenzeleli seZulu sokutyhila uKristu ehlabathini. Kufuneka siluvume ubabalo lwaKhe njengoko lwaziswe ngamadoda angcwele akudala; kodwa, eyona nto iya kuba nelona galelo likhulu, bubungqina bawethu amava. Singamangqina kaThixo xa siveza ezimilweni zethu ukusebenza kwamandla angcwele. Wonke ubani unobomi obahlukileyo kobabanye, namava awahluke ngokufanelekileyo kwawabo. UThixo unqwenela ukuba ukudumisa kwethu kunganyuka kuye kuYe, kunophawu lokuba kokomntu ngamnye. Oku kuvuma kuxabisekileyo ekudumiseni uzuko lobabalo lwaKhe, xa kuxhaswa bubomi obufana nobukaKristu, kunamandla angenakuchaswa asebenza ukusindiswa kwemiphefumlo. ULw 347.4

    Xa abalishumi ababeneqhenqa beza kuYesu ukuba baphiliswe, wabayalela ukuba bahambe baye kuzibonisa kumbingeleli. Endleleni baya bahlanjululwa, kodwa waba mnye obuyayo amnike uYesu uzuko. Abanye bahamba indlela yabo, bemlibele Lowo wabaphilisayo. Bangaphi abasenza kwaloo nto inye! INkosi esebenza ingaphumli ukunceda uluntu. Uhlala ebanika kwisisa saKhe. Uvusa abagulayo emandlalweni yokudangala, uhlangula abantu engozini abangayiboniyo, uthuma iingelosi zasezulwini ukuba zibasindise kwintlekele, ukuba zibaluse “nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu,” (Nd. 91:6); kodwa iintliziyo zabo azichukumiseki. Uphe ngabo bonke ubutyebi bezulu ukubakhulula, ukanti abalukhathalele uthando lwaKhe olukhulu. Ngokungabi nambulelo kwabo, bayazivala iintliziyo zabo ngakubabalo lukaThixo. Njengethafa elinamatyholwana entlango, abazi xa kukho okuhle okuzayo, ize imiphefumlo yabo ihlale kwiindawo ezomileyo zentlango. ULw 348.1

    Kokokulungelwa kwethu ukusigcina sonke isipho sikaThixo sisitsha kwinkumbulo yethu. Ngaloo ndlela, ukholo luyaqiniswa ukuba lubange luze lwamkele ngakumbi nangakumbi. Kukho inkuthazo enkulu esinayo kweyona ntsikelelo incinane esiyifumanayo thina ngokwethu evela kuThixo kunazo zonke iingxelo esinokuzifunda ngokholo kunye namava abanye. Umphefumlo osabelayo kubabalo lukaThixo uya kuba njengesitiya esinkcenkceshelwayo. Impilo yawo iya kuntshula ngokukhawuleza; ukukhanya kwawo kuya kuphuma emfihlakalweni, buze ubuqaqawuli bukaYehova bubonakale phezu kwawo. Masikhumbule ke ngoko inceba kaYehova, nenyambalala yeemfesane zaKhe ezinothando. Njengabantu bakwaIsrayeli, masimise amatye ethu obungqina, size sibhale kuwo ibali elixabisekileyo ngoko uThixo asenzele kona. Xa siphinda ukuyiqwalasela indlela asiphethe ngayo kuhambo lwethu, masithi, ngokuphuma kwiintliziyo ezinyibilikiswe ngumbulelo, sitsho sithi, “Ndingambuyisela ngantoni na uYehova konke ukundiphatha kwakhe kakuhle? Ndophakamisa indebe yosindiso, ndinqule igama likaYehova. Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.” Nd. 116:12-14.ULw 348.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents