Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    72—“Ukundikhumbula”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 26:20-29; Marko 14:17-25; Luka 22:14-23; Yohane 13:18-30.]

    “INkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka; yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, nidle, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niya kwazisa ukuza kweNkosi ide ifike.” 1 Kor. 11:23-26.ULw 652.1

    UKristu wayemi ekuhlanganeni kweenkcubeko ezimbini neenkonzo ezimbini ezahlukeneyo zesikhumbuzo ngasinye zazo. Yena, eyiMvana kaThixo engenasiphako, wayeza kuzinikela abe ngumnikelo wesono, ukuze ngaloo ndlela aphelise uhlelo lwemifuziselo neenkonzo ezathi kumawaka amane eminyaka zalatha ekufeni kwaKhe. Ngexesha wayesitya iPasika nabafundi baKhe, wamisela endaweni yayo inkonzo eyayiza kuba sisikhumbuzo sombingelelo waKhe omkhulu. Isikhumbuzo sesizwe sakwaYuda sasiza kudlula ngonaphakade. Inkonzo awayimiselayo uKristu yayiza kugcinwa ngabalandeli baKhe kuzo zonke iindawo kumaphakade onke. ULw 652.2

    Ipasika yamiselwa ukuba ibe sisikhumbuzo sokuhlangulwa kukaIsrayeli ebukhobokeni baseYiputa. UThixo wayeyalele ukuba, iminyaka yonke, xa abantwana bebuza intsingiselo yale nkonzo, imbali kufuneka iphindaphindwe. Ngaloo ndlela ukuhlangulwa okumangalisayo kwakuyakugcinwakukutshaezingqondwenizabo zabo bonke. Inkonzo yesiDlo seNkosi yanikwa ukuba ikhumbuze ukuhlangulwa okukhulu okwenziwayo okusisiphumo sokufa kukaKristu. Uya kuda afike okwesibini esemandleni nasebuqaqawulini, le nkonzo iya kuhlala ikhunjulwa. Iyindlela ekuthi ngayo umsebenzi waKhe omkhulu ngenxa yethu ugcinwe umtsha ezngqondweni zethu.ULw 652.3

    Ngexesha lokuhlangulwa eYiputa, abantwana bakwaIsrayeli batya iPasika bemi ngenyawo, bebhinqile emanqeni abo, bephethe iintonga ezandleni zabo, belungele ukuthabatha uhambo lwabo. Indlela abayenza ngayo le nkonzo yayihambelana nemeko yabo; kuba babeza kugxothwa baphume elizweni laseYiputa, beza kuqala uhambo olubuhlungu nolunzima olucanda intlango. Ngexesha likaKristu, imeko yezinto yayiguqukile. Babengazi kukhutshwa elizweni lasemzini, kodwa babe ngabemi kwelabo ilizwe. Ngokuhambelana nokuphumla ababe kunikiwe, abantu babesitya iPasika bengqengqe ngamacala. Izihlalo zazibekwe zingqonge itafile, abamenywa bengqengqe kuzo, beyame kwingalo yangasekhohlo, sikhululekile isandla sasekunene ukuba sisetyenziswe ekutyeni. Ngale ndlela, omenyiweyo wayekwazi ukubeka intloko yakhe esifubeni sosecaleni ngasentla kwakhe. Iinyawo zazisithi kuba zisesiphelweni sesihlalo, kube lula ukuzihlamba ngulowo ube ejikeleza phaya ekupheleni kwesangqa. ULw 653.1

    UKristu usekhona etafileni apho kwandlalwe khona isidlo sePasika. Amaqebengwana esonka esingenagwele exesha lesidlo sePasika ayephambi kwaKhe. Ezi zibonakalaliso uKristu wazisebenzisa ukuze zimele owaKhe umbingelelo ongenabala. Akukho nto yonakaliswe kukuvunda, okungumfuziselo wesono nokufa, enako ukumela “iMvana engenasiphako, engenabala.” 1 Petros 1:19.ULw 653.2

    “Bakubon’ ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli lomnqophisho omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. Ndithe ke, kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo.” ULw 653.3

    UYuda Iskariyoti umngcatshi wayekho kwinkonzo yomthendeleko. Wawamkela kuYesu umfuziselo womzimba waKhe owaphulweyo negazi laKhe eliphaleleyo. Waweva amazwi athi, “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” Wathi ehleli apho kanye phambi kweMvana kaThixo, umngcatshi waziphonononga ezakhe iinjongo ezimnyama, wazonwabisa ngeenjongo zakhe ezimnyama, nezizele yimpindezelo.ULw 653.4

    Ngexesha lokuhlanjwa kweenyawo, uKristu wayenike ubungqinaobucacileyobokubauyasiqonda isimilo sikaYuda. “Anihlambulukile nonke” (Yohane 13:11), Watsho. La mazwi amenza waqonda umfundi olixoki ukuba uKristu wayifunda injongo yakhe efihlakeleyo. Ngeli xesha behleli etafileni, uKristu wathi, ekhangele kubafundi baKhe, “Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.” ULw 654.1

    Kanti ke nangoku, abafundi abazange bamkrokrele uYuda. Babona kodwa ukuba uKristu ukhangeleka ekhathazekile. Kwathi zinzi ilifu phezu kwabo bonke, imvakalelo nje yokuba kukho into eyoyikekayo ekhoyo, endalo yayo babengayiqondi. Ngexesha besitya bethe cwaka, uYesu wathi, “Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.” Athi akuthethwa la mazwi, bathiwa hlasi kukukhwankqiswa nalixhala. Abazange babe nokuyiqonda into yokuba angathini omnye wabo ukuba ngumngcatshi weTitshala yabo yezulu. Babengayingcatshela ntoni? Kubani? Yekabani intliziyo engazala iqhinga elinjalo? Ngokuqinisekileyo yayingenguye omnye kwabalishumi elinambini, ababe nelungelo elingaphezu kwabo bonke abanye lokuva iimfundiso zaKhe, nabaluvayo uthando lwaKhe olumangalisayo, nawabonisa ukubaxabisa okukhulu ngokubazisa kulwalamano olusondeleyo kuYe! ULw 654.2

    Bathi bakukwazi ukubaluleka kwamazwi aKhe, bakhumbula ukunyaniseka kwezinto awazithethayo, ukoyika nokungabi nakuthemba kwabafikela. Baqala ukuziphengulula iintliziyo zabo ukuba ayikho na ingcinga nokuba inye echase iNkosi yabo ngaphakathi kwazo. Bathi bedandathekile emphefumlweni, elowo kubo, omnye emva komnye, wabuza, “Ingaba ndim na Nkosi?” Yena uYuda Iskariyoti wathi cwaka. UYohane, enoxinzelelo olukhulu, ekugqibeleni wabuza, “Nkosi, nguwuphi na?” UYesu waphendula, wathi, “Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.” Abafundi baphandana ngokujongana ebusweni omnye komnye ngexesha bebuza, “Ingaba ndim na, Nkosi?” Inzolo kaYuda Iskariyoti yawatsalela kuye onke amehlo. Phakathi kwesiphithiphithi semibuzo nokubonakala kokukhwankqiseka, uYuda akazange awave amazwi kaYesu xa wayephendula umbuzo kaYohane. Wasuka wathi, ukuzama ukuphepha ukuphicothwa ngabafundi, waphendula njengoko nabo baphendulayo, “Ingaba ndim, yini na, Rabhi? UYesu waphendula ngembeko, “Uselutshilo nawe.” ULw 654.3

    Emangalisiwe, ekwadidekile kukuvezwa kwenjongo yakhe, uYuda waphakama ngokukhawuleza ukuba alishiye igumbi. “Uthi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo kwenze kamsinya. . . . Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma, kwaoko; kwaye ke kusebusuku.” Kwakusebusuku xa umngcatshi wamnikela umva uKristu waya kungena ebumnyameni obungaphandle.ULw 654.4

    Engekade athabathe eli nyathelo, uYuda wayengekadluli ngaphayakokuba enokuguquka. Wathi kodwa akumka phambi kobuso beNkosi kunye nabazalwana bakhe abangabafundi, waba usenzile isigqibo sokugqibela. Waba udlulile emdeni. ULw 654.5

    Kuyamangalisa ukunyamezela kukaYesu ekusebenzeni kwaKhe nalo mphefumlo. Akukho nto yayinokwenziwa ukuba yenziwe ukusindisa uYuda engazange yenziwe. Emva kokuba wayenqophise kabini ukuyingcatsha iNkosi yakhe, uYesu waphinda wamnika ithuba lokuba aguquke. Ngokufunda injongo esemfihlakalweni yentliziyo yomngcatshi, uKristu wamnika uYuda umqondiso wokugqibela nophathekayo wobuThixo baKhe. Olu yayilubizo lokugqibela kumfundi ongalunganga ukuba aguquke. Asikho isibheno esasinokwenziwa yintliziyo yobuThixo nobuntu bukaKristu esayekwa singenziwanga. Amaza enceba, ebuyiswe umva likratshi elinenkani, abuyiswa ngumsinga onamandla wothando oloyisayo. Wathi kodwa nangona emangalisiwe othukile kukufunyanwa kobutyala bakhe, uYuda Iskariyoti kwaba kukona azimiselayo. Ukusuka kwisidlo somthendeleko, wahamba waya kugqibezela umsebenzi wokungcatsha. ULw 655.1

    Ukutsho kwaKhe uyeha kuYuda, uKristu wayekwanenceba ngakubafundi baKhe. Ngoko ke, wabanika ubungqina obuphezulu bokuba nguMesiya kwaKhe. “Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli,” watsho, “ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.” Ukuba uYesu wayethe cwaka, ngokungathi akakwazi okwakuza kuhla kuYe, abafundi babenokucinga ukuba iNkosi yabo ayinako ukubona kwangaphambili kobuThixo, baze bothuswe bathengiseke kwizandla zesihlwele esinengqumbo yokubulala. Kumnyaka ongaphambili, uYesu wayebaxelele abafundi ukuba wanyula ishumi elinambini, nokuba omnye wayengumtyholi. Ngoku, amazwi aKhe kuYuda, abonisa ukuba ukungcatsha kwakhe kwakusaziwa ngokupheleleyo yiNkosi yakhe, ayeza kulomeleza ukholo lwabalandeli abanyanisileyo bakaKristu ngexesha lokuthotyelwa phantsi kwaKhe. Kwakuza kuthi naxa uYuda efikelele kwisiphelo sakhe esoyikekayo, bamkhumbula uyeha uYesu awamvakalisa phezu komngcatshi. ULw 655.2

    Kanti ngelo xesha linye, uMsindisi wayenayo nenye injongo. Akazanga wayeka ukulungiselela kulowo wayemazi ukuba ungumngcatshi. Abafundi abazange bawaqonde amazwi aKhe xa wayesithi, ngexesha kuhlanjwa iinyawo, “Anihlambulukile nonke,” kanti ke nangexesha etafileni wayesithi, “Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.” Yohane 13:11, 18. Emva koko, xa akuthethayo kwenziwa kwacaca, baba nayo into yokucinga ngomonde nenceba kaThixo ngakwabona bantu bona kakhulu. ULw 655.3

    Nangona uYesu wayemaze kwasekuqaleni uYuda, wazihlamba iinyawo zakhe. Umngcatshi wayenalo ithuba lokuzimanya noKristu ekubeni nenxaxheba kwisidlo. UMsindisi ononyamezelo wamolulela konke okunokumtsala umoni ukuba amamkele Yena njengoMsindisi, aguquke, ahlanjwe kuko konke ukungcoliswa sisono.Ngowethu lo mzekelo.Xasicingaukubaothile unesiphoso nesono, akufuneki sizahlule kuye. Akufuneki kubekho ukwahlukana kokungakhathali okumshiya omnye elixhoba lokulingwa, okanye agxothelwe kumhlaba kaSathana wedabi. Asiyiyo indlela kaKristu leyo. Kwakungokuba abafundi babesona benempazamo ukuze uYesu azihlambe iinyawo zabo baza bonke, ngaphandle koyedwa, kwelo shumi linambini, baziswa enguqukweni.ULw 655.4

    Umzekelo kaKristu uyakwalela ukuchwethela ecaleni esidlweni seNkosi. Kuyinyaniso kona ukuba, isono esisekuhleni simbekela bucala lowo unetyala. Oku, uMoya Oyingcwele ukufundisa ngokucacileyo. 1 Kor. 5:11. Ngaphezu koku, akakho omakagwebe. UThixo akakuyekelanga ebantwini ukuxela ukuba ngubani omakabekho kwesi siganeko; ngokuba ngubani onako ukuyifunda intliziyo? Ngubani ongahlula umdiza kwingqolowa? “Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo.” Kuba “osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi.” “Lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi.” 1 Kor. 11:28, 27, 29.ULw 656.1

    “Xa amakholwa ehlangene ukuba akhumbule ezi nkonzo, kubakho abathunywa abangabonwayo ngamehlo abantu. Kusenokubakho uYuda Iskariyoti phakathi kwabo, kuthi ukuba kunjalo, abathunywa abavela kumthetheli wobumnyama babekho apho, kuba bajongene nabo bakwalayo ukulawulwa nguMoya Oyingcwele. Iingelosi zezulu nazo zikho. Aba bamenywa bangabonwayo baba khona kuzo zonke iziganeko ezilolu hlobo. Bayeza ukuba bahlangane nabantu abangengabo abakhonzi benyaniso nobungcwele entliziyweni yabo, kodwa abanqwenayo ukuba nenxaxheba kule nkonzo. Akufuneki balelwe. Akho amangqina akhoyo awayekho xa uYesu wayehlamba iinyawo zabafundi nezikaYuda Iskariyoti. Ayengaphezu kwamehlo abantu lawo awubukelayo lo mbono.ULw 656.2

    UKristu ngoMoya Oyingcwele ukho ukuba abeke itywina kwinkonzo yaKhe. Ukho ukuba athimbe athambise intliziyo. Akukho kukhangela, kungekho nangcinga ityumkileyo, angayiqapheliyo. Ulindele oguqukayo, ontliziyo yaphukileyo. Zonke izinto zikulungele ukwamkelwa kwaloo mphefumlo. Lowo wahlamba iinyawo zikaYuda ulangazelela ukuhlamba zonke iintliziyo kwibala lesono. ULw 656.3

    Akakho ekufuneka azikhwebule emthendelekweni kuba kukho ongafanelekanga. Wonke umfundi ubizelwe ukuba athabathe inxaxheba ekuhleni, aze abe ngaloo ndlela uyangqina ukuba uyamamkela uKristu ukuba abe nguMsindisi wakhe. Kukwezi nkonzo, ezinyulwe nguYe, apho athi uKristu ahlangane nabantu baKhe, abavuselele ngobukho baKhe. Iintliziyo nezandla ezingafanele zisenokuba zilungiselela isidlo, ukanti uKristu ukho ukuba alungiselele kubantwana baKhe. Bonke abeza ukholo lwabo luzinze kuYe, baya kusikeleleka kakhulu. Bonke abazityeshelayo ezi nkonzo zelungelo elingcwele baya kulahlekelwa. Kubo kunokutshiwo ngokufanelekileyo ukuthi, “Anihlambulukile nonke.”ULw 656.4

    Ekuthabatheni nabafundi baKhe isonka newayini, uKristu wabhambathisa ngaYe kubo ukuba woba nguMhlanguli wabo. Wanikela kubo umnqophiso omtsha, ababeza kuthi ngawo, bonke abamamkelayo babe ngabantwana bakaThixo, iindlamafa kunye noKristu. Ngalo mnqophiso yonke intsikelelo elinokuyithulula izulu kobu bomi nakubomi obuzayo, iya kuba yeyabo. Lo mnqophiso kungenwe kuwo wawuza kulungiswa ngegazi likaKristu. Ukwenziwa komthendeleko kwakuza kubenza abafundi bahlale bekhumbula umbingelelo ongenamda owenzelwa umntu ngamnye njengoyinxalenye yalo lonke uluntu oluwileyo. ULw 659.1

    Kanti ke inkonzo yoMthendeleko [yokutyiwa kwesonka nokuselwa kwewayini] ayililo ixesha lobuhlungu. Yayingeyiyo injongo yayo le. Xa abafundi beNkosi behlangene etafileni yaYo, akufuneki bakhumbule balilele ukusilela kwabo. Akufuneki bagxile kumava abo enkolo adlulileyo, nokuba loo mava ebephakamisa okanye exinzelela phantsi. Akufuneki bakhumbule iiyantlukwano phakathi kwabo nabazalwana babo. Inkonzo yokulungiselela ibikuquke konke oku. Ukuzihlola, ukuvunywa kwesono, ukuxolelaniswa kweeyantlukwano, konke bekusele kwenziwe. Ngoku, beze ukuba bahlangane noKristu. Akufuneki bame esithunzini somnqamlezo, kodwa ekukhanyeni kwawo okusindisayo. Kufuneka bawuvulele umphefumlo wabo kwimitha eqaqambileyo yeLanga loBulungisa. Beneentliziyo ezihlanjululwe ngelona lixabisekileyo igazi likaKristu, nokubuqonda ngokupheleleyo ubukho baKhe, nangona engabonwa, kufuneka bawave amazwi aKhe, athi, “Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi.” Yohane 14:27.ULw 659.2

    INkosi yethu ithi, Phantsi kokubanjwa sisono, khumbula ukuba ndakufela. Xa ucinezelwe utshutshiswa, ubandezelwa ngenxa yaM kunye neendaba ezilungileyo, khumbula uthando lwaM, olukhulu kangangokuba, ngenxa yakho ndanikela ubomi baM. Xa uxanduva lwakho lubonakala lunzima lungathwaleki, nemithwalo yakho inzima kakhulu ukuba uyithwale, khumbula ukuba, ngenxa yakho, ndawunyamezela umnqamlezo, ndalidela ihlazo. Xa intliziyo yakho isoyika ngenxa yokuvavanywa sisilingo esinzima, khumbula ukuba uMhlawuleli wakho uyaphila ukuba akuthethelele. ULw 659.3

    INkonzo yomthendeleko yalatha ekufikeni kwesibini kukaKristu. Yalungiselwa ukuba igcine eli themba likhanya ezingqondweni zabafundi. Lonke ixesha behlangana kunye ukuba bakhumbule ukufa kwaKhe, babeya kuyikhumbula bayiphinde indlela awathi “wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo.” Kwimbandezelo yabo bafumana intuthuzelo kwithemba lokubuya kweNkosi yabo. Yayixabiseke ngendlela engathethekiyo kubo ingcamango ethi, “Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niya kwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.” 1 Kor. 11:26. ULw 659.4

    Zizinto ezi ekufuneka singaze sizilibale naphakade. Uthando lukaYesu namandla alo asinyanzelayo, kufuneka lugcinwe lulutsha ezinkumbulweni zethu. UKristu umisele le nkonzo ukuba ithethe kwizivo zothando ngothando lukaThixo olubonakalaliswe ngenxa yethu. Abungekhe bubekho ubunye phakathi kwemiphefumlo yethu noThixo ngaphandle kukaKristu. Ubunye nothando phakathi komzalwana nomzalwana kufuneka butywinwe bube bobaphakade ngothando lukaYesu. Ayikho into enganeno kokufa kukaKristu enokwenza ukuba uthando lwaKhe lwanele ngenxa yethu. Kuphela ngenxa yokufa kwaKhe esinokukwazi ukukulindela ngovuyo ukubuya kwaKhe kwesibini. Umbingelelo waKhe ungumbindi wethemba lethu. Ukholo lwethu kufuneka luzinze phezu koku. ULw 660.1

    Iinkonzo zomthendeleko ezalatha ekuthotyelweni nasekubulalekeni kweNkosi yethu, zithatyathwa kakhulu ngokwenkqubo nje engathethi nto. Kanti ke zamiselwa ngenjongo. Izivo zethu zidinga ukuvuswa ukuba ziyibambe imfihlelo yobuThixo. Lilungelo lethu sonke ukuba sithi, ngaphezulu lee kokuba sisenza, sikwazi ukubulaleka okucamagushelayo kukaKristu. “Njengokuba uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango,” ngokunjalo uNyana woMntu uye waphakanyiswa, “ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” Yohane 3:14, 15. Kumnqamlezo waseKalvari, othwele uMsindisi ofayo, kufuneka sikhangele. Okwethu esikufunayo kukanaphakade, kudinga ukuba sibonise ukholo kuKristu.ULw 660.2

    INkosi yethu ithe, “Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. . . . Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.” Yohane 6:53-55. Oku kunjalo nakwindalo yethu yasenyameni. Ukufa kukaKristu sinobutyala kubo nakobu basemhlabeni ubomi. Isonka esisityayo sithengwe ngomzimba waKhe owaphukileyo. Amanzi esiwaselayo athengwe ngegazi laKhe eliphalaziweyo. Akufuneki kubekho noyedwa, ongcwele okanye umoni, otya ukutya kwakhe kwemihla ngemihla, ongondliwayo ngumzimba negazi likaKristu. Umnqamlezo waseKalvari ugximfizwe kuso sonke isonka. Ubonakala kuwo wonke umthombo wamanzi. Konke oku, uKristu wakufundisa ngokunyula imifuziselo yomthendeleko wombingelelo waKhe omkhulu. Ukukhanya okubengezela kwinkonzo yoMthendeleko kwigumbi eliphezulu, kungcwalisa amalungiselelo obomi bethu bemihla ngemihla. Itafile yokutya kosapho iba yitafile yeNkosi, sonke isidlo siba ngumthendeleko. ULw 660.3

    Adlulisa kakhulu ke wona amazwi kaKristu ukunyanisa ngendalo yethu yasemoyeni. Uthi uKristu, “Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade.” Kungokwamkela ubomi ngokwethu obuthululwa emnqamlezweni waseKalvari, esinokuthi siphile ubomi bobungcwele. Obu bomi ke sibuzuza ngokwamkela ilizwi laKhe, ngokwenza ezo zinto aziyaleleyo. Ngaloo ndlela siba banyenaYe. “Lowouyidlayoeyaminyama,“uthi,“aliseleelam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo kwayena uya kuphila ngam.” Yohane 6:54, 56, 57. Esi sibhalo sibhekisa kuMthendeleko ngendlela ekhethekileyo. Ngexesha ukholo lucamngca ngombingelelo omkhulu weNkosi yethu, umphefumlo uginya ngaphakathi ubomi bukaKristu basemoyeni. Loo mphefumlo uya kuzuza amandla kamoya kuyo yonke iMithendeleko. Inkonzo le iba likhonkco eliphilileyo athi ngalo okholwayo aqanyangelwe kunye noKristu, abe ngaloo ndlela uqanyangelwe noBawo. Ngendlela eyodwa, wenza uqhagamshelwano phakathi kwabantu, bona baxhomekekileyo, kunye noThixo.ULw 660.4

    Xa sisamkela isonka newayini ezifuzisela umzimba owaphulweyo negazi eliphaleleyo likaKristu, kwingcamango yethu sihlangana kumbono woMthendeleko kwigumbi eliphezulu. Siba ngathi sidlula kwisitiya esingcwaliswe yintlungu yaKhe Lowo wathwala izono zehlabathi. Sinenxaxheba kwidabi ekwazuzwa ngalo ukuxolelaniswa kwethu noThixo. UKristu umiswa ebethelelwe phakathi kwethu. ULw 661.1

    Xa sikhangele kuMhlanguli obethelelweyo, sibuqonda ngokupheleleyo ngakumbi ubukhulu nentsingiselo yombingelelo owenziwa yingangalala yezulu. Icebo losindiso lizukiswa phambi kwethu, ize ingcamango ngeKalvari ivuse iimvakalelo eziphilileyo nezingcwele ezintliziyweni zethu. Ukudunyiswa kukaThixo neMvana kuya kuba sezintliziyweni zethu nasemilebeni yethu; kuba ikratshi nokunqula iziqu zethu akusokuze kuqhame emphefumlweni oyigcina intsha imibono yaseKalvari. ULw 661.2

    Lowo ulubonayo uthando olungenamlinganiselo loMsindisi, uya kuphakanyiswa kwingcinga, ahlanjululwe intliziyo, senziwe ngokutsha isimilo sakhe. Uya kuphuma ahambe abe lukhanyiso lwehlabathi, ukuba abonakalalise kangangoko into oluyiyo olu thando luyimfihlakalo. Okona sicamngca ngomnqamlezo kaKristu, okona siya kubanalo njengolwethu ngokupheleleyo ulwimi lukampostile xa wayesithi, “Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.” Gal. 6:14.ULw 661.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents