Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    65—Itempile Ihlanjululwa Kwakhona

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 21:12-16, 23-46; Marko 11:15-19, 27-33; 12:1-12; Luka 19:45-48; 20:1-19.]

    Ekuqaleni kwaKhe umsebenzi waKhe, uKristu wagxothela ngaphandle kwetempile abo babeyihlambela ngokuphuma bengena kuyo ngendlela engenantlonipho, saza isimilo saKhe esinendili nesifana nesikaThixo sabetha kwazala uloyiko ezintliziyweni zabarhwebi ababenamaqhinga. Ekupheleni komsebenzi awayewuzele weza etempileni kwakhona, wayifumana isangcoliswa njengakuqala. Isimo sezinto sasisibi kunangaphambili. Intendelezo yangaphandle yetempile yayifana nesibaya seenkomo esikhulu. Ukukhala kwezilwanyana nokukhenkceza kwemali okukhulu kwakuxutywe nemikhwazo enomsindo yokuphikisana kwabarhwebi, kwaye phakathi kwabo kuvakala namazwi amadoda awaye ekwizikhundla ezingcwele. Izikhulu zetempile zaziphakathi ekuthengeni nasekuthengiseni nasekwananiseni ngemali. Zazilawulwa ngokupheleleyo kukubawela inzuzo kangangokuba, emehlweni kaThixo, zazingawadluli nganto amasela. ULw 589.1

    Babengakuqondi kakuhle ababingeleli nabalawuli ukundiliseka komsebenzi ababebekelwe ukuba bawenze. Kuzo zonke iiPasika neziDlo zemiNquba, kwakubulawa amawaka ezilwanyana, igazi lazo likhongozelwa ngababingeleli lize ligalelwe phezu kwesibingelelo. AmaYuda ayeqhelene nomnikelo wegazi, ada aphantsa ukulahlekwa ngumbono wokuba sisono esabangela ukuba kufuneke ukuba kwenziwe konke ukuphalazwa kwegazi lwezilwanyana. Awazange aqondeukuba kwakufuziselaigazi loNyana othandekayo kaThixo elaliza kuphalazelwa ukuphila kwehlabathi, nokuba ngomnikelo wemibingelelo, abantu kwakufuneka bakhangeliswe kuMsindsi obethelweyo.ULw 589.2

    UYesu wawakhangela amaxhoba amsulwa ombingelelo, wayibona indlela amaYuda awayenza ukuba le mihlangano ibe yimiboniso yokuphalazwa kwegazi nenkohlakalo. Endaweni yokuguquka esonweni ngokuzithoba, basuka bakwandisa ukubingelela ngezilwanyana, ngokungathi uThixo unokuzukiswa ngenkonzo ekhohlakeleyo nokubawela ubutyebi. Le mifuziselo yalatha kanye kwiMvana kaThixo, bayenza ibe yindlela yokwenza ingeniso. Ngoko ke, emehlweni abantu ubungcwele benkonzo yombingelelo yatshabalala ngokukhulu. Yavuswa ingqumbo kaYesu; wayesazi ukuba igazi laKhe elikufuphi ukuba liphalalele izono zehlabathi, liya kuxatyiswa kancinane ngababingeleli namadoda amakhulu njengoko kwakunjalo kwigazi lezilwanyana elalihleli linkcenkceza njalo. ULw 590.1

    Ngokuchasene nezi zenzo, uKristu wayethethile ngabaprofeti. USamuweli wathi, “UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.” UIsaya, ebona ngombono wobuprofeti ukukreqa kwamaYuda, wathetha nawo njengabalawuli beSodom neGomora: “Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo kaThixo wethu, bantu baseGomora. Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? Utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile. Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam?” “Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi.” 1 Sam. 15:22; Isa. 1:10-12, 16, 17. ULw 590.2

    Yena lowo wazinikayo ngokwaKhe ezi ziprofeto ngoku, okokugqibela, wasiphinda isilumkiso. Ukuzalisekisa isiprofeto, abantu bavakalisa ukuba uYesu ungukumkani wakwaIsrayeli. Wayefumene ukuhlonitshwa ngabo, wasamkela isikhundla sikakumkani. Kufuneka enze ngokwale ndlela. Wayesazi ukuba amalinge aKhe okuhlaziya ububingeleli obonakeleyo ayeya kuba lilize; nangona kunjalo, umsebenzi waKhe kufuneka wenziwe; kubantu abangakholwayo kufuneka bunikiwe ubungqina bomsebenzi wezulu awuzeleyo. ULw 590.3

    Laphinda iliso eligqobhozayo latshawuza phezu kwentendelezo yetempileehlanjelwayo. Asuka onkeamehlo ajika akhangela kuYe. Umbingeleli nomphathi, umFarisi noweNtlanga, bonke bakhangela bekhwankqisiwe benoloyiko kuLowo wayemi phambi kwabo enokumangalisa koKumkani wezulu. UbuThixo bathi tshazi ebuntwini, bumnika uKristu undiliseko nozuko ngendlela engazanga yabonakala ngaphambili. Abo babemi kufuphi kakhulu kuYe, bahlela kangangoko banako ukutyhala isihlwele ukuba sibhekele. Ngaphandle kwabafundi nje abambalwa, uMsindisi wama yedwa. Kwathi nzwanga. Inzolo eyayilapho yayinganyamezeleki. UKristu wathetha ngegunya elabashukumisayo abantu ngokwesaqhwithi esikhulu: “Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.” Ilizwi laKhe lavakala okwexilongo kuyo yonke itempile. Ukunganeliseki kwembonakalo yaKhe kwaba ngathi ngumlilo odlayo. Ngegunya wanika umyalelo, “Ezi zinto zisuseni apha.” Yohane 2:16.ULw 591.1

    Kwiminyaka emithathu ngaphambi koku, abaphathi betempile babehlaziswe kukubaleka umyalelo kaYesu. Ukususela ngoko, bahlalabemangalisiwe kukoyikakwabo,kwanokuthobela okungagungqiyo uMntu omnye othobekileyo. Baziva bengenako ukuphinda banikezele ngokungenasidima. Kanti ke ngoku, boyika ngaphezu kwakuqala, bathi ngokungxama okukhulu, bawuthobela umyalelo waKhe. Akuzange kubekho ukwaziyo ukubuza ngegunya laKhe. Ababingeleli nabarhwebi babaleka phambi kobuso baKhe, beqhuba iinkomo zabo. ULw 592.1

    Endleleni esuka etempileni bahlangana nesihlwele esasisiza nabagulayo bebuzisa ngoGqirha oMkhulu. Ingxelo eyanikwa ngabo babebaleka yenza ukuba abanye babo bajike. Boyika ukuhlangana naLowo wayemandla amakhulu kangako, okukhangela nje kwaKhe kukodwa kwagxotha ababingeleli nabaphathi bemka phambi kwaKhe. Labakho iqela elikhulu elatyhudisa phakathi kwenyambalala engxamileyo, linga lingafikelela kuYe, Yena owayekuphela kwethemba labo. Kwathi ngoku bebaninzi ababalekileyo etempileni, baba baninzi abasala ngasemva. Kwaya kwangenelela kwaba abanye abafikayo. Yaphinda intendelezo yetempile yazala ngabagulayo nabafayo, waphinda uYesu walungiselela kubo. ULw 592.2

    Emva kwexesha ababingeleli nabaphathi baba nesibindi babuyela etempileni. Bathi bakuba buthothile ubuphakuphaku, bazaliswa lixhala lokucinga ukuba leliphi inyathelo elilandelayo, likaYesu. Balindela ukuba uza kuthabatha itrone kaDavide. Ngokuzola, babuyela etempileni, beva amazwi amadoda, nabafazi, kunye nabantwana bemdumisa uThixo. Bathi xa bengena, bamiswa kukujamelana nomboniso omangalisayo. Babona abagulayo bephiliswa, abazimfama bebuyiselwa ukubona, nabazizithulu besiva kwakhona, neziqhwala zixhuma luvuyo. Abantwana babengabona babevuya kakhulu. UYesu wayephilise izifo zabo; wayebafunqulele ezingalweni zaKhe, esamkela ukwanga kwabo kombulelo ozaliswe luthando, baye abanye babo belele esifubeni saKhe ngexesha wayefundisa abantu. Baphinda oohosana bemini yezolo, bephakamisa amasundu ngoloyiso phambi koMsindisi. Itempile yahlokoma iphindaphinda yimikhwazo, “Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova!” “Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso.” Nd. 118:26; Zek. 9:9. “Hosana kuye unyana kaDavide!” ULw 592.3

    Isandi sala mazwi onwabileyo angalawulwanga ayesisikhubekiso kubaphathi betempile. Baqala ukujikeleza benqanda lo mboniso. Bakubeka phambi kwabantu ukuba indlu kaThixo yayihlanjelwa ziinyawo zabantwana nemikhwazo yovuyo. Bathi bakubona ukuba amazwi abo awenzi nto ebantwini, babhenela kuKristu: “Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe, anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana ezanyayo [emabeleni], ulungiselele udumiso?” Isiprofeto sasikuxele kwangaphambili ukuba uKristu uya kuvakaliswa njengokumkani, kwaye elo lizwi limele ukuzalisekiswa. Ababingeleli nabaphathi bakwaIsrayeli bala ukuluvakalisa uzuko lwaKhe, waza uThixo wakufaka ebantwaneni ukuba babe ngamangqina aKhe. Ukuba amazwi abantwana ebengathula, kwaiintsika ezi zetempile zaziya kuyivakalisa indumiso.ULw 592.4

    AbaFarisi babedideke ngokupheleleyo, bephazamiseke ngeyona ndlela. Lowo babengakwazi ukumoyikisa wayephethe. UYesu wayethabathe indawo yaKhe yokuba ngumkhuseli wetempile. Akazanga ngaphambili walithabathela kuYe igunya lobukhosi elinjalo. Akuzanga ngaphambili amazwi nemisebenzi yaKhe ibe namandla angako. Waye yenzile imisebenzi emikhulu kuyo yonke iYerusalem, kodwa akazanga wayenza ngendlela endilisekileyo nenomtsalane ngolo hlobo. Phambi kwabantu ababebone imisebenzi yaKhe emangalisayo, ababingeleli nabaphathi abazange babe nesibindi sokububonisa ubutshaba babo. Nangona babefuthekile ngumsindo bedidekile yimpendulo yaKhe, abazange bakwazi kwenza nantoni enokudlula apho ngaloo mini. ULw 593.1

    Ngentsasa elandelayo, iSanhedrin yaphinda yaqwalasela ikhondo emayililandele ngakuYesu. Kwiminyaka emithathu eyadlulayo, bathi bafuna umqondiso wokuba nguMesiya kwaKhe. Kususela ngelo xesha, wenza imisebenzi yamandla kulo lonke ilizwe. Wayephilise abagulayo, wadlisa ngommangaliso amawaka abantu, wahamba phezu kwamaza, wathulisa ulwandle olulwayo. Waphinda phinda ukuzifunda iintliziyo zabantu njengencwadi evuliweyo; wakhupha iidemon, wavusa abafileyo. Bagqiba ukuba ngoku bangafuni mqondiso wokuba nguMesiya kwaKhe, kodwa bazame ukuba atsho into okanye isaziso abanokuthi ngaso bakwazi ukumgweba. ULw 593.2

    Bebuyela etempileni apho wayefundisa khona, baya kuYe bambuza: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini na” Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?” Babelindele ukuba uza kuthi igunya laKhe lalivela kuThixo. Babezimisele ukulikhanyela ibango elinjalo. Wasuka uYesu wabahlangabeza ngombuzo owawukhangeleka uthetha ngomnye umba, waza wayenza impendulo yaKhe yakhangeleka ixhomekeke kwimpendulo yabo kulo mbuzo waKhe. “Ubhaptizo lukaYohane,” wathi, lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na?” ULw 593.3

    Bazibona ababingeleli ukuba basengxakini ekungekho buchule nabuciko bunokubakhulula kuyo. Ukuba bathe, ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, ukungemi ezwini kwabo kwakuya kucaca.UKristu wayezakuthi,Kunganikeukuba ningakholwakuye?UYohane wayengqine ngoKristu, ngokuthi, “Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.” Yohane 1:29. Ukuba ababingeleli babekholelwa kubungqina bukaYohane, bangakukhanyela njani ukuba nguMesiya kukaKristu? Ukuba batsho eyona nto babeyikholelwa, eyokuba ulungiselelo lukaYohane lwalulolwabantu, babeza kuzihlisela isaqhwithi sengqumbo; kuba abantu babekholelwa ukuba uYohane wayengumprofeti. ULw 593.4

    Ngomdla omkhulu, isihlwele salindela isigqibo. Sasisazi ukuba ababingeleli babethe bayakwamkela ukulungisela kukaYohane, kwaye babebalindele ukuba bavume ngaphandle kwengxoxo ukuba wayethunywe nguThixo. Emva kokuba bebonisene bebodwa, ababingeleli bagqiba kwelokuba bangazifaki engxakini. Ngokuhanahanisa bazenza abangaziyo, bathi, “Asazi.” “Nam ke andinixeleli,” watsho uKristu, “ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.” ULw 594.1

    Ababhali, ababingeleli, nabaphathi bebethwa bathi cwaka. Bedidekile bedanisiwe, bema bethobe iintshiyi, bengakwazi ukuqhubeka nemibuzo yabo kuKristu. Ngobugwala nokungabi nasigqibo kwabo, baphulukana ngokukhulu nokuhlonelwa ngabantu, ababemi ngeli xesha kufuphi, bekuhleka ukubona la madoda anekratshi nazenza amalungisa esoyiswa. ULw 594.2

    Zonke ezi ntetho nezenzo zikaKristu zazibalulekile, kanti impembelelo yazo yayiza kuviwa inyukela kumgangatho ongasentla ngakumbi emva kokubethelelwa emnqamlezweni nokunyukela kwaKhe ezulwini. Abaninzi kwabo babelindele ngomdla isiphumo sembuzwano noYesu ekugqibeleni babeza kuba ngabafundi baKhe, betsalelwe kuYe kuqala ngamazwi aKhe ngaloo mini yeziganeko. Umboniso wasentendelezweni yetemmpile awuzange ucime ezingqondweni zabo. Umahluko phakathi kukaYesu nombingeleli omkhulu njengoko babethetha kunye wawumkhulu. Isikhulu setempile esinekratshi sasambethe iingubo ezintle zexabiso. Phezu kwentloko yaso kwakukho umnqwazi wodidi lomphathi. Inkangeleko yakhe yayiyeyobukhulu, iinwele zakhe neendevu eziyintshebe ende zazikhangeleka okwesilivere ngenxa yokukhula kwakhe ngeminyaka. Imbonakalo yayidala ukoyika kwabayikhangeleyo. Phambi kwale ndedeba ihloniphekileyo, kwakumi iNgangalala yezulu, ingenazihombiso nazinto zibonakalayo. Iingubo zayo zazibethwe luhambo; ubuso buluthuthu, bubonisa usizi oluzingileyo; kanti ke, kwakubhalwe undiliseko nobubele obabuchasene ngendlela emangalisayo nekratshi, nokuzithemba kwanomoya wengqumbo wombingeleli omkhulu. Abaninzi kwabo bawavayo amazwi bazibona nezenzo zikaYesu etempileni, ukususela ngelo xesha, bamnika indawo yokuhlala ezintliziyweni zabo njengomprofeti kaThixo. Kwathi kwakuza kwicala laKhe ukuthandwa ngabantu, intiyo yababingeleli ngakuYe yanda. Ubulumko awasinda ngabo kwimigibe eyayithiyele iinyawo zaKhe, eyaba bubungqina obutsha bobuThixo baKhe, bongeza amandla kwingqumbo yabo. ULw 594.3

    Kukhuphiswano lwaKhe nabafundisi, yayingeyiyo injongo kaKristu ukubathobela phantsi bachasibaKhe.Wayengenako ukonwaba kukubabona besengxingweni. Waye enesifundo esibalulekileyo ekwakufuneka esifundisile. Wazibulala iintshaba zaKhe ngokuzivumela ukuba zizithandele kumnatha ezaziwandlalele Yena. Ukungazi kwabo okwavunywayo ngokubhekiselele kwimo yobhaptizo lukaYohane kwamnika ithuba lokuthetha, waza walisebenzisa eli thuba ngokubeka phambi kwabo eyona ndawo abakuyo, esongeza esinye isilumkiso kwezininzi awayesele ezinikile. ULw 595.1

    Nithini na ke nina?” wenza umzekelo. “Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam. Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya. Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise?” ULw 595.2

    Lo mbuzo uquphileyo wabafikela bengakulindele konke abaphulaphuli baKhe. Babewulandele kakuhle umzekeliso, baza ngoku bakhawuleza baphendula, bathi, “Ngowokuqala.” Emilisela amehlo aKhe kubo ngokuthe nzo, uYesu waphendula ngelizwi elibukhali nelinendili, esithi: “Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi. Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.” ULw 595.3

    Ababingeleli nabaphathi, bengenako ukuzinceda, banika impendulo eyiyo kumbuzo kaKristu, waba ngaloo ndlela uyayifumana imbono yabo ngakunyana wokuqala. Lo nyana wayemele ababuthi berhafu, abo babedeliwe bethiyiwe ngabaFarisi. Ababuthi berhafu babeziphethe kakubi kakhulu. Ngokwenene babe ngabagqithi bomthetho kaThixo, bebonisa ngokupheleleyo ngobomi babo ukumelana noko akufunayo. Babe ngabantu abangenambulelo, abakhohlakeleyo; bathi bakuthunywa ukuba bayokusebenza esidiliyeni seNkosi, baphendula ngendlela yokwala okunendelelo. Wathi kodwa akufika uYohane, eshumayela inguquko nobhaptizo, ababuthi berhafu basamkela isigidimi sakhe, babhaptizwa. ULw 595.4

    Unyana wesibini wayemele amadoda azinkokeli zesizwe sakwaYuda. Abanye babaFarisi babeguqukile balwamkela ubhaptizo lukaYohane; kodwa iinkokeli azizanga zakuvuma ukuba uthunywe nguThixo. Izilumkiso zakhe nokusingela kwakhe phantsi [izinto ezingalunganga] akuzange kubakhokelele ekuguqukeni. “Bazitshitshisela icebo likaThixo kuba bengabhaptizwanga nguye.” Luka 7:30. Basicekisa isigidimi sakhe. Njengonyana wesibini, owathi akubizwa, wathi, “Ndiyaya, nkosi,” kodwa akaya, ababingeleli nabaphathi babesithi bayathobela, kodwa besenza ngokungathobeli. Babethetha kakhulu ngokuthi bangcwele, bebanga ukuba bayawuthobela umthetho kaThixo, kodwa benikela ukuthobela okungekuko. Ababuthi berhafu babonisa ngokholo lwabo nemisebenzi yabo ukuba babengena ebukumkanini bamazulu ngaphambi kwabo bantu babengamalungisa kwawabo amehlo ababenikwe ukukhanya okukhulu, kodwa imisebenzi yabo ingahambelani nokuvuma kwabo ukuhlonela uThixo.ULw 595.5

    Ababingeleli nabaphathi babengenayo intumekelelo yokuzinyamezela ezi nyaniso ziphengululayo; bahlala bathi tu, phofu, bethembe ukuba uYesu wayeza kuthetha into ababeya kuthi bayijikele kuYe; kodwa ke, kwakusekuninzi ekwakufuneka bekunyamezele. ULw 596.1

    “Yivani omnye umzekeliso,” Watsho uKristu: “Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Xa athe weza ngoko umnini-sidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?”ULw 596.2

    UYesu wayethetha nabo bonke abantu ababekho, kodwa ababingeleli nabaphathi baphendula. “Uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo,” batsho, “aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.” Abathethayo babengayiqondanga kuqala intsingiselo yomzekeliso, kodwa ngoku babona ukuba bavakalise isigwebo sabo. Kulo mzekeliso, umninindlu umele uThixo, isidiliya simele isizwe sakwaYuda, kuze uthando lumele umthetho ongcwele owawusisikhuselo sabo. Inqaba yayingumfuziselo wetempile. Umnikazi wesidiliya wayenze konke anako okudingekayo ukuze sibe nempumelelo. “Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam,” utsho, “endingayenzanga ke kuso?” Isa. 5:4. Kwakumelwe ngaloo ndlela ukumkhathalela okungapheliyo kukaThixo uIsrayeli. Kwathi, njengoko abasebenzi besidiliya kwakufuneka bebuyisele enkosini inxalenye efaneleyo kwiziqhamo zesidiliya, ngokunjalo abantu bakaThixo kwakufuneka bemzukisile ngobomi obusabela kumalungelo angcwele abanawo. Bona bathi, njengabasebenzi besidiliya, bazibulala izicaka ezazithunywe yinkosi kubo ukuba babanikele isiqhamo, enjenjalo amaYuda ukubabulala abaprofeti ababethunywe nguThixo ukuba ababizele enguqukweni. Umthunywa emva komthunywa babulawa. Ukuza kuthi ga ngoku, umzekeliso awuxoxisi, kwaye nakoko kwalandelayo wabonakala kakuhle. Kunyana othandwayo, eyathi ekugqibeleni inkosi engumnini-sidiliya yamthumela kwizicaka zayo ezingathobeliyo, nezaya zambamba zambulala, ababingeleli nabaphathi babona umfanekiso ocace kakhulu kaYesu nesiphelo esasiphambi kwaKhe. Babesele becebe ukumbulala Lowo uYise wamthumela kubo elubizo lokugqibela. Kwisohlwayo esanikwa abalimi abangenambulelo kwakuzotywa intshabalalo yabo babeza kumbulala uKristu. ULw 596.3

    Ebakhangele ngemfesane, uMsindisi waqhubeka, wathi, “anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, lelona laba yintloko yembombo; kwavela eNkosini oku, kungummangaliso emehlweni ethu? Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.”ULw 597.1

    Esi siprofeto sasiphindwa rhoqo ngamaYuda ezindlwini zesikhungu, esibhekisa kuMesiya ozayo. UKristu wayelilitye lembombo lexesha lamaYuda, kwanelecebo lonke losindiso. Ilitye lesiseko sabakhi bamaYuda, ababingeleli nabaphathi bakaIsrayeli, ngoku babengalamkeli. UMsindisi wayitsalela ingqondo yabo kwiziprofeto ezaziza kubonisa ingozi abakuyo. Ngazo zonke iindlela ezisemandleni aKhe, wazama ukubacacisela imeko yesenzo ababeza kusenza. ULw 597.2

    Amazwi aKhe ayenenye injongo. Ekubuzeni umbuzo, esithi, “Xa athe weza ngoko umnini sidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?” UKristu wayila ukuba abaFarisi baze baphendule njengoko benzayo. Wayila ukuba kuza kufuneka ukuba bazigwebe. Izilumkiso zaKhe, ngokusilela ukubenza baguquke, zaziya kusitywina isiphelo sabo, kwaye wayenqwenela ukuba babone ukuba bazise ngokwabo intshabalalo phezu kwabo. Wayila ukubabonisa ubulungisa bukaThixo ekuwasuseni kubo amalungelo obuzwe, okwakusele kuqalile, nokwakuza kuphela, kungekuphela ekutshatyalalisweni kwetempile nomzi wabo, kodwa ekusasazweni kwesizwe. ULw 597.3

    Abaphulaphuleyo basiqonda isilumkiso. Nangona isigwebo babesele besivakalise ngokwabo, ababingeleli nabaphathi babekulungele ukuwuzalisa umfanekiso ngokuthi, “Yindlalifa; yizani siyibulale.” “Baya befuna ukumbamba, boyika izihlwele,” kuba imvakalelo yesininzi yayimthanda uKristu.ULw 597.4

    Ekucaphuleni isiprofeto selitye elacekiswayo, uKristu wabhekisa kanye kwisiganeko sembali kaIsrayeli. Isiganeko sasihlangene nokwakhiwa kwetempile yokuqala. Nangona sasinentsingiselo eyodwa kwixesha lokufika kokuqala kukaKristu, kwaye sasimele ukuba sithethe ngamandla awodwakumaYuda,sikwanasoisifundosethunathi. Xa itempile kaSolomon yayisakhiwa, amatye amaninzi eendonga nesiseko ayelungiselwa apho ambiwa khona; emva koko ayeziswa kwindawo yesakhiwo, apho kwakungafunekanga kusetyenziswe sixhobo khona kuwo; koko abasebenzi bavele bawabeke endaweni yawo. Ekuwasebenziseni esisekweni, kwaziswa ilitye elinye elalinobukhulu nokumila okungaqhelekanga; kodwa abasebenzi abalifumanela ndawo, baza abalamkela. Labacaphukisa njengoko lalihleli apho lingasetyenziswa, lisendleleni yabo. Laba lapho ixesha elide ilitye elingafunwayo. Bathi kodwa abakhi bakufika ekwakheni imbombo, bachitha ixesha befuna ilitye elifanelekileyo ngobukhulu nokomelela, kwakunye nokumila okukuko, ukuba lifakwe kuloo ndawo, lize likwazi ukuthwala ubunzima obabuza kubekwa phezu kwalo. Ukuba bangayikhethela ngendlela engeyiyo le ndawo ibalulekileyo, ukhuseleko lwaso sonke isakhiwo lwaluya kuba sengozini. Kufuneka befumene ilitye elaliza kukwazi ukumelana neempembelelo zelanga, zeqabaka, nezemimoya evuthuzayo. Ayekhethiwe amatye aliqela amaxesha ngamaxesha, kodwa athi phantsi kobunzima obukhulu, aqhekeka aziingceba. Amanye awazange akwazi ukumelana novavanyo lwenguquko ezikhawulezileyo zemo-zulu. Kwathi kodwa ekugqibeleni, ingqalelo yatsalelwa kwilitye ekwakukade licekiswa. Lalinethuba libethwa ngumoya, lilanga nenkqwithela, lingabonakalalisi nethanda elincinane. Abakhi balihlola eli litye. Lalinyamezele lonke uvavanyo, ngaphandle kolunye kuphela. Ukuba nje belinganyamezela ukucinezelwa kakhulu, bagqiba ukuba balisebenzise ekwakheni imbombo. Kwalingwa. Ilitye lamkelwa, laziswa labekwa kwindawo elungisiweyo, lafumaneka lingena gingci. Embonweni wesiprofeto, uIsaya waboniswa ukuba eli litye lalingumfuziselo kaKristu. Uthi:ULw 597.5

    “UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo. Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaIsrayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem. Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe.” Ethwelwe ngumbono wobuprofeti ukuya kufikelela ekufikeni kokuqala, umprofeti uboniswa ukuba uKristu uza kunyamezela izilingo novavanyo olwalufuziselwe ngelitye eliyintloko yembombo yetempile kaSolomon. “Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiseke eZiyon ilitye, ilitye locikido, ilitye elinqabileyo lembombo, loseko olusekiweyo. Okholiweyo akayi kungxama.” Isa. 8:13-15; 28:16.ULw 598.1

    Kubulumko baKhe obungenamda, uThixo wanyula ilitye lesiseko, walibeka ngokwaKhe. Walibiza ngokuthi, “lisisiseko esiqinisekileyo.” Umhlaba wonke unako ukubeka phezu kwalo yonke imithwalo neentlungu zawo. UKristu “ulilitye elivavanyiweyo.” Abo bathembele kuYe,abasayikuze badaniswe.Ukuthwele konkeukuvavanywa. Ubunyamezele ubunzima betyala lika-Adam, netyala lenzala yakhe, waphuma engumoyisi wamagunya obubi. Uthwele imithwalo ephoswe phezu kwaKhe nguye wonke umoni oguqukayo. KuKristu, intliziyo enetyala ifumene ukuphiliswa. Usisiseko esiqinileyo. Bonke abazayo ukuba baxhomekeke kuYe, bafumana ukuphumla ekunqabeni okugqibeleleyo. ULw 598.2

    Kwisiprofeto sikaIsaya, uKristu kuthiwa ulilitye lesiseko eliqinisekileyo nelitye lokukhubekisa, omabini. Umpostile uPetros, ebhala phantsi kwempefumlelo kaMoya Oyingcwele, ubonisa ngokucacileyo ukuba ngubani lowo uKristu alilitye lesiseko kuye, nokuba ulilitye lokukhubeka kubani: ULw 599.1

    “Ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele. Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabile: nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, ilitye abalicekisayo abakhi, lelona laba yintlokoyembombo, ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa,kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi.” 1 Petros 2:3-8.ULw 599.2

    Kwabo bakholwayo, uKristu usisiseko esiqinileyo. Aba ngabo abawa phezu kweLitye baza bophuka. Ukuzinikela kuKristu nokholo kuYe kuko okumelwe apha. Ukuwa phezu kweLitye nokwaphuka kukuncama obethu ubulungisa size siye kuKristu ngokuzithoba komntwana, siguquke ekugqitheni kwizikreqo zethu, nokuba sikholelwe kuthando lwaKhe oluxolelayo. Ngokunjalo, kungokholo nokuthobela esithi sakhele phezu kukaKristu osisiseko sethu. ULw 599.3

    Phezu kweli litye liphilileyo, amaYuda neeNtlanga ngokufanayo banako ukwakha. Kuphela kwesiseko esi esinokwakha phezu kwaso ngokuqinileyo. Sibanzi ngokwaneleyo kubantu bonke, saye somelele ngokwaneleyo ukuthwala ubunzima nemithwalo yalo lonke ilizwe. Ngokuhlangana noKristu, ilitye eliphilileyo, bonke abakha phezu kwesi siseko bathi babe ngamatye aphilileyo. Abantu abaninzi bathi ngeyabo imizamo, bombiwe, bagudiswe, benziwe bahle; kodwa abakwazi ukuba “ngamatye aphilileyo,” kuba abahlangananga noKristu. Ngaphandle koku kuhlangana, akukho mntu unokusindiswa. Ngaphandle kobomi bukaKristu ngaphakathi kwethu, asinako ukuma kwiinkqwithela zesihendo. Inkuseleko yethu engunaphakade ixhomekeke ekwakheni kwethu phezu kwesiseko esiqinileyo. Iinkulungwane namhlanje zakha phezu kweziseko ezingavavanywanga. Ithi yakufika imvula, zivuthuze izaqhwithi, zize izikhukhula, iyawa indlu yabo, kuba ayisekwanga phezu kweliTye eliyintloko yembombo, uKristu Yesu. ULw 599.4

    “Kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi,” uKristu ulilitye lokukhubekisa. Sekunjalo “ilitye abalicekisayo abakhi, lelona laba yintloko yembombo.” Njengelitye elacekiswayo, uKristu, kumsebenzi awayewuzele emhlabeni, wanyamezela ukungakhathalelwa nokuphathwa kakubi. Waba nguLowo [kwathiwa ngaYe]: “Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo; . . . udeliwe, thina ke asambeka.” Isa. 53:3. Lona ixesha lokuba azukiswe lalikufuphi. Ngokuvuka kwabafileyo wayeza kwaziswa njengo“Nyana kaThixo, [o]namandla.” Roma 1:4. Ekubuyeni kwaKhe kwesibini, uya kubonakalaliswa eyiNkosi yezulu nomhlaba. Abo ngoku babeza kumbethelela, baya kubazi ubukhulu baKhe. Phambi kwendalo yonke, ilitye elacekiswayo laliza kuba yintloko yembombo. ULw 600.1

    “Lowo lithe lamwela liya kumcola.” Abantu ababemala uYesu, kungekudala babeza kusibona isixeko sabo nesizwe sabo zitshatyalaliswa. Ibhongo labo laliza kudilizwa, lisasazwe njengothuli emoyeni. Yaba yintoni eyatshabalalisa amaYuda? Yayililitye, ekwakuya kuthi ukuba akhe phezu kwalo, libe yinkuseleko yawo. Yayikukulunga kukaThixo okwadelwayo, ubulungisa obachaswayo, inceba eyacekiswayo. Abantu bazimisela ukuchasana noThixo, kwathi konke okwakuya kuba lusindiso lwabo kwajikwa ukuba kube yintshabalalo yabo. Konke oko uThixo wayekulungiselele ukuba kuse ebomini, bakubona kusisa ekufeni. Ekubethelelweni kukaKristu ngamaYuda, kwakuqukwe ukutshatyalaliswa kweYerusalem. Igazi elaphalala eKalvari lalinobunzima obawahlisela kwintshabalalo yeli hlabathi kunye nehlabathi elizayo. Kuya kuba njalo ngemini enkulu yokugqibela, xa umgwebo uya kuwiswa phezu kwabo balwalayo ubabalo lukaThixo. UKristu, ilitye labo lokukhubeka, uya kubonakala kubo ngelo xesha eyintaba yempindezelo. Ubuqaqawuli bembonakalo yaKhe, ebubomi kumalungisa, iya kuba ngumlilo odlayo kwabakhohlakeleyo. Ngenxa yothando olungamkelwanga, ubabalo oludeliweyo, umoni uya kutshabalala. ULw 600.2

    Ngemizekeliso emininzi, nezilumkiso ezaphindaphindwayo, uYesu wabonisa ukuba siya kuba yintoni isiphumo kumaYuda sokwala uNyana kaThixo. Ngala mazwi, wayebhekisa kuzo zonke izizukulwana ezalayo ukumamkela njengoMhlanguli wazo. Sonke isilumkiso sesazo. Itempile ehlanjelwayo, unyana ongathobeliyo, umsebenzi sidiliya okhohlakeleyo, umakhi ongenankathalo, bonke banabo abafana nabo kumoni ngamnye. Ngaphandle kokuba angaguquka, kungenjalo intshabalalo abayibonisa kwangaphambili, iza kuba yeyakhe. ULw 600.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents