Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    42—Isithethe

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 15:1-20; Marko 7:1-23.]

    Ababhali nabaFarisi, belindele ukumbona uYesu ePasikeni, bambekela umgibe. UYesu, kuba eyazi injongo yabo, akazange abekho kulo mhlangano. “Kwahlanganisana kuye abaFarisi nabathile kubabhali.” Njengoko engazange aye kubo, beza kuYe. Okwexesha elithile, kwabonakala ukuba abantu baseGalili bamamkele uYesu ukuba unguMesiya, nokuba igunya lolandelelwano lolawulo luqhawulwe kula mmandla. Umsebenzi othunywe ishumi elinambini, wawubonisa ububanzi bomsebenzi kaKristu, waza wathi, ukuzisa abafundi kwimbambano ethe ngqo nabafundisi, wavusa ikhwele elitsha kwiinkokeli zaseYerusalem. Iintlola abazithuma eKapernahum ngexesha lasekuqalekeni kolungiselelo lwaKhe, nezazama ukubethelela kuYe isimangalo sokwaphula iSabatha, zaza zadideka; kodwa abafundisi babezimisele ukuyiqhubela phambili injongo yabo. Ngoku, elinye iqela labathunywa lathunyelwa ukuba lijonge zonke iintshukumo zaKhe, lifumane isityholo ngakuYe.ULw 395.1

    Njengaphambili, umhlaba wokukhalaza yaba kukungahoyi kwaKhe, imiyalelo yesithethe eyayiwenza nzima umthetho kaThixo. Yayilungiselelwe ngokusesikweni ukuba iqaphele ukugcinwa komthetho kaThixo, kodwa yayithatyathwa ngokuba ingcwele ngaphezu komthetho ngokwawo. Yayingqubana nomthetho owanikwa eSinayi, kwaza kwanyulwa ukunika intlonipho imithetho yabafundisi.ULw 395.2

    Phakathi kwezinto ezigcinwayo ezazinyanzelwa ngamandla, kwakukho inkonzo yentlambululo. Ukungakhathalelwakweentlobo zeenkonzo ekwakufuneka zenziwengaphambi kokuba kutyiwe,kwakubonwa njengesono esibi kakhulu, nekufuneka sohlwaywe kweli lizwe nakwelizayo; kwaye kwakubonwa njengokuhle ukumbulala ogqitha umthetho. ULw 396.1

    Imiqathango engokuhlanjululwa yayiyinyambalala. Ubomi obuphilwa ngumntu babunganelanga ukuba ayifunde yonke. Ubomi babo babezama ukukugcina okufunwa ngabafundisi babungumzamo omde ongapheliyo wenkonzo ejonge ukulwa ukungcoliseka, inkonzo engenasiphelo yokuhlanjwa nokuhlanjululwa. Lo gama abantu babexakeke kukuphakamisa izinto ezingabalulekanga, nokugcinwa kwezinto uThixo angathanga uyakufuna, ingqondo yabo yemka kwimithetho-siseko emikhulu yomthetho waKhe.ULw 396.2

    UKristu nabafundi baKhe abazange bazigcine iinkonzo zokuhlamba, zaza iintlola zakwenza oku kungahoyi umhlaba wesityholo sazo. Azizange zimhlasele ngokuphandle uKristu, kodwa zeza kuYe zigxeka abafundi baKhe. Phambi kwesihlwele, zathi, “Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.” ULw 396.3

    Ngalo lonke ixesha isigidimi senyaniso sichanana nomphefumlo ngamandla akhethekileyo, uSathana uxhokonxa abathunywa bakhe ukuba baqale impikiswano ngemibuzwana. Ngalo ndlela uzama ukuyisusa ingqondo kweyona nto iyiyo. Ngalo lonke ixesha kuqalwa umsebenzi omhle, kusoloko kukho abachasi abalungele ukungena kwimpikiswano ngendlela ngobume nobucukubhede, ukuze kutsalwe iingqondo zimke kwizinto eziphilileyo. Xa kubonakala ukuba uThixo uza kuza nendlela ekhethekileyo kubantu baKhe, mabangarhuqelwa kwimpikiswano eza konakalisa imiphefumlo. Imibuzo ethi ihluphe abaninzi kuthi iba yile, Ingaba ndikholelwa ngokholo olusindisayo kuNyana kaThixo? Ingaba ubomi bam buyahambelana na nomthetho ongcwele wezulu? “Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi.” “Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe.” Yohane 3:36; 1 Yohane 2:3. ULw 396.4

    UYesu akazange azame ukuzikhusela Yena okanye abafundi baKhe. Akazange abhekise kwizimangalo ezichase Yena, kodwa waqhubeka ewuva umoya owawubaqhuba aba babayame kwiinkozo zabantu. Wabanika umzekelo wento ababethe rhoqo beyenza , nabayenza kanye ngaphambi kokuba bazokuphanda ngaYe. “Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo,” watsho, “ukuze nisigcine isithethe senu. Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa; ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile, ningabi samvumela ukuba amenzelento, nokuba nguyise nokuba ngunina.” Bawubekela bucala umthetho wesihlanu njengongenamsebenzi, kodwa babengqongqo ekulandeleni izithethe zamadoda amakhulu. Babafundisa abantu ukuba, ukunikela izinto zabo etempileni yayiluxanduva olungcwele ukudlula nokuxhasa abazali babo; nokuba, nokuba yayinkulu kangakanani intswelo, yayikukuhlambela ukwabelana notata nomama nandawoni eyayisele inikelwe ngolo hlobo. Umntwana ongathobekanga, wayenokusuka nje athi, “Ingumsondezo” into yakhe, abe ngoko uyinikele kuThixo, aze abe nako ukuyigcinela ukuba azisebenzisele ngexesha lokuphila kwakhe, kuze kuthi emva kokufa kwakhe inikelwe ukuba isebenze etempileni. Ngoko ke, wayesenkululekweni, ebomini nasekufeni, ukuba angabahloniphi, nokuba abaqhathe abazali bakhe, phantsi kwesikhuselo sokuzenza ngokungathi uzinikele kuThixo. ULw 396.5

    Akazange, ngelizwi okanye isenzo, uYesu alunciphise uxanduva lomntu lokunikela izipho neminikelo kuThixo. NguKristu owayenike yonke imiyalelo yomthetho ngokubhekiselele kwizishumi neminikelo. Ngexesha wayesemhlabeni, wancoma umfazi olihlwempu owanikela konke okwakhe kuvimba wasetempileni. Yona imbonakalo ebonakala ngathi ikho ngakuThixo kubabingeleli nabafundisi yayikukuzenzisa ukuze kugqume umnqweno wokuzanelisa. Abantu bakhohliseka ngabo. Babethwele imithwalo enzima angazange wabanika yona uThixo. Kanti ke, nabafundi bakaKristu babengakhululekanga ngokupheleleyo kwidyokhwe eyayibotshelelwe kubo yintiyo abayizuza ililifa kunye negunya labafundisi. Ngoku ngokuveza owona moya onguwo wabafundisi, uYesu wazama ukubakhulula ebukhobokeni besithethe bonke ababelangazelela ngokwenene ukukhonza uThixo. ULw 397.1

    “Bahanahanisindini, wathi, “watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi, Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; kanti intliziyo yabo ikude lee kum; bafumana ke bendihlonela, befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.” Amazwi kaKristu aye ekukumangalela lonke uhlelo lobuFarisi. Wathi ngokubeka iimfuno zabo ngaphezu kwemiyalelo yezulu, abafundisi babezibeka bona ngokwabo ngaphezu kukaThixo.ULw 397.2

    Abathunywa ababevela eYerusalem bazaliswa yingqumbo. Babengakwazi ukumbeka ityala uKristu njengowaphula umthetho owawunikwe eSinayi, kuba wayethetha njengomkhuseli wawo ngakwizithethe zabo. Imiyalelo emikhulu yomthetho, awayeyityhila, yabonakala yahluke kakhulu kwimigaqo engenamsebenzi eyayilwa ngabantu. ULw 397.3

    Kwisihlwele, nasemva koko, ngokupheleleyo kubafundi baKhe, uYesu wakuchaza ukungcoliswa okubakho, kungaveli ngaphandle, kodwa obuphuma ngaphakathi. Ubunyulu bokungcola kuhambelana nomphefumlo. Sisenzo esibi, ilizwi elibi, ingcamango embi, ukugqitha umthetho kaThixo, ingekuko ukutyeshela kwangaphandle, kwenkonzo ezenziwe ngabantu, okumngcolisayo umntu. ULw 397.4

    Abafundi bayiphawula ingqumbo yeentlola xa imfundiso yazo yobuxoki yayivezwa. Bakubona ukujonga kwabo ngomsindo, baweva amazwi abo okumbombozela ngokunganeliseki nangempindezelo. Belibele ukuba kwakukangakanani uKristu esoloko ebanika ubungqina bokuba uyayifunda intliziyo njengencwadi evuliweyo, bamxelela ngegalelo lamazwi waKhe. Bethembe ukuba bangawathomalalisa amagosa anengqumbo, bathi kuYesu, “Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?” ULw 398.1

    Waphendula, wathi, “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.” Amasiko nezithethe ezazixatyiswe kakhulu ngabafundisi yayizizinto zalo mhlaba, zingaphumi ezulwini. Nokuba selilikhulu kangakanani igunya lazo ebantwini, azisayi kuze zimelane nokuvavanya kukaThixo. Yonke into eyilwe ngumntu ethe yamiswa endaweni yemithetho yentando kaThixo ayiyi kuba naxabiso ngaloo mini xa “uThixo [e]ya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.” Intsh. 12:14.ULw 398.2

    Ukubeka imithetho yabantu endaweni yemithetho kaThixo akuphelanga. Naphakathi kwamaKristu zikho izimiso nokwenza okungenasiseko singcono kunezithethe zobawo. Izimiso ezinjalo, ezizinze kuphela kwigunya lomntu, zinyothule ezo zinyulwe lizulu. Abantu babambelela kwizithethe zabo, bahloniphe amasiko abo, bonwabele intiyo ngakwabo bazama ukubabonisa imposiso yabo. Kule mihla, xa kuthiwa masitsalele ingqondo kwimithetho kaThixo nokukholwa kuYesu, sibona ubutshaba obunye nobo babonakalaliswa ngemihla kaKristu. Ngabantu abangamasalela bakaThixo, kubhaliwe, kwathiwa, “Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, nobungqina bukaYesu Kristu.” IsiTy. 12:17.ULw 398.3

    Kanti ke, “zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.” Endaweni yegunya labo babizwa ngokuthi ngoobawo bebandla, uThixo uthi, masamkele izwi likaBawo ongunaphakade, iNkosi yezulu nomhlaba. Kulapha kuphela apho inyaniso ingaxutywanga nobuxoki. UDavide wathi, “Ndinokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke, ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca. Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.” Nd. 119:99, 100. Bonke abo bamkela igunya lomntu, amasiko ebandla, okanye izithethi zooyise, baphulaphule isilumkiso esinikwa emazwini kaKristu, esithi, “Bafumana ke bendihlonela, befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.” ULw 398.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents