Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    84—“Uxolo Malube nani”

    [Esi sahluko sisekwe kuLuka 24:33-48; Yohane 20:19-29.]

    Ukufika kwabo eYerusalem, abafundi ababini bangena ngesango elisempuma, elivulwayo ebusuku ngemihla yeziganeko zamatheko. Izindlu zimnyama, kuthe cwaka, kodwa abahambi bangena ngezitrato ezicuthekileyo ezincinane ngokukhanya kwenyanga ephumayo. Benyuka baya kwigumbi eliphezulu apho uYesu wachitha khona ixesha elithile ngobusuku baphambi kokufa kwaKhe. Babesazi ukuba baya kubafumana apha abazalwana babo. Nangona lalise limkile ixesha, bayazi ukuba abafundi abayi kulala bade beve ngokuqinisekileyo ukuba kwenzeka ntoni ngomzimba weNkosi yabo. Balufumana ucango lwegumbi luvalwe lwatshixwa. Bayankqonkqoza ukuba bavulelwe, kodwa akukho mpendulo. Kuthe cwaka. Bazixela amagama abo. Ngononophelo, ucango luyavulwa, baya ngena, noMnye, engabonwa, ungena kunye nabo. Ucango luphinda luvalwe nkqi, ukuze bangangeni oongcothoza. ULw 802.1

    Abahambi babafumana bonke [abaphakathi] benemincili. Abo basendlwini badanduluka ngombulelo nendumiso, besithi, “INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.” Ngoko bathi abahambi ababini, bekhefuzela ngenxa yokukhawuleza ekuhambeni kwabo, babalisa ibali elimangalisayo ngendlela uYesu aye wavela ngayo kubo. Basanda ukugqiba njalo ukubalisa, abanye bathi abakwazi ukubakholelwa, kuba ivakala ilunge kakhulu ukuba ingaba yinyaniso, kwangoko, khangela, nanku omnye uMntu, emi phambi kwabo. Onke amehloathintsho kulo ungOngaziwayo. Akukho mntu unkqonkqozileyo ukuba avulelwe. Akuvakalanga zinyawo. Abafundi bothukile, bayamangala ukuba ithini na le nto. Kuthi ngoko beve ilizwi elingelilo lawumbi ngaphandle kweleNkosi yabo. Ngamazwi aphuma emilebeni yaKhe, ecace gca, wathi, “Uxolo malube nani.”ULw 802.2

    “Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu. Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu? Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna. Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.”ULw 803.1

    Bazibona izandla neenyawo ezonakaliswe ngezikhonkwane ezikhohlakeleyo Balinakana ilizwi laKhe, kwanga abazange baliva elinye. “Ke kaloku, bakubona ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha? Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi; wathabatha, wadla emehlweni abo.” “Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.” Ukholo novuyo kwathabatha indawo yokungakholwa, bathi ngemvakalelo engathethekiyo bamvuma uMsindisi wabo ovukileyo.ULw 803.2

    Ekuzalweni kukaYesu, ingelosi yazisa, isithi, Uxolo emhlabeni inkolelo ebantwini. Ngoku, ekuveleni kwaKhe kokuqala kubafundi emva kokuvuka kwaKhe, uMsindisi uthethanabongamazwiayintsikelelo, “Uxolo malube nani.” UYesu uhlala ekulungele ukuthetha uxolo kwimiphefumlo enomthwalo wentandabuzo noloyiko. Ulindele thina ukuba simvulele ucango lwentliziyo, sithi, Hlala nathi. Uthi, “Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.” IsiTy. 3:20.ULw 803.3

    Ukuvuka kukaYesu kwakungumfuziselo wovuko lokugqibela lwabo bonke abalele kuYe. Imbonakalo yoMsindisi ovukileyo, imo yaKhe, intetho yaKhe, zonke zaziqhelekile kubafundi baKhe. Njengoko uYesu wavuka kwabafileyo, ngokukwanjalo, abo balele kuYe baya kuvuka kwakhona. Siya kubazi abahlobo bethu, kanye njengoko abafundi baya bamazi uYesu. Basenokuba babonakele, benezifo, okanye belimele, kobu bomi bunokufa, kanti bavuka nempilo nokumila okugqibeleleyo. Ngelo xesha, siya kwazi njengoko nathi sisaziwa. 1 Kor. 13:12. Sinobuso obubengezela kukukhanya okusuka ebusweni bukaYesu, siya kuyiqonda inkangeleko yabo sibathandayo. ULw 804.1

    Akuhlangana nabafundi baKhe, uYesu wabakhumbuza amazwi awayewathethile kubo ngaphambi kokufa kwaKhe, athi zonke izinto zimelwe kukuzaliseka, ezo zazingaYe zazibhalwe emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nakwiiNdumiso.“Wandulawayivula ingqiqoyabo, ukuzebaziqonde izibhalo; wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu; nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem. Nina ke ningamangqina ezi zinto.”ULw 804.2

    Abafundi baqala ukubuqonda ubume bemveli nobubanzi bomsebenzi wabo. Babeza kuvakalisa ehlabathini iinyaniso ezimangalisayo uYesu awabanika zona. Iziganeko zobomi baKhe, ukufa kwaKhe nokuvuka, iziprofeto ezazisalatha kwezi ziganeko, ubungcwele bomthetho kaThixo, iimfihlakalo zecebo losindiso, igunya likaYesu lokuxolela izono,--kuzo zonke ezi zinto, babengamangqina, kwaye babeza kuzazisa ehlabathini. Babeza kuvakalisa iindaba ezilungileyo zoxolo nosindiso ngokuguquka nangamandla oMsindisi.ULw 805.1

    “Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya Oyingcwele; abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.” UMoya Oyingcwele wayengekavezwa ngokupheleleyo; kuba uKristu wayengekazukiswa. Ukunikelwa ngokukhulu koMoya akuzange kwenzeke kwada kwaba kusemva kokunyuka kukaKristu. Engekade abe uzuziwe, abafundi babengenako ukuwufezekisa umsebenzi abawuthunyiweyo wokushumayela iindaba ezilungileyo elizweni. Ngoku ke uMoya wawunikiwe ngenjongo ekhethekileyo. Phambi kokuba abafundi bazalisekise imisebenzi yabo esemthethweni ngokubhekiselele ebandleni, uKristu waphefumlela uMoya Oyingcwele phezu kwabo. Wayebeka phezu kwabo owona msebenzi ungcwele, kwaye elangazelela ukubethelela kubo inyaniso yokuba, ngaphandle kukaMoya Oyingcwele lo msebenzi awungeke ufezwe. ULw 805.2

    UMoya Oyingcwele uyimpefumlo yobomi basemoyeni emphefumlweni. Ukunikela uMoya kukunikela ubomi bukaKristu. Kumzalisa lowo umamkelayo ngeempawu zikaKristu. Kuphela ngabo bafundiswe ngalo ndlela nguThixo, abo banokusebenza ngaphakathi kukaMoya, nabo ebomini babo kubonakalaliswa ubomi obufana nobukaKristu, abanokuma bengabameli babantu, ukuba balungiselele endaweni yebandla.ULw 805.3

    “Abazono nithe nazixolela,” watsho uKristu, “bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.” UKristu apha akaniki inkululeko yokuba nabani adlulise isigwebo kwabanye. KwiNtshumayelo yaseNtabeni wakwalela oku. Lilungelo likaThixo. Ebandleni kodwa, likwimo equlunqiweyo, ubeka uxanduva lwamalungu ngamanye. Ngakwabo bawa esonweni, ibandla linoxanduva, ukuba lilumkise, lifundise, ukuba linako, libuyisele. “Yohlwaya, khalimela, vuselela,” iNkosi itsho, “unako konke ukuzeka kade umsindo nokufundisa.” 2 Tim. 4:2. Baphathe ngokuthembeka abo benza okungalungileyo. Lumkisa wonke umphefumlo osengozini. Makungabikho oyekwa ukuba azikhohlise. Biza isono ngegama laso. Vakalisa oko uThixo akuthethileyo ngokumayela nokuxoka, ukwaphula iSabatha, ukuba, ukunqula izithixo, nabo bonke obunye ububi. “Abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” Gal. 5:21. Ukuba bayaqhubeka esonweni, umgwebo owuxelileyo ovela elizwini likaThixo uyabekwa phezu kwabo ezulwini. Ekunyuleni ukona, bayamkhanyela uKristu; ibandla kufuneka libonise ukuba alivumelani nezenzo zabo, okanye lona ngokwalo aliyizukisi iNkosi. Kufuneka lithethe ngesono oko uThixo akuthethayo ngaso. Kufuneka lisiphathe njengoko uThixo eyalela, size isenzo salo silungiswe ezulwini. Lowo udelela igunya lebandla udelela igunya likaKristu ngokwaKhe. ULw 805.4

    Likho phofu icala elinokukhanya emfanekisweni. “Abazono nithe nazixolela, bazixolelwe.” Le ngcamango mayigcinwe phambili kakhulu. Ekusebenzeleni abonayo, lonke iliso malalathiswe kuKristu. Umalusi makabe nenkathalo enobubele kumhlambi wedlelo leNkosi. Mabathethe nabonayo ngenceba exolelayo yoMsindisi. Mabakhuthaze umoni ukuba aguquke, akholwe kuLowo unako ukuxolela. Mabavakalise, ngegunya lelizwi likaThixo, “Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” 1 Yohane 1:9. Bonke abo baguqukayo banengqinisekiso, “Wobuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.” Mika 7:19.ULw 806.1

    Inguquko yomoni mayamkelwe libandla ngeentliziyo ezinombulelo. Lowo uguqukayo makakhutshwe ebumnyameni bokungakholwa asiwe ekukhanyeni kokholo nobulungisa. Isandla sakhe esingcangcazelayo masibekwe kwisandla esinothando sikaYesu. Ukuxolela okunjalo, kuyalungiswa ezulwini. ULw 806.2

    Kungale ngqondo kuphela elithi ibandla libe namandla okuxolela umoni. Ukuxolela izono kunokufumaneka kuphela ngokuhle kukaKristu. Emntwini, nakwiqela labantu, akunikwanga mandla akukhulula umphefumlo ebutyaleni bawo. UKristu wayalela abafundi baKhe ukuba bashumayele uxolelo lwezono egameni laKhe phakathi kwazo zonke izizwe; kodwa bona ngokwabo babenganikwanga mandla okususa nokuba linye ibala lesono. Igama likaYesu kuphela “[kwe]gama . . . phantsi kwezulu, [e]linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.” IZenzo 4:12.ULw 806.3

    Xa uYesu wayehlangana nabafundi okokuqala kwigumbi eliphezulu, uTomas wayengekho kunye nabo. Waziva iingxelo zabanye, wafumana iziqinisekiso ezininzi zokuba uYesu uvukile; kodwa usizi nokungakholwa kwazalisa intliziyo yakhe. Xa wayesiva abafundi bebalisa ngokubonakala okumangalisayo koMsindisi ovukileyo, oko kwasuka kwamfaka kobonabunzulu ukuphelelwa lithemba. Ukuba uYesu wayevukile ngokwenene, lalingasayi kuba sabakho ngokupheleleyo ithemba lobukumkani obuphathekayo. Kwawulimaza umoya wokuzingca kwakhe akucinga ukuba iNkosi yakhe iziveze kubo bonke abafundi yena eshiywe ngaphandle. Wayezimisele ukuba angakholwa, wahlala iveki yonke ecamngca ngosizi lwakhe, olwabonakala lumnyama kakhulu xa luthelekiswa nethemba kunye nokholo labazalwana bakhe. ULw 807.1

    Ngeli xesha, waphinda rhoqo ukuthi, “Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.” Wayengazi kubona ngamehlo abazalwana bakhe, okanye asebenzise ukholo olwaluxhomekeke kubungqina babo. Wayeyithanda kakhulu iNkosi yakhe, kodwa wavumela umona nokungakholwa ukuba bulawule ingqondo nentliziyo yakhe.ULw 807.2

    Iqela labafundi lalenza igumbi eliqhelekileyo eliphezulu ikhaya labo lethutyana, kuthi ngokuhlwa bonke, ngaphandle kukaTomas, babuthelane khona ngokunye ukuhlwa, uTomas wazimisela ukuhlangana nabanye. Nangona wayengakholwa, wayenalo ithenjana lokuba iindaba ezilungileyo zaziyinyaniso. Bathi xa abafundi besitya isidlo sangokuhlwa, bancokola ngezibonakaliso uKristu awabaxelela ngazo eziprofetweni. [Kunjalo, asuke] “afike uYesu, zakubon’ ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.” ULw 807.3

    Wajika wakhangela kuTomas, wathi, “Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.” La mazwi abonisa ukuba wayeqhelene neengcinga kunye namazwi kaTomas. Umfundi othandabuzayo wayesazi ukuba akukho noyedwa kumaqabane akhe owayebonene noYesu kwisithuba seveki. Babengenako ukuba bayixelela iNkosi ngokungakholwa kwakhe. Waqonda ukuba Lowo wayephambi kwakhe yiNkosi yakhe. Akazange anqwenele siqinisekiso simbi. Intliziyo yakhe yaxhuma luvuyo, waziphosa ezinyaweni zikaYesu ekhala, esithi, “Nkosi yam, Thixo wam!”ULw 807.4

    UYesu wakwamkela ukumvuma kwakhe, kodwa ngobunono wakukhalimela ukungakholwa kwakhe: “Ngokuba undibonile, Tomas ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.” Ukholo lukaTomas ngelwalumkholisile kakhulu uKristu ukuba wayekulungele ukukholwa kubungqina babazalwana bakhe. Ukuba ihlabathi ngoku belingalandela umzekelo kaTomas, bekungayi kubakho noyedwa okholwa aze asindiswe; kuba bonke abamamkelayo uKristu kufuneka bakwenze oko ngobungqina babanye.ULw 807.5

    Abaninzi abazinikele ekuthandabuzeni bazithethelela ngokuthi, ukuba bebenokuba nobungqina awaba nabo uTomas kumaqabane akhe,bebeya kukholwa. Abaqondi ukubaabanelangakukuba nobungqina kuphela, kodwa nangaphezulu kakhulu. Abaninzi abathi, njengoTomas, balindele ukuba kususwe konke okwenza intandabuzo, abasayi kuze bakufumane abakunqwenelayo. Kancinane, kancinane baya bebetheleleka ekungakholweni. Abo bazifundisa ukukhangela ngakwicala elimnyama, basole bakhalaze, abayazi into abayenzayo. Bahlwayela imbewu yentandabuzo, kwaye baya kuvuna isivuno sayo intandabuzo. Ngexesha kanye ukholo nokuthemba kufuneka kakhulu, abaninzi baya kuthi ngoko bazifumane bengenawo amandla okuthemba nokukholwa.ULw 808.1

    Kwindlela awamphatha ngayo uTomas, uYesu wanika abafundi baKhe isifundo. Umzekelo waKhe ubonisa indlela esimele ukuphatha ngayo abo balukholo lubuthakathaka, nabakuvakalisayo ukuthandabuza kwabo. UYesu akazange amqobongele uTomas ngokumngxolisa, engazange enze ngxoxo naye. Waziveza ngokwaKhe kulowo uthandabuzayo. UTomas akazange acingisise kakuhle ngokusuka abeke iimeko anokukholwa phantsi kwazo, kodwa uYesu, ngobuninzi bothando lwaKhe nokwazelelela, wayiwisa yonke imiqobo ethintelayo. Ukungakholwa akukholisi ukoyiswa yimpikiswano. Kusuka kubekwe kwimo yokuzikhusela, kufune inkxaso entsha nokuzithethelela okutsha. Ke ngoko, uYesu ngothando nenceba yaKhe, makavezwe enguMsindisi obethelelweyo, ukuze kuthi kwimilebe emininzi engenantumekelelo, kuvakale ukumvuma kukaTomas, “Nkosi yam, Thixo wam!”ULw 808.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents