63—“UKumkani Wakho Uza Kuwe”
[Esi sahluko sisekwe kuMat. 21:1-11; Marko 11:1-10; Luka 19:29-44; Yohane 12:12-19.]
“Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxhweni, etholeni lemazi ye-esile.” Zek. 9:9. ULw 569.1
Kwiminyaka engamakhulu amahlanu phambi kokuba kuzalwe uKristu, umprofeti uZekariya wakuxela kwangaphambili ukuza kukaKumkani kwaIsrayeli. Esi siprofeto ngoku siza kuzaliseka. Lowo wayekade ekwala ukuzukiswa kokumkani ngoku uza eYerusalem njengendlalifa yesithembiso etroneni kaDavide.ULw 569.2
Yayingumhla wokuqala evekini ukungena kukaKristu ngokowoyisileyo eYerusalem. Izihlwele ezabuthelana ukuza kumbona eBhetani ngoku zahamba naYe, zilangazelela ukubona ukwamkelwa kwaKhe. Abantu abaninzi babesendleleni esinga esixekweni ukuya kugcina iPasika, baza aba bahlangana nesihlwele esasihamba noYesu. Yonke indalo yayibonakala ivuya. Imithi yayinxitywe uhlaza, iintyatyambo zayo ziwuqhola ngevumba elimnandi umoya. Ubomi obutsha novuyo lwabenza abantu badlamka. Ithemba lobukumkani obutsha laphinda lavuka kwakhona. ULw 569.3
Ngenjongo yokuqabela into ekhwelwayo, uYesu wathuma abafundi baKhe ababini ukuba bamzisele iesile nenkonyana yalo. Ekuzalweni kwaKhe, uMsindisi wayexhomekeke kububele babasemzini. Umkhumbi awayelele kuwo wawuyindawo yokuphumla ebolekiweyo. Ngoku,nangona iinkomo ezikumawaka eendulizizezaKhe, xhomekeke kububele bowasemzini ngesilwanyana awayeza kungena eYerusalem eqabele kuso njengoKumkani wayo [iYerusalem]. Baphinda bavela kwakhona ubuThixo baKhe, nakowona myalelo mncinane awawunika abafundi baKhe koku kubathuma. Njengoko wayexele ngenx’ engaphambili, isicelo, esithi, “Ayafuneka eNkosini,” samkeleka kwangoko. UYesu wakhetha ukusebenzisa inkonyana ye-esile ekungazanga kwahlala mntu phezu kwalo. Abafundi, ngolangazelelo oluzaliswe luvuyo, bazandlala iingubo zabo phezu kwesilwanyana, bayihlalisa iNkosi yabo phezu kwaso. Ukuza kufika kule ndawo, uYesu wayesoloko ehamba ngenyawo, yenza le nto abafundi baqala ukumangala ukuba akhethe ukukhwela. Ithemba labo laya likhanya ezintliziyweni zabo yingcamango yovuyo lokuba wayeza kungena kwisixeko esiyintloko, azivakalise ukuba unguKumkani, aze amisele igunya laKhe lobukumkani. Ngexesha bekuhambo abaluthunyiweyo, bakuxela ukulindela kwabo okukhanyayo kubahlobo bakaYesu, kwaza ukuthabatheka luvuyo kwasasazeka kuyo yonke indawo, kunyusela ukulindela kwabantu kwelona zinga liphezulu. ULw 569.4
UKristu wayelandela isiko lakwaYuda lokungena kokumkani. Isilwanyana awayekhwele kuso sasiqatyelwa ziikumkani zakwaIsrayeli, kwaye isiprofeto sasixele kwangaphambili ukuba uyakwenjenjalo uMesiya ukuza ebukumkanini baKhe. Ngako nje ukuba ahlale phezu kwenkonyana yamikhulu imikhwazo yokoyisa ekrazula umoya. Isihlwele samamkela njengoMesiya, uKumkani waso. UYesu ngoku wayamkela imbeko angazanga wayivumela ngaphambili, baza abafundi bakwamkela oku njengobungqina bokuba amathemba abo anovuyo ayenzeka ngokumbona emiselwa etroneni. Isihlwele sasiqinisekile ukuba lifikile ilixa lokukhululwa kwabo. Ezingcingeni babona imikhosi yamaRoma igxothwa eYerusalem, noIsrayeli ephinda eba sisizwe esizimeleyo. Bonke babonwabile bethabathekile; abantu bakhuphisana omnye nomnye ngokumnika imbeko. Babengakwazi ukubonisa uchulumanco nobucwebecwebe bangaphandle, kodwa bamnqula ngeentliziyo ezichulumancileyo. Babengakwazi ukumnika izipho zexabiso, kodwa bandlala iingubo zabo zokwaleka njengekhaphethi endleleni yaKhe, baza bandlala amahlamvu omnquma nesundu endleleni. Bakwazi ukuwukhokela umngcelele woloyiso ongenayo imigangatho yobukhosi, kodwa baqhawula amasebe anabileyo, imbasa eyiNdalo yoloyiso, bawaphakamisela phezulu ngemikhwazo nokudumisa okuphezulu noohosana. ULw 570.1
Njengokuba kuyiwa phambili, isihlwele saya sisanda ngabo bakuvayo ukufika kukaYesu baza bakhawuleza bazihlanganisa nomngcelele. Ababukeli babesongezeleleka njalo, bebuza, Ngubani lo? Sesa ntoni esi siphithiphithi? Bonke babevile ngoYesu kwaye belindele ukuba aye eYerusalem; kodwa babesazi ukuba, ukuza kuthi ga kweli xesha, wayengayikhuthazi konke imigudu yokumbeka etroneni, baza bakhwankqiswa kakhulu kukuva ukuba nguYe lo. Baya bamangaliswa ukuba ingaba yintoni eyenze ukuba atshintshe Lo wayethe ubukumkani baKhe asibubo obeli hlabathi.ULw 570.2
Ingxaki yembuzwano yabo yathuliswa yimikhwazo yoloyiso. Iphindaphindwa njalo sisihlwele esinomdla, ingenelelwa ngabantu abakude, ihlokome kuzo zonke iinduli neentili ezijikelezileyo. Kwizihlwele ezibutheneyo ezize ePasikeni, amawaka ayaphuma ukuya kwamkela uYesu. Zimbulisa ngokuwangawangisa amahlamvu esundu nendanduluko yengoma engcwele. Ababingeleli etempileni bakhalisa amaxilongo belungiselela inkonzo yokutshona kwelanga, kodwa bambalwa abezayo, baye abaphathi besithi omnye komnye, “Ilizwe lonke lilandela emva kwaKhe.” ULw 571.1
Akazanga uYesu ngaphambili, ekuphileni kwaKhe emhlabeni, awuvumele umboniso onjalo. Wasibona ngokucacileyo kwangaphambili isiphumo. Sasiza kumzisa emnqamlezweni. Phofu yayiyinjongo yaKhe ukuziveza esidlangalaleni ngaloo ndlela ngokwaKhe njengoMhlanguli. Wayelangazelela ukutsalela ingqalelo kumbingelelo owawuza kuba yincopho yomsebenzi awuzeleyo kwihlabathi eliwileyo. Lo gama abantu babehlangana eYerusalem ukukhumbula iPasika, Yena, Mvana yoqobo ekwakufuziselwa yona, ngesenzo sokuzikhethela, wazibeka bucala ukuba abe yintlambululo. Yayiza kudingeka ngenxa yebandla kuzo zonke izizukulwana ezaziza kulandela, ukuze akwenze ukufela kwaKhe izono zehlabathi kube ngumba wokucingwa nokufundwa nzulu. Kulo lonke inqaku elihlangene nako [ukufa kwaKhe] kufuneka liqwalaselwe ubunyaniso balo ngaphaya kwentandabuzo. Kwakufanele, ngoko, ukuba amehlo abantu bonke abhekiswe kuYe; iziganeko ezikhokelwa umbingelelo waKhe omkhulu kufuneka zibe ngendlela etsalela ingqondo kumbingelelo ngokwawo. Emva komboniso onjengalowo wokungena kwaKhe eYerusalem, onke amehlo ayeza kuyilandela inkqubela ekhawulezileyo yomboniso wokugqibela.ULw 571.2
Iziganeko ezihlangene nokhwelo loloyiso zaziza kuba ngundaba-mlonyeni kumntu wonke, zize zizise uYesu kwinkumbulo yomntu wonke. Emva kokubethelelwa kwaKhe emnqamlezweni, uninzi lwabantu lwaluya kukhumbula ezi ziganeko xa behlanganisa nokuvela kwaKhe enkundleni nokufa kwaKhe. Babeya kwenziwa baziphengulule iziprofeto, baza baqiniseke ezingqondweni zabo ukuba uYesu waye nguye uMesiya; ukuze kuzo zonke iindawo buphindaphindwe ubuninzi bamanani abo baguqukela elukholweni. ULw 571.3
Kulo mboniso uwodwa wokungena, uMsindisi wayenako ukuza ephahlwe ziingelosi zezulu, aziswe ngexilongo likaThixo; kodwa umboniso onjalo wawuya kuba uchasene nenjongo yoko wayekuzele, uchasene nomthetho owawulawule ubomi baKhe. Wahlala enyanisekile kwindawo ethobekileyo awayamkelayo. Umthwalo woluntu, kufuneka ewunyamezele bude ubomi baKhe bunikelwe ngenxa yobomi behlabathi. ULw 571.4
Le mini, neyayibonakala kubafundi iyeyona yokugqibela ebomini babo, yayinako ukusithwa ngamafu amnyama ukuba babazile ukuba lo mboniso wovuyo wawungumdlalo wangaphambi kokuphatheka kakubi nokufa kweNkosi yabo. Nangona wayebaxelele rhoqo ngokuqiniseka kombingelelo waKhe, kodwa, ekungeneni ngovuyo kweli xesha, bawalibala amazwi aKhe awayezele yintlungu, bakhangela phambili kulawulo lwaKhe oluyimpumelelo phezu kwetrone kaDavide.ULw 571.5
Kwaya kungenelela abatsha kulo mngcelele, kwaye, ngaphandle kwebathwana nje, bonke abangenayo bawufumana umfutho welo xesha, bancedisa ukukhwaza oohosana abavakala behlokoma kwiinduli ngeenduli nakwiintili ngeentili. Imikhwazo yeenyuka ingaphezi, “Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!” ULw 572.1
Alizanga ngaphambili ilizwe lawubona umngcelele woloyiso onjalo. Wawungafani nawo nawuphi owaboyisi abafumileyo basemhlabeni. Kwakungekho mzila wabathinjwa abalilayo ayeluphawu lwalo mboniso, engamaxhoba okukhalipha kukakumkani. UMsindisi wayerhangqwe ngamaxhoba amahle emisebenzi yaKhe yothando kumntu ozaliswe sisono. Kwaye kukho abathinjwa awabahlangula kwigunya likaSathana, ababedumisa uThixo ngokuhlangulwa kwabo. Iimfama awazibuyisela ukubona zazikhokela indlela. Abalwimi zabo zazingakwazi ukuthetha waza wazikhulula, babangabona batsho ngabona baphezulu oohosana. Iziqhwala awaziphilisayo zazixhuma-xhuma luvuyo, zezezona ziphambili ukuwisa amasebe esundu ziwangawangisa phambi koMsindisi. Abahlolokazi neenkedama zaziliphakamisa igama likaYesu ngenxa yemisebenzi yaKhe yemfesane kuzo. Abaneqhenqa awabahlambululayo bandlala iingubo zabo ezingadyobhekanga endleleni yaKhe, bemdumisa bemamkela njengoKumkani wozuko. Kwabo izwi laKhe labavusa ekulaleni kokufa, babekho phakathi kwesihlwele. ULazaro, omzimba wakhe wakubonayo ukonakala engcwabeni, nowayevuya ngoku esemandleni obuntu obuzukisiweyo, wayekhokela isilwanyana awayekhwele kuso uMsindisi. ULw 572.2
AbaFarisi abaninzi bawubona lo mboniso, bathi, bevutha ngumona nenkohlakalo, bafuna ukuwujika umsinga wemvakalelo ekumntu wonke. Ngalo lonke igunya labo, bazama ukubathulisa abantu; kodwa ukubacela kwabo nezoyikiso zasuka zakwandisa ukuchulumanca. Boyika, hleze le nginginya, ngamandla obuninzi bayo, ingamenza ukumkani uYesu. Icebo labo lokugqibela, yaba kukunyanzelisa ukunqumla phakathi kwesihlwele baya kufikelela apho uMsindisi wayemi khona, bamgxagxamisa ngamazwi amngxolisayo namoyikisayo, besithi: “Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.” Batsho bemxelela ukuba, ingxolo yombhiyozo onjalo yayingekho emthethweni, kwaye yayingeke ivunyelwe ngamagunya. Impendulo kaYesu yabetha bathi cwaka, kuba wathi, “Ndithi kuni, kungathi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.” Loo mboniso woloyiso wawumiselwe nguThixo. Wawuxelwe kwangaphambili ngumprofeti; kwaye umntu wayengenawo amandla okutyhalela ecaleni injongo kaThixo. Ukuba abantu babesilele ukwenza icebo laKhe, wayeya kunika izwi kumatye angaphiliyo, aze wona ankqangaze amkeleuNyanawaKhe ngeentlokomazeendumiso. BathiabaFarisiabathulisiweyo bakuhlehla, amazwi kaZekariya anqakulwa ngamakhulukhulu amazwi: “Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxhweni, etholeni lemazi ye-esile.” ULw 572.3
Wathi umngcelele wakufika encotsheni yenduli, sesiza kuhla siye esixekweni, uYesu wema, naso sonke isihlwele esasinaYe. Phambi kwabo, yayithe thantalala iYerusalem isebuqaqawulini bayo, ngoku yambathiswe ukukhanya kwelanga elihlayo. Itempile yawatsala onke amehlo. Ngobubuhle obukhulu obunendili, yayiyivelele yonke enye into, ibonakala yalathe ezulwini ngokungathi ikhombisa abantu kuThixo ekuphela kwaKhe oyinyaniso nophilileyo. Itempile kudala iliqhayiya nozuko lwesizwe sakwaYuda. NamaRoma ayezidla ngobuhle bayo. Ukumkani owayebekwe ngamaRoma wazimanya namaYuda ekuyakheni ngokutsha nasekuyihombiseni, waza ukumkani waseRoma wayityebisa ngezipho zakhe. Ukomelela kwayo, ukutyeba, nokubalasela ngobuhle bayenza yangomnye wemimangaliso yehlabathi.ULw 575.1
Ngeli xesha ilanga eliya ekutshoneni lalihombisa likhazimlisa amazulu okwegolide, ubuqaqawuli bayo obuqaqambileyo balikhanyisa ilitye elimhlophe qhwa lodonga letempile, laza lamenyezela kwiintsika zayo ezigqunywe ngegolide. Ekungeneni etempileni kwakukho umdiliya wegolide nesilivere, unamagqabi aluhlaza nezihloko ezikhulu zeediliya ezenziwa ngamachule akudidi oluphezulu. Ukucetywa kwawo wawumele uIsrayeli njengomdiliya onempumelelo. Igolide, isilivere, nohlaza oluphilayo zazihlanganiswe ngobuhle obunqabileyo nobuchule obukhulu; njengokuba yayithandela iintsika ezimhlophe ezibengezelayo, ibambelele ngezibambelelo ezibengezelayo kwizihombiso zayo zegolide, yayibubamba ubuhle obukhulu belanga belanga, ibengezela okobuqaqawuli obubolekwe ezulwini.ULw 575.2
UYesu wawondela umboniso, saza isihlwele esikhulu sathi cwaka, sayeka ukukhwaza, sibanjwe ngumbono wobuhle besiquphe. Onke amehlo ajika akhangela kuMsindisi, elindele ukubona kwinkangeleko yaKhe uthando bona ababeluva. Endaweni yoko, babona ilifu losizi. Bamangalisiwe kwaye badanile kukubona amehlo aKhe egwantye iinyembezi, umzimba waKhe ugetyeza, usiya ngapha nangapha, ngokomthi ophethwe sisaqhwithi, lo gama kukho isingqala sodandatheko kwimilebe yakhe ebebezelayo,ngokungathi siphuma kumazantsi entliziyo eyaphukileyo. Umbono onjalo ukuba ubonwe ziingelosi! Umphathi—mkhosi wazo oyintanda ekwintlungu yeenyembezi! UMbono owawumbi ngolo hlobo ophambi kwesihlwele esonwabileyo esasijiwuzisa amasebe esundu emphahlile ukungena kwisixeko esihle, aphosasilindeleukubawayezakulawula! UYesu walilaengcwabeni likaLazaro,kodwa kwakungendlela yentlungu efana nekaThixo yovelwano nesikhalo somntu. Le yona intlungu yequbuliso yayifana nenowuti yesikhalo kwingoma emnandi yoloyiso. Phakathi komboniso wovuyo, apho bonke abakhoyo babemnika imbeko, uKumkani kaIsrayeli wayesezinyembezini; yayingezizo iinyembezi ezizolileyo zovuyo, kodwa izinyembezi nemincwino yentlungu engacinezelekiyo. Isihlwele safikelwa bubumnyama bosizi ngephanyazo. Imikhwazo yaso yathi nqumama. Abaninzi balila ngovelwano ngentlungu nabo abangakwaziyo ukuyiqonda.ULw 575.3
Iinyembezi zikaYesu yayingezizo ezokulindela okwaKhe ukuphatheka kakubi. Kanye phambi kwaKhe kwakukho iGetsemane, apho kungekudala uloyiko lobumnyama obukhulu babuza kumgubungela. Isango lezimvu nalo lalibonakala, apho, kwiinkulungwane zeminyaka, izilwanyana zeminikelo yombingelelo zazikhokelwa ziphumele khona. Eli sango kungekudala laliza kuvulelwa Yena, uMbingelelo woqobo ekwakufuziselwa wona, neyayisalatha kumbingelelo waKhe ngenxa yezono zehlabathi yonke iminikelo. Kufuphi, kwakukho iKalvari, indawo yentlungu yaKhe eyayisondele. Kanti ke, ezi zikhumbuzo zokufa kwaKhe okukhohlakeleyo zazingenguye unobangela wokulila nezincwino zoMhlanguli, enomoya osentlungwini. Yena wayengenawo umoya wokuzicingela. Ingcamango yeyaKhe intlungu ayizange iwoyikise loo mphefumo unendili, nokuzincama. Yayingumbono weYerusalem owayihlabayo intliziyo kaYesu—iYerusalem eyamalayo uNyana kaThixo yalugculela uthando lwaKhe, eyalayo ukoyiswa nayimimangaliso yaKhe enamandla, eyayiza kubususa ubomi baKhe. Wayibona into eyayiyiyo ngexesha ikwityala layo lokwala uMhlanguli wayo, nento ebiya kuba yiyo ibimamkele Lowo ikuphela kwaKhe onokuliphilisa inxeba layo. Wayeze ukuze ayisindise; angayincama njani? ULw 576.1
UIsrayeli yayingabantu abenzelwe inceba; uThixo wayeyenze itempile yabo indawo yaKhe yokuhlala; yaye “intle ukuphakama kwayo, [i]yimihlali yehlabathi lonke.” Nd. 48:2. Ingxelo engaphezu kwewaka leminyaka yenkathalo eyalusayo nothando olunemfesane lukaKristu, njengoyise ethwele umntwana wakhe ekuphela kwakhe, yayikhona. Kuloo tempile, abaprofeti babezivakalisile izilumkiso ezinendili. Apho, iziqhumiso zazitshangatshangisiwe, lo gama ivumba, lixutywe nemithandazo yabanqulayo, yayinyuke yaya kuThixo. Apho, igazi lezilwanyana lankcenkceza, lifuzisele igazi likaKristu. Apho, uYehova wabubonakalalisa ubuqaqawuli baKhe phezu kwesihlalo senceba. Apho, ababingeleli basebenza, bathi ubuyokoyoko bomfuziselo neenkonzo ezizodwa zaqhubeka iminyaka emininzi. Konke oku kwakuza kuphela.ULw 576.2
UYesu waphakamisa isandla saKhe, esasoloko sisikelela abagulayo nabasezintlungwini, wasiwangawangisela kumzi ojongene nesigwebo sentshabalalo, wakhala ngelizwi elaphukileyo esentlungwini, wathi: “Akwaba ubusazi nawe kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho!—” Apha uMsindisi wathi nqumama, wayiyeka engayitshongo imekoeyayiyakubayiyoiYerusalem ukuba yayilwamkele uncedo uThixo awayelangazelela ukuyinika, -- isipho soNyana waKhe amthandayo. Ukuba iYerusalem yayilazile ilungelo elilelayo ukuba ilazi, yaza yakuthobela ukukhanya okwathunyelwa lizulu kuyo, yayiya kuma ibe ligugu lempumelelo, ukumkanikazi wezikumkani, ikhululekile ngamandla egunya elinikwa nguThixo. Kwakungayi kubakho masoldati axhobileyo emi emasangweni ayo, kungekho zibhanile ziphephezela phezu kweendonga zayo. Isiphelo esiqaqambileyo esasiya kuyisikelela iYerusalem ukuba yayimamkele uMhlanguli wayo, sabonakala phambi koNyana kaThixo. Wabona ukuba ngaYe yayikukuphiliswa kwisifo sayo esibi, ikhululwe kubukhoboka, imiselwe njengesixeko esinamandla emhlabeni. Kwiindonga zayo, ihobe loxolo laliya kuphuma liye kuzo zonke izizwe. Yayiya kuba sisithsaba sobuqaqawuli sehlabathi. ULw 576.3
Lo mfanekiso ubengezelayo wento eyayiya kuba yiyo iYerusalem uye waya uphela emehlweni oMsindisi. Uyayiqonda into eyiyo ngoku [iYerusalem] phantsi kwedyokhwe yamaRoma, ithwele ukunyevulelwa nguThixo, ibekelwe intshabalalo kwisigwebo sesohlwayo sempindezelo yaKhe. Uqala apho ebeyeke khona ukulila kwaKhe: “Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho. Ngokuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke, zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi litye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.” ULw 577.1
UKristu waza kusindisa iYerusalem nabantwana bayo; kodwa ikratshi lobuFarisi, uhanahaniso, umona, nenkohlakalo zizinto ezamthintelayo ekuyiphumeleliseni injongo yaKhe. UYesu wazi ukuba imbuyekezo embi yayiza kusifikela isizwe esigwetyelwe intshabalalo. Wayibona iYerusalem ijikelezwe yimikhosi, abemi abangqingiweyo benyanzeleka ukuba balambe bafe, omama besitya izidumbu zabantwana babo, abazali bobabini behluthana ngomthamo wokugqibela wokutya, uthando lwemvelo luphelile ngamahlaba endlala. Wabubona ubungqola bamaYuda, njengoko bubonakaliswa kukwala kwawo usindiso lwaKhe, ukuba nabo buya kuwenza ukuba akwale ukuzinikela kwimikhosi ewangenelayo. Wayibona iKalvari, apho wayeza kuphakanyiswa khona, ilungisiwe ineminqamlezo exinene ngokwemithi yehlathi. Wababona abemi abaxhwalekileyo bethuthumba phezu kwesixhobo sokuthuthumbisa, nangokubethelelwa emnqamlezweni, iindawo ezintle zichithwa, itempile iba linxuwa, kwiindonga zayo ezinkulu kungasali litye phezu kwelitye, lo gama isixeko silinywa okwamasimi. Wayefanele uMsindisi ukulila esentlungwini ngenxa yaloo mboniso woyekekayo.ULw 577.2
IYerusalem yayingumntwana wokugcinwa nguYe, waza, njengomzali olilelaunyana wakhe ophuma ecaleni, uYesu walila ngenxa yomzi awuthandayo. Ndingakuncama njani? Ndingathini ukukubona uzinikele ekutshabalaleni? Ingaba kufuneka ndikuyeke ukuba uzalise indebe yobugwenxa bakho? Umphefumlo omnye unexabiso elikhulu kangangokuba, xa kuthelekiswa nawo, ihlabathi lonke lisuka libe yinto engacacanga; kodwa kwakuza kulahleka isizwe sonke. Xa ilanga elalikhawuleza ukuya kutshona, laliza kusithela lingabonakali ezulwini, imini yenceba yeYerusalem yayiza kuphela. Ngokwangoku umngcelele wawusondela kwincopho yentaba yeMinquma, kwakungekabi semva kakhulu ukuba iYerusalem ingaguquka. Ingelosi yenceba ngelo xesha yayiwasonga amaphiko ayo ukuba ihle kwitrone yegolide ukuze inike indawo ubulungisa nokugweba okuza ngokukhawuleza. Yena uKristu, ngentliziyo yothando olubanzi wayesacenga ngenxa yeYerusalem, eyazigculelayo iimfesane zaKhe, yakudela ukulumkisa kwaKhe, eyayikufuphi ukuba izalise izandla zayo ngegazi laKhe. Ukuba nje iYerusalem ibingaguquka, lalisekho ixesha. Ngeli xesha imitha yokugqibela yelanga elitshonayo yayisabonakala etempileni, kuphondo nencopho, yayingenako na ingelosi elungileyo ukuyikhokelela na kuthando loMsindisi, ize iyijike intshabalalo yayo? Isixeko esihle esikhohlakeleyo, esibaxulubileyo abaprofeti, esimalileyo uNyana kaThixo, esaziqamangela ngokungafuni ukuzohlwaya ngamakhamandela obukhoboka,--imini yaso yayikufuphi ukuphela!ULw 578.1
Kanti ke, kwakhona uMoya kaThixo uyathetha neYerusalem. Phambi kokuba imini iphele, obunye ubungqina buyanikwa ngoKristu. Ilizwi lobungqina liyaphakanyiswa, lisabela kubizo lwabaprofeti bexesha eladlulayo. Ukuba iYerusalem ingathi iluve ubizo, ukuba ingamamkela uMsindisi ongena kumasango ayo, inako ukusindiswa. ULw 578.2
Iingxelo ziye zafika kubaphathi eYerusalem zokuba uYesu uyeza esixekweni enegqiza elikhulu labantu abamkhaphayo. Bona abalungiselelanga lwamkelo lukaNyana kaThixo. Bathi besoyika, baphuma ukuba bamkhawulele benethemba lokuba bangasichitha-chitha isihlwele. Uthe xa umngcelele usondela ukuba uhle intaba yeMinquma, wamiswa ngabaphathi. Babuza unobangela wesiphithiphithi semivuyo. Bathe bakubuza besithi, “Ngubani na lo?” abafundi, bezaliswe ngumoya wempefumlelo, bayawuphendula umbuzo. Ngamazwi obuciko baphinda iziprofeto ezingoKristu: ULw 578.3
UAdam uya kukuxelela, Yimbewu yomfazi eya kutyumza intloko yenyoka. ULw 578.4
Buza uAbraham, uya kukuxelela, “[Ngu]Melkitsedeke, ukumkani waseSalem,” uKumkani woxolo. Gen. 14:18.ULw 578.5
UYakobi uya kukuxelela, unguShilo wesizwe sakwaYuda. ULw 578.6
UIsaya uya kukuxelela, “Imanuweli,” “nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo.” Isa. 7:14; 9:6.ULw 578.7
UYeremiya uya kukuxelela, nguHlumelo likaDavide, uYehova —ubulungisa-bethu.” Yer. 23:6. ULw 578.8
UDaniyeli uya kukuxelela, unguMesiya.ULw 579.1
UHoseya uya kukuxelela, ngu“Yehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbuzo sakhe.” Hoseya 12:5.ULw 579.2
UYohane uya kukuxelela, “[yi]Mvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.” Yohane 1:29.ULw 579.3
UYehova omkhulu, uvakalise esetroneni yaKhe, “Lo nguNyana wam oyintanda.” Mat. 3:17.ULw 579.4
Thina, bafundi baKhe, sithi, Lo nguYesu, uMesiya, uMthetheli wobomi, uMkhululi wehlabathi. ULw 579.5
Umthetheli wamagunya obumnyama uyamvuma, esithi, “Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.” Marko 1:24. ULw 579.6