Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    4—UMsindisi Kuni

    [Esi sahluko sisekwe kuLuka 2:1-20.]

    UKumkani wozuko wehla waya phantsi ukuba athabathe uluntu. Iimeko awaye phakathi kwazo zasemhlabeni zazirhabaxa zingamkeleki. Ubuqaqawuli baKhe basitheliswa, ukuze ubungangamsha bemo yaKhe enamandla yangaphandle bungabi yinto enomtsalane. Wabuphepha bonke ubuqheleqhele bangaphandle. Ubutyebi, udumo lomhlaba, nobukhulu bobuntu abungeke buwusindise umphefumlo ekufeni; uYesu wagqiba kwelokuba akukho mtsalane wemvelo yasemhlabeni inokubizela abantu kwicala laKhe. Kuphela bubuhle benyaniso yezulu ekufuneka itsale abo baya kuthanda ukumlandela. Isimilo sikaMesiya sasixelwe kudala ngaphambili esiprofetweni, waza walangazelela ukuba abantu bamamkele ngobungqina belizwi likaThixo.ULw 43.1

    Iingelosi zamangaliswa bubuqaqawuli becebo lokuhlangula. Zaqwalasela ukuze zibone ukuba abantu bakaThixo baya kumamkela na uNyana waKhe, xa ambathiswe ingubo yobuntu. Iingelosi zeza kumhlaba wabantu abanyuliweyo. Ezinye izizwe zazixakeke ziintsomi nokunqula oothixo ababuxoki. Zeza iingelosi emhlabeni, apho ubuqaqawuli bukaThixo babutyhiliwe, nokukhanya kwesiprofeto kwakhanya. Zeza zingabonwa eYerusalem,kubachazi abakhethiweyo beeNtsonkotha zemiBhalo,nabalungiseleli bendlu kaThixo. Kwangaphambili, kumbingeleli uZekariya, ngexesha wayelungiselela phambi kwesibingelelo, kwakusele kuvakalisiwe ukuba kufutshane kokufika kukaKristu. Kwangaphambili, owayeza kuhamba ngaphambili wayezelwe, umsebenzi wakhe ungqinelwa yimimangaliso nesiprofeto. Iindaba zokuzalwa kwakhe nokubaluleka okumangalisayo komsebenzi awuthunyiweyo kwakusasazwe kuyo yonke indawo. Sekunjalo, yonke iYerusalem yayingalungiseleli ukumamkela uMhlanguli.ULw 43.2

    Ngokumangaliswa, izithunywa zasezulwini zakuqwalasela ukungakhathali kwabantu uThixo awayebabizile ukuba badlulisele elizweni ukukhanya kwenyaniso engcwele. Isizwe samaYuda sasigcinwe ukuze singqine ukuba uKristu wayeza kuzalwa kwimbewu ka-Abraham nomlibo kaDavide; ukanti abazange bazi ukuba ukufika kwaKhe kusondele. Etempileni, umbingelelo wakusasa nangokuhlwa yonke imihla wawusalatha kwiMvana kaThixo; kanti nalapha akuzange kulungiselwe ukumamkela. Ababingeleli neetitshala zesizwe azizange zazi ukuba esona siganeko sikhulu samaphakade sasikufuphi ukwenzeka. Baphindaphinda imithandazo engenantsingiselo, benza iinkonzo zonqulo ukuba babonwe ngabantu, kodwa, ekulweleni kwabo ubutyebi nozuko lwehlabathi, babengakulungelanga ukutyhilwa kukaMesiya. Kwakona oko kungakhathali, kwawutyhutyha wonke umhlaba wakwaIsrayeli. Iintliziyo ezinomona nezizaliswe lihlabathi azizange zichukunyiswe luvuyo olwaluchulumancise izulu lonke. Yayiliqaqobana kuphela elalilangazelela ukubona Ongabonwayo. Kukwaba bantu ekwathunyelwa kubo abameli bezulu.ULw 44.1

    Iingelosi ziphahle uYosefu noMariya njengoko besuka ekhayeni labo besiya eNazarete emzini kaDavide. Umthetho weRoma ephetheyo wokubhaliswa kwabantu bobubanzi bobukumkani bayo, wafikelela kubahlali phakathi kweenduli zeGalili. Njengakwixesha lakudala, xa uKoreshi wabizelwa etroneni yobukumkani bomhlaba wonke ukuze akhulule abathinjwa bakaYehova, ngokunjalo noKesare Awugusto wenziwa umthunywa wokuzalisekisa injongo kaThixo ngokuzisa umama kaYesu eBhetelehem. Ungowomlibo kaDavide, kwaye uNyana kaDavide kufuneka azalelwe emzini kaDavide. EBhetelehem, wathi umprofeti, “Kuya kuphuma kuwe, . . . oya kuba ngumlawuli kwaIsrayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.” Mika 5:2. Sekunjalo, apho emzini wabo womlibo wobukhosi, uYosefu noMariya abaziwa, kwaye bengahlonitshwa. Bediniwe, bengenakhaya, banyuka besihla izitrato ezide nezicutheneyo, ukusuka esangweni lomzi kuse kude kwimpuma yedolophu, befuna bengayifumani indawo yokuphumla ngobo busuku. Abanalo igumbi kwindawo yabahambi eyayiphuphuma ngabahambi. Kwisakhiwo esigxokogxoko, apho kwakuhlala khona izilwanyana, ekugqibeleni bayifumana apho indawo yokuphephela, kwaba lapho azalelwa khona uMhlanguli womhlaba. ULw 44.2

    Abantu bona bengazi, iindaba zona zalizalisa ngovuyo izulu. Ngomdla onzulu kakhulu nothando olukhulu, izidalwa zezulu ezisuka kwilizwe lokukhanya zitsalelwe emhlabeni. Umhlaba wonke ukhanyiswe kakhulu ngenxa yobukho baKhe. Phezu kweenduli zaseBhetelehem, kubuthelene khona inyambalala engenakubalwa yeengelosi. Zilindele umqondiso wokuvakalisa iindaba ezimnandi ehlabathini. Ukuba iinkokheli zakwaIsrayeli zazinyanisekile koko zazikuphathisiwe, zaziya kuba nenxaxheba kuvuyo lokwazisa ukuzalwa kukaYesu. Ngoku ke, ziyadlulwa.ULw 47.1

    UThixo uthi, “Ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo.” “Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye.” Isa. 44:3; Ndum. 112:4. Kwabo bafuna ukukhanya, bayamkele ngovuyo imitha ekhanyayo ephuma etroneni kaThixo, baya kubengezela.ULw 47.2

    Emadlelweni, apho inkwenkwana uDavide yayikhokela khona umhlambi wayo, abalusi babesagcine oko kwalusa ngobusuku. Ngemizuzu ezolileyo yobusuku, babencokola ngoMsindisi wesithembiso, bethandazela ukufika kukaKumkani etroneni kaDavide. “Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke abantu. Ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi.”ULw 47.3

    Kula mazwi, imibono yobuqaqawuli yazalisa iingqondo zabalusi abaphulaphuleyo. UMkhululi ufikile kwaIsrayeli! Amandla, ukuphakama, uloyiso, zizinto ezayanyaniswa nokufika kwaKhe. Noko kunjalo, ingelosi kufuneka ibalungiselele ukuba bamqonde uMsindisi esekuhluphekeni nasekuthobekeni. “Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni,” utsho, “nofumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali,” [IBHAYIBHILE].ULw 47.4

    Umthunywa wezulu wakuphelisa ukoyika kwabo. Wayebaxelele indlela yokufumana uYesu. Ngokuqaphela ngobubele ubuthakathaka bobuntu babo, wayebanike ixesha lokuba baqhelane nokukhanya okungcwele. Emva koko, uvuyo nobuqaqawuli abuzange bufihlwe. Ithafa lonke lazaliswa kukukhanya okubengezelayo kwemikhosi kaThixo. Umhlaba wathuliswa, izulu lehla laza kuphula-phula ingoma,--ULw 48.1

    “Uzuko kuThixo enyangweni,
    Uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini.”

    Awu, loo mini usapho loluntu luya kuba nokuyiqonda loo ngoma! Isaziso esiya kwenziwa ngoko, inowuti [yengoma] eya kuchukunyiswa ngelo xesha, iya kunyuka ise ekupheleni kwexesha, ivakale kuse eziphelweni zomhlaba. Xa iLanga loBulungisa liya kuphakama, linophiliso emaphikweni aLo, loo ngoma iya kuphinda-phindwa ngamazwi esihlwele esikhulu, njengelizwi lamanzi amaninzi, lisithi, “Haleluya! Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani.” IsiTyh. 19:6.ULw 48.2

    Zathi xa zithi shwaka iingelosi, ukukhanya kwaya kuphela, aza amathunzi obusuku aphinda awa ezindulini zaseBhetelehem. Phofu, owona mfanekiso ukhanya kakhulu oya kuhlala ubonwa ngamehlo abantu wasala ezingqondweni zabelusi. “Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo bangabalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi. Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali.”ULw 48.3

    Basuka benovuyo olukhulu, bazivakalisa izinto abazibonileyo nabazivileyo. “Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo.”ULw 48.4

    Izulu nomhlaba asizindawo eziqelelene kakhulu namhlanje njengexesha abelusi babephulaphule ingoma yeengelosi. Uluntu luse yinto ekhathalelweyo lizulu njengexesha abantu bemisebenzi engajongelwanga ntweni babehlangana neengelosi emini emaqanda, bethetha nabathunywa basezulwini ezidiliyeni nasemasimini. Kuthi thina bakwiihambo eziqhelekileyo zobomi, izulu linokuba likufutshane kakhulu. Iingelosi ezisuka kwiinkundla zaphezulu ziya kukhathalela inyathelo ngalinye labo bezayo bahambe ngokuyalela kukaThixo.ULw 48.5

    Ibali laseBhetelehem lingumxholo ongasokuze ugqitywe. Kulo kufihlwe “ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazikukaThixo!” Roma 11:33. Siyamangaliswa ngumbingelelo woMsindisi ekunaniselaneni itrone yezulu ngomkhumbi, nobuqabane bezithunywa ezidumisayo ngezilwanyana zesitali. Ikratshi lomntu nokuthanda ukuzanelisa kuvela kugxekekile phambi kwaKhe. Esi kanti, yayisisiqalo sokuhla kwaKhe okumangalisayo. Kwakuya kuba yinto eyayisondele ekuthotyweni okungenasiphelo koNyana kaThixo ukuthabatha indalo yomntu, nangexesha uAdam wayemi emsulwa e-Eden. Sekunjalo, uYesu wamkela ubuntu ngexesha uhlanga lwenziwe buthakathaka iminyaka engamawaka amane esono. Njengaye wonke umntwana ka-Adam, wamkela iziphumo zokusebenza komthetho omkhulu wemfuzo. Izinto ezaziyiyo ezi ziphumo ibonakala kwimbali yookhokho baKhe basemhlabeni. Weza enemfuzo enjalo ukuza kuxhamla kwiintlungu nezilingo zethu, nokuze asinike umzekelo wobomi obungenasono.ULw 49.1

    USathana ezulwini wathiya uKristu ngenxa yesikhundla saKhe ezinkundleni zikaThixo. Wamthiya ngokungaphezulu xa yena ngokwakhe wayesuswa etroneni. Wamthiya Lowo wabhambathisa ukuhlangula uhlanga lwaboni. Ngoku kunjalo, emhlabeni apho uSathana abanga ubukumkani, uThixo wamvumela uNyana waKhe ukuba eze, elusana olungenakuzinceda, ephantsi kobuthakathaka bobuntu. Wamvumela ukuba ahlangabezane nengozi yobomi njengayo yonke imiphefumlo yabantu, ukuba alwe idabi njengokuba wonke umntwana womntu kufuneka elwile, abe sengozini yokoyiswa nokulahleka ngonaphakade.ULw 49.2

    Intliziyo yomzali wasemhlabeni, inokuxhalaba ngonyana wakhe. Ukhangela ebusweni bomntwana wakhe omncinane, angcangcazele akucinga ngengozi yobomi. Ulangazelela ukumkhusela lowo amthandayo kumandla kaSathana, unga angambamba angangeni kwisilingo nedabi. Ukuhlangabezana nedabi elibi kakhulu kunye nengozi eyoyikeka kakhulu, uThixo wanikela ngoNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze indlela yobomi iqinisekiswe kwabancinane bethu. “Lulapho uthando.” Mangaliswani, Mazulu! Khwankqiswa, Mhlaba! ULw 49.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents