Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    13—Uloyiso

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 4:5-11; Marko 1:12, 13; Luka 4:5-13.]

    “Aze uMtyholi amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, --ULw 124.1

    “Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe
    zasemazulwini,
    Zikufukule ngezandla,
    Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.”
    ULw 124.2

    USathana ucinga ukuba ngoku uhlangene noYesu kowaKhe umhlaba. Utshaba olunenkani luthetha amazwi awaphuma emlonyeni kaThixo. Usabonakala njengengelosi yokukhanya, kwaye wenza kucace ukuba uqhelene neziBhalo, nokuba uyakuqonda ukubaluleka koko kubhaliweyo. Njengokuba ngaphambili uYesu ebesebenzise ilizwi likaThixo ukuxhasa inkolo yaKhe, umlingi ngoku ulisebenzisa ukuba lenze ntle inkohliso yakhe. Ubanga ukuthi, yena ebesenza nje ukuvavanya ukukholwa kukaYesu, kodwa ngoku uncoma ukuma ngokuqinileyo kwaKhe. Njengoko uMsindisi ebebonakalalise ukuthembela kuThixo, uSathana uzama ukuba [uYesu] anike obunye ubungqina bokholo lwaKhe.ULw 124.3

    Phofu ke, nangoku siyaphinda kwakhona isilingo sikhokeliswa ngokurhesha ukungathembi, “Ukuba unguNyana kaThixo.” UYesu wayelingwa ukuba aphendule u“ukuba;” kodwa wakuphepha nokona kuncinane ukwamkela intandabuzo. Wayengazi kubeka ubomi baKhe emngciphekweni ngokunika uSathana ubungqina. ULw 124.4

    Umlingi wacinga ukuba makasebenzise ithuba lokuba ngumntu kukaKristu, ngokumkhuthaza ukuba abe nobuganga. Phofu ke, nangona uSathana enokubongoza, akanako ukunyanzela ukuba koniwe. Wathi kuYesu, “Ziphose ezantsi,” esazi ukuba wayengekhe amphose ezantsi; kuba uThixo wayeya kungenelela amhlangule. Kanti wayengenakho uSathana ukumnyanzela uYesu ukuba aziphose ezantsi. Engakhange avume uKristu ekulingweni, wayengekhe oyiswe. Sele ewonke amagunya asemhlabeni okanye esihogo, ayengenakho ukumnyanzela nakancinane uKristu ukuba asuke kwintando kaYise.ULw 125.1

    Umhendi akasokuze asinyanzele ukuba senze ububi. Akakwazi ukuzilawula iingqondo zethu zingathanga zinikelwe elulawulweni lwakhe. Ingqondo kufuneka ivume, ukholo luyeke ukubambelela kuKristu, ngaphambi kokuba uSathana asebenzise amandla akhe phezu kwethu. Kananjalo, wonke umnqweno esithi sibe siwukhuthaze, umnika indawo yokubambelela. Kuyo yonke indawo esithi sisilele kuyo ekumeni kumgangatho ongcwele, ingumnyango ovuliweyo anokungena ngawo ukuba asihende asitshabalalise. Kuthi ke, konke ukusilela okanye ukoyiswa ngakwelethu icala, kumnike umhlaba wokugculela uKristu.ULw 125.2

    Xa uSathana wayecaphula isithembiso esithi, “Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini,” washiya amazwi athi, “ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke;” into ethi, kuzo zonke iindlela ezinyulwe nguThixo. UYesu wakwala ukuphuma endleleni yokuthobela. Lo gama ebonakalalisa ukuthemba okupheleleyo kuYise, wayengeke azibeke, engathunywanga, kwindawo eyayiya kufuna ukungenelela kukaYise ukumsindisa ekufeni. Wayengayi kunyanzela ukubonelela kukaThixo ukuba kubekho ukuhlangula Yena, aze abe ngoko usilela ukunika umntu umzekelo wokuthemba nokuzinikela.ULw 125.3

    UYesu wathi kuSathana, “Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.” La mazwi ayethethwe nguMoses kubantwana bakwaIsrayeli xa babe nxaniwe entlango, benyanzelisa ukubauMoses abanikeamanzi,besithi,UYehova ukhona phakathi kwethu, akakho, kusini na?” Eksodus 17:7. UThixo wayebenzele ngokumangalisayo, kodwa, bathi bakuba sengxakini bamthandabuza, bafuna ngenkani umqondiso wokuba ukunye nabo. Ekungakholweni kwabo, bafuna ukumvavanya. NoSathana wayenyanzela uKristu ukuba enze into enjalo. UThixo wayesele ebunikile ubungqina bokuba uYesu wayenguNyana waKhe; ngoku, ukucela isiboniso sokuba unguNyana kaThixo, yayikukubeka uThixo eluvavanyweni,--ukumlinga. Kwakuya kubanjalo nokucela into uThixo angakhange ayithembise. Kwakuya kubonisa ukungathembi, ngokwenene kube kuyabonisa, okanye kuyamlinga. Akufuneki sibeke izibongozo zethu phambi kukaThixo ukuba sivavanye ukuba angaba uya kulizalisekisa na ilizwi laKhe, kodwa kuba eya kulizalisekisa; kungekuba ubonisa ukuba uyasithanda, kodwa kuba esithanda. “Ke lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.” Heb. 11:6.ULw 125.4

    Lona ukholo aluhambelani konke nobugagu. Kuphela ngulowo unokholo lwenene okhuselekileyo ngasekubeni nobuganga. Ubugagu ngunomgogwana wokholo kaSathana. Ukholo lubanga izithembiso zikaThixo, kuze kuthwale isiqhamo sokuthobela. Ubugagu nabo bubanga izithembiso, kodwa luzisebenzisa njengoko wenjenjalo uSathana, ukuthethelela ulwaphulo lomthetho. Ukholo ngelwalubakhokelele abazali bethu bokuqala ekuthembeleni kuthando lukaThixo, nokuthobela imiyalelo yaKhe. Ubugagu kwabakhokelela ekwaphuleni umthetho waKhe, bekholwa ukuba uthando lwaKhe olukhulu luya kubasindisa kwisiphumo sesono sabo. Asilulo ukholo olubanga imfesane yeZulu ngaphandle kokuthobela iimeko ethi inceba inikwe phezu kwazo. Ukholo lwenene lusekelwe kwizithembiso namalungiselelo eziBhalo.ULw 126.1

    Lonke ixesha xa uSathana awe phantsi ukuvuselela ukungathembi, uye aphumelele ukusikhokelela ukuba sibe nobugagu. Ukuba angasenza sizibeke ngokungafanelekileyo endleleni yesilingo, uyazi ukuba uloyiso lolwakhe. UThixo uya kubagcina bonke abahamba endleleni yokuthobela; kodwa, ukusuka kuyo kukuya kungena kumhlaba kaSathana. Apho ke, siqinisekile ngokuwa. UMsindisi usiyalele, wathi, “Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni.” Marko 14:38. Ukucamngca nokuthandaza kwakuza kusigcina ekungxameleni singathunywanga kwindlela enengozi, khon’ ukuze sisindiswe ekoyisweni okuninzi.ULw 126.2

    Kanti ke, kufuneka singaphelelwa sisibindi xa sihlaselwa sisilingo. Ngamaxesha amaninzi, xa sibekwe kwimeko esivavanyayo, siye sithandabuze ukuba uMoya kaThixo ube esikhokela. Kanti ke, yayinguMoya owamzisa uYesu entlango ukuze alingwe nguSathana. Xa uThixo esizisa ekulingweni, unenjongo afuna ukuyifezekisela ukulungelwa kwethu. UYesu akazange azithabathe ngesibindi izithembisozikaThixongokusuka aye engathunywanga esilingweni, kwaye engazange ancame ngokuphelelwa lithemba sakuba size phezu kwakhe isilingo. Nathi akufuneki sincame. “Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.” Uthi, “Bingelela kuYehova umbulelo, uzizalise kOsenyanweni izibhambathiso zakho; ubize mna ngemini yembandezelo, ndikuhlangule, undizukise.” 1 Kor.10:13; Ndumiso 50:14, 15.ULw 126.3

    UYesu woyisa kwisihendo sesibini, waza uSathana ngoku wazibonakalalisa esona similo sakhe. Nangoku akaveli njengerhamncwa eloyikeka kakhulu, elineenyawo ezingathi zimpuphu namaphiko anjengawelulwane. Uyingelosi enamandla, nangona ewile. Uzimisele ukuba yinkokheli yovukelo nothixo weli hlabathi.ULw 129.1

    Ebeka uYesu entabeni ephakamileyo, uSathana wenza ukuba izikumkani zehlabathi, zikubo bonke ubuqaqawuli bazo, zidlule ngolandelelwano phambi kwaKhe. Ukukhanya kwelanga kuwa phezu kwezixeko ezineetempile, amabhotwe amatye anqabileyo, imihlaba etyebileyo nenezidiliya ezizele ziziqhamo. Iimbonakalo zobubi zazifihliwe. Amehlo kaYesu, abesanda kubona ubumnyama nomqwebedu, ngoku abona umboniso wobuhle nolonwabo lwempumelelo engenakudlulwa nto. Ngoko, laya lavakala ilizwi lomlingi: “Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona. Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho.”ULw 129.2

    Umsebenzi awayewuzele uKristu wawuza kwenzeka kuphela ngokuphatheka kabuhlungu. Phambi kwaKhe yayibubomi bosizi, bobunzima nedabi, kunye nokufa okulihlazo. Wayeza kuthwala izono zalo lonke ihlabathi. Kwakufuneka anyamezele ukwahlukana nothando lukaYise. Ngoku, umlingi wabona ukuba makancame igunya awaliphangayo. UKristu wayenako ukuzisindisa kwixesha elizayo eloyikekayo ngokubuvuma ubukhulu bukaSathana. Kona ukwenza oku yayiya kuba kukunikezela ngoloyiso kwimbambano enkulu. Kwakusekufuneni ukuziphakamisa ngaphezu koNyana kaThixo okwenza ukuba uSathana one ezulwini. Ukuba angoyisa ngoku, iya kuba luloyiso lovukelo.ULw 129.3

    Xa wayesithi uSathana kuKristu, Ubukumkani nozuko lwehlabathi bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona, wayethetha into eyinyaniso, kodwa ingaphelelanga, kwaye wayeyithethela ukufeza injongo yenkohliso. Ubukumkani bukaSathana bobuya wayebuhluthe kuAdam, kodwa uAdam wayengumlawuli omi endaweni yoMdali. Wayengenguye umlawuli ozimeleyo geqe. LelikaYehova ihlabathi, kwaye uzinikele zonke izinto kuNyana waKhe. UAdam wayeza kulawula ngaphantsi kukaKristu. Wathi uAdam akuqhathwa ukuba anikele ngobukhosi bakhe ezandleni zikaSathana, Yena uKristu wahlala engukumkani oselungelweni. UYehovawayethekukumkani Nebhukadenetsare, “Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, abunike lowo athanda ukumnika.” Dan. 4:17. USathana angasebenzisa igunya lakhe alihluthileyo kuphela xa uThixo evuma. ULw 129.4

    Xa umlingi wayenika uKristu ubukumkani nobuqaqawuli behlabathi, wayecebisa ukuba uKristu ancame ubukhosi obububo behlabathi, abambe ubukhosi obungaphantsi kolawulo lukaSathana. Obu yayibubukhosi obunye nobu amathemba amaYuda ayejonge kubo. Ayelangazelela ubukumkani beli lizwe. Ukuba uKristu wayevumile ukuwanika ubukumkani obunjalo, ayeya kubamkela ngovuyo. Phofu ke, isiqalekiso sesono, nayo yonke inkxwaleko yaso, yayiphezu kwabo. UKristu wathi kumlingi, “Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.”ULw 130.1

    Ngulowo wavukelayo ezulwini, izikumkani zalo mhlaba zanikelwa kuKristu, ukuba athenge ukunika kwaKhe imbeko kwimithetho-siseko yobubi; kodwa wayengenako ukuthengwa, uKristu; wayeze ukuze amisele ubukumkani bobulungisa, ngoko ke wayengasayi kuze ayilahle injongo yaKhe. Kwangeso silingo sinye, uSathana uza ebantwini, aze apha abe nempumelelo engcono kunakuKristu. Abantu ubanika ubukumkani beli lizwe phantsi kwemeko ethi baya kubuvuma ubukhulu bakhe. Ufuna ukuba bancame isidima sabo, bangasinanzi isazela, baziyekele ekubaweni. UKristu ubayalela ukuba bafune kuqala ubukumkani bukaThixo nobulungisa baKhe, kodwa uSathana uhamba ecaleni kwabo esithi: Nokuba ingayintoni na eyinyaniso ngobomi obungunaphakade, ukuze niphumelele kulo mhlaba, kufuneka nikhonze mna. Ndiphethe intlala-kahle ezandleni zam. Ndinganinika ubutyebi, iziyolo, udumo, nolonwabo. Liveni icebiso lam. Musani ukuzivumela ukuba nilahlekiswe ngeembono ezingenamsebenzi zokunyaniseka okanye zokuzincama. Ndiya kuyilungisa indlela phambi kwenu. Njalo, inginginya iyakhohliseka. Ivuma ukuphilela ukusebenzela umna, kwaye uSathana uyaneliseka. Ngexesha ebaloba ngethemba lolawulo lwehlabathi, uzuza ulawulo phezu kwemiphefumlo yabo. Kanti ke ubanika into engeyiyo eyakhe ukuba angaphisa ngayo, neza kuthi, kungekudala, ihluthwe kuye. Ubuya abakhohlise ngegunya [athi banalo] kwilifa loonyana bakaThixo.ULw 130.2

    USathana wabuza ukuba uYesu unguNyana kaThixo na. Ekugxothweni kwakhe kakubi, waba nabo ubungqina angazange akwazi ukubuphikisa. UbuThixo babengezela kubuntu obusentlungwini. USathana akazange abenamandla okumelana nomyalelo. Ejwaqeka kukuthotyelwa phantsi nayingqumbo, wanyanzeleka ukuba ahambe phambi kobuso boMhlanguli womhlaba. Uloyiso lukaKristu lwaluphelele njengoko kwakunjalo ukoyiswa kuka-Adam.ULw 130.3

    Ngokunjalo, nathi sinokumelana nesilingo, simnyanzele uSathanaukuba emke kuthi. UYesu wazuza uloyiso ngokuzinikela nokholo kuThixo, aze athi ngompostile, “Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka. Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni.” Yakobi 4:7, 8. Asingeke sikwazi ukuzisindisa kumandla omlingi; uloyisile uluntu, kwaye xa sizama ukuma ngawethu amandla, siya kuba lixhoba lamaqhinga akhe; kodwa “yinqaba ende eliqele igama likaYehova; ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.” IMizekeliso 18:10. USathana ungcangcazela aphaphatheke phambi kowona mphefumlo ubuthakathaka ofumana indawo yokubalekela kwelo gama linamandla.ULw 131.1

    Emva kokuba utshaba lumkile, uYesu wawa emhlabeni, ephelile, ukufiphala kokufa kubhalwe ebusweni baKhe. Iingelosi zasezulwini zazilibukele idabi, zimjongile uMphathi wazo othandekayo ngexesha ethubeleza phantsi kwentlungu engathethekiyo esenzela thina indlela yokusinda. Wayenyamezele uvavanyo olukhulu, kunesiya kuze silindeleke ukuba silunyamezele. Iingelosi ngoku zilungiselela kuNyana kaThixo njengoko ethe tywaa njengofayo. Wanikwa amandla ngokutya, wathuthuzelwa sisigidimi sothando lukaYise nesiqinisekiso sokuba izulu lonke loyisile ngoloyiso lwaKhe. Evukela ebomini kwakhona, intliziyo yaKhe enkulu yabheka emntwini ngovelwano, waye ebheka phambili ukuba agqibezele umsebenzi awuqalileyo; ukuba angaze aphumle lude lube loyisiwe utshaba, nohlanga lwethu oluwileyo luhlangulwe.ULw 131.2

    Alisayi kuze liqondwe ixabiso lokuhlangulwa kwethu bade abahlangulweyo beme noMhlanguli phambi kwetrone kaThixo. Ngelo xesha, buya kuthi xa ubuqaqawuli bekhaya elingunaphakade buvuleka phezu kwezivo zethu ezenziwe zabantsha, sikhumbule ukuba uYesu washiya konke oku ngenxa yethu, nokuba, akazange anele nje ukuba ngogxothiweyo kwiinkundla zasezulwini, kodwa ngenxa yethu wazifaka engozini yokungaphumeleli nokulahleka ngonaphakade. Ngelo xesha, siya kuziphosa izithsaba zethu ezinyaweni zaKhe, sitsho ngengoma, “Kuyifanele imvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla, nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.” IsiTy. 5:12. ULw 131.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents