Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    5—Ukunikelwa [KuThixo]

    [Esi sahluko sisekwe kuLuka 2:21-38.]

    Kwisithuba samashumi amane eentsuku emva kokuzalwa kukaKristu, uYosefu noMariya bamsa eYeruslem, ukuze bamnikele eNkosini, nokunikela umbingelelo. Oku kwakungokomthetho wamaYuda, kwaye, njengomi endaweni yomntu, uKristu kwakufuneka ahambelane nomthetho kuko konke okwawo. Wayesele ephantsi kwenkonzo yolwaluko, njengesibhambathiso sokuthobela umthetho.ULw 50.1

    Njengomnikelo kamama, umthetho wawulindele imvana emnyaka mnye ibe ngumnikelo onyukayo, nehotyazana okanye ivukuthu libe ngumnikelo wesono. Umthetho wona wawuyinika imvume ethi, ukuba abazali babengamahlwempu kakhulu ukuba bangakwazi ukuza nemvana, amavukuthu amabini okanye amagwede amahobe, elinye libe lelomnikelo wokuqhumisa, elinye libe ngumnikelo wesono, abe nokwamkeleka.ULw 50.2

    Iminikelo enikelwa eNkosini kwakufuneka ingabi nasiphako. Le minikelo yayimele uKristu, kwaye koku kwakucacile ukuba uYesu ngokwaKhe wayemsulwa kwiziphako zasemzimbeni. Waye eyi“Mvana engenasiphako, engenabala.” 1 Petros 1:19. Imo yaKhe yasemzimbeni yayingonakaliswanga nasesiphi isiphako; umzimba waKhe wawomelele usempilweni. Ngalo lonke ixesha laKhelokudla ubomi, waphila ngokuhambelana nemithetho yempilo.Ngokwasemzimbenikanti nangokwasemoyeni, wayengumzekelo wento uThixo awayicebayo ukuba lonke uluntu lube yiyo ngokuthobela imithetho yaKhe.ULw 50.3

    Ukunikelwa kwezibulo kwakunentsusa yako kumaxesha angaphambili. UThixo wayethembise ukunikela ngeZibulo lezulu ukusindisa umoni. Esi sipho kwakufuneka samkelwe kwikhaya ngalinye ngokunikelwa konyana wamazibulo. Kwakufuneka enikelwe kumbingeleli, njengommeli kaKristu ebantwini.ULw 51.1

    Ekuhlanguleni uIsrayeli eYiputa, ukunikelwa kwezibulo kwaphinda kwayalelwa. Lo gama abantwana bakaIsrayeli babesebukhobokeni kumaYiputa, uYehova wamyalela uMoses ukuba aye kuFaro, ukumkani wamaYiputa, athi, “Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam, wamazibulo nguIsrayeli; ndithi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walile nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho.” Eks. 4:22, 23.ULw 51.2

    UMoses wasihambisa isigidimi sakhe; kodwa impendulo kakumkani onekratshi yathi, “Ngubani na uYehova, ukuba ndiphulaphule izwi lakhe, lokuba ndindulule uIsrayeli? Andimazi uYehova, kananjalo andiyi kumndulula uIsrayeli.” Eks. 5:2. UYehova wabasebenzela abantu baKhe ngemiqondiso nezimanga, ethumela izibetho ezibi phezu kukaFaro. Ekugqibeleni ingelosi etshabalalisayo yayalelwa ukuba ibulale izibulo lomntu nesilwanyana phakathi kwamaYiputa. Ukuze amaIsrayeli asindiswe, ayalelwa ukuba abeke emigubasini yawo igazi lemvana ebuleweyo. Yonke indlu yayiza kuphawulwa, ukuze, xa ingelosi ifikile isemsebenzini wayo wokufa, ize idlule kumakhaya amaIsrayeli.ULw 51.3

    Emva kokuba esithumele esi sigwebo eYiputa, uYehova wathi kuMoses, “Ndingcwalisele onke amazibulo . . . kumntu nakwinkomo; yeyam;” “kuba . . . mini ndawabethayo onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndazingcwalisela onke amazibulo kwaIsrayeli, ethabathela emntwini esa enkomeni. Oba ngawam, mna Yehova.” Eks. 13:2; Num. 3:13. Emva kokuba inkonzo yetempile imiselwe, uYehova wanyula isizwe sakwaLevi endaweni yezibulo lakhe wonke uIsrayeli ukuba ilungiselele engcweleni. Noko kunjalo, amazibulo ayesathatyathwa njengakaYehova, kwaye kwakufuneka athengwe ngokuhlawulelwa.ULw 51.4

    Ngaloo ndlela umthetho wokunikelwa kwamazibulo wenziwa wabaluleka ngendlela eyodwa. Nangona wawusisikhumbuzo sokukhulula kukaYehova ngendlela emangalisayo abantwana bakaIsrayeli, wawufuzisela ukuhlangula okukhulu, okwakuza kwenziwa nguNyana kaThixo ekuphela kozelweyo. Njengokuba igazi elalisihla emgubasini lasindisa amazibulo kaIsrayeli, linjalo igazi likaKristuukuba namandla okusindisa ihlabathi. ULw 51.5

    Athi ukumangalisa kwentsingiselo yokunikelwa kukaKristu! Noko kunjalo, umbingeleli akazange abone ngaphaya kwekhuselo; akazange ayifunde imfihlelo engaphaya. Ukunikelwa kweentsana kwakungumbono oqhelekileyo. Imihla ngemihla, umbingeleli wayesamkela imali yokuhlangulwa njengoko abantwana babenikelwa kuYehova. Imihla ngemihla wayeqhubeka nomsebenzi wakhe wesiqhelo, enganiki ngqwalasela ingako ebazalini okanye ebantwaneni, ngaphandle kwaxa wayebona ukuba kukho ubutyebi okanye ukuba phezulu okuthile ebazalini. UYosefu noMariya babehluphekile; bathi bakuza nomntwana wabo, ababingeleli babona nje indoda nomfazi abanxibe ngokwamaGalili, betsho ngezambatho ezingenaxabiso. Kwakungekho nto kwimbonakalo yabo eyayinomtsalane, baza banikela umnikelo nje owenziwa ludidi oluhlupheke kakhulu.ULw 52.1

    Umbingeleli wayenza inkqubo yenkonzo yomsebenzi wakhe. Wamthabathela ezingalweni zakhe umntwana, wamphakamisa phambi kwesibingelelo. Akuba embuyisele kunina, walibhala igama “Yesu” kwincwadi yamazibulo. Akazange acinge, njengokuba umntwana wayelele ezingalweni zakhe, ukuba wayeyiNgangalala yezulu, uKumkani wozuko. Umbingeleli akazange acinge ukuba lo mntwana wayenguLowo uMoses wayebhale ngaYe, esithi, “INkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; ze nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.” Zenzo 3:22. Akazange acinge ukuba, lo mntwana wayenguLowo uMoses wacela ukubona ubuqaqawuli baKhe. Kanti ke, Owaye mkhulu kunoMoses wayelele ezingalweni zombingeleli; naxa ebhalisa igama lomntwana, wayebhalisa igama laLowo wayesisiseko sayo yonke intlalo yobuYuda. Eli gama laliza kuba ligunya lokufa kwayo; kuba uhlelo lwemibingelelo neminikelo lwaluphelelwa; umzekeliso wawuse uza kufikelela kwisiqu sawo, isithunzi sifike koko sisisithunzi sako.ULw 52.2

    IShekina yayisukile engcweleni, kodwa kuMntwana waseBhetelehem kwakugqunywe ubuqaqawuli ezazithoba phambi kwabo iingelosi. Lo mntwana ungaqondiyo wayeyimbewu yesithembiso, esasisalatha kuyo isibingelelo sokuqala esangweni lase-Eden. Lo yayinguShilo, umniki woxolo. Nguye owazazisa kuMoses njengoNDINGUYE. YayinguYe owathi, ngentsika yelifu neyomlilo, waba ngumkhokeli kaIsrayeli YayinguYe, ezathi iimboni zathetha ngaYe kwakudala. WayengOlangazelelwa zizo zonke izizwe, iNgcambu neHlumelo likaDavide, iKhwezi eliqaqambileyo lokusa. Igama lalo mntwana ongenakuzinceda, libhalwe emqulwini kaIsrayeli, limvuma ukuba ungumzalwana wethu, ithemba loluntu oluwileyo. Umntwana ekwahlawulwa imali yokumhlangula yayinguYe owayeza kwenza intlawulo ngenxa yezono zawo wonke umhlaba. Waye “[engu]mbingeleli omkhulu. . . phezu kwendlu kaThixo” wenene, intloko“[yo]bubingeleliobungenakudlula,” umthetheleli “ngasekunene kobuKhulu, enyangweni.” Heb. 10:21; 7:24; 1:3.ULw 52.3

    Izinto zoMoya ziphicothwa ngokoMoya. Etempileni, uNyana kaThixo wanikelwa kumsebenzi awayezele ukuba awenze. Umbingeleli wamkhangela njengokuba wayesenza komnye umntwana. Nangona engazange abone okanye eve nto ingaqhelekanga, sona isenzo sikaThixo sokunikela ngoNyana waKhe emhlabeni savunywa. “Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaIsrayeli; waye noMoya Oyingcwele ephezu kwakhe. Wayehlatyelwe nguMoya Oyingcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.”ULw 55.1

    Uthi xa uSimon engena etempileni, abone usapho lunikela unyana walo wamazibulo kumbingeleli. Imbonakalo ithi luhluphekile; kodwa uSimon uyaziqonda izilumkiso zikaMoya, aze achukumiseke kakhulu kuba usana olunikelwa kuYehova nguMthuthuzeli kaIsrayelil, Owayekade elinde ukuba ambone. Kumbingeleli okhwankqisiweyo, uSimon ubonakala engumntu ovuselelweyo. Umntwana sele ebuyiselwe kuMariya. USimon umthabathela ezingalweni zakhe amnikele kuThixo lo gama uvuyo angazange waluva ngaphambili lungena emphefumlweni wakhe. Xa eluphakamisela ezulwini usana olunguMsindisi, uthi, “Uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho; ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe, isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, uzuko lwabantu bakho, amaIsrayeli.” ULw 55.2

    Umoya wokuprofeta wawuphezu kwale ndoda kaThixo, yaza yathi ngoku uYosefu noMariya bemi apha ecaleni kwakhe, bemangalisiwe ngamazwi akhe, wabasikelela, waza wathi kuMariya, “Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaIsrayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo; ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.”ULw 55.3

    NoAna, umprofetikazi, wangena wabuqinisekisa ubungqina bukaSimon ngoKristu. Wathi xa uSimon ethetha, ubuso bakhe bakhanya luzuko lukaThixo, waza wayiphalaza imibulelo yentliziyo yakhe, kuba evunyelwe ukuba ambone uKristu iNkosi.ULw 55.4

    Aba bakhonzi bathobekileyo babengazange bazifunde ngelize iziprofeto. Kanti ke, abo babesezikhundleni, bengabaphathi nababingeleli kwaIsrayeli, nangona nabo phambi kwabo babeneentetho ezinexabiso zesiprofeto, babengahambi endleleni yeNkosi, aza amehlo abo awavuleka ukuba bakubone ukuKhanya koBomi. ULw 55.5

    Kusenjalo nangoku. Iziganeko ekumile kuzo yonke ingqwalasela yezulu, aziqondwa, kwaukwenzeka kwazo akuqatshelwa, ziinkokheli zenkolo, nabanqulayo endlwini kaThixo. Abantu bavuma uKristu ngokwembali, lo gama besimka kuKristu ophilileyo. UKristu elizwini laKhe elibizela ekuzincameni, kwabangamahlwempu nababulalekayo abafuna ukukhululwa, kumsebenzi wokulunga obandakanya ubuhlwempu nokusebenza nzima nokugculelwa, akamkelwa ngokulula namhlanje kunokuba kwakunjalo kwiwaka elineshumi elinesibhozo leminyaka eladlulayo.ULw 56.1

    UMariya wacingisisa ngobubanzi nokufikelela kude kwesiprofeto sikaSimon. Wayesithi xa emkhangele umntwana osezingalweni zakhe, akhumbule amazwi awathethwa ngabelusi baseBhetelehem, azaliswe luvuyo olunombulelo nethemba eliqaqambileyo. Amazwi kaSimon amkhumbuza iintetho zesiprofeto sikaIsaya: “Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe; ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. . . . Yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe.” “Abantu abo bahamba emnyameni babone ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezele phezu kwabo. . . . Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo.” Isa. 11:1-5; 9:2-6.ULw 56.2

    Noko ke, uMariya akazange awuqonde umsebenzi ozelwe nguKristu. USimon wayeprofete ngaYe njengokukhanya okukhanya eziNtlangeni, kwakunye nobuqaqawuli bukaIsrayeli. Yiloo ndlela ezayivakalisayo iingelosi ekuzalweni koMsindisi njengeendaba zovuyo kubo bonke abantu. UThixo wayefuna ukulungisa imbono ecutheneyo yomsebenzi kaMesiya awayenayo amaYuda. Wayelangazelela ukuba abantu bambone, kungekuphela njengomhlanguli kaIsrayeli, kodwa njengoMhlawuleli welizwe liphela. Kwakufuneka ke kodwa kudlule iminyaka emininzi ngaphambi kokuba yena umama kaYesu awuqonde umsebenzi azele wona.ULw 56.3

    UMariya wayekhangele phambili ekulawuleni kukaMesiya etroneni kaDavide, kodwa akazange alubone ubhaptizo lokuphatheka kakubi ekwakufuneka lufumane ngalo [ulawulo olo]. NgoSimon, kutyhilwe ukuba uMesiya akayi kuba nendlela engenazithintelo ukudlula emhlabeni. Emazwini aya kuMariya, athi, “nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha,” uThixo, ngenceba yaKhe enobubele, unika umama kaYesu intwana yokumazisa ngentlungu athe, ngenxa yaKhe, waqalisa ukuyiva.ULw 56.4

    Uyabona,” wayetshilo uSimon, “lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaIsrayeli, nokuba abengumqondiso ochasiweyo.” Kufuneka bawe abo baya kuphinda baphakame. Kufuneka siwe phezu kweLiwa, saphuke, phambi kokuba siphakanyiswe kuKristu. Umna kufuneka asuswe etroneni, ikratshi kufuneka lithotyiwe, ukuba siya kubazi ubuqaqawuli bobukumkani basemoyeni. AmaYuda awazange alwamkele uzuko ekufikelelwa kulo ngokuthotywa. Ngoko ke, awazange amamkele uMkhululi. Waba ngumqondiso owachaswayo.ULw 57.1

    “Ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi.” Ekukhanyeni kobomi boMsindisi, iintliziyo zabo bonke, nokusuka kuMdali kuye kwinkosi yobumnyama, konke kutyhiliwe. USathana umveze uThixo njengotsalela konke kuYe, nonengcinezelo, njengobanga yonke into, angaphi nganto, nanjengofunela uzuko lwaKhe inkonzo yezidalwa zaKhe, nongenzi mbingelelo ukuze kulunge kuzo. Isipho sikaKristu, kodwa sityhila intliziyo kaYise. Siyangqina ukuba iingcinga zikaThixo ngakuthi, “zingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi.” Yer. 29:11. Sivakalisa ukuba, nangona ukusithiya kukaThixo isono kunamandla njengokufa, uthando lwaKhe kumoni lunamandla ukudlula ukufa. Njengoko ekuthabathele phezu kwaKhe ukuhlangulwa kwethu, akayi kuyeka nto, nokuba ithandeka kangakanani, efunekayo ukuze ugqitywe umsebenzi waKhe. Akukho nyaniso ebanjiweyo inokusisindisa, akukho mmangaliso wenceba utyeshelweyo, akukho senzeleli singcwele siyekwe singasetyenziswanga. Uthando lufunjwe phezu kothando, isipho phezu kwesipho. Wonke uvimba wezulu uvulelwe abo afuna ukubasindisa. Akuba eqokelele bonke ubutyebi bendalo yonke, wabavula oovimba bamandla angenasiphelo, unikela konke ezandleni zikaKristu, athi, Zonke ezi zezomntu. Zisebenzise ezi zipho ukumoyisela ekwazini ukuba akukho luthando lungaphezu kolwaM emhlabeni nasezulwini. Olona luvuyo lukhulu kuye, luya kufunyanwa ekuthandeni Mna.ULw 57.2

    Emnqamlezweni waseKalvari, uthando nokuzifunela kwema kujongene ubuso ngobuso. Apha kwakukho ukubonakalaliswa kwako kokugqibela. UKristu wayephilele kuphela ukuthuthuzela asikelele, nokuzibulala, [lo gama] uSathana wabonakalalisa inkohlakalo ngakuThixo esentliziyweni yakhe. Wenza kwabonakala ukuba eyona njongo yovukelo lwakhe yayikukususa uThixo etroneni, nokumtshabalalisa Lowo uthando lukaThixo lwaboniswa ngaYe.ULw 57.3

    Ngobomi nokufa kukaKristu, iingcinga zabantu nazo zabonakala. Ukususela emkhombeni kuse emnqamlezweni, ubomi bukaYesu babulubizo lokuzinikela, nolwalamano ekuphathekeni kakubi. Kwatyhila iinjongo zabantu. UYesu weza nenyaniso yasezulwini, baza bonke ababeliphulaphule ilizwi likaMoya Oyingcwele batsaleleka kuYe. Abanquli baka-mna babengabobukumkani bukaSathana. Kumoya wabo ngakuKristu, bonke babeya kubonisa icala abemi ngakulo. Ngaloo ndlela, wonke ubani uwisa isigwebo phezu kwesiqu sakhe. ULw 57.4

    Ngemini yomgwebo wokugqibela, wonke umphefumlo olahlekileyo uya kuyiqonda indlela yokwala kwawo inyaniso. Umnqamlezo uya kuboniswa, ithi nentsingiselo yawo yenene ibonwe yiyo yonke ingqondo eye yamfamekiswa kukwaphula umthetho. Phambi kombono weKhalvari neXhoba lawo elingaqondwayo, aboni baya kuma benetyala. Konke ukuxoka okuthethelelwayo kuya kupheliswa. Ukreqo lomntu luya kubonakala lulubi njengoko lunjalo. Abantu baya kubona ukuba kube kuyintoni ukukhetha kwabo. Wonke umbuzo wenyaniso nemposiso kwimbambano ekade ikho uya kuba ucacisiwe. Ekugwetyweni kwendalo yonke, uThixo uya kuma emsulwa engasoleki ngobukho okanye ukuqhubeka kwenkohlakalo. Kuya kuboniswa ukuba imithetho engcwele yezulu ayinagalelo esonweni. Kwakungekho siphako kulawulo lukaThixo, kungekho sizathu sankcaso. Xa iingcamango zazo zonke iintliziyo ziya kutyhilwa, abanyanisekileyo nabavukelayo baya kuhlangana ekuvakaliseni, ukuthi, “Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga. Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, angalizukisi igama lakho? . . . ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.” IsiTyh. 15:3, 4.ULw 58.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents