Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    16—Etempileni YaKhe

    [Esi sahluko sisekwe kuYohane 2:12-22]

    “Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi. Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.”ULw 154.1

    Kolu hambo, uYesu wahlangana namaqela amaninzi ayesendleleni esinga kwisixeko esiyintloko. Wayengekawuqali ekuhleni umsebenzi waKhe, waza wazixuba nesihlwele engaqondwanga. Kwezi ziganeko, ukufika kukaMesiya, ukubaluleka kwako okwenziwa lulungiselelo lukaYohane, kwakukholisa ukuba ngundaba-mlonyeni. Ithemba lobukhulu besizwe lalithethwa ngomdla ovuthayo. UYesu wayesazi ukuba eli themba laliza kudaniswa, kuba lalakhelwe phezu kokungazichazi kakuhle iziBhalo. Ngokuzimisela okukhulu, wazichaza iziprofeto, ezama ukubavusa abantu ukuba balifundisise ilizwi likaThixo.ULw 154.2

    Iinkokheli zamaYuda zazibafundise abantu ukuba, eYerusalem kulapho kwakufuneka befundiswe khona ukunqula uThixo. Apha, ngexesha leveki yePasika, amanani amakhulu ayebuthelana, esuka kuzo zonke iindawo zasePalestina, nakwimimandla ekude. Iintendelezozetempileazizaliswazizihlweleezazisenza isiphithiphithi esikhulu. Abaninzi babengakwazi ukuza nemibingelelo eyayiza kunikelwa ukufuzisela uMbingelelo omkhulu. Ukwenzela ukulungelwa kwaba bantu, kwakuziswa izilwanyana zize zithengiswe kwintendelezo yangaphandle yetempile. Apha, zonke iindidi zabantu zazihlangana ukuba zithenge iminikelo. Kulapha apho imali yangaphandle yayitshintshiswa khona ngemali yasengcweleni.ULw 154.3

    Wonke umYuda kwakulindeleke ukuba ahlawule ngomnyaka isiqingatha seshekele, “imali yokucamagushela umphefumlo wakhe;” ize ithi imali eye yaqokelelwa ngolo hlobo isetyenziswe ekuxhaseni itempile. Eks. 30:12-16. Ngaphandle kwale, iimali ezinkulu zaziziswa kwindyebo yetempile ziyiminikelo yokuzithandela kwabo abantu. Kwakulindelekile ukuba yonke imali ezingqekembe yangaphandle itshintshwe neshekele eyingqekembe yasetempileni, yeyayamkelekile kwinkonzo yasengcweleni. Ukutshintsha imali kwanika ithuba lamaqhinga nokuqhatha, kwaza oko kwandisa ukungenwa kuphunywa okulihlazo, okwangunozala wengeniso kubabingeleli.ULw 155.1

    Abathengisi babebiza amaxabiso aphezulu ngezilwanyana ezithengiswayo, baze babelane ngenzala kunye nababingeleli kunye nabaphathi, nabo ababezityebisa ngokuqhatha abantu. Abakhonzi bafundiswa ukuba bakholelwe ekuthini, ukuba abazisanga minikelo, intsikelelo kaThixo ayisayi kuze ibe phezu kwabantwana babo nakwimimandla yabo. Ngaloo ndlela kwakuye kuzuzwe ixabiso elikhulu ngezilwanyana; kuba, emva kokuba kusukwa kude kangako, abantu babengakwazi ukubuyela emakhayeni abo bengakwenzanga ukuzinikela ababezele kona.ULw 155.2

    Iqela elikhulu lemibingelelo yayinikelwa ngexesha lePasika, kwaye ngelo xesha intengiso yayinkulu kakhulu etempileni. Isiphithiphithi esasiye silandele sasiye sibe sesengxolo yokuthengiswa kweenkomo endaweni yokuba sibe sesifanele ubungcwele betempile kaThixo. Kwakuye kuvakale ingxolo enkulu yokuthenga, ukukhala kweegusha, isikhalo samahobe, konke kuhlangene nokukhenkceza kweengqekembe ezikhanyayo nokuphikisana okubi. Isiphithiphithi sasisikhulu kangangokuba abanqulayo babephazamiseka, aze athi amazwi abhekiswa kOsenyangweni agqunywe yingxolo ephakamileyo eyayingena etempileni. AmaYuda ayezidla kakhulu ngobungcwele bawo. Ayeyivuyela itempile yawo, ekuthabatha ukungathethwa kwelizwi elingayincomiyo njengesinyeliso; ayeququzela kakhulu ekwenzeni iinkonzo ezihlangene nayo; kodwa ukuthanda imali kwadlula ngaphaya kobucukubhede bawo. Ayengayiqapheli konke indlela awaya asuka ngayo kwinjongo yemveli yenkonzo eyamiselwa nguThixo ngokwaKhe.ULw 155.3

    Xa uYehova wehlayo phezu kweNtaba iSinayi, indawo leyo yangcwaliswa bubukho baKhe. UMoses wayalelwa ukuba amise imidaejikelezeintabaazeayingcwalise,lazailizwilikaYehovalaviwa lilumkisa: “Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe. Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila.” Eks. 19:12, 13. Safundiswa ngaloo ndlela isifundo sokuba, kuyo yonke indawo apho uThixo athe wabonakalalisa ubukho baKhe, indawo leyo ingcwele. Sekunjalo, ukulwela inzuzo, konke oku kwalahleka. ULw 156.1

    Ababingeleli nabaphathi babebizelwe ukuba babe ngabameli bakaThixo bakaThixoesizweni;babemelweukuba bakulungisile ukusetyenziswa gwenxa kwentendelezo yetempile. Babemelwe kukuba banike abantu umzekelo wesidima novelwano. Endaweni yokufunela eyabo inzuzo, babemelwe kukuyiqaphela imeko neentswelo zabakhonzi, baze balungele ukunceda abo babengakwazi ukuthenga imibingelelo efunekayo. Bona abazange bakwenze oku. Ukubawa kwazenza lukhuni iintliziyo zabo.ULw 156.2

    Kwakusiza kwesi sidlo abantu ababebandezelekile, abo babeswele nabanoxinzelelo. Abaziimfama, iziqhwala, izithulu, bonke babelapho. Abanye babethwelwe ngeemandlalo zabo. Baye bebaninzi abezayo behlupheke kakhulu ukuba bangathenga nowona mnikelo uphantsi, behlupheke kakhulu nokuba bangathenga ukutya oku kokuba bahluthe apha esiswini sabo.ULw 157.1

    Aba bantu babenoxinzelelo olukhulu kakhulu zintetho zababingeleli. Ababingeleli babeqhayisa ngobungcwele babo; besithi bangabakhuseli babantu; kodwa babengenalo uvelwano okanye imfesane. Amahlwempu, abagulayo, nabafayo, bacenga bancama ukuba benzelwe inceba. Ukutsala kwabo nzima akuzange kuvuse luvelwano ezintliziyweni zababingeleli.ULw 157.2

    UkufikakukaYesuetempileni, uYesu wawubona wonke umboniso. Wakubona ukuthenga kuthengiswa okungalunganga. Walubona uxinzelelo kubantu abangamahlwempu, nababecinga ukuba, ngaphandle kokuphalala kwegazi abasokuze balufumane uxolelo lwezono zabo. Wayibona intendelezo yangaphandle yetempile ijike yaba yindawo yokuhliwa kunyukwa okungengcwele. Indawo ebiyelweyo engcwele yaba yimalike enkulu yotshintshiselwano ngemali.ULw 157.3

    UKristu wabona ukuba kumele ukuba kubekho into eyenziwayo. Iinkonzo ezininzi zazibekwe phezu kwabantu, bengakufundiswanga kakuhle ukubaluleka kwazo. Abanquli babeyinikela imibingelelo yabo bengaqondanga ukuba yayiyimifuziselo yoMbingelelo ekuphela kwawo ogqibeleleyo. Kwathi phakathi kwabo, engaqondwanga, enganikwanga mbeko, wema Lowo wayefuziselwa yiyo yonke inkonzo yabo. NguYe owayenike imiyalelo ngeminikelo. Wayeliqonda ixabiso lokufuzisela kwayo, waza wabona ukuba ngoku igqwethiwe kwaye iqondwa ngendlela engeyiyo. Unqulo lwasemoyeni lwalukhawuleza ukusithela. Kwakungasekho khonkco lihlanganisa ababingeleli nabaphathi kuThixo wabo. Umsebenzi kaKristu wawukukumisela unqulo olwahluke kakhulu.ULw 157.4

    Ngokujonga okunombuzo, uKristu wawuthabatha umbono ophambi kwaKhe ngexesha emi kwizinyathelo zetempile. Ngeliso elinobuprofeti, wakhangela kwixesha elizayo, wabona phambili, hayi kwiminyaka nje kuphela, kodwa kwiinkulungwane nasezizukulwaneni. Ubona indlela ababingeleli nabaphathi abaya kubasusa ngayo abasweleyo kokwabo okulungileyo, kunye nokwalela ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwabangamahlwempu. Ubona indlela uthando lukaThixo oluya kufihlwa ngayo kuboni, nendlela abantu abaza kuthengisa ngayo ngobabalo lwaKhe. Uthi ewukhangelelombono,ingqumbo, igunya, namandlaabonakalenjekwinkangelekoyaKhe.Umdla wabantu utsaleleka kuYe. Amehlo abobabexakekekukuhla benyuka azinza ebusweni baKhe. Abakwazi ukuwasusa kuYe. Baba nento ethi, lo Mntu ufunda iingcinga ezingaphakathi kubo, kwaye ufumana iinjongo ezifihlwe kuzo. Abanye bazama ukubufihla ubuso babo, ngokungathi izenzo zabo ezibi zibhalwe kwimbonakalo yabo, ukuba zifundisiswe ngaloo mehlo agqogqayo.ULw 157.5

    Isiphithiphithi sidambile. Ukuhla kunyukwa nokuthengisa kumile. Inzolo ivakala kabuhlungu. Intlanganiso yonke igutyungelwe luloyiko. Kubonakala ngathi bonke bemi phambi kwenkundla yamatyala kaThixo ukuba baziphendulele ngezenzo zabo. Bakukhangela kuKristu, babona ubuThixo buthe gqi bukwingubo yobuntu. UKumkani wezulu umi njengoko eza kwenza njalo ukuma uMgwebi ngemini yokugqibela,--engarhangqwe bubuqaqawuli obuya kuba bunaye ngelo xesha, kodwa enaloo mandla okufunda imiphefumlo. Amehlo aKhe asigqiba sonke isihlwele, akhangela umntu ngamnye, kwaza ukukhanya kwezulu kwayikhanyisa imbonakalo yaKhe. Uyathetha, kwaye ilizwi laKhe elicacileyo nelinesandi—elo lavakalisa kwiNtaba yeSinayi lo mthetho ababingeleli nabaphathi bawaphulayo—livakala lihlokoma kububanzi betempile: “Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.”ULw 158.1

    Wehla izinyathelo kancinane, ethe qhiwu isabhokhwe seentambo asifumene ekungeneni entendelezweni, uyalela iqela labathengayo nabathengisayo ukuba baphume emasangweni etempile. Ngenzondelelo nokuqina, izinto angazange wazibonakalalisa ngaphambili, ubhukuqa iitafile zabatshintshisa ngemali. Ingqekembe iwa phantsi iqengqeleke ngengxolo endleleni yamatye. Akukho unesibindi sokubuza ngegunya laKhe. Akukho unesibindi sokuma aqokelele yonke le ndyebo bayizuze kakubi. UYesu akababethi ngesabhokwe seentambo, kodwa esandleni saKhe esi sabhokhwe sibonakala ngokwekrele lomlilo. Amagosa etempile, ababingeleli abathenga bethengisa, abatshintshisa ngemali nabathengisa iinkomo, bekunye neegusha kunye neenkomo zabo, babaleka bayishiya indawo, becinga into enye kuphela, ukusinda ekohlwayweni phambi kobuso baKhe.ULw 158.2

    Isihlwele sizaliswa luloyiko, kuba sisiva ukugutyungelwa bubuThixo baKhe. Imikhwazo yokoyika iphuma kumakhulu-khulu emilomo exwebileyo. Nabafundi bayangcangcazela. Baqhiphik’ umbilini ngamazwi kunye nendlela ayiyo uYesu, engafaniyo konke nokuziphatha kwaKhe okuqhelekileyo. Bakhumbula oko kubhaliweyo ngaYe, “Ngokuba lindidlile ikhwele ngenxa yendlu yakho.” Nd. 69:9. Kungekudala, isihlwele esinengxokozelo nentengiso yaso sathi qelele etempileni kaYehova. Iintendelezo azinabantubehla benyukaabangalunganga,kukhoinzolo nondiliseko olukhuluaphobekukho isiphithiphithi. Ubukho beNkosi, obathi kudala bangcwalisa intaba, ngoku bungcwalise itempile eyenzelwe uzuko lwaYo. ngokuhlambulula itempile, uYesu wayevakalisa umsebenzi awuzeleyo njengoMesiya, kunye nokuqalisa kwaKhe umsebenzi waKhe. Loo tempile, eyakhelwa ukuhlala koBukho obungcwele, yalungiselelwa ukuba ibe sisifundo ngomzekeliso kuIsrayeli nasehlabathini. Kususela emaphakadeni, yayiyinjongo kaThixo ukuba sonke isidalwa, kususela kwiserafi ebengezelayo nengcwele kuse emntwini, kufuneka sibe yitempile yokuhlalwa ngaphakathi nguMdali. Ngenxa yesono, uluntu lwayeka ukuba yitempile kaThixo. Yenziwe mnyama yangcoliswa bububi, intliziyo yomntu ayisakwazi ukubutyhila ubuqaqawuli bOyingcwele. Kuthe kodwa ngokuzalwa esenyameni uNyana kaThixo, injongo yeZulu yazaliseka. UThixo uhlala eluntwini, kuthi, ngobabalo olusindisayo, intliziyo yomntu ibe yitempile yaKhe kwakhona. UThixo walungiselela ukuba itempile eseYerusalem isoloko ibubungqina besiphelo esiphezulu somphefumlo ngamnye. Noko kunjalo, amaYuda awazange akuqonde ukubaluleka kwesi sakhiwo awayezidla kakhulu ngaso. Awazange azinikele njengeetempile ezingcwele kuMoya Ongcwele. Iintendelezo zetempile yaseYerusalem, zizaliswe sisiphithiphithi sokuhliwa kunyukwa okungekho ngcwele, ngokwenene zazimele itempile yentliziyo, engcoliswe yinkanuko ehlazisayo neengcinga ezingahlambulukanga. Ngokuhlambulula itempile ekuthengeni nasekuthengiseni kwehlabathi, uYesu wazisa umsebenzi awuzeleyo wokuhlambulula intliziyo ekungcolisweni sisono,--kwiminqweno yehlabathi, kwiinkanuko zokubawa, kwimikhwa yobubi, izinto ezonakalisa umphefumlo. “Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo, kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi. Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yokuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo. Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere.” babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.” Mal. 3:1-3.ULw 158.3

    “Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu? Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo, kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.” 1 Kor. 3:16, 17. Akakho umntu onokugxotha umkhosi weedemon olawula intliziyo. Kuphela nguKristu onako ukuhlambulula itempile yomphefumlo. NaYe akasayi kuze angene ngokuzinyanzela. Akangeni entliziyweni njengakwitempile yakudala; kodwa uthi, “Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye.” IsiTy. 3:20. Uya kungena, kungabi kokweminienyekuphela;kubauthi,“ndiya kuhlala phakathi kwabo,ndihambe phakathi kwabo;. . . babe ngabantu bam bona.” “Abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.”2 Kor. 6:16; Mika 7:19. Ubukho baKhe buya kuhlambulula bungcwalise umphefumlo, ukuze ube yitempile engcwele kuYehova, ibe yitempile engcwele eNkosini, “[ne]ndawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.” Efese 2:21, 22.ULw 161.1

    Bezaliswe luloyiko, ababingeleli nabaphathi babaleka baphuma entendelezweni yetempile, nasekujongweni liliso elaligocagoca iintliziyo zabo. Ekubalekeni kwabo, bahlangana nabanye endleleni besiya etempileni, bathi mabajike, bebaxelela ngoko bakubonileyo nabakuvileyo. UKristu wabakhangela aba bantu babalekayo ngovelwano ngenxa yokoyika kwabo, nangokuswela kwabo ulwazi kokuba yintoni equkwe kunqulo lwenene. Kulo mboniso, wabona kufuziselwe ukuchithwa-chithwa kohlanga lwamaYuda ngenxa yenkohlakalo nokungabi nakuzohlwaya kwawo.ULw 162.1

    Kwakutheni ukuze ababingeleli babaleke basabe etempileni? Kwakutheni bangemi koko bakwenzayo? Lowo wayebayalele ukuba bahambe yayingunyana womchweli, ihlwempu nje lomGalili, ongenasikhundla nagunya emhlabeni. Kwakutheni ukuze bangamchasi? Kwakutheni ukuze bayishiye ingeniso yabo abayizuza ngondlela mnyama, basuke babaleke ngokuthetha nje kwaLowo ombonakalo yaKhe yangaphandle yayithobekile?ULw 162.2

    UKristu wathetha ngegunya likakumkani, kwaye kwimbonakalo yaKhe naselizwini laKhe, kukho into ababengakwazi ukumelana nayo. Elizwini lomyalelo, baqonda, ngaphezu kokuba bakha baqonda ngaphambili, ukuba eyona nto bayiyo, bangabahanahanisi nabaphangi. Kwathi kwakuvela ubuThixo ebuntwini, abanela ukubona ingqumbo kwimbonakalo kaKristu; bakuqonda ukubaluleka kwamazwi aKhe. Baziva ngokungathi baphambi kwetrone yoMgwebi kanaphakade, apho isohlwayo sawiswa phezu kwabo, eselo xesha nesikanaphakade. Ngokwelo xesha, boyisakala ukuba uKristu ungumprofeti; baza abaninzi bakholelwa ukuba unguMesiya. UMoya Oyingcwele wazisa ngephanyazo ezingqondweni zabo iintetho zabaprofeti ezingoKristu. Ingaba baza kuziyekela koku koyisakala?ULw 162.3

    Kona ukuguquka, abazange baqale. Babesazi ukuba uvelwano lukaKristu kumahlwempu lwalulukhulu. Babesazi ukuba bona babenetyala lokuqhatha ekusebenzeni kwabo nabantu. Ngenxa yokuba uKristu ezifunda iingcinga zabo, baya bamthiya. Ukubakhalimela kwabo esidlangalaleni kwakulithoba ikratshi labo, baza banomona ngokukhula kwempembelelo yaKhe ebantwini. Bazimisela ukuba bamnike umngeni ngegunya awabagxotha ngalo, nokuba ngubani owamnika eli gunya.ULw 162.4

    Kancinane nangobulumko, kodwa ngentiyo ezintliziyweni zabo, babuyelaetempileni.Ubukhulubotshintshoobenzekangexesha lokungabikho kwabo! Ekubalekeni kwabo, amahlwempu ayesele ngasemva; aza wona ngoku akhangela kuYesu, ombonakalo yaKhe yayibonisa uthando novelwano. Enenyembezi emehlweni aKhe, wathi kwaba bangcangcazelayo bamjikelezileyo: Musani ukoyika; ndiya kunihlangula, nize nina nindizukise. Ndizele oku emhlabeni.ULw 163.1

    Abantu bangungelana kuYesu benezibongozo ezingxamisekileyo nezilusizi: Nkosi, ndisikelele. Indlebe yaKhe yakuva konke ukukhala. Ngovelwano oludlula olukamama wathoba kwabancinane ababulalekayo. Bonke bafumana inkathalo. Wonke umntu waphiliswa kwisigulo anaso. Ongakwaziyo ukuthetha, imilebe yakhe yadumisa; oyimfama wabubona ubuso boMbuyiseli. Iintliziyo zabagulayo zonwatyiswa. ULw 163.2

    Bathi ababingeleli namagosa etempile bakuwubona lo msebenzi mkhulu, indlela ezeza nentyilelo ngayo izandi ezavakala ezindlebeni zabo! Abantu babebalisa ibali lentlungu ababenayo, lokudaniswa kwamathemba abo, lwemihla ebuhlungu nobusuku bokungabi nabuthongo. Xa intlantsi yokugqibela yethemba labo ingathi ifile, uKristu wabaphilisa. Umthwalo wawumkhulu kakhulu, atsho omnye; kodwa ndifumene umncedi. UnguKristu kaThixo, ndaye ndiza kubunikela ubomi bam ekukhonzeni Yena. Abazali bathi ebantwaneni babo, usindise ubomi bakho; liphakamise ilizwi lakho umdumise. Amazwi abantwana nolutsha, ootata noomama, abahlobo nababukeli, ahlangana ngokubulela nokudumisa. Ithemba novuyo lazizalisa iintliziyo zabo. Uxolo lwabakho ezingqondweni zabo. Babuyiselwa umphefumlo nomzimba, baza babuyiselwa ekhaya bevakalisa kuyo yonke indawo uthando lukaYesu olungenamlinganiselo.ULw 163.3

    Ekubethelelweni kukaKristu emnqamlezweni, abo babephilisiwe abazange bazibandakanye nesihlwele ekukhwazeni, kusithiwa, “Mbethelele emnqamlezweni! Mbethelele emnqamlezweni!” Uvelwano lwabo lwaba kuYesu; kuba babeluvile uvelwano lwaKhe olukhulu kunye namandla amangalisayo. Bamazi ukuba unguMsindisi wabo; kuba wayebanike impilo yomzimba nomphefumlo. Bakuphulaphula ukushumayela kwabapostile, nokungena kwelizwi likaThixo ezintliziyweni zabo kwabanika ukuqonda. Baba ngabathunywa benceba kaThixo, nezixhobo zosindiso lwaKhe. ULw 163.4

    Isihlwele esasibalekile entendelezweni yetempile, emva kwexesha sathi gqolo sibuyela. Kancinane saya sikhululeka ekoyikeni okwakusithe hlasi, kodwa ubuso bona buxela intandabuzo nobuphakuphaku. Bayikhangela bemangalisekile imisebenzi kaYesu, baza baqiniseka ukuba kuYe iziprofeto ezingoMesiya zazizaliseka. Isono sokungcoliswa kwetempile sahlala, ikakhulu, phezu kwababingeleli. Kwaba ngokuvumelana kwabo ukuze intendelezo yenziwe indawo yentengiso. Abantu bona ngokwabo babemsulwa. Babethabathekile ligunya lobungcwele bukaYesu; kodwa eyona nto yayiphambili kubo yayiligunya lababingeleli nabaphathi. Bawuthabatha umsebenzi kaYesu njengento entsha, banombuzo ngelungelo laKhe lokuphazamisa oko kwakuvunyelwe ngabalawuli betempile. Babecaphukile kuba kwaya kwaphazanyiswa ukungena kuphunywa, baza ngaloo ndlela bakucinezela ukuthinjwa kwabo nguMoya Oyingcwele. ULw 163.5

    Ngaphezu kwabo bonke abanye, ababingeleli babemelwe kukuba kuYesu babone umthanjiswa kaYehova; kuba ezandleni zabo kwakukho iincwadi ezisongiweyo ezazichaza ngomsebenzi waKhe awuthunyiweyo, kwaye babesazi ukuba ukuhlanjululwa kwetempile kwaye ikukubonakalaliswa kokungaphezulu kwegunya lomntu. Nangona babemthiye kakhulu uYesu, babengakwazi ukuzikhulula kwingcinga yokuba usenokuba ungumprofeti othunywe nguThixo ukuba abuyisele ubungcwele betempile. Ngentlonelo ebangwa koku koyika, baya kuYe bembuza besithi, “Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?”ULw 164.1

    UYesu wayebabonise umqondiso. Ngokukhanya okwabaneka ezintliziyweni zabo, nasekwenzeni phambi kwabo imisebenzi eyayiza kwenziwa nguMesiya, wayebanike ubungqina oboyisayo besimilo saKhe. Ngoku xa becela umqondiso, wasuka wabaphendula ngomzekeliso, ebonisa ukuba uyifundile inkohlakalo yabo, wayibona ukuba ingabenza bagabadele kangakanani. “Yichitheni le tempile,” watsho, “mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.” ULw 164.2

    Kula mazwi, intsingiselo yaKhe yayintlantlu mbini. Wayengabhekisi kuphela ekuchithweni kwetempile yamaYuda kunye nonqulo lwayo, kodwa nasekufeni kwaKhe buqu,--ukutshatyalaliswa kwetempile yomzimba waKhe. Oku ayesele ekuceba amaYuda. Njengokuba ababingeleli nabaphathi babebuyela etempileni, babesele begqibe ukuba bambulale uYesu, ukuze basuse phakathi kwabo umhluphi oza nenkathazo. Wathi kodwa akuyibeka phambi kwabo injongo yabo, abamqonda. Bawathabatha amazwi aKhe ukuba abhekisa kuphela kwitempile eseYerusalem, bathi, besemsindweni, bambuza, “Yayiminyaka imashumi mane anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?” Ngoku beva ngokungathi uYesu uvumelana nokungakholwa kwabo, baza baqiniselwa ngakumbi ekubeni bangamfuni. ULw 164.3

    UKristu akazange alungiselele ukuba amazwi aKhe aqondwe ngamaYuda angakholwayo, kwanangabafundi baKhe ngeli xesha. Wazi ukuba aya kugqwethwa ziintshaba zaKhe, aze asetyenziswe ukumchasa. Ekuxoxweni kwetyala laKhe aya kuziswa njengesityholo, aze athi eKalvari aphoswe kuye njengesigculelo. Phofuukuwachazangoku kwakuza kunika abafundi baKhe ulwazi lwentlungu yaKhe, aze azise phezu kwabo usizi ababengakabi nako ukuluthwala ngokwangoku. Enye into, inkcazo ibiza kuveza, kumaYuda ngaphambi kwexesha, isiphumo sokugweba engazi, kunye kwanokungakholwa kwawo. Ayesele engenile kakade endleleni awayeza kuyilandela ngokucothozayo ade Yena akhokelwe njengemvana esiwa ekuxhelweni.ULw 164.4

    Kwakungenxa yabo kwakufuneka bekholiwe kuYe okwenza ukuba amazwi kaKristu athethwe. Wayesazi ukuba ayeza kuphindwa. Njengoko ayethethwe ePasikeni, ayeza kufika ezindlebeni zamawaka, aze asiwe kuzo zonke iindawo zasehlabathini. Emva kokuba evukile kwabafileyo, intsingiselo yawo yayiza kucaca. Kwabaninzi ayeza kuba bubungqina obupheleleyo bobuThixo baKhe.ULw 165.1

    Ngenxa yobumnyama abakubo ngasemoyeni, nabafundi bakaYesu babekholisa ukusilela ukuziqonda izifundo zaKhe. Phofu ezininzi kwezi zifundo zazicaciswa ziziganeko ezaye zilandele. Kwathi sele engasahambi nabo, amazwi aKhe ahlala ezintliziyweni zabo.ULw 165.2

    Ngokubhekiselele kwitempile eseYerusalem, amazwi oMsindisi athi, “Yichitheni le tempile mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.” Ayenentsingiselo enzulu kunokuba abo babewava bacinga. UKristu wayesisiseko nobomi betempile. Iinkonzo zayo zazifuzisela umbingelelo woNyana kaThixo. Ububingeleli basekwa ukuba bumele imo yokuthethelela nomsebenzi kaKristu. Lilonke icebo lonqulo lwemibingelelo lalikukuhamba ngaphambili okubonisa ukufa koMsindisi ukuhlangula ihlabathi. Yayingasayi kuba sasebenza nto le minikelo sakuba isiganeko esikhulu eyayisalatha sithe senzeka.ULw 165.3

    Njengoko yonke inkonzo yamadini yayifuzisela uKristu, yayingenalo ixabiso ngaphandle kwaKhe. Athi amaYuda akukutywina ukumala kwawo uKristu ngokumnikela ekufeni, akwala konke okwakunika ukubaluleka kwitempile neenkonzo zayo. Ubungcwele bayo babusukile. Yagwetyelwa intshabalalo. Ukususela ngaloo mini, iminikelo yemibingelelo kunye nenkonzo ehlangene nayo, zonke zazingasenayo intsingiselo. Njengomnikelo kaKayen, zazingabonisi kukholelwa kuMsindisi. Ekubulaleni uKristu, ikhuselo langaphakathi lakrazuka kubini ukususela phezulu ukuya phantsi, nto leyo eyayibonisa ukuba owona mnikelo mkhulu wokugqibela wawenziwe, nokuba uhlelo lweminikelo yombingelelo yayiphela ngonaphakade.ULw 165.4

    “Ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.” Ekufeni koMsindisi, amagunya obumnyama abonakala ngokungathi ayoyisa, aza aluvuyela uloyiso. Lithe lakukrazuka kodwa ingcwaba likaYosefu, uYesuwaphuma engumoyisi. “Ebabhunyule obalawuli nomagunya,wabenza isibonelo ekuhleni, ememelelangabo”Kol. 2:15. Ngokuhle kokufa nokuvuka kwaKhe, waba ngumlungiseleli “womnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, awamiswa ngumntu.” Heb. 8:2. Abantu bakha umnquba wamaYuda; abantu bakha itempile yamaYuda; kodwa ingcwele yangasentla, eyayingumfuziselo wayo eyasemhlabeni, ayizange yakhiwa ngobuchule bobokuzoba komntu. “Nantso indoda enguHlumelo, . . . iyakhe itempile kaYehova. Iya kuyakha ke yona itempile kaYehova, ithweswe uzuko, ihlale ilawule etroneni yayo, ibe ngumbingeleleli etroneni yayo.” Zek. 6:12, 13.ULw 165.5

    Inkonzo yombingelelo eyayisalatha kuKristu yadlula; kodwa amehlo abantu ayesajonge kumbingelelo wenene wezono zehlabathi. Ububingeleli basemhlabeni baphela, kodwa sijonge kuYesu, umlungiseleli womnqophiso omtsha, “nakwigazi lokufefa, elithetha ezona zinto zilungileyo kunelika-Abheli.” “Indlela eya kweyona ngcwele ayikabonakalaliswa, umnquba wokuqala usemi; . . . Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngezandla . . . kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.” Heb. 12:24; 9:8-12.ULw 166.1

    “Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.” Heb. 7:25. Nangona ulungiselelo lwaluza kususwa kweyasemhlabeni lusiwe kweyasezulwini itempile; nangona ingcwele nombingeleli wethu omkhulu wayengasayi kubonakala kwawethu emehlo, bona abafundi babengasayi kuze bamswele ngenxa yoko. Babengasayi kuqhawukelwa luqhagamshelwano lwabo, kungabikho kuhla kwamandla ngenxa yokungabikho koMsindisi. Lo gama uYesu elungiselela kwingcwele yaphezulu, ukwangumlungiseleli webandla emhlabeni ngoMoya waKhe. Ususiwe emehlweni oluvo, kodwa isithembiso asenze ekuhambeni kwaKhe sizalisekile, “Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Mateyu 28:20. Lo gama ethumela amandla aKhe kubalungiseleli abaphantsi, ubukho baKhe obunika amandla busekho ebandleni laKhe.ULw 166.2

    “Ngoko sinombingeleli omkhulu, . . . uYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu. Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi engenasono. Masisondele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo losisiza ngexesha elililo.” Heb 4:14-16.ULw 166.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents