Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    35—“Hlala Uthi Tu, Uthi Cwaka!”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 8:23-34; Marko 4:35-41; 5:1-20; Luka 8:22-39.]

    Yayiyimini eyayixakeke kakhulu ebomini bukaYesu. Engakulwandle lwaseGalili wayithetha khona imizekeliso yaKhe yokuqala, esebenzisa imizekelo eqhelekileyo, wabacacisela abantu ngemo yobukumkani baKhe kwakunye nendlela obabuza kumiselwa ngayo. Wayewufanise umsebenzi waKhe nalowo womhlwayeli; ukukhula kobukumkani baKhe wakufanisa nokukhula kokhozo lwemostade kwakunye nokwenziwa ligwele kumlinganiselo womgubo. Ukwahlukaniswa okukhulu kokugqibela kwamalungisa nabakhohlakeleyo wakuzoba kwimizekeliso yengqolowa nomdiza kwakunye nomnatha wokuloba. Ukuxabiseka okukhulu kakhulu kweenyaniso awazifundisayo kwakuzekeliswa ngobutyebi obufihliweyo kunye neperile enexabiso elikhulu, lo gama kumzekeliso womninindlu wafundisa abafundi baKhe ngendlela ababeza kusebenza ngayo njengabameli baKhe. ULw 333.1

    Imini yonke wayefundisa ephilisa; kuthi nangona sekusihlwa, zingungelane kuYe izihlwele. Imihla ngemihla wayezilungiselela, kunzima ukukha ayeke azinike ithuba lokutya okanye lokuphumla. Isigxeko esikhohlakeleyo nokuthetha okungekhoyo [ngaYe] ababethe rhoqo bemsukela ngako abaFarisi, kwakuwenza ukuba ubenzima umhluphe kakhulu umsebenzi waKhe; kuthi ngoku xa iphela imini imfumane edinwe kakhulu kangangokuba azame ukufumana indawo esecaleni ngaphesheya kwechibi. ULw 333.2

    Unxweme lwempuma yeGenesarete lwaluyindawo enabantu, kuba kwakukho iidolophu ezithe gqabagqaba ngasechibini; kanti yayiyindawo eyinkqantosi xa ithelekiswa necala lasentshona. Abantu abaninzi ababekho yayingabantu abangabahedeni kunabangamaYuda, kwaye benonxibelelwano oluncinane neGalili. Ngoko ke, yayimnika uYesu indawo esecaleni awayeyifuna, waza ke ngoku wayalela abafundi baKhe ukuba bahambe naYe ukuya apho. ULw 334.1

    Emva kokuba esindulule isihlwele, bamthabatha “esemkhombeni njalo,” bakhawuleza bemka. Phofu babengazi kuhamba bodwa. Ayekho namanye amaphenyane okuloba awayekufuphi elunxwemeni, nawo akhawuleza azaliswa ngabantu ababelandela uYesu, bezondelele ukumbona nokumva. ULw 334.2

    Ekugqibeleni uMsindisi wakhululeka kuxinaniso lwesihlwele, wathi, oyiswe kukudinwa nayindlala, wangqengqa phantsi ngasemva emkhombeni, kwathi kungekudala walala. Urhatya lwaluzolile luphole kamnandi, kuzolile phezu kwechibi; kodwa ngequbuliso ubumnyama bathi tshitshilili esibhakabhakeni, umoya wabhudla ngamandla usihla emiweweni yentaba ngakunxweme lwasempuma, kwaza kwagqabhuka isaqhwithi esoyikekayo phezu kwechibi.ULw 334.3

    Ilanga lalitshonile, kwehla ubumnyama bobusuku phezu kolwandle olunoqhwithelo. Amaza, elwatyuza ngokoyikekayo ngumoya obhudlayo, abetha ngokoyikekayo phezu kwesikhephe sabafundi, athembisa ngokubagubungela. Abo balobi banamava babechithe ubomi babo apho echibini, kwaye babewakhokela apho esindile amaphenyane abo, begqobhoza imimoya; kodwa ngoku amandla abo nobuchule babo babungenzi nto. Babengakwazi ukuzinceda ukuzikhulula ekubanjweni sisaqhwithi, baphelelwa lithemba xa bebona iphenyane labo lizala ngamanzi.ULw 334.4

    Ngokumilisela iingqondo zabo kwimizamo yokuzisindisa, balibala nokuba ukho apho emkhombeni uYesu. Bathi ngoku xa bebona ukuba imizamo yabo ayibasi ndawo, kwaye ikukufa kuphela into ephambi kwabo, bakhumbula ukuba babeye ngomyalelo kabani apho ukuba baye ngaphesheya kolwandle. Ithemba labo elikuphela kwalo lalikuYesu. Ekubeni benganakuzinceda, bede baphelelwa nalithemba, bakhala, “Nkosi, Nkosi!” Ubumnyama obungqingqwa babumfihlile uYesu ukuba bambone. Amazwi abo ayeginywe kukugquma kwesaqhwithi, kwaza akwabakho mpendulo. Ukuthandabuza nokoyika kwabahlasela. Ingaba uYesu wayebashiyile? Ingaba Lowo woyisa izifo needemon, kwakunye nokufa, akanawo amandla okunceda abafundi baKhe ngoku? Ingaba wayengakhathali ngabo kuxinzelelo abakulo?ULw 334.5

    Baphinda babiza, kodwa kwakungekho mpendulo ngaphandle kwengxolo yemigqumo enomsindo. Umkhombe wabo wawuse utshona. Umzuzwana nje, kwakubonakala ukuba baza kuginywa ngamanzi alambileyo. ULw 334.6

    Ngequbuliso kwathi tshazi umbane ugqobhoza ubumnyama, baza bambona uYesu engqengqe phantsi elele, engaphazanyiswa sisiphithiphithi. Bemangalisiwe bephelelwe nalithemba, bakhwaza,“Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?” Angathiniukuphumlakamnandikangaka,babebona besengozini besilwa nokufa?ULw 334.7

    Isikhalo sabo samvusa uYesu. Kwathi xa ukukhanya kombane kumbonakalisa, babona uxolo lwezulu ebusweni baKhe; bafunda kwinkangeleko yaKhe ukuzilibala, uthando olunobubele, zaza iintliziyo zabo zibhenela kuYe, bakhala, “Nkosi, sisindise, satshabalala!”ULw 335.1

    Awuzange umphefumlo uvakalise isikhalo esinjalo unganikwa ngqalelo. Ngexesha abafundi bebamba imiphini yabo ukwenza ilinge lokugqibela, uYesu uyavuka. Uma phakathi kwabafundi baKhe, ngoku isaqhwithi sivuthuza, amaza ephakama phezu kwabo, umbane wayikhanyisa imbonakalo yaKhe. Uphakamisa isandla saKhe, ebesikholisa ukwenza imisebenzi yenceba, athi kulwandle olunomsindo, “Hlala uthi tu, uthi cwaka!” ULw 335.2

    Isaqhwithi siyayeka. Amaza ayehla. Amafu ayemka, neenkwenkwezi ziyakhanya. Umkhombe uhleli phezu kolwandle oluthuleyo. Emva koko, ujika ajonge kubafundi baKhe, abuze ngentliziyo ebuhlungu, “Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo?” Marko 4:40. ULw 335.3

    Bathi cwaka abafundi. NoPetros akazange azame ukukuchaza ukoyika okwakuzalise intliziyo yakhe.Neminye imikhombe eyayihambe nabo ukukhapha uYesu yayikwingozi enye naleyo yabafundi. Ukoyika nokuphelelwa lithemba kwakubafumene ababekuyo; kodwa umyalelo kaYesu wazisa ukuthula kwindawo yesiphithiphithi. Ingqumbo yesaqhwithi yenza ukuba imikhombe isondelelane, baza bonke ababekhwele bawubona ummangaliso. Ekuzoleni okwalandelayo, lwalityalwa uloyiko. Abantu bahleba phakathi kwabo, “Ngumntu mni na lo, lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?” ULw 335.4

    Ngexesha uYesu wayevuswa ukuba ahlangabezane noqhwithelo, wayeseluxolweni olupheleleyo. Kwakungekho nentwana yoloyiko elizwini nasekukhangeleni, kuba ukoyika kwakungekho entliziyweni yaKhe. Wayengasoloko enalo lonke igunya. Wayengangqengqanga ephumle “[njenge]Nkosi yomhlaba nolwandle nesibhakabhaka.” Elo igunya wayelibeke phantsi, kuba uthi, “Mna ngokwam andinakwenza nto.” Yohane 5:30. Wayethembele kwigunya likaYise. Kwakuselukholweni—ukholo kuthando nenkathalelo kaThixo—awayephumle kulo uYesu, kwaye igunya lelo lizwi lathulisa isaqhwithi yayiligunya likaThixo. ULw 336.1

    Njengokuba uYesu wayephumle ngokholo kwinkathalelo kaYise, ngokunjalo nathi simelwe kukuphumla kwinkathalelo yoMsindisi wethu. Ukuba abafundi babethembele kuYe, ngebabegcinwe benoxolo. Ukoyika kwabo ngexesha lengozi kuveza ukungakholwa kwabo. Kumalinge abo okuzisindisa, bamlibala uYesu; kwaza kwaba kuphela xa, ekuphelelweni lithemba ekuxhomekekeni kubo, babuyela kuYe ukuba abanike uncedo. ULw 336.2

    Kuba kangaphi athi la mava abafundi abe ngawethu! Xa izaqhwithi zezihendo ziqokelelana, imibane eyoyikekayo itshawuza, abe amaza esigubungela, silwa nesaqhwithi sisedwa, silibale ukuba ukho Lowo unako ukusinceda. Sithembela kwawethu amandla lide lilahleke ithemba lethu, silungele ukutshabalala. Ngelo xesha siye siqale ukukhumbula uYesu, kodwa xa sithi simbize, asiyi kukhala ngelize. Nangona ekukhalimela ngentlungu ukungakholwa nokuzithemba kwethu, akaze asilele ukusinika uncedo esiludingayo. Nokuba kusemhlabeni okanye elwandle, ukuba sinoMsindisi ezintliziyweni zethu, asikho isidingo sokuba soyike. Ukholo oluphilileyo kuMhlanguli luya kulugudisa ulwandle lobomi, lusihlangule kwingozi ngendlela eyaziwa kakuhle kakhulu nguYe. ULw 336.3

    Sikhona esinye isifundo sasemoyeni kulo mmangaliso wokuthuliswa kwesaqhwithi. Wonke amava omntu angqina inyaniso yamazwi esiBhalo, athi, “Ke bona abangendawo banjengolwandle oluvunjululweyo, ngokuba alunakuzola. . . . Alukho uxolo kwabangendawo.” Isa. 57:20, 21. Isono silutshabalalisile uxolo lwethu. Okwangoku u-mna engekoyiswa, asingekhe silufumane uxolo. Iminqweno elawulayo yentliziyo, akakho amandla omntu anokuyilawula. Kule imeko asinalo uncedo njengoko babenjalo abafundi ekuthuliseni isaqhwithi esasivuthuza. Noko kunjalo, Lowo wathetha kwabakho uxolo kumaza aseGalili, uthethe ilizwi loxolo kuyo yonke imiphefumlo. Nokuba sesisoyikeka kangakanani isaqhwithi, abo bakhangela kuYesu bekhala, besithi, Nkosi, sisindise,” baya kufumana ukuhlangulwa. Ubabalo lwaKhe oluxolelanisa umphefumlo noThixo, luya yithulisa imfazwe yomnqweno womntu, kuze kuthi eluthandweni lwaKhe,intliziyoibenokuphumla.“Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka, amaza ayo azola. Bavuya ke, kuba edambile; wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.” Ndumiso 107:29, 30. “Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.” “Umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade.” Roma 5:1; Isa. 32:17.ULw 336.4

    Kwathi ekuseni uMsindisi namaqabane aKhe bafika elunxwemeni, kwaza ukukhanya kwelanga eliphumayo kwachukumisa ulwandle nomhlana njengentsikelelo yoxolo. Kwathi kodwa kungekudala bethe cakatha elunxwemeni amehlo abo ahlangana nombono ombi kakhulu kunengqumbo yesaqhwithi. Kwindawo yokuzimela phakathi kwamangcwaba, kweza kubaleka kubo amadoda amabini aphazamisekileyo ezingqondweni sekungathi aza kubadlavula babe ziziqwenga. La madoda ayejinga iziqwenga zamatyathanga awawaqhawulayo xa ayebaleka apho ayevalelwe khona. Inyama yawo ayeyicente ngamatye, esopha loo manxeba. Ayethe gqa amehlo ngaphaya kweenwele ezinde nezilukhuko, imbonakalo nje yobuntu obuye bacinywa ziidemon ezaziwaphethe, aza akhangeleka ngokwezilwanyana zasendle kunabantu. ULw 337.1

    Abafundi kunye nababehamba nabo babaleka besoyika; kodwa bakhawuleza baqaphela ukuba uYesu wayengenabo, baza babuya ukuba bamkhangele. Wayemi apho babemshiye khona. Yena Lowo wayethulise isaqhwithi, nowayekhe waqubisana noSathana ngaphambili waza wamoyisa, akazange asabe phambi kwezi demon. Xa la madoda ayetshixizisa amazinyo, exhaphe amagwebu emlonyeni, ayesiza kuYe, uYesu waphakamisa isandla esakhomba amaza ukuba azole, aza la madoda awakwazi ukusondela. Ema phambi kwaKhe evutha ngumsindo kodwa engenakwenza nto.ULw 337.2

    Ngegunya, wayiyalela imimoya engcolileyo ukuba iphume kuwo. Amazwi aKhe agqobhoza kwingqondoemnyama yosizi lwamadoda. Aqonda luzizi ukuba Lowo wayekufuphi wayenako ukuwasindisa kwiidemon ezaziwathuthumbisa. Awa ezinyaweni zoMsindisi ukuba amnqule; kodwa yathi xa imilebe yawo ivulwa ukuba acele inceba yaKhe, iidemon zathetha ngawo, zikhala kakhulu, “Yinina enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.” ULw 338.1

    UYesu wabuza, “Ungubani na wena igama?” Impendulo yathi, “NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.” Zisebenzisa amadoda athuthunjiswayo njengamajelo okuthetha, zamcenga uYesu ukuba angazigxothi zimke kuloo mhlaba. Ecaleni lentaba, kungekude kakhulu, kwakukho umhlambi weehagu owawusidla khona. Kwezi hagu, kulapho iidemon zacela ukuba zivunyelwe zingene khona, waza uYesu wazivumela. Kwangoko umhlambi wafikelwa kukuphaphazela. Waphaphatheka uphambene wehla ithambeka, wathi, ungakwazi ukuzibamba, watshona echibini, watshabalala. ULw 338.2

    Ngeli xesha, kwabakho ummangaliso wotshintsho kumadoda awayephethwe zidemon. Kwabakho ukukhanya ezingqondweni zawo. Amehlo awo aba nokukhanya okubonisa ukuba sengqondweni. Iimbonakalo zawo, ezazikade zimilise okomfanekiselo kaSathaba, ngesiquphe zazola, izandla ezinegazi zazinza, athi ngamazwi anovuyo, la madoda amdumisa uThixo ngokuhlangulwa kwawo. ULw 338.3

    Bephaya ethambekeni, abelusi beehagu babekubonile konke okwakusenzeka, baza bakhawuleza baya kuziphalaza iindaba kubaqeshi babo nakubo bonke abantu. Besoyika bekwamangalisiwe, abantu bonke behla baza bengumkhosi bezokuhlangana noYesu. Amadoda amabini awayeneedemon ayesoyikeka elizweni. Kwakungekho mntu ukhuselekileyo xa edlula kwindawo apho ayekhona; kuba ebeye amsukele umhambi enengqumbo yeedemon. Ngoku la madoda ayenxibile esezingqondweni, ehleli ezinyaweni zikaYesu, ephulaphule amazwi aKhe, elizukisa igama laLowo wawaphilisayo. Sekunjalo, abantu abawubonayo lo mboniso umangalisayo, abazange bavuye. Ilahleko yeehagu yabonakala kubo iyeyona inkulu okomzuzu kunokuhlangulwa kwala mabanjwa kaSathana. ULw 338.4

    Kwakungenxa yenceba kubanini beehagu ukuze le lahleko ivunyelwe ukuba ibafikele. Babeqwalasele kakhulu kwizinto zasemhlabeni bengazikhathalele izinto ezinkulu zobomi basemoyeni. UYesuwalangazelela ukuqhawula ukuthinjwa kukungakhathali okunomona, ukuze bamkele ubabalo lwaKhe. Noko kunjalo, ubuhlungu nomsindo ngelahleko yabo yexeshana, yawamfamekisa amehlo abo kwinceba yoMsindisi.ULw 338.5

    Ukubonakalaliswa kwamandla wangaphezulu kwavusa iinkolo ebantwini, kwaphembelela ukoyika kwabo. Kwakusenokuba kuza kulandela ezinye iintlekele ngokubakho kwalo Mntu ongaziwayo phakathi kwabo. Bayiqonda intshabalalo yokulahlekwa yimali, baza bazimisela ukuba bazikhulule kubukho baKhe. Abo babewele ichibi noYesu bakuxela konke okwenzekayo kubusuku obudlulileyo, kwengozi yesaqhwithi ababekuyo, nendlela umoya nolwandle olwathuliswa ngayo. Sebetsho njalo, amazwi wabo awazange ancede nto. Besoyika, abantu bangungelana kuYesu bembongoza ukuba emke kubo, wavuma, wakhwela emkhombeni kwangoko waya kwelinye icala lonxweme. ULw 339.1

    Abantu baseGergesa phambi kwabo babenobungqina bamandla nenceba kaKristu. Babebabonile abantu ababebuyiselwe ezingqondweni; kodwa babesoyika ukubeka engozini izinto abazithandayo zasemhlabeni kangangokuba Lowo owoyisa inkosi yobumnyama wayephambi kwamehlo abo waphathwa njengozinyakathisayo, saza iSipho sezulu sajikwa kwiminyango yabo. ULw 339.2

    Asibanga nalo thina ithuba lokubuya sisuke kuKristu njengokuba babenalo abantu baseGergesa; kodwa basekho abaninzi abakwalayo ukulithobela ilizwi laKhe, kuba ukulithobela kuya kudinga ukuncama ezinye zezinto zomhlaba abazithandayo. Hleze ubukho baKhe bubenze ukuba balahlekwe yimali, abaninzi bayalwala ubabalo lwaKhe, baze bawugxothe uMoya waKhe ukuba umke kubo.ULw 339.3

    Yayikude apho yona ingcamango yababeneedemon abaphiliswayo. Balangazelela ukuba naLowo wabahlangulayo. Phambi kwaKhe, baziva bekhuselekile kwiidemon ezazithuthumbisa ubomi babo zachitha ubuntu babo. Kwathi xa uYesu sele eza kungena emkhombeni, bahlala kufuphi kuYe, baguqa ezinyaweni zaKhe, bamcenga ukuba abagcine kufuphi kuYe, apho babeza kuhlala bemamele amazwi waKhe. UYesu wabayalela ukuba bagoduke baxele ngezinto ezinkulu iNkosi ebenzele zona. ULw 339.4

    Apha babenomsebenzi ekufuneka bewenzile,--ukuya kumakhaya abo angakhonziyo, baxele intsikelelo abayifumene kuYesu. Kwakunzima kubo ukwahlukana noMsindisi. Iinkathazo ezinkulu zaziqinisekile ukuba ziza kubaphazamisa ekuzihlanganiseni nabantu bakubo abangabahedeni. Kwaye ukuba bodwa, bengekho phakathi kwabahlali ixesha elide, kwabonakala ngokungathi kubenza bangakufaneli ukuwusebenza umsebenzi awayewuxelile. Kwathi kodwa ngako nje ukuba uYesu abaxelele umsebenzi wabo, bakulungela ukuthobela. Abazange banele nje ukuthetha ngoYesu emakhayeni abo nakubamelwane babo, kodwa baya kuyo yonke iDekapoli, bevakalisa kuyo yonke indawo amandla aKhe okusindisa, bekwachaza indlela awabakhululangayo kwiidemon.Ekuwenzeni lo msebenzi, bakwazi ukuzuza enkulu intsikelelo, kunokuba kuzuze nje bona bodwa, xa bathe bahlala phambi kwaKhe. Kusekusebenzeni ukusasaza iindaba ezilungileyo esithi sisondezwe kufuphi kuMsindisi. ULw 339.5

    Amadoda amabini awayeneedemon aba ngabavangeli bokuqala ukuthunywa nguYesu ukuba ashumayele iindaba ezilungileyo eDekapoli. Ngemizuzu nje embalwa, yayingala madoda kuphela awaba nenyhweba yokuva iimfundiso zikaKristu. Ayengazanga akha eva neyodwa intshumayelo iphuma emilebeni yaKhe isiwa ezindlebeni zawo. Ayengayi kubafundisa abantu njengoko babenokwenza abafundi, bona babehlala yonke imihla kunye noKristu. Noko kunjalo, ayebuthwele ngeziqu zawo ubungqina bokuba uYesu unguMesiya. Ayenokuxela oko akwaziyo; oko wona ngokwawo akubonileyo, akuva, aweva amandla kaKristu. Yinto le anokuthi wonke ubani ayenze, ontliziyo yakhe iye yachukunyiswa lubabalo lukaThixo. UYohane, umfundi owayethandwa, wabhala: “Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oku sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi; . . . oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni.” 1 Yohane 1:1-3. Njengamangqina kaKristu, kufuneka sithethe oko sikwaziyo, oko thina ngokwethu sikubonileyo sakuva sakuchukumisa. Ukuba sibe simlandela uYesu inyathelo ngenyathelo, siya kuba nayo into efaneleke kakhulu ukuba siyithethe ngendlela athe wasikhokela ngayo. Singakwazi ukuxela ngendlela esithe sawavavanya ngayo amadinga aKhe, saza sawafumana eyinyaniso. Singanika ubungqina ngento esiyaziyo ngobabalo lukaKristu. Bubo obu ubungqina iNkosi esibizela bona, nekuthi, ngenxa yokubuswela, ilizwe litshabalale. ULw 340.1

    Nangona abantu baseGergesa bengazange bamamkele uYesu, akazange abashiye kubumnyama ababebukhethile. Xa babesithi makemke kubo, babengawavanga amazwi waKhe. Babengayazi into ababeyala. Ngoko ke, waphinda wathumela ukukhanya kubo, ngabo babengayi kwala ukubaphulaphula. ULw 340.2

    Ekwenzeni ukuba kutshabalale iihagu, yayinjongo kaSathana ukubagxotha abantu ukuba bangezi kuMsindisi, aze akuthintele ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kula mmandla. Kanti sona esi siganeko sasivusa isizwe ngaphezu kwayo nayiphi into eyayinokuzama, sawukhokelela umdla kuKristu. Nangona uMsindisi ngokwaKhe wayemkile, amadoda awawaphilisayo ahlala engamangqina kumandla aKhe. Abo babe ngamajelo enkosi yobunyama, baba ngamajelo okukhanya, abathunywa bakaNyana kaThixo. Abantu bamangaliswa xa bephulaphule iindaba ezimangalisayo. Ucango lwavuleka kwiindaba ezilungileyokuwowonke loo mmandla. Wathi xa uYesu ebuyela eDekapoli, abantu bangungelanakuye, kwathi ngeentsuku ezintathu, akwanela nje ukuba ibe ngabahlali bedolophu, kodwa yaba ngamawaka aphuma kuwo wonke ummandla ongqongileyo, abasivayo isigidimi sosindiso. Athi namandla eedemon aphantsi kolawulo loMsindisi, kwaza ukusebenza kobubi koyiswa kokulungileyo.ULw 340.3

    Ukuhlangana kwababeneedemon baseGergesa kwaba nesifundo kubafundi. Kwabonisa ubunzulu bokuhla athi uSathana azame ukutsalela kuko lonke uhlanga loluntu, kwakunye nomsebenzi kaKristu wokubakhulula abantu kwigunya lakhe [uSathana]. Abo bantu baxhwalekileyo, bahleli emangcwabeni, bephethwe zidemon, bangamakhoboka eenkanuko ezingalawulekiyo neenkanuko ezithiyekileyo, bamele oko uluntu beluya kuba yiyo ukuba beluyekelwe kulawulo lukaSathana. Impembelelo kaSathana ihleli icinezelwe phezu kwabantu ukuba izikhuphe izivo, ilawule ingqondo ukuba yenze ububi, ivuse ubundlongondlongo nokwaphulwa komthetho. Uwenza buthakathaka umzimba, afiphalise ingqondo, awenze ube mbi umphefumlo. Ngalo lonke ixesha abantu besala isimemo soMsindisi, baziyekela kuSathana. Iinkulungwane kuwo wonke amasebe obomi, ekhaya, emsebenzini, naphakathi ebandleni, ziya kwenza oku namhlanje. Sisizathu esi sobundlobongela nolwaphulo lomthetho olugqugqise umhlaba, nobumnyama bokuziphatha kunjengelifu elimnyama lokufa, konke kugubungele iindawo zokuhlala zabantu. Ngezihendo zakhe ezilahlekisayo, uSathana ukhokelela abantu kububi obuphindaphindiweyo, kude kufikelele kwisiphelo esiyinkohlakalo nentshabalalo epheleleyo. Isikhuselo esikuphela kwaso kumandla akhe sifumaneka kubukho bukaYesu. Phambi kwabantu neengelosi, uSathana uye watyhilwa njengotshaba nomtshabalalisi womntu; uKristu, njengomhlobo nomhlanguli; uMoya waKhe uya kukhulisa emntwini konke okunokusiphakamisa isimilo kunike indalo isidima. Uya kwakha emntwini konke okunokumzukisa uThixo emzimbeni, emphefumlweni nasemoyeni. “Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.” 2 Tim. 1:7. Usibizele “ukuze [si]zuze uzuko” --isimilo—“lweNkosi yethu uYesu Kristu;” usibizele ukuba sibe “nomfanekiselo woNyana wakhe.” 2 Tes. 2:14; Rom. 8:29.ULw 341.1

    Imiphefumlo ebithotywe isidima ukuba ibe zizixhobo zikaSathana ithi, kwangamandla kaKristu, iguqulwe ibe ngabathunywa bobulungisa, ithunywe nguNyana kaThixo ukuba ihambe iyokuxela “oko zingako izinto uYesu ayenzele zona.”ULw 341.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents