Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    57—“Kukho Nto-nye Uyisweleyo”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 19:16-22; Marko 10:17-22; Luka 18:18-23.]

    “Akubon’ ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”ULw 518.1

    Indodana eyayibuza lo mbuzo yayingumphathi. Yayinezinto ezininzi, ikwisikhundla esiphezulu. Yabona uthando uKristu awalubonakalalisa kubantwana ababeziswe kuYe; yabona indlela awabamkela ngobubele ngayo, wabawolela ezingalweni zaKhe, yaza intliziyo yakhe yachukumiseka luthando ngakuMsindisi. Yaziva inomnqweno wokuba ngumfundi waKhe. Yayichukumiseke kakhulu kangangokuba, wathi xa uYesu esuka ehamba, yabaleka yamlandela, yafika yaguqa phambi kweenyawo zaKhe, yabuza inyanisekile nangenzondelelo umbuzo obaluleke kakhulu emphefumlweni wayo nakwimiphefumlo yabo bonke abantu, “Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”ULw 518.2

    “Yini na ukuba uthi ndilungile? watsho uKristu, “Akukho ulungileyo, mnye kwaphela—nguThixo.” UYesu wanqwenela ukukuvavanya ukunyaniseka komphathi, nokufumana kuye indlela eyamenza ukuba amthabathe [uYesu] ngokuthi ulungile. Ingaba yayimqonda Lowo yayithetha naYe ukuba unguNyana kaThixo? Yayiyintoni eyona nto eyayiqhutywa yiyo entliziyweni yayo? ULw 518.3

    Lo mphathi wayebukhangelele phezulu obakhe ubulungisa. Wayengacingi ukuba ngokwenene uneziphako nakwintoni, kanti ke sekunjalo, wayenganelisekanga ngokwaneleyo. Waziva isekho into angenayo. Ingaba uYesu wayengenako ukumsikelela njengokuba wasikelela abantwana abancinane, aze anelise okufunwa ngumphefumlo wakhe? ULw 518.4

    Ukuphendula lo mbuzo, uYesu wamxelela ukuba, ukuthobela imithetho kaThixo kwakufuneka ukuze akwazi ukuzuza ubomi obungunaphakade; wazawacaphula imithetho eliqela,ebonisa uxanduva lomntu kwabanye abantu akunye nabo. Impendulo yomphathi yaba ntle: “Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam; ndisaswele ntoni na?”ULw 518.5

    UKristu wayikhangela ebusweni le ndodana, ngokungathi uyabufunda ubomi bayo ekwaphanda isimilo sayo. Wayithanda, waza walambela ukuyinika olo xolo nobabalo novuyo nto ezo ezaziye kusiguqula isimilo sayo ngendlela ephathekayo. “Kukho nto-nye uyisweleyo,” watsho; “hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele.” ULw 519.1

    UKristu watsaleleka kule ndodana. Wazi ukuba inyanisekile kweyayikuthetha, xa yayisithi, “Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.” UMhlanguli wanga angadala kuyo ukukuqonda oko kunokuyenza ukuba ibone kufanelekile ukuzinikela kwentliziyo nokulunga kobuKristu. Wanga angabona kuyo intliziyo ethobekileyo netyumkileyo, eluqondayo uthando olukhulu ekufuneka lunikwe uThixo, nokuthi ukunqongophala kwalo kufihlwe ekugqibeleleni kukaKristu.ULw 519.2

    UYesu wabona kulo mphathi uncedo oludingekayo xa le ndodana ibingasebenza naYe emsebenzini wosindiso. Ukuba ingazibeka phantsi kwenkokelo kaKristu, ibingaba sisixhobo sokulungileyo. Ngeyona ndlela icace kakhulu, lo mphathi wayengaba ngummeli kaKristu; kuba yayinazo iimpawu [okanye izakhono], ekwakunokuthi xa zihlanganiswe noMsindisi, ziyenze ukuba ibe ligunya lezulu phakathi kwabantu. UKristu, ebona ngaphakathi esimilweni sayo, wayithanda. Ukumthanda uKristu kwakuya kukhula entliziyweni yomphathi; kuba uthando luzala uthando. UYesu walangazelela ukuphuhlisa ukubalasela kwesimilo sayo, nokusingcwalisela ukuba sisetyenziswe yiNkosi. Ukuba umphathi wayethe ngelo xesha wazinikela kuKristu, ngewakhula ephakathi komoya wobukho baKhe. Ukuba wayekhethe ngolu hlobo, athi, indlela owawuya kuba mkhulu ngayo umahluko wekamva lakhe! ULw 519.3

    “Kukho nto-nye uyisweleyo,” uYesu watsho.” “Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho uphe amahlwempu; woba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.” UKristu wayifunda intliziyo yomphathi. Yayinye kuphela into awayeyiswele, kodwa loo nto yayingumthetho-siseko obaluleke kakhulu. Wayedinga uthando lukaThixo emphefumlweni. Le ntswelo, ingathanga yaneziswe, yayiya kuba yingozi kuye; indalo yakhe yonke yayiza konakala. Ngokuziyekela, ukuwolela kuyo konke kwakuza kuya kuqina. Ukuze azuze uthando lukaThixo, ukuzithanda kwakhe okukhulu kwakuza kufuneka ohlukene nako. ULw 519.4

    UKristu wayivavanya le ndodana. Wathi mayikhethe phakathi kobutyebi basezulwini nobukhulu basemhlabeni. Yayiqinisekisiwe ngobutyebi basezulwini xa yayinokulandela uKristu. Kwakufuneka ke kodwa ukubaizincame;intandoyayo kwakufuneka inikelwe kulawulo lukaKristu. Ubungcwele bukaThixo babunikelwe kulo mphathi uselula. Wayenalo ilungelo lokuba ngunyana kaThixo, nokuba yindlalifa kunye noKristu kubutyebi basezulwini. Kufuneka ke kodwa ukuba athabathe umnqamlezo, alandele uMsindisi endleleni yokuzincama [okanye yokuzilandula].ULw 519.5

    Amazwi kaKristu ayesisimemo ngokwenene kumphathi, “Zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza.” Yoshuwa 24:15. Ukunyula kwayekelwa kuye. UYesu wayelangazelela inguquko yakhe. Wayembonisile ibala lesifo esimilweni sakhe, wathi enomdla omkhulu kakhulu, wawubukela umbono wendodana iwubeka esilinganisweni umcimbi! Ukuba yayikhetha ukulandela uKristu, kuza kufuneka ukuba ithobele amazwi aKhe kuyo yonke into. Kufuneka isuke kwimisebenzi yayo yamabhongo. Indlela ulangazelelo olwalunenzondelelo ngayo, indlela umphefumlo owawunqwena ngayo, awathi uMsindisi wayikhangela ngayo le ndodana, ethemba ukuba iya kusamkela isimemo soMoya kaThixo! ULw 520.1

    UKristu wabeka kuphela imiqathango awayenokuthi ngayo umphathi asulungekise isimilo sobuKristu. Amazwi aKhe yayingamazwi obulumko, nangona ayekhangeleka engathi aqatha ekwanyanzelisa. Ekuwamkeleni nasekuwathobeleni kwakulapho lalilele khona ithemba lokusindiswa komphathi. Isikhundla sakhe esiphezulu nezinto anazo zazibeka impembelelo erhubuluzayo yobubi esimilweni sakhe. Ukuba wayeza kuzonwabela ezi zinto, zaziza kumsusa uThixo kwizinto azithandayo lo mphathi. Ukuzigcinela okuncinane okanye okuninzi kunganikelwa kuThixo kwakuza kuba kukugcina oko kwakuza kunciphisa amandla okuziphatha kakuhle nangempumelelo; kuba, xa izinto zeli hlabathi zithandwa, nokuba aziqinisekanga okanye azinaxabiso kangakanani, ziya kuyithabatha yonke ingqondo okanye intliziyo. ULw 520.2

    Umphathi wakhawuleza wawaqonda amazwi kaKristu ukuba aquke ntoni, waza waba buhlungu. Ukuba wayeliqondile ixabiso lesipho awayesiphiwa, ngewakhawuleza ukuzibandakanya njengomnye wabalandeli bakaKristu. Wayelilungu lequmrhu elihloniphekileyo lamaYuda, waza uSathana wamlinga ngamathuba akhohlisayo exesha elizayo. Wayeyifuna indyebo yasezulwini, kodwa wayekufuna nokuhle kwasemhlabeni awayeza kukuzuza ngobutyebi bakhe. Waba buhlungu kuba kukho iimeko ezinjalo; wayebunqwenela ubomi obungunaphakade, kodwa wayengenayo intumekelelo yokuncama [izinto zakhe]. Ixabiso lobomi obungunaphakade labonakala liphezulu kakhulu, waza wemka ebuhlungu; “kuba ibinemfuyo eninzi.” ULw 521.1

    Ibango lakhe lokuba wawugcina umthetho kaThixo laliyinkohliso. Wabonisa ukuba ubutyebi babusisithixo sakhe. Wayengenako ukugcina imithetho kaThixo lo gama ihlabathi lalisiza kuqala kwizinto azithandayo. Wayethanda izipho zikaThixo ngaphezu kokuba ethanda uMniki wezipho. UKristu wayinika indodana ulwalamano naYe. “Ndilandele,” watsho. Kuyo, le ndodana, uMsindisi wayengaxabisekanga kangako njengegama layo phakathi kwabantu okanye kunezinto zayo. Ukuncama ubutyebi bayo basemhlabeni, obabubonwa, ngenxa yobutyebi basezulwni, obungabonwayo, yayikukuzibeka nje engozini enkulu kakhulu. Yasala isipho esibubomiobungunaphakade, yahamba, kwazaukususela apho lahlala ihlabathilizakuluzuza unqulo lwayo. Amawaka ngamawaka adlula phantsi koku kulingwa kunzima, ukuthelekisa uKristu nehlabathi; baze abaninzi banyule ihlabathi. Njengomphathi owayeselula, bayemka kuMsindisi, besithi ezintliziyweni zabo, Andisayi kumthabatha lo Mntu ukuba abe yinkokeli yam.ULw 521.2

    Ukuyiphatha kukaKristu le ndodana kunikwe njengesifundo ngomzekeliso. UThixo usinike umgaqo wokuziphatha ekufuneka wonke ubani kubakhonzi baKhe awulandele. Kukuthobela umthetho waKhe, kungabi kukuthobela nje umthetho, kodwa ukuthobela okungena ngaphakathi ebomini, buze bubonakalaliswe esimilweni. UThixo umise owaKhe umgangatho wesimilo sabo bonke abafunayo ukuba ngamalungu obukumkani baKhe. Kuphela ngabo bazayo babe ngabasebenzi kunye noKristu, kuphela ngabo baza kuthi, Nkosi, konke endinako, nendikuko mna, kokwaKho, abaya kwamkelwa njengabantwana, oonyana neentombi, bakaThixo. Bonke kufuneka baqaphele ukuba kuthetha ukuthini ukunqwenela izulu, kanti ngelo xesha, bayajika bemke ngenxa yeemeko ezibekiweyo, ukuba zilandelwe. Cinga ukuba kuthetha ukuthini ukuthi “Hayi” kuKristu. Umphathi wathi, Hayi, andinako ukukunika konke. Ingaba nathi senza oko? UMsindisi uyavuma ukuba abelane nathi ngomsebenzi uThixo asinike wona ukuba siwenze, wokuhambisela phambili umsebenzi waKhe ehlabathini. Yile ndlela kuphela anokusisindisa ngayo.ULw 523.1

    Umphathi wayenikwe ubutyebi ukuze aziveze ukuba uligosa elithembekileyo; wayeza kuzichitha ezi mpahla ukuba zibe yintsikelelo kwabo basweleyo. Ngoko ke, uThixo ubeka ezandleni zabantu izinto, neetalente kunye namathuba, ukuze bakwazi ukuba ngabathunywa baKhe ekuncedeni abangamahlwempu nababulalekayo. Lowo usebenzisa izipho zakhe azigcinisiweyo ngohlobo uThixo acebe ngalo, uba sisisebenzi kunye noMsindisi. Uzuzela imiphefumlo kuKristu, kuba ungummeli wesimilo saKhe. ULw 523.2

    Kwabo, njengomlawuli owayelula, bakwizikhundla eziphezulu zembeko nabanobutyebi obuninzi, kungabonakala kungumbingelelo omkhulu kakhulu ukuncama konke ukuze kulandelwe uKristu. Phofu lo ngumgaqo wokuziphatha kubo bonke abanga bangabafundi baKhe. Ayikho into enganeno kokuthobela enokwamkeleka. Ukuzincama kungumongo weemfundiso zikaKristu. Maxa wambi kubekwa kuhlanganiswe ngolwimi olukhangeleka lunegunya elinyanzelisayo, kuba ingekho enye indlela yokumsindisa umntu, ngaphandle kokumsusa kwezo zinto zithi, xa zithandwa, zimtheze wonke amandla okuhle umntu. ULw 523.3

    Xa abalandeli bakaKristu bebuyisela eNkosini okukokwaYo, bafumana ubutyebi obuya kubuyiselwa kubo xa beya kuva amazwi, athi, “Heke, mkhonzi olungileyo nothembekileyo; . . . ngena eluvuyweni lweNkosi yakho.” “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.” Mat. 25:23; Heb. 12:2. Uvuyo lokubona imiphefumlo ihlangulwa, ngumvuzo wabo bonke ababeka iinyawo zabo kumanyathelo aLowo wathi, “Ndilandele.” ULw 523.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents