Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    81—“INkosi Ivukile”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 28:2-4, 11-15.]

    Ubusuku bosuku lokuqala lweveki babuse bumkile kancinane. Ezona ziyure zimnyama ngaphambi kokuba kuthi qheke ukusa zazifikile. UKristu wayesengumthinjwa kwingcwaba laKhe elimxinwa. Ilitye elikhulu lalisesendaweni yalo; itywina laseRoma lingakhange laphazanyiswa; abalindi bamaRoma besalindile. Kwaye kukho nabanye abalindi abangabonwayo. Imikhosi yeengelosi ezikhohlakeleyo yayibuthelene kuloo ndawo. Ukuba kwakunokwenzeka, inkosi yobumnyama nomkhosi wayo wabakreqi, ngeyayiligcine litywiniwe ngonaphakade ingcwaba elaligcine uNyana kaThixo. Noko ke, umkhosi wasezulwini wawulingqingile ingcwaba. Iingelosi ezibalaseleyo ngamandla zazililindile ingcwaba, zilindele ukwamkela iNkosi yobomi. ULw 779.1

    “Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini.” Yambethe ulungiselelo olupheleleyo oluqaqambileyo lukaThixo, le ngelosi yawashiya amabhotwe asezulwini. Imitha ekhanyayo yobuqaqawuli bukaThixo yayihamba phambi kwayo, yayikhanyisa indlela yayo. “Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu. Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo.” ULw 779.2

    Ngoku, babingeleli nabaphathi, aphi amandla ebutho lenu? Amasoldati angazange oyika mandla omntu ngoku afane namabanjwaathinjwengaphandlekwekreleokanye umkhonto. Abakhangelanga kubuso bomntu onokufa olwayo; bubuso belona soldati linamandla lomkhosi kaYehova. Lo mthunywa nguye okwindawo awawa kuyo uSathana. Nguye owavakalisa kwiinduli zaseBhetelehem ukuzalwa kukaKristu. Umhlaba uyangcangcazela akuvela, imikhosi yobumnyama iyabaleka, uthi xa eliqengqela ecaleni ilitye, izulu libe ngathi liyehla ukuza emhlabeni. Amasoldati ambona esusa ilitye ngokungathi lilityana elincinane, amve ekhwaza, Nyana kaThixo, phuma; uYihlo uyakubiza. Ambona uYesu ephuma engcwabeni, amve edanduluka phezu kwengcwaba eliqhaqhekileyo, “Ndim uvuko, ndim ubomi.” Uthi xa ephuma enobungangamsha nobuqaqawuli, umkhosi weengelosi uthobe uguqe phambi koMkhululi, umamkele ngengoma yokudumisa. ULw 780.1

    Inyikima yayiphawula iyure uKristu awabeka phantsi ngayo ubomi baKhe, yaza enye inyikima yawugqiba umzuzu wokubuthabatha kwaKhe oyisile. Lowo woyise ukufa nengcwaba waphuma engcwabeni enomzila womoyisi, phakathi komhlaba otalasayo, umbane otshawuzayo, nezulu elidumayo. Xa eya kubuyela emhlabeni kwakhona, uthi, “ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu.” “Liya[ku]talasa ihlabathi njengenxila, liya[ku]jinga njengomandlalo oxhonyiweyo.” “Lisongwe izulu njengencwadi;” “zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.” Ke “uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaIsrayeli.” Heb. 12:26; Isa. 24:20; 34:4; 2 Petros 3:10; Yoweli 3:16.ULw 780.2

    Ekufeni kukaYesu, amasoldati awubona umhlaba ugutyungelwa bubumnyama emini emaqanda; kodwa ekuvukeni abona ukukhanya kweengelosi kukhanyisa ebusuku, zabeva abemi basezulwini bevuma ngovuyo olukhululu loloyiso: Umoyisile uSathana namagunya obumnyama; Ukufincele eloyisweni ukufa!ULw 780.3

    UKristu waphuma engcwabeni ezukisiwe, kwaye abalindi bamaRoma bambona. Amehlo abo athi ntshoo ebusweni baKhe Lowo babesanda kuhlekisa ngaYe bemgculela. Kulo Mntu uzukisiweyo, babona ibanjwa ababelibone kwigumbi lamatyala, lowo babemolukele isithsaba sameva. Lo nguLowo wayemi engaxhathisi phambi kukaPilato noHerode, umzimba waKhe unamanxeba kukutyabulwa ngenkohlakalo. Lo nguLowo wayebethelelwe emnqamlezweni, abathi ababingeleli nabaphathi, bezele kukuzanelisa, bahlunguzela iintloko besithi, “Abanye wabasindisa, yena ngokwakhe akanakuzisindisa.” Mat. 27:42. Lo ngulowo wayebekwe engcwabeni elitsha likaYosefu. Umyalelo wasezulwini wawumkhulule umthinjwa. Iimfumba ngeemfumba zamatye phezu kwengcwaba laKhe azizange zikwazi ukumthintela ukuba angaphumi. ULw 780.4

    Phambi kweengelosi noMsindisi onozuko, ibutho labalindi bamaRoma lafa isiqaqa laba njengabafileyo. Wakuba umqokozo wasezulwini ufihliwe emehlweni abo, bavuka bema ngeenyawo, bathi ngokukhawuleza kangangoko abasicatyana babenokubathwala, bayibona indlela ebakhupha esangweni lesitiya. Begxadazela ngokwabantu abanxilileyo, bakhawuleza baya esixekweni, bexelela bonke abahlangana nabo iindaba ezimangalisayo. Babesiya kuPilato kodwa ingxelo yabo yayisiwe kumagunya amaYuda, baza ababingeleli nabaphathi bathi makuziwe nabo phambi kwabo kuqala. Umbono ongaqhelekanga awawuchazayo loo masoldati! Engcangcazela kukoyika, ubuso bawo bufiphele, anika ubungqina ngokuvuka kukaKristu. Amasoldati athetha konke, kanye njengoko abonayo; awazange abe nalo nexesha lokucinga okanye ukuthetha enye into ngaphandle kwenyaniso. Ethetha kabuhlungu, athi, YayinguNyana kaThixo lo wayebethelelwe emnqamlezweni; siyivile ingelosi ithetha ngaYe njengeNgangamsha yezulu, uKumkani wozuko.ULw 781.1

    Ubuso bababingeleli baba njengabafileyo. UKayafa wazama ukuthetha. Imilebe yakhe yabebezela, kodwa ayaphuma lizwi. Amasoldati ayesele eza kulishiya igumbi lequmrhu ukumiswa kwawo ilizwi. UKayafa wakwazi ukuthetha ekugqibeleni. Yimani, yimani, watsho. Nize ningazixeleli mntu izinto enizibonileyo.ULw 781.2

    Amasoldati aya anikwaingxelo yobuxoki. Bathi ababingeleli, “Ze nithi, abafundi bakhe beza ngobusuku bamba, silele.” Kule ndawo, ababingeleli bayibaxa. Angathini amasoldati ukuthi abafundi bawuba umzimba wona elele? Ukuba ayelele, angayazi njani loo nto? Kanti ke, ukuba abafundi babenokufunyanwa benetyala lokuwuba umzimba kaKristu, ingaba ababingeleli babengayi kuba ngabokuqala ukubagweba? Ukuba ke abalindi babelele engcwabebi, bebengayi kubaphambili ababingeleli ukubamangalela kuPilato?ULw 782.1

    Amasoldati oyika kakhulu akucinga ngokuzizisela ityala lokulala emsebenzini. Eli yayilulwaphulo lomthetho olohlwaywa ngokufa. Ingaba aza kuthetha ubuxoki, akhohlise abantu, abeke obawo ubomi emngciphekweni? Ebengawenzanga umsebenzi wawo odinisayo ngokulinda engalelanga? Angema njani ematyaleni, nokuba ebeza kwenzela ukuzuza imali, xa enokufunga ubuxoki ngokwawo? ULw 782.2

    Ukuze kuthuliswe ubungqina ababeboyika, ababingeleli bathembisa ukubazuzela inkuseleko abalindi, besithi uPilato akayi kuthanda ukuba ingxelo enjalo isasazwe kwanjengokuba nabo bengathandi. Amasoldati amaRoma akuthengisa ngemali kumaYuda ukunyaniseka kwawo. Eza phambi kwababingeleli enomthwalo wesona sigidimi sothusayo senyaniso; aphuma enomthwalo wemali, ezilwimini zawo enengxelo yobuxoki ayilungiselwe ngababingeleli.ULw 782.3

    Ngalo lonke eli xesha, ingxelo yokuvuka kukaKristu yayise iyile kuPilato. Nangona uPilato yayinguye owanikela uKristu ukuba afe, ngokomlinganiselo, wayengakhathali kangako yena. Nangona wamgweba engakhululekanga uMsindisi, enako nokuziva enosizi, akazange ave nto anokuzisola ngayo kude kube ngoku. Esoyika ngoku, wazivalela endlwini, ezimisele ukungaboni mntu. Ababingeleli bona beza kuye, balixela ibali abazenzeleyo, bamkhuthaza ukuba angakuhoyi ukutyeshela kwamasoldati umsebenzi. Phambi kokuba akuvume oko, yena ngokwakhe walibiza ngasese ibutho labalindi. Bona, ngokoyikela inkuseleko yabo, abazange bamfihlele nto, waza wafumana kuwo uPilato ingxelo yako konke okwenzekayo. Akazange awuphande ukudlula apho umcimbi, kodwa ukususela ngelo xesha, yena akazange abe naluxolo. ULw 782.4

    Ukubekwa kukaYesu engcwabeni, uSathana woyisa. Waba nento ethemba ukuba uMsindisi akayi kubuthabatha ubomi baKhe kwakhona. Wawubanga umzimba weNkosi, wabeka abalindi ukuba balirhangqe ingcwaba, ezama ukumgcina engumthinjwa uKristu. Waba nomsindo kakhulu xa iingelosi zakhe zabalekayo kwakuvela umthunywa wasezulwini. Wathi akumbona uKristu ephuma oyisile, wazi ukuba ubukumkani bakhe buya kuba nesiphelo, nokuba ekugqibeleni kuza kufuneka afe.ULw 782.5

    Ababingeleli, ngokubulala kwabo uKristu, bazenza izixhobo zikaSathana. Ngoku babesegunyeni lakhe ngokupheleleyo. Babeqanyangelwe ngesibatha ababengaboni ndlela yakusinda kuso ngaphandle kokuba baqhubeke nemfazwe yabo yokulwa noKristu. Bathi bakuva ingxelo yokuvuka kwaKhe, boyika umsindo wabantu. Babuva ubomi babo busengozini. Ithemba ekuphela kwalo laba kukuba babonise ukuba uKristu wayelibhedengu, ngokuba bona bakhanyele ukuba uvukile. Bawathenga amasoldati, bamenza wathula uPilato. Bayisasaza ingxelo yabo yobuxoki kuyo yonke indawo. Phofu ke, kwakukho amangqina ababengenako ukuwathulisa. Baninzi ababuvayo ubungqina bamasoldati engokuvuka kukaKristu. Iqela labafileyo elaphuma [emangcwabeni] kunye noKristu labonakala kwabaninzi, lavakalisa ukuba wavuka. Zaziswa kubabingeleli iingxelo zabantu abababonayo aba bavukileyo, babuva ubungqina babo. Ababingeleli nabaphathi baba noloyiko olungapheliyo, hleze bathi behamba ezitratweni, okanye ekukhuselekeni kwamakhaya abo, bagagane noKristu. Baziva bengenayo inkuseleko. Imiqobo enamaqhaga nemivalo yayingento ekuzikhuseleni ngakuNyana kaThixo. Emini nasebusuku umbono owoyikekayo wasegumbini lamatyala, xa babekhwaza, besithi, “Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu,” wawuphambi kwabo. Mat. 27:25. Awusayi kuze uphinde ucime loo mbono ezingqondweni zabo. Abusayi kuze buphinde buhle ubuthongo emiqamelweni yabo.ULw 785.1

    Lathi ilizwi lengelosi enamandla lakuvakala engcwabeni likaYesu, lisithi, UYihlo uyakubiza, uMsindisi waphuma engcwabeni ngobomi obabungaphakathi kwaKhe. Ngoku yabonakala inyaniso yamazwi aKhe, “Ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. . . . Ndinegunya lokubuncama mna ngokwam, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe.” Ngoku sasizalisekile isiprofeto esathethwa kubabingeleli nabaphathi, “Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.” Yohane 10:17, 18; 2:19.ULw 785.2

    Phezu kwengcwaba likaYosefu eliqhaqhekileyo, uKristu wadanduluka ngoloyiso, “Ndim uvuko, ndim ubomi.” La mazwi ayenokuthethwa kuphela nguThixo. Zonke izidalwa ziphila ngentando namandla kaThixo. Ziphila ngokuxhomekeka ekuzuzeni kubomi bukaThixo. Ukususela kweyona iphezulu iserafi kuse koyena mntu mncinane ophilayo, bonke bazaliswa ngokuphuma kwiThende lobomi. Kuphela nguLowo mnye noThixo onokuthi, Ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe. KubuThixo baKhe, uKristu wayenawo amandla okuqhawula iimbophelelo zokufa.ULw 785.3

    UKristu wavuka kwabafileyo njengentlahlela yabo bafileyo. Wayeluqobo lwesithungu sokutshangatshangiswa, nokuvuka kwaKhe kwenzeka kanye ngemini esasiza kunikelwa ngayo phambi kukaYehova isithungu sokutshangatshangiswa. Kwakungaphezu kwewaka leminyaka le nkonzo yomfuziselo isenziwa. Ukusuka kumasimi ekuvunwa kuwo izihloko zokuqala ukuvuthwa zokudla okuzinkozo, zaziqokelelwa, bathi abantu bakunyuka baye eYerusalem ePasikeni, isithungu seziqhamo zokuqala zitshangatshangiswe njengomnikelo wombulelo phambi kukaYehova. Kwakufuneka kude kube oku kunikelwe, ukuze liqale ukufakwa irhengqa ekudleni okuzinkozo, kuze kuqokelelwe kubotshwe kube zizithungu. Isithungu esinikelwe kuThixo sasimele isivuno. Ngokunjalo, uKristu, isiqhamo sokuqala, wayemele isivuno esikhulu esiza kuqokelelelwa ubukumkani bukaThixo. Ukuvuka kwaKhe kungumfuziselo nesibhambathiso sokuvuka kwabo bonke abangamalungisa abafileyo. “Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu kunye naye.” 1 Tes. 4:14.ULw 786.1

    Ukuvuka kwaKhe uKristu, wapuma engcwabeni nesihlwele sabathinjwa. Inyikima, ekufeni kwaKhe, yawavula amangcwaba wabo, wathi akuvuka, baphuma kunye naYe. Babe ngaba babengabasebenzi kunye no Thixo, nabathi, ngokuncama ubomi babo, bathwala ubungqina benyaniso. Ngoku babeza kuba ngamangqina ngaYe Lowo ubavusileyo kwabafileyo. ULw 786.2

    Ngexesha lokusebenza kwaKhe [umsebenzi awayewuthunyiwe], uYesu wavusela abafileyo ebomini. Wayevuse unyana womhlolokazi waseNayin, nentwazana yomphathi kunye noLazaro. Phofu aba babengambathiswanga ngokungabi nakufa. Emva kokuba babevusiwe, babese phantsi kokufa. Bona abo baphuma engcwabeni ngexesha lokuvuka kukaKristu, bavuselwa ebomini obungunaphakade. Benyuka naYe njengeembasa zoloyiso lwaKhe phezu kokufa nengcwaba. Aba, wathi uKristu, abasengabo abathinjwa bakaSathana; ndibahlangule. Ndibuye nabo engcwabeni njengolibo legunya lam, ukuba babe nam apho ndikhona, bangabuye bakubone ukufa okanye beve ntlungu.ULw 786.3

    Aba bangena esixekweni, babonakala kwabaninzi, bevakalisa, besithi, UKristu uvukile kwabafileyo, nathi sivuke kunye naYe. Ngaloo ndlela yenziwa ukuba ingaze ife inyaniso engcwele yovuko. “Abavukayo abangcwele, baba nobungqina bobunyaniso bamazwi athi, “Abafileyo bakho baya kuphila.” Uvuko lwabo lwalusisibonakaliso sokuzaliseka kwesiprofeto, “Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo.” Isa. 26:19.ULw 786.4

    Kulowo ukholwayo, uKristu uluvuko ububomi. KuMsindisi wethu,ubomiobalahlekangenxayesonobubuyiselwe;kubaunobomi kuYe bokuvusa lowo athanda ukumvusa. Unikwe ilungelo lokupha ukungabi nakufa. Ubomi awabubeka phantsi ngenxa yoluntu, uyabuthabatha kwakhona, abunike uluntu. “Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.” “Ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.” “Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.” Yohane 10:10; 4:14; 6:54.ULw 787.1

    Kulowo ukholwayo, ukufa kuyinto nje encinane. UKristu uthetha ngako ngokungathi kokomzuzwana. “Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa,” “akasayi kuza eve kufa.” Kumntu ongumKristu, ukufa kukulala kuphela, umzuzu wokuthula nobumnyama. Ubomi bufihlwe noKristu kuThixo, kwaye “xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.” Yohane 8:51, 52; Kol. 3:4.ULw 787.2

    Ilizwi elakhala emnqamlezweni, “Kugqityiwe,” lavakala phakathi kwabafileyo. Lagqobhoza kwiindonga zamangcwaba, labiza abaleleyo ukuba bavuke. Kuya kuba njalo xa ilizwi likaKristu liya kuviwa liphuma ezulwini. Elo lizwi liya kugqobhoza amangcwaba lisuse imiqobo yamangcwaba, baze abafele kuKristu bavuke. Ekuvukeni koMsindisi, ayembalwa amangcwaba awavulekayo, kodwa ekufikeni kwesibini kwaKhe, bonke abaxabisekileyo abafileyo, baya kuliva ilizwi laKhe, baphume ke beze ebomini obuzukisiweyo obungenakufa. Kwalawo mandla avusa uKristu kwabafileyo aya kuvusa ibandla laKhe, alizukise kunye naYe, ngaphezu kwazo zonke iziphatha-mandla, ngaphezu kwawo onke amagunya, ngaphezu kwalo lonke igama elibiziweyo, kungekuphela kweli lizwe, kodwa nakulo ilizwe elizayo. ULw 787.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents