Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    20—“(Nide) Nibone Imiqondiso Nemimangaliso”

    Esi sahluko sisekwe kuYohane 4:43-54.]

    AmaGalili awayebuya ePasikeni, eza nengxelo yemisebenzi emangalisayo kaYesu. Ugwebo olwawiswa phezu kwezenzo zaKhe zizikhulu zaseYerusalem zayivula indlela yaKhe eGalili. Uninzi lwabantu lwaba buhlungu ngendlela ephethwe kakubi ngayo itempile nokubawa kunye nokuziphakamisa kwababingeleli. Bathemba ukuba lo Mntu, owenza babaleka abaphathi, angaba unguye owayehleli elindelwe —uMhlanguli. Ngoku iindaba zafika ezabonakala ziqinisekisa awona mathemba wabo aqaqambileyo. Kwabikwa ukuba umprofeti uthe unguMesiya. ULw 196.1

    Abantu baseNazarete abazange bakholelwe kuYe. Ngenxa yesi sizathu, uYesu akazange ayityelele iNazarete xa wayesendleleni yaKhe esinga eKana. UMsindisi wabaxelela abafundi baKhe ukuba umprofeti akanaluzuko elizweni lakhe. Abantu basixabisa isimilo ngokweyabo imigangatho. Abacinga kancinane nabangqondo yabo ithanda ihlabathi bamgweba uYesu ngokuzalwa kwaKhe okuphantsi, ngempahla yaKhe ephantsi, nomsebenzi waKhe wemihla ngemihla. Abazange bakwazi ukuxabisa ubunyulu bomoya ekungekho bala lasono kuwo.ULw 196.2

    Iindaba zokubuyela kukaKristu eKana zasasazeka kuyo yonke iGalili, zizisa ithemba kwabagulayo nabanoxinzelelo. EKapernahum iindaba zatsalaingqwalaseloyesikhulu somYudaowayeligosaelalisebenza kwakumkani. Unyana weli gosa wayegula sisifo esasibonakala ngokungathi asinyangeki. Oogqirha babemncamile bamyeka ukuba afe; kodwa wathi uyise akuva ngoYesu, wazimisela ukuba uza kufuna uncedo kuYe. Umntwana wayesele egula kakhulu, kwaye kusoyikwa ukuba akanakuphila ade abuye; kodwa sekunjalo le ndoda ihloniphekileyo yaziva inyanzelekile ukuba iye iwubeke umcimbi ngokwayo. Yayithembe ukuba imithandazo kayise ingavusa uvelwano loGqirha oMkhulu.ULw 197.1

    Akuba efikile eKana, wafumana isihlwele singqonge uYesu. Ngentliziyo enexhala, wanyanzelisa ukuthubeleza ukuya kufika phambi kukaYesu. Ukholo lwakhe lwathandabuza akubona indoda ezinxibele nje impahla zayo ezingaxeli nto, imgqubagqubane idiniwe luhambo. Wathandabuza ukuba lo Mntu angayenza le nto wayezokuyicela kuYe; kodwa walifumana ithuba lokuthetha noYesu, wabalisa ngoko akuzeleyo, wamcenga uMsindisiukubaamkhapheaye nayeekhayeni lakhe. Yona intlungu yayisele isaziwa nguYesu. Ngaphambi kokuba igosa lisuke ekhayeni lalo, uMsindisi wayeyibonile ingcikivo yalo.ULw 197.2

    Wayesazi ke kodwa ukuba uyise, engqondweni yakhe, wayebeke iimeko ngenkolo yakhe kuYesu. Ukuba asithanga saphendulwa isicelo sakhe, akasayi kumamkela uYesu njengoMesiya. Lathi ngeli xesha igosa lilindile likwintlungu yokulindela, uYesu wathi, “Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe.” ULw 198.1

    Nangona babukho bonke ubungqina bokuba uYesu unguye uKristu, lo uzokucela wazimisela ukuba uza kwenza ukuba ukukholwa kwakhe kuYe kuxhomekeke ekwenzekeni kwesakhe isicelo. UMsindisi wakuthelekisa oku kungakholwa kunemibuzo nokholo olulula lwamaSamariya, angazange wona afune mmangaliso namqondiso. Ilizwi laKhe, elihlala libubungqina obukhoyo kobuThixo baKhe, lalinamandla awoyisayo awayefikelela ezintliziyweni zawo, [amaSamariya]. UKristu waba buhlungu kuba abaKhe abantu, awayenikelwe bona amaZwi aNgcwele, bangasilela ukuliva ilizwi likaThixo lithetha kubo ngoNyana waKhe. ULw 198.2

    Kanti ke igosa lakomkhulu lalinayo intwana yokholo; kuba lalize kucela into ekwakucaca kulo ukuba yeyona ixabiseke kakhulu kuzo zonke iintsikelelo. UYesu wayenesipho esikhulu anokupha ngaso. Akazange alangazelele ukuphelela ekuphiliseni umntwana, kodwa nokwenza ukuba igosa nendlu yalo babelane ngeentsikelelo zosindiso, kwanokukhanyisa isibane eKapernahum, eyayiza kuthi kungekudala ibe yindawo yokusebenza kwaKhe. Kufuneka kodwa ukuba isidingo sale ndoda inkulu senzeke ngaphambi kokuba ilangazelele ubabalo lukaKristu. Le ndoda yasebhotwe yayimele abaninzi besizwe sayo. Babenomdla kuYesu ngeenjongo zokubawa. Babethembe ukuzuza ulutho olukhethekileyo kumandla aKhe, baza balubeka ukholo lwabo ekunikweni kwale nceba yasemhlabeni; kodwa babengazi ngesifo sabo sasemoyeni, baza abasibona isidingo sobabalo lwezulu.ULw 198.3

    Njengokuthi tshazi kokukhanya, amazwi oMsindisi kwigosa lakomkhulu ayityhila intliziyo yalo. Yabona ukuba iinjongo zayo ekufuneni uYesu zazicingela isiqu salo. Ukholo lwalo oluthandabuzayo lwalubonakala kulo njengoko lunjalo. Ngokuxinzeleka okukhulu, laqonda ukuba liphambi kwaLowo unokuzifunda iingcamango, nezinokwenzeka kuye zonke izinto. Lisemthandazweni obuhlungu, lakhala, lathi, “Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam.” Ukholo lwalo lwabambelela kuYesu njengoYakobi, xa, ekubambaneni kwakhe neNgelosi, wakhala, wathi, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.” Gen. 32:26.ULw 198.4

    NjengoYakobi, loyisa. UMsindisi akakwazi ukuzibuyisa kumphefumlo obambelela kuYe, uzicelela ngentswelo yawo enkulu. “Hamba, uhambe,” watsho [uYesu], “unyanawakho uhleli.” Igosa lakomkhulu lamshiya uMsindisi linoxolo novuyo elingazange lwanalo ngaphambili. Alizange lanele kukholwa nje ukuba unyana walo uza kuphila, kodwa, ngokuqiniseka okukhulu lamthemba uKristu ukuba unguMhlanguli. ULw 198.5

    Kanye ngaloo yure, abo babemlindile ecaleni komntwana ofayo ekhaya eKapernahum babona ukutshintsha okukhawulezileyo nokumangalisayo. Ithunzi lokufa lalisusiwe ebusweni balowo ugulayo. Ukuhlasela kwefiva kwasuka kushiya ukukhanya okuthambileyo kokubuyela empilweni. Amehlo aluzizi akhanya kukuba sengqondweni, namandla abuyela kuloo mzimba ubhityileyo obuphelelwe ngamandla. Akukho zimpawu zokufa zilengalenga phezu komntwana. Umzimba wakhe obushushu wathamba wafuma, wasuka wahliwa bubuthongo walala. Ifiva yayimke kanye emini emaqanda. Usapho ekhaya lwamangaliswa, lwaba lukhulu uvuyo. ULw 199.1

    IKana yayingekho kude kangako eKapernahum kangangokuba igosa lalinokufika ngobo busuku ekhaya emva kokuba lithethe noYesu; kodwa alizange lingxame endleleni. Lafika eKapernahum ngentsasa elandelayo. Uvuyo olungako lakufika ekhaya! Xa laliya kufuna uYesu, intliziyo yalo yayinzima yintlungu. Ukukhanya kwelanga kwakungathi kulikhohlakalele, iingoma zentaka zisisigculelo. Indlela ezahluke ngayo imvakalelo zalo ngoku! Indalo yonke ivathe imbono entsha. Libona ngamehlo amatsha. Xa lihamba kwintsasa ezolileyo, ingathi indalo yonke idumisa uThixo kunye nalo. Lithe lisekude apho lihlala khona, abakhonzi balihlangabeza, bengxamele ukulikhulula exhaleni nababeqinisekile ukuba unalo. Alibonisi kumangaliswa ziindaba abeza nazo, kodwa ngomdla onzulu abangawaziyo, ubuza ilixa aqale ngalo ukuphila umntwana. Baliphendula, “Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina.” Kanye ngala mzuzu ukholo lukayise lwalubamba isiqinisekiso, esithi, “Unyana wakho uhleli.” Uthando lwezulu lwamchukumisa umntwana ofayo. ULw 199.2

    Uyise uyakhawuleza abulise unyana wakhe. Uyamwola ambeke entliziyweni [esifubeni] yakhe njengovuswe kwabafileyo, ambulele uThixo aphindaphinde ngoku kumbuyisela kumangalisayo. ULw 200.1

    Igosa lakomkhulu lalangazelela ukwazi ngakumbi ngoKristu. Lathi kamva lakuva imfundiso yaKhe, lona nendlu yalo yonke baba ngabafundi. Imbandezelo yayingcwaliselwe ekuguqukeni kwalo lonke usapho. Iindaba zommangaliso zasasazeka; kwathi eKapernahum yaba mininzi imisebenzi eyenziwayo, indlela yayilungisiwe ukuze uYesu enze umsebenzi waKhe. ULw 200.2

    Lowo wasikelela igosa lakomkhulu eKapernahum usalangazelela ukusisikelela nathi. Thina ke, njengoyise owayebandezelekile, siye sikhokelelwe ekumfuneni uYesu lulangazelelo lokuthile okulungileyo kwasemhlabeni; kuthi ekwenzelweni ngokwesicelo sethu, silibeke ithemba lethu eluthandweni lwaKhe. UMsindisi unga angasinika intsikelelo enkulu kunokuba sicela; kwaye uyayilibazisa impendulo kwisicelo sethu ukuze asibonise ububi beentliziyo zethu, nentswelo yethu enzuluyobabalo lwaKhe.Ungasingakushiyaukuzitsalela kuthi okwenza ukuba simfune. Masithi sivuma ukungabi nakuzinceda kwethu nesidingo esibuhlungu, siziphose ngokupheleleyo eluthandweni lwaKhe.ULw 200.3

    Igosa lakomkhulu lalifuna ukubona ukuzaliseka komthandazo walo ngaphambi kokuba likholwe; kodwa kwafuneka lamkele ilizwi likaYesu lokuba isicelo salo saviwa nentsikelelo yanikwa. Esi sifundo kufuneka sisifundile. Akungokuba sibona okanye sisiva ukuba uThixo uyasiva ukuze sikholwe. Kufuneka siwathembe amadinga aKhe. Xa sisiza kuYe ngokholo, sonke isicelo singena entliziyweni kaThixo. Xa sicela intsikelelo yaKhe, kufuneka sikholwe ukuba siyayifumana, simbulele [uThixo] kuba siyifumene. Emva koko sihambe senze imisebenzi yethu, siqinisekile ukuba intsikelelo iya kubonakala xa siyidinga ngokukhulu. Xa sikufundile ukwenza oku, siya kukwazi ukuba imithandazo yethu iyaphendulwa. UThixo uya kusenzela “ngokugqithisileyo kakhulu,” “ngokobutyebi bozuko lwakhe,” “ngokokusebenza kokuqinisela kokomelela kwakhe.” Efese 3:20, 16; 1:19.ULw 200.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents