Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    38—Yizani, Niphumle Kancinane

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 14:1, 2, 12, 13; Marko 6:30-32; Luka 9:7-10.]

    Bakuba bebuyile kuhambo lwabo lokuvangela, “bahlanganisana abapostile kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile. Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba baninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.” ULw 359.1

    Abafundi beza kuYesu bamxelela zonke izinto. Ulwalamano olusondeleyo kunye naYe lwabakhuthaza ukuba babeke phambi kwaKhe amava wabo amahle nangamahle, uvuyo lwabo ekuboneni iziphumo ngokubulaleka kwabo, nentlungu yabo ngokusilela kwabo, iziphoso zabo, nobuthakathaka babo. Babeneziphoso abazenzayo emsebenzini wabo wokuqala njengabavangeli, baza bathi xa bemxelela ngokukhululekileyo uKristu ngamava wabo, wabona ukuba badinga imfundiso eninzi. Waya wabona nokuba baye badinwa ekusebenzeni kwabo, nokuba bayakudinga ukuphumla.ULw 359.2

    Apho babekhona ngoko babengakwazi nokufumana izidingo zangasese; “kuba baninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.” Abantu babengungelana belandela uKristu, befuna ngamandla ukuva amazwi waKhe. Abaninzi baziva betsalelekile kuYe; kubo wabonakala engumthombo wazo zonke iintsikelelo. Abaninzi kwabo babebuthelene kuYe ukuba bazuze isipho esinexabiso sempilo bamamkela njengoMsindisi wabo. Abanye abaninzi, ngokoyika ukumvuma kwangoko, ngenxayabaFarisi,baguquka ekuhleni kukaMoya Oyingcwele, baza bathi, phambi kwababingeleli nabaphathi abanengqumbo, bamvuma ukuba unguNyana kaThixo.ULw 359.3

    UYesu ngoku walangazelela ukuphumla, akhe abe nabafundi baKhe; kuba kwakukuninzi ekufuneka ekuthethile kubo. Ekusebenzeni kwabo, badlula kuvavanyo lokulwa, bangqubana nenkcaso ngeendlela ngeendlela. Ukuza kuthi ga ngoku, babengekabonisani noKristu ngazo zonke izinto; kodwa okwexesha elithile babebodwa, kwaye, maxa wambi babekhathazwa kukungazi ukuba mabathini. Babefumene inkuthazo eninzi emsebenzini wabo; kuba uKristu wayengabathumanga ngaphandle kukaMoya waKhe, baza bathi ngokholo kuYe basebenza imimangaliso emininzi; kodwa ngoku babedinga ukuba bafumane isondlo seSonka soBomi. Babedinga ukuba baye kwindawo yokuphumla, apho babeza kuba nothethwano noYesu baze bazuze imfundiso yomsebenzi wexesha elizayo. ULw 360.1

    “Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane.” UKristu uzele bububele nemfesane kubo bonke abasemsebenzini waKhe. Wayebabonisa abafundi baKhe ukuba uThixo akanake mbingelelo, kodwa inceba. Babeyibeke yonke imiphefumlo yabo ekusebenzeleni abantu, kwaza oku kwawagqiba amandla abo omzimba nengqondo. Kwakubafanele ukuba baphumle. ULw 360.2

    Njengokuba abafundi babeyibona impumelelo yokusebenza kwabo, babesengozini yokuzincoma, engozini yokuba nokuziphakamisa ngokwasemoyeni, baze ke ngoko babe bawa phantsi kwezihendo zikaSathana. Umsebenzi omkhulu wawuse phambi kwabo, ngoko ke kuqala kufuneka bafunde ukuba amandla wabo ayengalelanga kubo, kodwa kuThixo. NjengoMoses kwintlango yeSinayi, njengoDavide phakathi kweenduli zakwaYuda, okanye uEliya ngakwintlambo iKerete, abafundi babedinga ukuthi gu bucala kwiimibono yokuxakeka kwabo, bakhe bancokole noKristu, ngendalo, nangeentliziyo zabo.ULw 360.3

    Ngexesha abafundi babengekho bekuhambo lwabo lokuvangela, uYesu wahambela ezinye iidolophu neelali, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani. Kwakungeli xesha awathi wafumana iindaba zokufa komBhaptizi. Esi siganeko sakwenza kwacaca phambi kwaKhe isiphelo sawaKhe amanyathelo awayesiya kuso. Amathunzi ayesiba mnyama endleleni yaKhe. Ababingeleli nabaphathi belindele ukumrhangqela ukufa, iintlola zithe chu emanyathelweni waKhe, kuyo yonke indawo kusanda amacebo okumtshabalalisa. Iindaba zokushumayela kwabapostile kuyo yonke iGalili zafikelela kuHedore, zamenza ukuba akhe aqwalasele uYesu nomsebenzi waKhe. “Lo nguYohane umBhaptizi,” watsho. “Yena uvukile kwabafileyo;” waza wavakalisa umnqweno wokumbona uYesu. UHerode wayehleli esoyika hleze kuvuke uqhushululu ngasese, ngenjongo yokumsusa esihlalweni, nokwaphula idyokhwe yamaRoma phezu kwesizwe samaYuda. Ebantwini, umoya wokunganeliseki novukelo wawukho. Kwaye kubonakala ukuba ukusebenza kukaKristu kwasesidlangalaleni kwakungasenako ukuqhubeka. Imibono yokufumana kwaKhe intlungu yayisondela, waza wanga angakhe athi gu bucala okwexeshana, asuke kwisiphithiphithi sesihlwele.ULw 360.4

    Beneentliziyo ezibuhlungu abafundi ngoYohane, bawuthwala umzimba wakhe oxhaxhiweyo baya kuwungcwaba. Emva koko “baya babikela uYesu.” Abafundi babenomona ngoKristu xa kubonakala ukuba utsala abantu kuYohane. BabengakubaFarisi ekutyholeni uYesu xa wayehleli nababuthi berhafu esidlweni kwaMateyu. Bathandabuza umsebenzi awuthunyiweyo kuba engazange amkhulule uYohane. Yathi yakuba ifile ititshala yabo, baye befuna ukuthuthuzelwa kwintlungu yabo enkulu, nokukhokelwa kumsebenzi wabo wexesha elizayo, beza kuYesu, bahlanganisa umdla wabo nowaKhe. Nabo babelidinga ithuba elizolileyo lokuthetha noYesu. ULw 361.1

    Kufuphi eBhetesayida, kwicala elingasentla lechibi, kwakukho ummandla omhle othe qelele, umhle ngenxa yohlaza lweNtlakohlaza, owaba nomtsalane kuYesu nabafundi baKhe. Baphuma baya kule ndawo, behamba ngomkhombe ukucanda amanzi. Xa belapha babeza kuba kude kwiindlela ezinqumlayo zabahambi, kude kwisiphithiphithi nokuyaluzela kwesixeko. Imibono yendalo yona ngokwayo yayikukuphumla, utshintsho olwaluluhle engqondweni. Apha babeza kukwazi ukumamela amazwi kaKristu bengeva zingxolo zicaphukisayo, izithuko nezityholo zababhali nabaFarisi. Apha babeza konwaba okwexesha elifutshane elixabisekileyo lobudlelwane bekunye neNkosi yabo. ULw 361.2

    Ukuphumla uKristu nabafundi baKhe abakuthabathayo yayingekuko ukuzibhodloza. Ixesha abalichitha bephumle lalingelilo elokufuna iziyolo. Babethetha kunye ngomsebenzi kaThixo, nokwenza ukuba kubekho impumelelo emsebenzini. Abafundi babe kunye noKristu, bekwazi ukumqonda; kubo kwakungadingi ukuba athethe ngemizekeliso. Walungisa iziphoso zabo, ebacacisela indlela yokuthetha nabantu. Wabavulela ngakumbi amagugu anexabiso enyaniso yezulu. Bahlaziywa ngamandla angcwele, bakhuthazwa kwithemba nokuqina. ULw 361.3

    Nangona uYesu wayenokwenza imimangaliso, abanike amandla abafundi baKhe ukuba benze imimangaliso, wabakhokela abafundi baKhe abaphelileyo ukuba bathi tyishi ecaleni baphumle. Xa wayesithi isivuno sikhulu, bambalwa abasebenzi, akazange abakhuthaze abafundi baKhe ngokusebenza kungaphunyulwa, kodwa wathi,“KhunganingokoeNkosini yokuvuna,ikhuphe abasebenzi,bayeekuvuneni.” Mat. 9:38. UThixo unike umntu ngamnye umsebenzi wakhe, ngokwesakhono sakhe (Efese 4:11-13), kwaye akasayi kuyeka abambalwa basindeke yimithwalo babe abanye bengenawo umthwalo noxinzeleko lomphefumlo.ULw 361.4

    Amazwi ovelwano kaKristu ngokuqinisekileyo athethwa kubasebenzi baKhe namhlanje njengoko ayethethwa kubafundi baKhe. “Yizani nina ngasese, . . . niphumle kancinane,” utsho kwabo baqobekileyo nabadiniweyo. Akulungile ukuba nisoloko niphantsi koxinzeleko lomsebenzi nokuthabatheka, nokuba senilungiselela kwizidingo zabantu zasemoyeni; kuba ngoluhlobo ubungcwele bomntu buyatyeshelwa, aze amandla engqondo nomphefumlo nomzimba aqotywe. Ukuzilandula kuyafuneka kubafundi bakaKristu, nemibingelelo kufuneka yenziwe; kodwa inkathalo kufuneka yenziwe hleze kuthi ngolangazelelo oludlulisileyo uSathana afumane ithuba ngokuphela kwamandla oluntu, uze umsebenzi kaThixo uphazamiseke. ULw 362.1

    Ekuqikeleleni koorabhi, yayiyinxalenye yenkolo ukusoloko kuxakekiwe ngumsebenzi. Babe xhomekeke ekusebenzeni emehlweni ukuze kubonwe ubungcwle babo obukhulu. Ngoko bayahlula imiphefumlo yabo kuThixo, bazakha ngokuzanelisa. Iingozi ezinjalo zisekho. Ngokunyuka komsebenzi, nabantu besiba nempumelelo nakuwuphi umsebenzi kaThixo, ikho ingozi yokuthembela kumacebo neendlela zabantu. Kukho umkhwa wokuthandaza kancinane, nokuba nokholo oluncinane. Njengabafundi [bakaYesu], nathi sisengozini yokulahlekwa ngumbono wokuxhomekeka kwethu kuThixo, size sifune ukwenza ukusebenza kwethu kube ngumsindisi wethu. Sidinga ukuthi rhoqo sikhangela kuYesu, sisazi ukuba kusemandleni aKhe esinokuthi siwenze umsebenzi. Nangona kufuneka sisebenze ngokunyaniseka ukusindisa abalahlekileyo, kufuneka silithabathe ixesha lokucamngca, ukuthandaza, nokufunda ilizwi likaThixo. Ngumsebenzi owenziwe ngomthandazo omninzi, nongcwaliswe ngokuhle kukaKristu, oya kuthi, ekugqibeleni, ukwazi ukwenza okulungileyo. ULw 362.2

    Akakho owakha waxakeka ngumsebenzi nomthwalo njengoYesu; kanti kunjalo wayefunyanwa kangaphi ethandaza! Wayesoloko ethetha kangakanani noThixo! Ziyafumaneka rhoqo kwimbali yobomi baKhe iingxelo ezinje ngezi: “Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.” “Kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo. Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze.” “Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo.” Marko 1:35; Luka 5:15, 16; 6:12.ULw 362.3

    Kubomi obabunikelwe ngokupheleleyoekwenzeleni abanye okulungileyo, uMsindisi wabona kufanelekile ukuba ashiye iindlela zohambo nokungqongwa sisihlwele esasimlandela imihla ngemihla. Kufuneka akhe ame ecaleni kumsebenzi ongapheliyo nokuhlangana neentswelo zabantu, ukufuna ukuphumla nokuncokola okungapheliyo noYise. Njengokunye nathi, owabelana nathi kwizidingo nobuthakathaka bethu, wayexhomekeke ngokupheleleyo kuThixo, wathi kwindawo esecaleni yokuthandaza wafuna amandla ezulu, ukuze akwazi ukuqhubeka exhobele umsebenzi nokulingwa. Kwihlabathi lesono, uYesu wanyamezela amadabi nokuthuthunjiswa komphefumlo. Ebudlelaneni noThixo, wayekwazi ukuzithulula iintlungu ezazimcinezela. Apha wayefumana intuthuzelo novuyo. ULw 363.1

    KuKristu, isikhalo soluntu safikelela kuBawo onemfesane engapheliyo. Njengomntu, wakhunga etroneni kaThixo bada ubuntu baKhe bazaliswa ngumsinga wamandla ohlanganisa ubuntu nobuThixo. Ngokuhlala ebudlelwaneni wazuza ubomi kuThixo, ukuze anike ubomi ihlabathi. Amava waKhe kufuneka abe ngawethu. ULw 363.2

    “Yizani nina ngasese,” uyasikhuthaza. Ukuba sithe saliphulaphula ilizwi laKhe, siya kuba namandla ngakumbi, sibe lulutho. Abafundi babemfuna uYesu, baye bemxelela zonke izinto; waye Yena ebakhuthaza ebafundisa. Ukuba namhla singathabatha ixesha siye kuYesu simxelele izidingo zethu, asisayi kudaniswa; uya kuba ngasekunene kwethu ukuba asincede. Sidinga ukuba sibe ngabavuma lula kakhulu, ukuthemba nokuthembela kuMsindisi wethu. Lowo ogama laKhe libizwa ngokuthi, “nguThixo oligorha, ngoSonini-nanini, nguMthetheli woxolo;” Lowo kubhalwe kwathiwa ngaYe, “Ukuthethela kusesixhantini sakhe,” unguMcebisi onguM angaliso. Simenyelwa ukuba sicele kuYe ubulumko. Yena “unika bonke engenakumbi, engangcikivi.” Isa. 9:6; Yakobi 1:5.ULw 363.3

    Kubo bonke abaphantsi koqeqesho lukaThixo, kufuneka kutyhileke ubomi obungahambelaniyo nehlabathi, namasiko alo, okanye izenzo zalo; kwaye wonke ubani udinga ukuba namava angawakhe ekuzuzeni ulwazi lwentando kaThixo. Kufuneka ngabanye simve, uThixo, ethetha entliziyweni. Xa wonke amanye amazwi ethule, inzolo yomphefumlo yenza livakale ngokucacileyo ilizwi likaThixo. Uthi kuthi, “Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna.” Nd. 46:10. Kulapha kuphela ekunokufumaneka khona uphumlo lwenene. Kanti ke oku, kukulungiselela okunempumelelo kwabo bonke abasebenzela uThixo. Phakathi kwezihlwele eziphithizelayo, noxinzelelo lokwenziwayo ebomini, umphefumlo othi uhlaziywe uya kurhangqwa ngumoya wokukhanya noxolo. Ubomi buya kuphefumla ivumba elimnandi, buze buveze amandla ezulu athi afikelele ezintliziyweni zabantu. ULw 363.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents