Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    46—Wenziwa Kumila Kumbi

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 17:1-8 ; Marko 9:2-8; Luka 9:28-36.]

    Kwakusondela ungcwalazi ngexesha uYesu wayebizela bucala abathathu kubafundi baKhe, uPetros, uYakobi, noYohane, ecanda ithafa kunye nabo, kwaza kwathi phambili kwindlela enamatye, baya ecaleni lentaba kwindawo ekhethekileyo. UMsindisi nabafundi baKhe babechithe imini behamba ebafundisa, kwaza ukunyuka intaba kongeza ekudinweni kwabo. UKristu uyisusile imithwalo engqondweni nasemzimbeni yabaninzi abahluphekayo; uthumele ubumnandi ebomini kwimizimba yabo e-ethe-ethe; kodwa naYe usaphethwe bubuntu, ngoko ke, enabafundi baKhe, lamdinisa iqhina ababelinyuka.ULw 419.1

    Ukukhanya kwelanga elitshonayo kwakusabonakala encotsheni yentaba, kuthe rhwelele ngobuhle bokutshona kwako endleleni ababeyihamba. Kwathi kodwa, kungekudala, kwasithela ukukhanya endulini nasentilini, ilanga lasithela ngaphaya kongqameko lwasentshona, baza abahambi ababodwa bagutyungelwa bubumnyama bobusuku. Ubumnyama bokubangqongileyo babungathi buhambelana nobomi babo obusentlungwini, nobujikelezwe ngamafu awayehlangana ebangqingqwa. ULw 419.2

    Abafundi abanasibindi sokumbuza uKristu ukuba kuyiwa phi, okanye kuyokwenziwa ntoni. Wayesoloko echitha ubusuku bonke ezintabeni ethandaza. Lowo isandla saKhe senza iintaba neentili, wayesiba sekhaya xa ephakathi kwendalo, ekonwabela ukuzola kwayo. Abafundi bayalandela xa uKristu akhokela indlela; kanti ke bayamangala ukuba iNkosi yabo ibakhokele ukuba banyuke umnqantsa onje babe bediniwe, kanti naYo iyakudinga ukuphumla. ULw 419.3

    Usuka uKristu athi ngoku, akusafuneki ukuba bagqithe kule ndawo. Wathi cebu kancinane kubo, iNdoda eqhelene neeNtlungu, waphokoza imithandazo, ekhala kakhulu eneenyembezi. Wayethandazela amandla nokunyamezela ukulingwa ngenxa yoluntu. Kufuneka Yena ebambelele ngokutsha kuSomandla, kuba kuphela kwendlela leyo enokwenza ukuba akwazi ukucamngca ngengomso. [UKristu] uthulula ulangazelelo lwentliziyo yaKhe ngenxa yabafundi baKhe, ukuba kuthi, ngeyure yamandla obumnyama, ukholo lwabo lungoyisakali. Umbethe unzima phezu komzimba waKhe oguqileyo, kodwa akawunakanga. Amathunzi obusuku ayarhangqa engqingqwa, kodwa akabukhathalelanga ubumnyama bawo. Lahamba lithe chu njalo ixesha. Ekuqalekeni, abafundi babe kunye naYe ekuthandazeni, ngokuzinikela ngokupheleleyo; kodwa emva kwexesha boyiswa kukudinwa, balala. UYesu ubaxelele ngeentlungu zaKhe; uhambe nabo ukuze bazimanye naYe ekuthandazeni; nangoku uyabathandazela. UMsindisi ububonile ubumnyama babafundi baKhe, waza walangazelela ukukhanyisa kwintlungu yabo ngokuqinisekisa ukuba ukholo lwabo alubanga lilize. Asingabo bonke, nakwishumi elinambini, abanokuzuza intyilelo anqwenela ukuyinika. Bathathu kuphela ababeza kuyibona intlungu yaseGetsemaneabanyuliweyoukuba babe naYe entabeni. Ngoku,ULw 420.1

    umthwalo womthandazo waKhe ngowokuba banikwe umbonowobuqaqawuli awayenabo noYise kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, nokuze ubukumkani baKhe butyhilwe emehlweni abantu, nokuba abafundi baKhe bomelezwe ukuba babubone, ngamehlo. Ubongozela ukuba babone ukubonakalaliswa kobuThixo baKhe nobuya kubathuthuzela ngelixa lentlungu yaKhe enkulu ngokwazi ukuba ngokuqinisekileyo unguNyana kaThixo nokuba ukufa kwaKhe okulihlazo kuyinxalenye yecebo losindiso.ULw 420.2

    Umthandazo waKhe waviwa. Uthe esaguqile eyedwa emhlabeni onamatye, amazulu avuleka, amasango egolide esixeko sikaThixo athiwa genge, ukukhanya okungcwele kwehla phezu kwentaba, kugubungela isiqu soMsindisi. UbuThixo obuphuma ngaphakathi kwathi danya ebuntwini, bahlangana nobuqaqawuli obabuvela ezulwini. Waphakama ekuthobeni kwaKhe, uKristu wema enobungangamsha obufana nobukaThixo. Intlungu yomphefumlo imkile. Imbonakalo yaKhe ikhazimla “njengelanga.” Ingubo zaKhe “zimhlphe jengokukhanya.” ULw 421.1

    Abafundi, ekuvukeni kwabo, babona umsinga wobuqaqawuli ukhanyisa intaba. Ngokoyika nokumangala, baqwalasela imo ebengezelayo yiNkosi yabo. Bathi xa besiya bekwazi ukunyamezela ukukhanya okumangalisayo, babona ukuba uYesu akakho yedwa. Ecaleni kwaKhe kukho izidalwa ezibini, ezazikwincoko yabahlobo kunye naYe. ZinguMoses, owathetha noThixo eSinayi; noEliya, owanikwa ilungelo—elanikwa kuye wamnye koonyana baka-Adam—ukuba angaze abe phantsi kwamandla okufa. ULw 421.2

    Phezu kwentaba yePisga, kwishumi elinantlanu leenkulungwane ngaphambili, uMoses wayemi ejonge eZweni leDinga. Kwathi kodwa ngenxa yesono sakhe eMeribha, akakwazi ukungena apho. Kwakungekuko okwakhe ukonwabela ukukhokelela umkhosi kaIsrayeli ukuba udle ilifa looyise. Isicelo sakhe esasibuhlungu kakhulu, sathi, “Makhe ndiwele kaloku, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan, loo ntaba intle, neLebhanon.” (Dut. 3:25), asizange samkeleke. Ithemba elalikhanyise iminyaka engamashumi amane, kuhambo lwasentlango, kwafuneka angalifumani. Ingcwaba lasentlango laba ngumgomo wayo yonke loo minyaka yokusebenza nzima nexhala elalingumthwalo wentliziyo. Lowo, “onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithisileyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa” Efese 3:20), ngale ndlela wawuphendula umthandazo womkhonzi waKhe. UMoses wadlula phantsi kobukumkani bokufa, kodwa wayengazi kuhlala engcwabeni. UKristu ngokwaKhe wamvusela ebomini. USathana, umlingi, wayewubangile umzimba kaMoses ngenxa yesono sakhe; kodwa uKristu uMsindisi wamvusa engcwabeni. Yuda 9. ULw 421.3

    Ubukho bukaMoses entabeni yokwenziwa kumila kumbi kwaba bubungqinakuloyisolukaKristuphezukwesononokufa. Wamela abo baza kuvuka engcwabeni eluvukweni lwamalungisa. UEliya owenziwa kumila kumbi wasiwa ezulwini engakubonanga ukufa, wayemele abo baya kuba bephila phezu komhlaba ngexesha lokufika kukaKristu kwesibini, nabaya “kwenziwa ngakumbi [bo]nke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela;” xa “oku kufayo [kuya] “kwambatha ukungafi,” kuze “noku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali.” 1 Kor. 15:51-53. UYesu wayambethe ukukhanya kwezulu, njengoko aya kubonakala xa esiza “okwesibini, ngaphandle kwesono, . . . ezisa usindiso.” Kuba uya kuza “esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.” Heb. 9:28; Marko 8:38. Isithembiso soMsindisi kubafundi ngoku sazaliseka. Phezu kwentaba, ubukumkani obuzayo bobuqaqawuli babuvezwe bubuncinane,--uKristu enguKumkani, uMoses emele abangcwele abavukileyo, noEliya emele abenziwe kumila kumbi.ULw 422.1

    Abafundibabe ngekawuqondi umboniso; kodwa bavuya kuba uMfundisi wabo, Lowo unobulali nothobekileyo, owehla enyuka engowasemzini ongenamncedi, ezukiswa ngabathandiweyo basezulwini. Baya kholwa ukuba uEliya uzokuvakalisa ngolawulo lukaMesiya, nokuba ubukumkani bukaKristu sele buza kumiselwa emhlabeni. Inkumbulo yoloyiko nokudaniswa kwabo banga ingalibaleka ngonaphakade. Apha, apho ubuqaqawuli bukaThixo butyhilwe khona, banga bangahlala. UPetros wadanduluka, wathi, “Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha; masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.” Abafundi baqinisekile ukuba uMoses noEliya bathunyelwe ukuba bakhusele iNkosi yabo, nokumisela igunya laYo njengokumkani. ULw 422.2

    Phofu, phambi kwesithsaba kumele kubekho umnqamlezo. Asikuko ukumiselwa kukaKristu njengokumkani, kodwa isifo ekufuneka soyisiwe eYerusalem, nguwo umxholo wentlanganiso yabo noYesu. Ethwele ubuthakathaka boluntu, esindwa yintlungu yalo nesono salo, uYesu wahamba yedwa phakathi kwabantu. Kwathi xa ubumnyama betyala elalisiza babufika phezu kwaKhe, wanomvandedwa emoyeni, ehlabathini elalingamazi. Nabafundi abo baKhe abathandayo, bezikile kweyabo intandabuzo nentlungu namathemba anamabhongo, abazange bayiqonde imfihlakalo yomsebenzi azele wona. Wayehleli phakathi kothando nolwalamano lwezulu; kodwa ehlabathini awalidalayo, wayelilolo. Ngoku, izulu lathumela abathunywa balo kuYesu; yayingezizo iingelosi, kodwa abantu abanyamezela ukuphatheka kakubi nentlungu, nabanako ukuvela noMsindisi ekulingweni kobomi baKhe basemhlabeni. UMoses noEliya babengabasebenzi kunye noKristu. Babelana ngokulangazelela ukusindiswa kwabantu. UMoses wambongozela uIsrayeli: “Khawusixolelengoko isono sabo; ukubaakunakubanjalo,wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.” Eks. 32:32. UEliya wayekwazile ukuba lilolo ngasemoyeni, njengoko iminyaka emithathu enesiqingatha wayethwele umthwalo wentiyo nosizi lwesizwe. Eyedwa wamela uThixo entabeni yeKarmele. Eyedwa, wabalekela entlango esentlungwini nokuphelelwa lithemba. Aba bantu, abanyulwe ngaphezu kwazo zonke iingelosi ezijikeleze itrone, beza ukuba bathethe noYesu ngemiboniso yentlungu yaKhe, nokuze bamthuthuzele ngokuqinisekisa ngovelwano lwezulu. Ithemba lehlabathi, usindiso lwabo bonke abantu, lwalungumxholo womhlangano wabo.ULw 422.3

    Ngokoyiswa bubuthongo, abafundi bakuva kancinane okwakuqhubeka phakathi kukaKristu nabathunywa basezulwini. Ngokusilela ukulinda nokuthandaza, abazange bakuzuze oko uThixo wayelangazelela ukubanika kona,--ukwazi ngeentlungu zikaKristu, nobuqaqawuli obabuza kulandela. Balahlekwa yintsikelelo eyayiza kuba yeyabo ngokuba nenxaxheba ekuzincameni kwaKhe. Aba bafundi babehamba kade ekukholweni, babuxabisa kancinane ubutyebi izulu elalifuna ukubatyebisa ngabo. Kanti ke bazuza ukukhanya okukhulu. Baqinisekiswa ukuba izulu lonke liyasazi isono sabantu bakwaYuda sokumala uKristu. Banikwa imbono ecace kakhulu ngomsebenzi woMhlanguli. Babona ngamehlo wabo beva ngeendlebe zabo izinto ezazingaphaya kokuba zingaqondwa ngumntu. Baba “ngababoneli bobungangamsha bakhe” (2 Petros 1:16), baza baqonda ukuba uYesu ngokwenene wayenguye uMesiya, amanyange nabaprofeti abangqina ngaYe, nokuba wayesaziwa njalo yindalo yonke yasemazulwini. ULw 425.1

    Bathi besaqwalasele kumbono ophezu kwentaba, “ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.” Xa babebona ilifu lobuqaqawuli, elikhanya ngaphezu kwelo lalihamba phambi kukaIsrayeli entlango; Xa babesiva ilizwi likaThixo lithetha ngobungangamsha oboyikekayo obenza intaba yangcangcazela, abafundi babethwa bawa emhlabeni. Bahlala bewile njalo, ubuso babo bebufihlile, wada uYesu wasondela, wabachukumisa, egxotha ukoyika kwabo ngezwi laKhe eliqhelekileyo, “Vukani ningoyiki.” Ekugqibeleni, bawaphakamisa amehlo abo, babona ukuba ubuqaqawuli bezulu budlule, ukumila kukaMoses nokukaEliya kuthe shwaka. Babephezu kwentaba, bebodwa kunye noYesu.ULw 425.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents