Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    37—Abavangeli Bokuqala

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 10; Marko 6:7-11; Luka 9:1-6.]

    Abapostile babengamalungu osapho lukaYesu, kwaye babehamba naYe njengoko wayehamba ngenyawo eGalili. Babesabelana naYe ngokubulaleka besebenza kwakunye neenzima ababehlangana nazo. Babeziphulaphule iintetho zaKhe, babehambile bathetha noNyana kaThixo, kwathi kwimfundiso yaKhe yemihla ngemihla, bafunda indlela yokusebenzela ukuphakamisa uluntu. Njengokuba uYesu wayelungiselela kwizihlwele ezazimngqongile, abafundi baKhe babekho, bezondelele ukwenza abathuma kona nokuwenza lula umsebenzi waKhe. Babenceda ekulungiseni abantu, bezisa abathuthunjelwayo kuMsindisi, bekhuthaza ukuhlala kakuhle kwabo bonke [abantu]. Babekhangela abaphulaphuli abanomdla, bebachazela iziBhalo, kuthi, ngeendlela ezahlukeneyo, basebenzele ukuba bazuze okwasemoyeni. Babefundisa oko babekufunde kuYesu, baye bezuza amava atyebileyo yonke imihla. Kanti ke babewadinga amava okusebenza bebodwa. Babese naso isidingo sokufundiswa kakhulu, umonde nemfesane enkulu. Ngoku, ngeli xesha wayese nabo ubuqu, ukuba ababonise iimpazamo zabo, abacebise abalungise, uMsindisi wabathuma ukuba baphume njengabameli baKhe.ULw 349.1

    Ngexesha babe kunye naYe, abafundi babeye badidwe yimfundiso yababingeleli nabaFarisi, kodwa babezizisa izinto ezibadidayo kuYesu. Wayebeke phambi kwabo iinyaniso zesiBhalo ezichasene nesithethe. Ngaloo ndlela wakuqinisa ukuthembela kwabo elizwini likaThixo,kwaza kwathingokukhulu wabakhululaekoyikeni kwabo oorabhi nokuba ngamakhoboka kwabo kwisithethe. Ekuqeqeshweni kwabafundi, umzekelo wobomi boMsindisi waba nefuthe elikhulu kakhulu kunako nakuphi ukufundiswa ngemfundiso nje. Bathi bakwahlukana naYe, konke ukujonga nemvakalo-zwi kunye nelizwi [awalithethayo] konke bakukhumbula. Babekholisa ukuthi bakungqubana neentshaba zeendaba ezilungileyo, bawaphinde amazwi waKhe bathi xa belibona igalelo lawo ebantwini bavuye kakhulu. ULw 349.2

    Ekubizeni kwaKhe ishumi elinambini elalinaYe, uYesu wabathuma ukuba bahambe ngababini ngababini kuzo zonke iidolophu neelali. Akuzanga kwakho abathunywa abazihambela ngabanye, kodwa umzalwana wayehlanganiswe nomzalwana, umhlobo nomhlobo. Ngolo hlobo babeza kuncedana bakhuthazane omnye nomnye, bacebisane bathandaze kunye, amandla omnye ancede ukuxhasa ekusweleni amandla komnye. Kwangale ndlela inye, emva koko wathuma abangamashumi asixhenxe. Yayiyinjongo yoMsindisi ukuba abathunywa beendaba ezilungileyo bahlangane ngale ndlela. Kweli lethu ixesha umsebenzi wovangelo ubuya kuba nempumelelo enkulu kakhulu ukuba lo mzekelo ubulandelwa kakhulu.ULw 350.1

    Isigidimi sabafundi sasisinye neso sikaYohane umBhaptizi kunye nesikaKristu ngokwaKhe: “Ubukumkani bamazulu busondele.” Babengasayi kungena kwingxoxo nabantu yokuba uYesu waseNazarete wayenguye na uMesiya; kodwa egameni laKhe, babeza kwenza imisebenzi yenceba njengoko wayesenza. Wabayalela wathi, Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa.”ULw 350.2

    Ngexesha lokusebenza kwaKhe, uYesu wanikela ixesha elininzi ekuphiliseni kunokushumayela. Imimangaliso yaKhe yayingqinela inyaniso yamazwi waKhe, ukuba akezanga kutshabalalisa kodwa uze kusindisa. Ubulungisa baKhe babuhamba phambi kwaKhe, baye ubuqaqawuli bukaThixo bulandela emva kwaKhe. Naphina apho wayesiya khona, iindaba zenceba yaKhe zazihamba ngaphambi kwaKhe. Apho wayedlule khona, awabonisa imfesane kubo babe novuyo besempilweni, bewavavanya amandla abo asanda kufunyanwa. Izihlwele zazibangqonga ukuba zive kweyabo imilebe imisebenzi eyenziwa yiNkosi. Izwi laYo lasisisandi sokuqala abakha basiva, igama laKhe lilelokuqala abakha balibiza, ubuso baKhe bubobokuqala abakha babukhangela. Bebenokuthini ukungamthandi uYesu, bamdumise? Wayesithi xa edlula kwiidolophu nezixeko abe ngathi ungumsinga ekuxhomekeke kuwo ubomi, oxuba ubomi novuyo kuyo yonke indawo awayesiya kuyo. ULw 350.3

    Abalandeli bakaKristu kufuneka basebenze njengoko wenzayo. Kufuneka sondle abalambileyo, sambese abaze, sithuthuzele abasentlungwini nabathuthunjiswayo. Kufuneka silungiselele kwabaphelelwe lithemba, sivuselele ithemba kwabangenathemba. Nakuthi siya kuzalisekiswa isithembiso, esithi, “buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova.” Isa. 58:8. Uthando lukaKristu, olubonakalaliswe kulungiselelo olungasekeleze nzuzo, luya kuba nempumeleloeyongezekileyo ekuhlaziyeni umenzi wobubi kunokuba linokwenza ikrele okanye inkundla yomthetho. Zizinto ezifunekayo ezi ukufaka uloyiko kumophuli womthetho, kodwa yena umvangeli onothando angenza okungaphezulu kunoku. Amaxesha amaninzi intliziyo iba lukhuni ngakumbi phantsi kokungxoliswa; kodwa iyanyibilika phantsi kothando lukaKristu. Umvangeli akanako ukukhulula kuphela ubulwelwe basenyameni, kodwa angamkhokelela umoni kuGqirha omKhulu, onako ukuhlambulula umphefumlo kwiqhenqa lesono. Ngabakhonzi baKhe, uThixo ulungiselele ukuba abagulayo, abalusizi, abaphethwe yimimoya emibi, baya kuliva ilizwi laKhe. Ngezenzeleli zaKhe ezingabantu, unqwenela ukuba nguMthuthuzeli elingazanga lamazi ihlabathi.ULw 350.4

    Abafundi, kuhambo lwabo lokuqala, babeza kuya kuphela “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaIsrayeli.” Ukuba ngoku bebezishumayele iindaba ezilungileyo eziNtlangeni okanye kumaSamariya, ngebabeyilahlile impembelelo yabo kumaYuda. Ngokuvusa intiyo yabaFarisi, ngebabezifake kwimbambano eyayiza kubatyhafisa besawuqala umsebenzi wabo. Nabapostile baqonda kade ukuba iindaba ezilungileyo kwakufuneka zisiwe kuzo zonke izizwe. Bengathanga bona bayibambe le nyaniso, babengasayi kuze bakulungele ukusebenzela iiNtlanga. Ukuba amaYuda ebengazamkela iindaba ezilungileyo, uThixo wayejonge ukuwenza abathunywa baKhe eziNtlangeni. Ngoko ke ayengowokuqala ukusiva isigidimi.ULw 351.1

    Kuwo wonke amasimi omsebenzi kaKristu, yayikho imiphefumlo eyazibonayo izidingo zayo, yaye ilambele inxanelwe inyaniso. Ixesha lalifikile lokuba kuthunyelwe iindaba zothando lwaKhe kwezi ntliziyo zinolangazelelo. Kubo bonke aba, abafundi babeza kuya njengabameli baKhe. Ngolo hlobo, amakholwa ayeza kwenziwa akhangele kubo njengeetitshala ezinyulwe lizulu, ukuze kuthi, naxa uMsindisi esusiwe kubo, bangashiywa bengenabo abantu bokubafundisa.ULw 351.2

    Kolu hambo lokuqala, abafundi babeza kuya apho uYesu wayeyile ngaphambi kwabo, waza wenza abahlobo. Ulungiselelo lwabo lohambo lwaluza kuba lolona lulula. Kwakungekho nto yayiza kuvunyelwa ukuba izisuse iingqondo zabo emsebenzini omkhulu, okanye nangayiphi indlela ivuse inkcaso iluvale ucango lokuqhubeka nomsebenzi. Babengayi kunxiba isinxibo seetitshala zenkolo, bangasebenzisi nokuzifihla ngezinxibo ukuze bahluke kubahlali abathobekileyo. Babeza kungena ezindlwini zesikhungu bahlanganisele abantu kwinkonzo yasesidlangalaleni; imizamo yabo yayiza kwenziwa nakumsebenzi wokungena kumakhaya ngamakhaya. Babengazikuchitha xesha ngemibuliso engadingekanga, okanye ngokungena kwizindlu ngezindlu beyokufuna ulonwabo. Kuyo yonke indawo babeza kwamkela ububele babo babefanelekile, abo babeza kubamkela ngobubele njengaxa besamkela uKristu ngokwaKhe. Babeza kungena endlwini babulise kakuhle,bathi,“Uxolomalube kule ndlu.” Luka 10:5. Elo khaya laliza kusikelelwa ngemithandazo yabo, iingoma zabo zokudumisa, nokuvulwa kweziBhalo esithebeni sosapho. ULw 351.3

    Abafundi babeza kuba ngabavakalisi benyaniso, balungise indlela yokuza kweNkosi yabo. Isigidimi ababeza kusithwala yayililizwi lobomi obungunaphakade, saye isiphelo sabantu sixhomekeke ekusamkeleni okanye ekusaleni kwabo. Ukuze babanike abantu ingqondo yokuzukiseka kwaso, wathi uYesu kubafundi baKhe, “Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.”ULw 352.1

    Ngoku iliso loMsindisi ligqobhozele ngaphaya kwixesha elizayo; ubona amasimi abanzi abaza kuthi, emva kokufa kwaKhe, abafundi babe ngamangqina kuwo. Ukubona kwaKhe okunobuprofeto kufaka amava abasebenzi baKhe kuzo zonke izizukulwana kude kube lixesha aya kubuya ngalo okwesibini. Ubonisa abalandeli baKhe amadabi abaza kuhlangana nawo; utyhila indlela necebo ledabi. Wandlala phambi kwabo iingozi ekufuneka bequbisene nazo, ukuzincama okuza kufuneka. Unga bangalibala ixabiso, ukuze bangaqutyulwa lutshaba. Imfazwe yabo ayizi kuliwa nenyama negazi, kodwa “nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” Efese 6:12. Baza kulwa ngemikhosi yangaphaya kwendalo, kwaye bayaqinisekiswa ngoncedo lwangaphezulu. Zonke izidalwa zasezulwini zikulo mkhosi. Kwaye kukho okungaphezulu kobukho nje beengelosi okuseluhlwini. UMoya Oyingcwele, ummeli woMphathi womkhosi kaYehova, uhlile ukuza kukhokela idabi. Ubulwelwe bethu busenokuba buninzi, kwanezono neempazamo zethu zimbi; kodwa ubabalo lukaThixo lolwabo bonke abalufunayo betyumkile [iintlizyo]. Amandla kaSomandla ayafumaneka ngenxa yabo bathembele kuThixo.ULw 352.2

    “Yabonani,” wathi uYesu, “mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga.” UKristu ngokwaKhe akazange ayeke angalithethi nelilodwa ilizwi lenyaniso, kodwa ngamaxesha onke wayelithetha ngothando. Wasebenzisa obona buchule bukhulu, nokuqaphela okucingayo, nobunobubele kwintetho yaKhe kunye nabantu. Akazanga waba krwada, engazanga athethe ilizwi elingqwabalala kungekho sidingo, engazanga wabanga ntlungu ingadingekiyo kumphefumlo oethe-ethe. Akazanga wabugxeka ubuthakathaka bomntu. Wakuhlasela ngokungoyiki ukuhanahanisa, ukungakholwa, nobugwenxa, kodwa iinyembezi zazisoloko zikho elizwini xa evakalisa ukukhalima kwaKhe okuqatha. Wayililela iYerusalem, umzi awayewuthanda, nowaya wala ukumamkela, iNdlela, iNyaniso, noBomi. Bamala, uMsindisi, kodwa wabakhangela ngenceba enothando, nentlungu enzulu kakhulu kangangokuba yayaphula intliziyo yaKhe. Wonke umphefumlo wawuxabisekile emehlweni aKhe. Nangona wayesoloko eziphethe ngesidima sobuThixo, wayesindwa kukuxabisa okunothando lwalo lonke ilungu losapho lukaThixo. Kubo bonke abantu wayebona imiphefumlo ewileyo neyayingumsebenzi azele wona ukuyisindisa. ULw 353.1

    Abakhonzi bakaKristu akufuneki benze abakuyalelwa yintliziyo yemveli. Badinga ukuba babe nolwalamano olusondeleyo noThixo, hleze, phantsi kwengcaphukiso, umna anyuke, baze bathulule isiphango samazwi angafanelekanga, angenguwo umbethe okanye imvula epholileyo ehlaziya izityalo ezibunayo. Le yinto uSathana afuna ukuba bayenze; kuba ezi ziindlela zakhe. Yinyoka enengqumbo; ngumoya otyhilwa emsindweni nasekutyholeni. Bona abakhonzi bakaThixo kufuneka babe ngabameli baKhe. Unga bangashishina kuphela ngemali yasezulwini, inyaniso enomfanekiso kunye nombhalo waKhe kuphela. Amandla abanokuthi boyise ngawo ububi ngamandla kaKristu. Ubuqaqawuli bukaKristu ngamandla abo. Kufuneka bawamilisele amehlo abo kubuhle baKhe. Xa benjalo banako ukuzinika iindaba ezilungileyo ngobuchule nokululama okungcwele kwezulu. Umoya ogcinwe unobulali naphantsi kokucatshukiswa, uthetha ngempumelelo enkulu ukuxhasa inyaniso kunokuba ibiya kwenza njalo nayiphi ingxoxo, nokuba seyigadlela kangakanani. ULw 353.2

    Abo bangene kwimbambano neentshaba zenyaniso kufuneka bequbisene, kungekuphela nabantu, kodwa noSathana nabathunywa bakhe. Kufuneka bawakhumbule amazwi oMsindisi, athi, “Yabonani, ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka.” Luka 10:3. Mabaphumle eluthandweni lukaThixo, kwaye umoya uya kugcinwa uzolile, naphantsi kokuphatheka kakubi kwabo. INkosi iya kubambathisa ngesikrweqe sezulu. UMoya Oyingcwele waKhe uya kuyiphembelela ingqondo nentliziyo, ukuze amazwi abo angabambi ingoma yokubhavumla kweengcuka.ULw 353.3

    Eqhubeka nemfundiso yaKhe kubafundi baKhe, uYesu wathi, “Balumkeleni ke abantu.” Kwakungafuneki babeke kubo ithemba elipheleleyo kwabo bangamaziyo uThixo, bangabangenisi kuwo onke amagqugulo abo; kuba oku kwakuya kunika ithuba abathunywa bakaSathana. Ukuyila komntu kusoloko kusebenza ngokuchaseneyo namacebo kaThixo. Abo bakha itempile yeNkosi kufuneka bakhe ngokomfanekiso abawuboniswe entabeni,--imfano yezulu. UThixo akazukiswa neendaba ezilungileyo ziyangcatshwa xa abakhonzi baKhe bexhomekeka kumacebo abantu abangekho ngaphantsi kwenkokhelo kaMoya Oyingcwele. Ubulumko behlabathi bububudenge kuThixo. Abo baxhomekeka kubo ngokuqinisekileyo bayakuphambuka. ULw 354.1

    “Baya kuninikela ezintlanganisweni, . . . naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.” Mat. 10:17, 18. Intshutshiso iya kukusasaza ukukhanya. Abakhonzi bakaKristu baza kusiwa phambi kwamadoda amakhulu ehlabathi, abeza kuthi, ukuba bekungengako oku, angaze azive iindaba ezilungileyo. Inyaniso ibibekwa ngendlela engeyiyo kwaba bantu. Bazivile izityholo zobuxoki ezingenkolo yabafundi bakaKristu. Kukholisa ngokuba eyona ndlela ekuphela kwayo abanokubufunda ngayo ubunjani bayo inkolo ibe bubungqina babo baziswe ematyaleni ngenxa yenkolo yabo. Phantsi kovavanyo, aba kufuneka baphendule, baze abagwebi babo baphulaphule ubungqina ababuphetheyo. Ubabalo lukaThixo luya kukhutshelwa abakhonzi baKhe ukuba bahlangabezane nemeko yenkathazo. “Niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha kona.” Utsho uYesu. “Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.” Xa uMoya kaThixo ukhanyisela iingqondo zabakhonzi baKhe, inyaniso iya kubekwa ngamandla ezulu nokuxabiseka kwayo. Abo bayalayo inyaniso baya kuma ukuba babachase babacinezele abafundi. Kuya kuthi kodwa phantsi kwelahleko nentlungu, kude kuse ekufeni, abantwana beNkosi babonakalalise ubulali boMzekelo wezulu. Kuya kuthi ngoko kubonakale umahluko phakathi kwabathunywa bakaSathana nabameli bakaKristu. UMsindisi uya kuphakanyiswa phambi kwabaphathi kunye nabantu. ULw 354.2

    Abafundi babengazange banikwe isibindi nokuqina kwamafela-nkolo kwada kwaba isipho sobabalo esinjalo siyadingeka. Lakufika ixesha, isithembiso soMsindisi sazaliseka. Xa uPetros noYohane babengqina phambi kweQumrhu elilawulayo, abantu “bamngaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu.” IZenzo 4:13. NgoStefano kubhaliwe kwathiwa, “Bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.” Abantu “ababa namandla okumelana nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye.” IZenzo 6:15, 10. UPawulos yena ebhala ngokwakhe ukuvavanywa enkundleni kaKesare, uthi, “Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya. . . . Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza, ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.” 2 Tim. 4:16, 17.ULw 354.3

    Abakhonzi bakaKristu kwakungafunekanga belungise intetho ecwangcisiweyo xa besiza ematyaleni. Ukulungisa kwabo kwakufuneka kwenziwe imihla ngemihla ngokugcina iinyaniso ezixabisekileyo zelizwi likaThixo ukuzifunda] , kuze kuthi, ngomthandazo balomeleze ukholo lwabo. Xa beziswa ematyaleni, uMoya Oyingcwele wayeza kubakhumbuza zona ezo nyaniso ziya kuba zidingeka. ULw 355.1

    Ukusebenza nzima ngokunyanisekileyo imihla ngemihla kuzanywa ukumazi uThixo kunye noYesu Kristu awamthumayo, kuya kuzisa amandla nobuchule emphefumlweni. Ulwazi olufunyanwa ngokuphengulula ngokukhuthala iziBhalo luya kukhanyiswa enkumbulweni ngexesha elililo. Ukuba ke kodwa kukho abaye bakutyeshela ukuziqhelanisa namazwi kaKristu, ukuba abazange bawavavanye amandla obabalo lwaKhe ekulingweni, babengayi kulindela ukuba uMoya Oyingcwele uya kubakhumbuza amazwi waKhe. Kwakufuneka bamkhonze uThixo imihla ngemihla ngothando olungena kumbi, baze ngoko bathembele kuYe. ULw 355.2

    Buya kuba bubi ubutshaba ngakwiindaba ezilungileyo kangangokuba nawona maqhina olwalamano asondeleyo awayi kukhathalelwa. Abafundi bakaKristu baya kuthengiswa ekufeni ngamalungu amakhaya abo. “Nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam,” wongeza. “Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.” Marko 13:13. Sekunjalo, wabayalela ukuba bangazisi ngokungafanelekanga entshutshisweni. Yena ngokwaKhe wayeyishiya indawo yokusebenza aye kwenye, ukuze asinde kwabo babezungulana nobomi baKhe. Wathi akwaliwa eNazarete, baza abantu bakubo bazama ukumbulala, wehla waya eKapernahum, baza abantu apho bakhwankqiswa yimfundiso yaKhe; “ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.” Luka 4:32. Ngoko ke abafundi baKhe kwakungafuneki batyhafiswe yintshutshiso, kodwa bafune indawo apho babesenokusebenzela khona ukusindiswa kwemiphefumlo. ULw 355.3

    Umkhonzi akangaphezulu kwenkosi yaKhe. UMthetheli wezulu kwathiwa nguBhelezabhubhe, kwaye nabafundi baKhe baya kuvezwa ngendlela engeyiyo ngokufanayo. Phofu nokuba yeyiphi ingozi, abalandeli bakaKristu kufuneka bayimele imithetho-siseko yabo. Kufuneka bakuthiye ukuzifihla. Abanakuhlala bengazinikelanga bade baqinisekiswe ngokhuseleko ekuyivumeni inyaniso. Kufuneka beme njengabalindi, ukuba balumkise abantu ngengozi abakuyo. Inyaniso eyamkelwe kuKristu kufuneka idluliselwe kubo bonke, ngokukhululekileyo nangokuphandle. UYesu wathi, “Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu.” ULw 355.4

    UYesu ngokwaKhe akazange athenge luxolo ngokuyekelela. Intliziyo yaKhe yayiphuphuma luthando lwalo lonke uhlanga loluntu, kodwa akazange azivumele izono zabo. Wayengumhlobo omkhulu kakhulu wabo ukuba angathula ngexesha belandela ikhondo elaliza kutshabalalisa ubomi babo,--imiphefumlo yabo wayeyithenge ngelilelaKhe igazi. Wasebenzela ukuba umntu anyaniseke kwisiqu sakhe, anyaniseke kwizinto azithandayo zangasentla nezingunaphakade. Abakhonzi bakaKristu babizelwe umsebenzi okwanjalo, kwaye kufuneka balumke hleze, ngokufuna ukuthintela ukungavani, banikezele ngayo inyaniso. Kufuneka “basukele izinto zoxolo” (Roma 14:19); kodwa uxolo lwenene alusokuze luzuzwe ngokuyekelela umthetho-siseko. Akakho umntu, kakade, unokunyaniseka kumthetho-siseko aze angavusi nkcaso. UbuKristu obusemoyeni buya kuchaswa ngabantwana bokungathobeli. Kungoko uYesu wabayala abafundi baKhe, ngelithi, “Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo.” Aba banyanisekileyo kuThixo abadingi kuwoyika amandla abantu okanye ubutshaba bukaSathana. KuKristu, ubomi babo obungunaphakade bukhuselekile. Into ekuphela kwayo abanokuyoyika kukuthi hleze bayiyeke inyaniso, baze ngolo hlobo babe bakungcatshile ukuthenjwa kwabo athe uThixo wabazukisa ngako.ULw 356.1

    Ngumsebenzi kaSathana ukuzalisa iintliziyo zabantu ngentandabuzo. Ubakhokelela ukuba bambone uThixo njengomgwebi ongqongqo. Uyabalinga ukuba bone, aze emva koko bazithabathe ukuba bangcole kakhulu ukuba bangeza phambi kukaBawo wasemazulwini okanye bavuse imfesane yaKhe. INkosi iya kwazi konke oku. UYesu uqinisekisa abafundi baKhe ngemfesane kaThixo kubo kwizidingo zabo nasekuphelelweni kwabo ngamandla. Akukho singqala senziwayo, nabuhlungu buviwayo, nantlungu ihlabanisela umphefumlo, okungathi ukubetha oko kushukumise intliziyo kaYise. ULw 356.2

    IBhayibhile isibonisa ukuba uThixo ukwindawo yaKhe ephezulu nengcwele, engekho kwimeko yokungenzi nto, engathanga cwaka engenasithukuthezi, kodwa ejikelezwe ngamashumi amawaka aphindwe namawaka amawaka ezidalwa ezingcwele, zonke zilindele ukuba zenze intando yaKhe. Ngamajelo asingeke siwaqonde, usebenza ukuqhagamshelana nayo yonke indawo yobukumkani baKhe. Sekunjalo, kukweli chaphazana lelizwe, emiphefumlweni awanikela ngoNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo ukuba alisindise, apho umdla waKhe, nomdla wezulu lonke, uzinze khona. UThixo uthobile esetroneni yaKhe ukuba ave ukukhala kocinezelweyo. Kuwo wonke umthandazo onyanisekileyo, uphendula athi, “Ndikho.” Uphakamisa abaxinzelekileyo nabanyhashwa phantsi kweenyawo. Kuzo zonke imbandezelo zethu, uyabandezeleka. Kuzo zonke izihendo nazo zonke izilingo, ingelosi yobukho baKhe ikufuphi ukuba ihlangule.ULw 356.3

    Akukho nongqatyana owa emhlabeni engaqatshelwanga nguBawo. Intiyo kaSathana ngakuThixo imenza ukuba athiye yonke into egcinwenguMsindisi.Ufuna ukungcolisaumsebenzi wezandlazikaThixo, ULw 357.1

    aze onwabele ukutshabalalisa nezilwanyana ezingenako nokuthetha. Kuphela ngenkathalo ekhuselayo kaThixo ezithi iintaka zigcinwe ukuze zisonwabise ngeengoma zazo zovuyo. Ngoko ke akazilibali neentakana ezingoongqatyana. “Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.”ULw 357.2

    UYesu uyaqhubeka: Xa nithi nindivume phambi kwabantu, nam ndiya kunivuma phambi kukaThixo kunye neengelosi ezingcwele. Niya kuba ngamangqina am emhlabeni, amajelo ekuthi ngawo ubabalo lwam lumpompoze kuze kuphiliswe umhlaba. Nam ndiya kuba ngummeli wenu ezulwini. UBawo akaboni isimilo senu esineziphako, koko unibona nambathiswe ngokugqibelela kwam. Ndilijelo ezithi iintsikelelo zeZulu zize ngalo kuni. Wonke ondivumayo ngokwamkela umbingelelo wam wokusindiswa kwabalahlekileyo, uya kuvunywa njengonenxaxheba kubuqaqawuli novuyo lwabahlangulweyo. ULw 357.3

    Lowo umvumayo uKristu kufuneka ahlale kuYe. Akakwazi ukudlulisa oko angakange akuzuze. Abafundi babengathetha ngobuciko ngeemfundiso, bawaphindaphinde amazwi kaKristu ngokwaKhe; kodwa, ngaphandle kokuba babe nobulali nothando olufana nolukaKristu, babeya kuba abamvumanga Yena. Umoya ochasene nomoya kaKristu uya kumkhanyela, nokuba uzibiza njani. Abantu bangamkhanyela uKristu ngokuthetha inkohlakalo, ngokuthetha ubudenge, ngamazwi angeyonyaniso okanye angenabubele. Bangamkhanyela ngokuphepha imithwalo yobomi, ngokusukela iziyolo zesono. Bangamkhanyela ngokuhambisana nehlabathi, ngokuziphatha ngokungenambeko, ngokuthanda ezabo iingcinga, ngokuzithethelela, ngokusoloko benentandabuzo, ngokuzihalela inkathazo, nokuhlala ebumnyameni. Ngazo zonke ezi ndlela bavakalisa ukuba uKristu akakho ngaphakathi kubo. Ngoko ke, “osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo emazulwini.” ULw 357.4

    UMsindisi wabayala ukuba bangathembi ukuba ubutshaba behlabathi ngakwiindaba ezilungileyo buya koyiswa, nokuba emva kwexesha inkcaso iya kuyeka. Wathi, “Andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.” Oku kudalwa kwengxwaba-ngxwaba ayisosiphumo seendaba ezilungileyo, kodwa sisiphumo senkcaso ngakuzo. Kuyo yonke intshutshiso, eyona inzima kakhulu ukuyithwala, yiyantlukwano ekhaya, ukwahlukaniswa nabona bahlobo bathandwayo basemhlabeni. Sekunjalo, uYesu uthi, “Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.”ULw 357.5

    Umsebenzi othunywe abakhonzi bakaKristu ngowembeko ephezulu, kwayeuligugu elingcwele. “Lowo wamkela nina,” uthi, “wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.” Asikho isenzo sobubele esibhekiswe kubo egameni laKhe esingayi kuqatshelwa size sivuzwe. Kwangako oko kuqonda kunobubele, uquka noyena ungenamandla noyena uphantsi kusapho lukaThixo: “Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane”—abo bafana nabantwana elukholweni nasekumazini uKristu—“indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.”ULw 358.1

    Njalo, waba uMsindisi uyayigqiba imfundiso yaKhe. Egameni likaKristu abanyuliweyo abalishumi elinababini laphuma, njengoko naye wahambayo, “ukuya] kushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. . . . [nokuphilisa] abantliziyo ityumkileyo, [nokuvakalisa] inkululeko kubathinjwa, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, [nokundulula] abaqobekileyo bekhululekile, ukuvakalisa umnyaka owamkelekileyo weNkosi.” Luka 4:18, 19.ULw 358.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents