Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    64—Abantu Abagwetyiweyo

    [Esi sahluko sisekwe kuMarko 11:11-14, 20, 21; Mat. 21:17-19.]

    Ukungena kukaKristu ngoloyiso eYerusalem kwaye ikukubonakalalisa kwangaphambili ngendlela emfiliba ukuza kwaKhe ngamafu ezulu enamandla nobuqaqawuli, phakathi kokoyisa kweengelosi nokuvuya kwabangcwele. Aya kwandula ukuzaliseka amazwi kaKristu kubabingeleli nakubaFarisi: “Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.” Mat. 23:39. Embonweni wobuprofeti, uZekariya waboniswa loo mini yoloyiso lokugqibela; waza wayibona nentshabalalo yabo bathi, ekufikeni kokuqala bamala uKristu: “babheke kum mna bamhlabileyo amahlanza; bammbambazelele njengokumbambazelelwa kozelwe wamnye, babe krakra ngenxa yakhe, njengokrakra ngenxa yamazibulo akhe.” Zekariya 12:10. Lo mbono uYesu wawubona kwangaphambili xa wathi akuwubona umzi wawulilela. Kwintshabalalo yeYerusalem yasemhlabeni, [uYesu] wabona intshabalalo yokugqibela yabantu ababenetyala legazi loNyana kaThixo. ULw 580.1

    Abafundi bayibona intiyo yamaYuda ngakuKristu, kodwa babengekaboni ukuba yayiza kukhokelela entweni. Babengekayiqondi eyona meko kaIsrayeli, bengayazi nempindezelo eyayiza kufikela iYerusalem. Oku uKristu wakuvula kubo ngesifundo esingomzekeliso obalulekileyo.ULw 580.2

    Isibheno sokugqibela kwiYerusalem saba lilize. Ababingeleli nabaphathi babelivile ilizwi lobuprofeti lexesha eladlulayo livakaliswa zizihlwele,ekuphenduleniumbuzo,othi,“Ungubani lo?” kodwa abalamkela njengelizwi leMpefumlelo. Ngomsindo nokumangaliseka, bazama ukubathulisa abantu. Ayekho amagosa amaRoma phakathi kwesixuku, zaza iintshaba zikaYesu zathetha ngaYe kakubi kuwo zisithi uyinkokheli yovukelo. Zamela ukuba uthi uza kuyithabatha itempile, abe ngukumkani oza kulawula eYerusalem. ULw 581.1

    Ilizwi elipholileyo likaYesu lasithulisa okomzuzwana isihlwele esasingxola xa wayephinda evakalisa ukuba akazanga ukuba azokumisela ulawulo lwasemhlabeni; kungekudala uza kunyuka aye kuYise, baze abamangaleli baKhe bangabi nakumbona ade abuye kwakhona esebuqaqawulini. Ngelo xesha, sekusemva kakhulu ukuba bangasindiswa, baya kumavuma. La mazwi uYesu wawathetha enosizi negunya elingaqhelekanga. Amagosa amaRoma athi cwaka oyisakele. Iintliziyo zawo, nangona zingaqhelananga nempembelelo engcwele, zachukumiseka ngaphezu kokuba zakha zachukumiseka ngaphambili. Ebusweni obuzolileyo, nobunendili bukaYesu, zabona uthando, ububele, nesidima esizolileyo. Zachukunyiswa luvelwano ezazingakwazi ukuluqonda. Endaweni yokuba zimbambe uYesu, zasuka zafuna ukumnika imbeko. Zaya zajika zathetha nababingeleli nabaphathi, zabamangalela ngokudala isiphithiphithi. Ezi nkokeli, zidanile, zoyisiwe, zajika zaya ebantwini nezikhalazo zazo, zaye ziphikisana zodwa zinomsindo. ULw 581.2

    Ngelo xesha, uYesu wadlula engaqaphelekanga waya etempileni. Kwakuthe cwaka yonke indawo, kuba umboniso wentaba yeMinquma wawubatsalele kude abantu. Okwexeshana elifutshane, uYesu wahlala etempileni, eyikhangele ngamehlo anosizi. Emva koko, wabathabatha abafundi baKhe, wabuyela eBhetani. Bathi bemfuna abantu ukuba bambeke etroneni, waye engafumaneki. ULw 581.3

    Ubusuku bonke uYesu wabuchitha ethandaza, kwathi ekuseni wabuyela etempileni kwakhona. Endleleni waya wadlula kwibhoma lemikhiwane. Waye elambile, “wathi ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.”ULw 581.4

    Yayingelilo ixesha lamakhiwane avuthiweyo, ngaphandle kwakwiindawo ezithile; kodwa, kwimimango ephakamileyo ejikeleze iYerusalem, kwakunokutshiwo ngenene ukuthi, “Belingelilo ixesha lamakhiwane.” Kanti ke, kweli bhoma uYesu wayefike kulo, kwakukho umthi owabonakala ngokungathi ungaphambili kuyo yonke eminye. Wawusele unamagqabi aluhlaza. Yindalo yawo umthi womkhiwane ukuba uthi, ngaphambi kokuba amagqabi ahlume, kuvela isiqhamo kuqala. Ngoko ke, lo mthi uzele ngamagqabi wanika ithemba lokuba unesiqhamo esipheleleyo. Xa unjalo, imbonakalo yawo yayikhohlisa. Wathi akuwahlola amasebe, ukusuka ezantsi ukuya kwelona liphezulu isebe, uYesu wafumana “kuphela amagqabi.” Yayiyimfumba nje yamagqabi akhohlisayo, ingekho enye into.ULw 581.5

    UKristu wawuthethela isiqalekiso esibunisayo. “Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade,” watsho. Ngentsasa elandelayo, xa uMsindisi kunye nabafundi baKhe bedlula kwakhona endleleni eya emzini, amasebe atshazileyo namagqabi abunileyo awutsala umdla wabo. “Rabhi,” watsho uPetros, “khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.” ULw 582.1

    Isenzo sikaKristu sokuqalekisa umkhiwane sabamangalisa abafundi. Kwabonakala kubo noko ingafani nendlela zaKhe nokusebenza kwaKhe. Babekhe bamve uKristu esithi, akezanga kuligweba ihlabathi, kodwa ihlabathi limelwe ukusindiswa ngaYe. Bakhumbula amazwi aKhe, “UNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo, uze kusindisa.” Luka 9:56. Imisebenzi yaKhe emangalisayo yayisenzelwa ukubuyisela, ingaze itshabalalise. Abafundi babemazi kuphela enguMbuyiseli, uMphilisi. Esi isenzo, sasiphume ecaleni sodwa. Yayiyintoni injongo yaso? Babuza. ULw 582.2

    UThixo “uthanda ukwenza inceba.” “Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo.” Mika 7:18; Hez. 33:11. Kuye, umsebenzi wentshabalalo nokuthetha ngokugweba “[ngu]msebenzi ongaqhelekiyo.” Isa. 28:21. Ukuba kunjalo, yinceba nothando xa uYesu esusa isigqubuthelo sexesha elizayo, abatyhilele abantu iziphumo zekhondo lesono.ULw 582.3

    Ukuqalekiswa komthi womkhiwane yayingumzekeliso obonakalayo. Umthi oze, odlisela ngamagqabi wawo akhohlisayo phambi kukaYesu, wawungumfuziselo wesizwe samaYuda. UMsindisi wayelangazelela ukwenza kucace kubafundi baKhe into eyenziwa nguIsrayeli, ngokuqinisekileyo nesiphelo sakhe, uIsrayeli. Ukuyifeza le njongo, wawunika umthi iimpawu zokuhle, wawenza ukuba ube yinkcazo yenyaniso engcweleyezulu.AmaYudaayezivelelezonkeezinye izizwe, ebalula ukwayama ngoThixo. Ayenzelwe imfesane eyodwa nguYe, aza abubanga ubulungisa ngaphezu kwabo bonke abanye abantu. Noko kunjalo, ayonakaliswe kukuthanda ihlabathi nokubawela inzuzo. Ayezibabaza ngolwazi, kodwa ayengakwazi okufunwa nguThixo, kodwa ezele luhanahaniso. Njengomkhiwane oze, ayephakamisele phezulu amasebe akhohlisayo, eqhamile ngokwembonakalo, emahle emehlweni, kodwa anika kuphela “amagqabi odwa.” Inkolo yamaYuda, inetempile yayo entle ngokumangalisayo, izibingelelo ezingcwele, ababingeleli abavathe ezimbetshembetshe, neenkonzo ezithabathekisayo, konke kwakukuhle kwimbonakalo yangaphandle, kodwa ukuzithoba, uthando, nobubele zizinto ezazingekho. ULw 582.4

    Yonke imithi eyayisebhomeni lamakhiwanye yayingenaso isiqhamo; kodwa imithi eyayingenawo amagqabi yayingazange yenze ukuba kulindelwe nto kuyo, ngoko ke ayadanisa. Ngale mithi, kwakumelwe iiNtlanga. Zazingenanto kanye njengoko amaYuda ayengenako ukumoyika uThixo; kodwa zona zazingazanga zathi zikhonza uThixo. Azizanga zaqhayisa ngenkohliso yokulunga. Zazizimfama ngakwimisebenzi neendlela zikaThixo. Kuzo, ixesha lamakhiwane lalingekafiki. Zazisalindele umhla owawuza kuzisa kuzo ukukhanya nethemba. AmaYuda, awayezuze iintsikelelo ezinkulu kuThixo, kwakufuneka ephendule ngokuzisebenzisa gwenxa ezi zipho. Amalungelo awayezigwagwisa ngawo asuka andisa ubutyala bawo. ULw 583.1

    UYesu wayeze emthini womkhiwane elambile, ukuze afumane ukutya. Ngolo hlobo weza kuIsrayeli, elambele ukufumana kuye iziqhamo zobulungisa. Wathsafazela kuwo, amaIsrayeli, izipho zaKhe, ukuze athwalele ihlabathi isiqhamo sentsikelelo. Lonke ithuba nelungelo ayelinikiwe, kwaza kwalindeleka ukuba abuyise uvelwano nentsebenziswano emsebenzini waKhe wobabalo. Wayenga angabona kuwo ukuzibingelela, novelwano, inzondelelo ngoThixo, nokulangazelela okunzulu komphefumlo kokusindiswa kwabazalwana babo. Ukuba babewugcinile umthetho kaThixo, ngebenza imisebenzi yokungazithandeli njengoko uKristu wenzayo. Eyona nto, ukuthanda uThixo kwakusitheliswe likratshi nokwaneliseka kwabo. Bazizisela intshabalalo ngokwala ukulungiselela kwabanye. Iindyebo yenyaniso uThixo awayebanike yona, abazange bayinike ihlabathi. Emthini ongaphethe nto babenokufunda kokubini, isono sabo kunye nokohlwaywa kwaso. Womile phantsi kwesiqalekiso soMsindisi, umi ushwabene umbatshile, wome ukuya kufika ezingcanjini, umthi womkhiwane wabonisa into ababeza kuba yiyo abantu bakwaYuda xa ubabalo lukaThixo lususiwe kubo. Ngokwala ukwabelana ngentsikelelo, babengasayi kuba sayifumana. “Israyeli,” utsho uYehova, “uzonakalisile.” Hoseya 13:9 (NKJV). ULw 583.2

    Isilumkiso sesalo lonke ixesha. Isenzo sikaKristu sokuwuqalekisa umthi owawudalwe ngamandla aKhe simi sisisilumkiso kuwo wonke amabandla nakuwo wonke amaKristu. Akakho onokuwuphila umthetho kaThixo engalungiseleli kwabanye. Baninzi ke kodwa abangabuphiliyo ubomi bukaKristu obunemfesane nobungasekeli nzuzo. Abanye abazicingela ukuba bangamaKristu atshatsheleyo abakuqondi ukuba ukusebenzela uThixo kuquke ntoni. Baceba bafunde ukwanelisa iziqu zabo. Benza ngokubhekiselele kubo. Ixesha lixabiseke kubo kuphela xa benokuzizuzela ulutho. Kuyo yonke imicimbi yobomi yeyona nto bajonge yona le. Abalungiseleli abanye, koko balungiselela iziqu zabo. UThixo wabadalela ukuba baphile kwilizwe apho inkonzo engasekeleze nzuzo kufuneka yenziwe. Wabalungiselela ukuba bancede abanye abantu ngayo yonke indlela abanokunceda ngayo. Ingxaki yeyokuba umna mkhulu kangangokuba abakwazi kubona nayiphi enye into. Abafikeleli eluntwini. Abo baphilele umna ngolo hlobo, bafana nomthi womkhiwane, owanika ithemba ngokungathi unento, kanti wawungenazo iziqhamo. Bazigcinile iindlela zokukhonza, kodwa ukuthobela akukho. Bayathetha, kodwa bangenzi. Kwisigwebo esawiswa phezu komthi womkhiwane, uKristu ubonisa indlela ekuthiyeke ngayo emehlweni aKhe oku kwenza ngathi [ukuhanahanisa] kulilize. Uthi, umoni osekuhleni unobutyala obunganeno kunalowo uthi ukhonza uThixo kodwa abe engathwele ziqhamo ukuba amzukise. ULw 584.1

    Umzekelo womkhiwane, owathethwa phambi kokuba uYesu aye eYerusalem, wawuhlangene twatse nesifundo awasifundisa ngokuqalekisa umthi owawungenazo iziqhamo. Ngenxa yomthi owawungathwelanga ziqhamo, umlimi wesidiliya wabongoza, wuyeke kulo mnyaka, ndide ndombe ngeenxa zonke kuwo ndiwulungise kakuhle; kodwa ukuba akunjalo, emva koko uya kuwuwisa. Inkathalo engaphezulu kwafuneka uyinikiwe umthi ongathwali ziqhamo. Wawuza kufumana konke okuhle. Ukuba ke uye wahlala ungenaziqhamo, akukho nto yayinokuwusindisa entshabalalweni. Kulo mzekelo, isiphumo somsebenzi womlimi wesitiya asizange sixelwe kwangaphambili. Sasixhomekeke kubantu amazwi kaKristu ayebhekiswa kubo. Babemelwe ngumthi ongenaziqhamo, kwaye kwakulele kubo ukwenza isigqibo ngesiphelo sabo. Konke okuhle okwakunokunikwa lizulu bakunikwa, kodwa abazange bazuze nto ngeentsikelelo zabo ezandiswayo. Ngesenzo sikaKristu sokuqalekisa umthi womkhiwane owawungaphethe nto, isiphumo saboniswa. Babezibekele ngokwabo intshabalalo yabo. ULw 584.2

    Ngaphezu kwewaka leminyaka isizwe sakwaYuda sasiyisebenzisa kakubi imfesane kaThixo ngaloo ndlela sizibizela izohlwayo zikaThixo. Bakwala ukulumkisa kwaKhe bababulala abaprofeti. Kwangazo ezi zono, abantu bexesha likaKristubenza ukubababenokuziphendulela ngokwabongokulandelaikhondo elinye.Kusekwaleni iinceba nezilumkiso apho lalilele khona ityala leso sizukulwana. Amatyathanga isizwe esasibheka phambili nawo iinkulungwane ngeenkulungwane, abantu bexesha likaKristu babeziqamangela ngawo.ULw 584.3

    Kuso sonke isizukulwana, abantu banikwa eyabo imini yokukhanya nelungelo, ixesha lenceba abanokuthi ngalo baxolelaniswe noThixo. Nalapho ke kukho umda wobabalo. Inceba iyakwazi ukucenga iminyaka igculelwa isaliwa; kodwa liyafika ixesha apho inceba yenza isicengo sokugqibela. Intliziyo iba lukhuni ide iyeke ukusabela kuMoya kaThixo. Lithi, ke ngoko, ilizwi elimnandi neloyisayo lingabi samcenga umoni, kuthi ukukhalima nokulumkisa kuyeke. ULw 587.1

    Loo mini yayiyifikele iYerusalem. UYesu walila esentlungwini ngenxa yesixeko esijongene nokutshabalala, kodwa wayengakwazi ukusihlangula. Wayekwenze konke anako. Ekwaleni izilumkiso zikaMoya kaThixo, uIsrayeli wayale uncedo ekuphela kwalo. Ayengekho amanye amandla awayenokuhlangulwa ngawo. ULw 587.2

    Isizwe sakwaYuda sasingumfuziselo wabantu bazo zonke izizukulwana abazigculelayo izicengo zoThando olungenamda. Iinyembezi zikaKristu, xa wayelilela iYerusalem, zazizezezono zalo lonke ixesha. Kwizohlwayo ezavakaliswa phezu kukaIsrayeli, abo bakwalayo ukuthethisa nezilumkiso zikaMoya Oyingcwele kaThixo, bafanele ukukubona apho nokwabo ukugwetywa. ULw 587.3

    Kwesi sizukulwana, baninzi abahamba kule ndlela inye njengamaYuda awayengakholwa. Bakubonile ukubonakalaliswa kwamandla kaThixo; uMoya Oyingcwele wayethethile ezintliziyweni zabo; kodwa babambelela ekungakholweni nakwinkcaso yabo. UThixo ubathumele izilumkiso nokhalimelo, kodwa abanantumekelelo yokuzivuma iimpazamo zabo, ngenxa yoko bayasala isigidimi saKhe kunye nomthunywa waKhe. Iindlela ezi azisebenzisayo ukubahlangula zisuka kubo zibe lilitye lokukhubeka. ULw 587.4

    Abaprofeti bakaThixo bathiywa nguIsrayeli ogwilikileyo kuba ngabo, izono zabo ezifihlakeleyo zaziswa ekukhanyeni. UAhabhi wambona uEliya njengotshaba kuba umprofeti wayenyaniseke ekukhalimeleni ubugwenxa bakhe ukumkani obusemfihlakalweni. Ngokunjalo, namhlanje isicaka sikaKristu, umkhalimeli wesono, uhlangana nokugculelwa nokuhlaselwa. Inyaniso yeBhayibhile, inkolo kaKristu, ilwa nomsinga omkhulu wokungabikho kokuziphatha nyulu. Intiyo inamandla kakhulu ezintliziyweni ngoku kunakwimihla kaKristu. UKristu akazange enze njengoko abantu babelindele; ubomi baKhe babungumngeni kwizono zabo, baza abamamkela. Ngokunjalo nangoku, inyaniso yelizwi likaThixo ayivumelani nezenzo zabantu noko bathanda ukukwenza kwemvelo yabo, ngenxa yoko, amawaka ayakwala ukukhanya kwalo. Abantu, beqhutywa nguSathana, baba nokulithandabuzailizwi likaThixo, bazabakhetha ukusebenzisa imbono yabo emi yodwa [ingaxhomekekanga elizwini]. Banyula ubumnyama endaweni yokukhanya, kodwa oko bakwenza bebeka imiphefumlo yabo engozini. Abo bawachukelayo amazwi kaKristu, bafumana unobangela owakhula lonke ixesha wokuba bawachukele, bada bayishiya iNyaniso noBomi. Kunjalo nangoku. UThixo akathi uza kuyisusa yonke inkcaso ethi intliziyo yenyama iyizise kwinyaniso yaKhe. Kwabo bayalayo imitha exabisekileyo yokukhanya ethi ikhanyise ebumnyameni, iimfihlelo zelizwi likaThixo, bahlala benjalo ngonaphakade. Kubo, inyaniso ifihliwe. Bahamba bengaboni, bengazi ukuba intshabalalo iphambi kwabo.ULw 587.5

    UKristu walikhangela ihlabathi nazo zonke izizukulwana emi phezu kwentaba yeMinquma; kwaye amazwi aKhe abhekiswa kuwo wonke umphefumlo odelela izicengo zenceba yezulu. Wena olugculelayo uthando lwaKhe, uthetha nawe namhlanje. “Nguwe, wena kanye,” omelwe kukuzazi izinto ezizezoxolo lwakho. UKristu uphalaza iinyembezi ezikrakra ngenxa yakho, wena ongenazo iinyembezi onokuziphalazela wena ngokwakho. Buyabonakala kuwe ngoku ubulukhuni bentliziyo eyatshabalalisa abaFarisi. Bonke ubukho bobabalo lukaThixo, konke ukukhanya okungcwele kwezulu, kunokuwunyibilikisa buwoyise umphefumlo, okanye buwubethelele ekusweleni ukuzohlwaya okungenathemba.ULw 588.1

    UKristu wabona kwangaphambili ukuba iYerusalem iya kuhlala iqaqadekile ingazohlwayi; ukanti lonke ityala, zonke iziphumo zokwaliwa kwenceba, zaziluxanduva lwayo. Kuya kuba njalo kuwo wonke umphefumlo olandela ikhondo elinjalo. UYehova uthi, “Uzonakalisile, Israyeli.” “Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.” Hoseya 13:9; Yer. 6:19.ULw 588.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents