Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    86—Hambani Nifundise Zonke Izizwe

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 28:16-20.]

    Emi nje mganyana ukusuka etroneni yaKhe yasemazulwini, uKristu wanika umsebenzi abafundi baKhe. “Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini,” watsho. “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga.” “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.” Marko 16:15. Aphindaphindwa la mazwi, ukuze abafundi bakubambe ukubaluleka kwawo. Phezu kwabo bonke abemi bomhlaba, abaphezulu nabaphantsi, abazizityebi nabangamahlwempu, ukukhanya kwezulu kwakufuneka kukhanye ngemitha ecacileyo nebukhali. Abafundi kwakufuneka babe ngabasebenzi kunye noMhlawuleli wabo emsebenzini wokusindisa ihlabathi.ULw 818.1

    Umsebenzi wawunikwe ishumi elinambini ngexesha uKristu wayehlangene nabo kwigumbi eliphezulu; kodwa ngoku wawuza kunikwa iqela elikhulu. Kumhlangano owawusentabeni eGalili, onke amakholwa awayenokufumaneka abizelwa ndawonye. Ngalo mhlangano, uYesu ngokwaKhe, ngaphambi kokufa kwaKhe, wayimisela indawo nexesha. Ingelosi engcwabeni yabakhumbuza abafundi ngesithembiso saKhe sokuhlangana nabo eGalili. Isithembiso saphindwa kumakholwa awayehlanganisene eYerusalem ngexesha leveki yePasika, kwathi ngawo safikelela kwabaninzi ababebodwa belilela ukufa kweNkosi yabo. Ngomdla omkhulu, bonke babekhangele phambili ekuhlanganeni. Baya kwindawo yomhlangano ngeendlela ezijikelezayo, bevela kumacala onke, bezama ukuphepha ukuvusa ukukrokreleka kumaYuda anomona. Bemangalisiwe ezintliziyweni, beza, bethetha benyanisekile bekunye, ngeendaba ezabafikelayo ezingoKristu.ULw 818.2

    Ngexesha elimisiweyo, amakholwa akwisithuba samawaka amahlanuayebuthelene ecaleni lentaba engamabathwana amaqelana, enolangazelelo lokuva konke anako ukukuva kwabo babembonile uKristu emva kokuvuka kwaKhe. Abafundi baya kumaqela ngamaqela bexela konke ababekubonile nabakuvayo okungoYesu, bexoxa bethabathela eziBhalweni njengoko wenzayo kubo. UTomas wabalisa ibali lokungakholwa kwakhe, waxela indlela eyasuswa ngayo intandabuzo yakhe. Bengalindelanga, uYesu wema phakathi kwabo. Kwakungekho unokuxela ukuba wayevela ngaphi, eze njani. Abaninzi ababekho babengazange bambona ngaphambili; kodwa ezandleni nasezinyaweni zaKhe bawabona amanxeba okubethelelwa; imbonakalo yaKhe yayinjengobuso bukaThixo, baza bathi bakumbona, bamnqula. ULw 819.1

    Babakho abathandabuzayo. Kuya kuhlala kunjalo. Bakho abo bakufumana kunzima ukusebenzisa ukholo, baze bazibeke ecaleni elithandabuzayo. Aba balahlekelwa kakhulu ngenxa yokungakholwa kwabo.ULw 819.2

    Oku yayikuphela kokubonana uYesu awaba nako nabaninzi kumakholwa emva kokuvuka kwaKhe. Weza wathetha nabo, esithi, “Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.” Abafundi bakhe bamnqula ngaphambi kokuba athethe, kodwa amazwi aKhe, awayephuma kwimilebe eyayivaliwe ekufeni, abakhuthaza ngamandla awodwa. Ngoku, wayenguMsindisi ovukileyo. Abaninzi kubo babembonile esebenzisa igunya laKhe ekuphiliseni abafayo nasekulawuleni izisebenzi zenkohlakalo. Bakholwa ukuba unalo igunya lokumisela ubukumkani baKhe eYerusalem, igunya lokuthulisa yonke inkcaso, igunya phezu kweziqalelo zendalo. Wayezolise amanzi alwayo; wayehambe phezu kwamaza amhlophe; wavusela abafileyo ebomini. Ngoku uvakalise ukuba “lonke igunya” lalinikwe Yena. Amazwi aKhe azithwalela iingqondo zabo babemphulaphule ngaphaya kwezinto zasemhlabeni nezexesha zaya kwezasezulwini nezikanaphakade. Zaphakanyiselwa kolona lwazi luphezulu lwesidima nobuqaqawuli baKhe.ULw 819.3

    Amazwi kaKristu ecaleni lentaba ayekukwazisa ukuba umbingelelo waKhe ngenxa yomntu wawuphelele, ugqibelele. Iimeko zocamagushelo zazifezekisiwe; umsebenzi awayewuzele kulo mhlaba wawufeziwe. Wayesendleleni yaKhe esinga etroneni kaThixo, ukuba ayokuzukiswa ziingelosi, neziphatha-mandla, namagunya. Wayengene emsebenzini waKhe wokuthethelela. Embathiswe ngegunya elingenamda, wabanika umsebenzi wokubathuma abafundi: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya Oyingcwele: nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Mat. 28:19, 20.ULw 819.4

    Abantu bakwaYuda babegciniswe inyaniso engcwele; kodwa ubuFarisi babenzaukubababe ngabonabemiecaleni,abona baneenkani, kulo lonke uhlanga loluntu. Yonke into engababingeleli, nabalawuli—isambatho sabo, amasiko, iinkonzo, izithethe—zabenza ukuba bangakufaneli ukuba kukukhanya kwehlabathi. Baya bazibona bona, sizwe sakwaYuda, njengelizwe. Sekunjalo, uKristu wabayalela abafundi baKhe ukuba bavakalise inkolo nonqulo olwalungayi kuba nalucalulo okanye lukhethe amazwe, inkolo eyayiya kumiliselwa kubantu bonke, kwizizwe zonke, nakuzo zonke iindidi zabantu. ULw 820.1

    Phambi kokuba abashiye abafundi baKhe, uKristu wakubeka ngokucacileyo ukuma kobukumkani baKhe. Wabuyisela ezingqondweni zabo oko wayebaxelele ngabo kwangaphambili. Waxela ukuba yayingeyiyo injongo yaKhe ukumisa kweli hlabathi ubukumkani bexesha, kodwa ubukumkani basemoyeni. Wayengazi kulawula engukumkani emhlabeni kwitrone kaDavide. Waphinda wabavulela iziBhalo, ebonisa ukuba, konke awadlula kuko kwakuvunywe lizulu, kumabhunga phakathi kukaYise kunye naYe. Konke kwakuxelwe kwangaphambili ngabantu ababephefumlelwe nguMoya Oyingcwele. Wathi, Yabonani, konke endikuthethileyo kuni ngokwaliwa kwam njengoMesiya, kwenzekile. Konke endikuthethileyo ngokuthotywa ekwakufuneka ndikunyamezele nokufa endimelwe ukuba ndikufe konke kubonakele. Ngosuku lwesithathu ndavuka kwakhona. Phengululani iziBhalo ngenkuthalo, niya kubona ukuba kuzo zonke ezi zinto, bonke ubuceducedu besiprofeto obungam buzalisekile.ULw 820.2

    UKristu wabayalela abafundi baKhe ukuba baze benze umsebenzi awushiye ezandleni zabo, beqalela eYerusalem. IYerusalem yabe iyindawo apho abonwe esihla khona ngokumangalisayo ngenxa yohlanga loluntu. Ilizwe lakwaYuda yaye iyindawo apho wazalelwa khona. Khona apho, embathiswe ngengubo yobuntu, wahamba nabantu, kodwa babambalwa abayiqondayo indlela izulu elasondela ngayo emhlabeni ngexesha uYesu wayephakathi kwabo. EYerusalem kulapho umsebenzi wabafundi kufuneka uqale khona. ULw 820.3

    Ngenxa yabo bonke ubunzima uKristu awabuvayo apho, nokusebenza nzima awakwenzayo okungazange kuxatyiswe, abafundi babe nokufuna enye indawo noko ethembisayo yona; kodwa abazange basenze isicelo esinjalo. Lo mhlaba kanye wayehlwayele kuwo imbewu yenyaniso, kwakufuneka usetyenziwe ngabafundi, ize imbewu intshule ithwale isivuno esikhulu. Emsebenzini wabo, abafundi babeza kuhlangabezana nentshutshiso ngenxa yomona nentiyo yamaYuda; kodwa oku kwakunyamezelwe yiNKosi yabo, kwaye nabo babengayi kukubaleka. Izipho zokuqala zenceba kufuneka zinikwe ababulali boMsindisi.ULw 820.4

    Kwaye kukho eYerusalem abaninzi ababekholelwa emfihlakalweni kuYesu, nabaninzi ababekhohliswe ngababingeleli nabalawuli. Naba, kwakufuneka bezinikiweiindabaezilungileyo.Babezakubizelwa enguqukweni. Inyaniso emangalisayo, yokuba, kungoKristu kuphela ekunokuzuzwa ukuxolelwa kwezono, kwakufuneka icacisiwe. Nangona iyonke iYerusalem yathi yashukunyiswa ziziganeko ezinika umdla kwiiveki ezimbalwa ezazidlule, ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwakuza kwenza umdla omkhulu.ULw 821.1

    Phofu, umsebenzi wawungayi kuphelela apha. Wawuza kunabela nakweyona mida yomhlaba ikude. Kubafundi baKhe, uKristu wathi, Nikubonile ukubulaleka kwam ngenxa kaIsrayeli. Nangona bengafunanga ukubuyela kum, ukuze babe nobomi, nangona ababingeleli nabalawuli benze ngokuthanda kwabo kum, nangona bendalile njengoko zaxela kwangaphambili iziBhalo, baseza kuba nalo elinye ithuba lokumamkela uNyana kaThixo, bezivuma izono zabo, ndibamkela ngesisa. Lowo uzayo kum andisayi kumgxotha. Bonke abavumayo, banokuxolelaniswa noThixo, babuzuze ubomi obungunaphakade. Kuni, bafundi bam, ndinikela isigidimi senceba. Kufuneka sinikwe uIsrayeli kuqala, kamva kube kwizizwe zonke, iilwimi, nabantu. Kufuneka sinikwe amaYuda neeNtlanga. Bonke abakholwayo kufuneka bahlanganiselwe ebandleni elinye.ULw 821.2

    Ngesipho sikaMoya Oyingcwele, abafundi babeza kwamkela amandla amangalisayo. Ubungqina babo babuza kuqinisekiswa yimiqondiso nemimangaliso. Imimangaliso yayiza kwenziwa, kungengabo abapostile kuphela, kodwa nangabo basamkelayo isigidimi sabo. UYesu wathi, “Egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.” Marko 16:17, 18.ULw 821.3

    Ngelo xesha, ukutyisa ityhefu kwakukholisa ukwenziwa. Abantu abangenasazela babengalibazisi ukusebenzisa le ndlela ukususa abo bema endleleni yamabhongo abo. UYesu wayesazi ukuba ubomi babafundi baKhe ngaloo ndlela babuza kuba sengozini. Ngoko ke, wabathembisa ngokubakhusela kule ngozi.ULw 821.4

    Abafundi babeza kuba namandla amanye nalawo uYesu waye nawo ukuphilisa “izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.” Ngokuphilisa egameni laKhe izifo zomzimba, babeya kungqina kumandla aKhe okuphilisa umphefumlo. Mat. 4:23; 9:6. Kwakuthenjiswe ngesiphiwo esitsha ngoku. Abafundi babeza kushumayela phakathi kwezinye izizwe, ngoko ke, babeza kuzuza amandla okuthetha ezinye iilwimi. Abafundi namahlakani abo babengabantu abangafundanga, kanti ke, ngokuthululwa kukaMoya ngemini yePentekoste, intetho yabo, nokuba lolwabo okanye olwasemzini ulwimi, yaba nyulu, ilula, ichanekile, ngamagama nemvakalozwi.ULw 821.5

    Ngaloo ndlela, uKristu wabanika abafundi baKhe umyalelo womsebenzi wabo. Wenza ulungiselelo olupheleleyo lokwenziwa komsebenzi, wawuthabathela phezu kwaKhe umthwalo wempumelelo yawo. Lonke ixesha besalithobela ilizwi laKhe, besebenza behlangene naYe, babengasayi kuwa phantsi. Yiyani kuzo zonke izizwe, wabathuma. Yiyani kwezona ndawo zikude kumhlaba omiweyo, nazi kodwa ukuba ubukho bam buya kuba lapho. Ngokholo nangesibindi, kuba akusayi kuze kubekho xesha endonishiya ngalo. ULw 822.1

    Umsebenzi uMsindisi awuthume abafundi wawuhlanganisa onke amakholwa. Uhlanganise bonke abakholwa kuKristu kuse ekupheleni kwexesha. Yimpazamo eyingozi kakhulu ukucinga ukuba umsebenzi wokusindiswa kwemiphefumlo kuxhomekeke kuphela kubafundisi ababekwe izandla. Bonke abo ethe impefumlelo yezulu yeza kubo, bagciniswe iindaba ezilungileyo. Bonke abamkela ubomi bukaKristu, bathanjiselwe ukusebenzela ukusindiswa kwabazalwana babo. Lo msebenzi, lamiselwa wona ibandla, kwaye bonke abathabatha izifungo zalo ezingcwele, ngokwenza njalo babhambathisa ukuba bangabasebenzi kunye noKristu. ULw 822.2

    “UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza.” IsiTy. 22:17. Wonke ovayo, kufuneka asiphinde isimemo. Nokuba umsebenzi wakhe uyintoni ebomini, into emayibe yeyona iphambili kuye kufuneka ibe kukuzuzela uKristu imiphefumlo. Usenokungakwazi ukuthetha emabandleni, kodwa unako ukubasebenzela abantu ngabanye ngabanye. Angabaxelela imfundiso ayifumene eNkosini yakhe. Ubulungiseleli abuphelelanga ekushumayeleni kuphela. Nabo bayasebenza abo bakhulula abagulayo nababulalekayo, benceda abasweleyo, bethetha ilizwi lentuthuzelo kwabaphelelwe lithemba, nabo banokholo oluncinane. Kufuphi nakude, kukho imiphefumlo esindwa kukuziva inobutyala. Asiyo nzima, ukubulaleka, okanye ubuhlwempu into etsalela phantsi uluntu. Kukuba nobutyala, ukwenza okungalungileyo. Le nto izisa ukungaphumli nokunganeliseki. UKristu unga abakhonzi baKhe bangalungiselela kwimiphefumlo ezaliswe sisono. ULw 822.3

    Abafundi kwakufuneka bawuqale umsebenzi wabo apho babekhona. Eyona ndawo inzima nenganiki themba kwakungafuneki idlulwe. Ngoko ke, wonke ubani ongumsebenzi kaKristu kufuneka aqale apho akhoyo. Kwiintsapho zethu inokuba ikho imiphefumlo elambele uvelwano, elambele isonka sobomi. Kunokubakho abantwana ekufuneka beqeqeshelwe uKristu. Bakho abahedeni apha emnyango kuthi. Masiwenze ngokunyaniseka lo ungowona ukufuphi kuthi umsebenzi. Emva koko, imizamo yethu mayinabele kude kangangoko isandla sikaThixo sinokuyikhokela indlela. Umsebenzi wabaninzi unokubonakala uvalelwa ziimeko, kodwa, naphina apho ukhona, ukuba wenziwa ngokholo nokukhuthala, uya kuvakala kwezona ndawo zikude zomhlaba. Umsebenzi kaKristu ngexesha wayesemhlabeni, wawubonakala uvalelwe endaweni ecutheneyo, kodwa izihlwele ezaziphuma kuzo zonke iindawo zasiva isigidimi saKhe.UThixo uye asebenzise ezona ndlela zilula ukuze azuze ezona zikhulu iziphumo. Licebo laKhe ukuba yonke indawo yomsebenzi waKhe ixhomekeke kuyo yonke enye indawo, njengevili phakathi kwevili, onke esebenzisana. Oyena msebenzi uthobekileyo, eqhutywa nguMoya Oyingcwele, uya kuchukumisa iintambo ezingabonakaliyo, okuthi ukushukuma kwazo kukhale kuvakale eziphelweni zomhlaba, kwenze uncuthu olufikelela kunaphakade.ULw 822.4

    Kunjalo, umyalelo othi, “Hambani niye kulo lonke ihlabathi,” akufuneki ulahleke ungabonwa. Sibizelwe ukuba siphakamisele amehlo ethu “ezindaweni ezingaphaya.” UKristu udiliza udonga olwahlulayo, ahlule ukuziphakamisa kobuzwe, afundise ukubathanda bonke abantu. Uphakamisa abantu kumaqela awakhiwe kukutsalela konke kubo; uchitha yonke imida yokuhlala nokwahlukana okwenziweyo kwasekuhlaleni. Akahluli phakathi kwabamelwane nabasemzini, abahlobo neentshaba. Usifundisa ukuba siwukhangele wonke umphefumlo onentswelo njengomzalwana wethu, nehlabathi njengentsimi yethu. ULw 823.1

    Akuba uMsindisi ethe, “Hambani . . . nifundise zonke iintlanga,” (KJV), wabuya wathi, “Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi: egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.” Isithembiso sihamba indlela ende njengomyalelo. Asikuko ukuba zonke izipho zinikwe ikholwa ngalinye. UMoya uyababela “elowo ngokwakhe njengoko athandayo.” 1 Kor. 12:11. Zona izipho zikaMoya zithenjisiwe kuye wonke okholwayo ngokwentswelo yakhe yomsebenzi weNkosi. Isithembiso sinamandla saye sinokuthenjwa ngoku njengakwimihla yabapostile. “Le miqondiso iya kulandelelana nabo bakholwayo.” Eli lilungelo labantwana bakaThixo, kwaye ukholo kufuneka lukubambe konke olunokuba nako njengobungqina bokholo.ULw 823.2

    “Baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.” Eli lizwe liyindawo ebanzi yentlupheko, kodwa uKristu weza ukuba aphilise abagulayo, avakalise inkululeko kubathinjwa bakaSathana. Yena ngokwaKhe wayeyimpilo namandla. Wanika ubomi kwabagulayo, abangcikivwayo, abaphethwe ziidemon. Akazange agxothe noyedwa oweza ukuba azuze kumandla aKhe aphilisayo. Wayesazi ukuba, abo babemkhunga befuna uncedo, babezizise ngokwabo izifo phezu kwabo; kanti kunjalo, akazange ale ukubaphilisa. Kwakusithi okulungileyo okuphuma kuKristu kwakungena kule miphefumlo ilusizi, basibone isono sabo, baze abaninzi baphiliswe isifo sabo sasemoyeni, kwakunye nezigulo zabo zasemzimbeni. Igospile ise nawo loo mandla, ke kungani ukuba namhla singaziboni iziphumo ezifana nezo? ULw 823.3

    UKristu uyayiva [kuYe] intlungu yomntu ngamnye obulalekayo. Xa imimoya emibi iwuqoba umzimba womntu, uKristu usiva kuYe isibetho. Xa umkhuhlane uwuqongqotha umsinga wobomi, [uKristu] uyayiva intlungu. Kunjalo nje, ukulungele ukubaphilisa abagulayo njengoko wayenjalo ekho ngokwaKhe emhlabeni.Abakhonzi bakaKristu bangabameli baKhe, amajelo okusebenza kwaKhe. Ulangazelela ukuba ngabo asebenzise amandla aKhe aphilisayo.ULw 823.4

    Kwindlela yokuphilisa kukaMsindisi, kwakukho izifundo zabafundi baKhe. Kwesinye isiganeko wathambisa amehlo endoda eyimfama ngodaka, wayiyalela, “Yiya kuhlamba echibini leSilowa. . . . Yaya yahlamba, yeza ibona.” Yohane 9:7. Ukunyanga kwakunokwenziwa kuphela ngamandla oMnyangi Omkhulu, kodwa uKristu wasebenzisa into elula yendalo. Nangona wayenganiki mbonakalo yokusetyenziswa konyango lwamachiza [iziyobisi], wakuvumela ukusetyenziswa kwamayeza alula angawemvelo.ULw 824.1

    Kwabaninzi ababehlaselwe kukufa abafumana ukuphiliswa, uKristu wathi, “Musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.” Yohane 5:14. Njalo ke, wayefundisa ukuba isifo sisisiphumo sokwaphula imithetho kaThixo, eyendalo neyasemoyeni. Imbandezelo enkulu emhlabeni ngeyingekho ukuba abantu babethe baphila ngokuhambelana necebo loMdali. ULw 824.2

    UKristu wayeyinkokeli netitshala kuIsrayeli wakudala, waza wabafundisa ukuba impilo ingumvuzo wokuthobela imithetho kaThixo. UGqirha Omkhulu owaphilisa abafayo ePalestina wayethetha nabantu baKhe ekwintsika yelifu, ebaxelela amabakwenze, kwanokuba yintoni uThixo awayeza kubenzela yona. “Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho,” watsho, “wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.” Eks. 15:26. UKristu wamnika uIsrayeli imfundiso eqinisekileyo ngokubhekiselele kwimikhwa yabo yobomi, waza wabaqinisekisa, “UYehova wosusa zonke izifo kuwe.” Dut. 7:15. Bathi bakuzifezekisa ezo meko, isithembiso saya sahlaziywa kubo, “akwabakho ukhubekayo ezizweni zakhe.” INdu. 105:37.ULw 824.3

    Zizifundo nakuthi ezi. Zikho iimeko ekufuneka zigcinwe ngabo bonke abafuna ukulongoloza impilo. Bonke kufuneka bazifunde ukuba zithini na ezi meko. INkosi ayaneliswa kukungazi ngokubhekiselele kwimithetho yaYo, nokuba yeyemveli okanye eyomoya. Kufuneka sibe ngabasebenzi kunye noThixo ekubuyiselweni kwempilo emzimbeni nasemphefumlweni. ULw 824.4

    Ngokunjalo, kufuneka sibafundise abanye indlela yokulondoloza nokubuyisela impilo. Kwabagulayo kufuneka sisebenzise amayeza athe uThixo wawanika ngendalo, sibalathise kuYe, ekuphela kwaKhe onokubabuyisela [empilweni]. Ngumsebenzi wethu ukusondeza abagulayo nababulalekayo kuKristu ngeengalo zokholo lwethu. Kufuneka sibafundise ukuba bamkholelwe uMnyangi Omkhulu. Kufuneka sibambe isithembiso saKhe, sithandazele ukubonakalaliswa kwamandla aKhe. Ubume nje bazo iindaba ezilungileyo, kukubuyisela, kwaye uMsindisi unga singabayalela abagulayo, abangenathemba, nabahlaselekileyo ukuba babambelele kumandla aKhe.ULw 824.5

    Amandla othando ayekho kuko konke ukuphilisa kukaKristu, kwaye ikukuxhamla olo thando kuphela, ngokholo, esinokuthi sibe zizixhobo zomsebenzi waKhe. Ukuba siyakutyeshela ukuzihlanganisa ngoqhagamshelano olungcwele kunye noKristu, umsinga wamandla anika ubomi awuyi kuba nako ukumpompoza ngemisinga etyebileyo emikhulu ukusuka kuthi ukuya ebantwini. Zazikho iindawo uMsindisi ngokwaKhe angazange akwazi ukwenza imisebenzi emikhulu emininzi kuzo ngenxa yokungakholwa kwazo. Ngoko ke, nangoku, ukungakholwa kuyalahlula ibandla kuMncedi walo oyingcwele. Ukubambelela kwalo kubunyaniso bezinto ezingunaphakade kuyekeyeke. Ngenxa yokuswela kwalo ukholo, uThixo uyadaniswa, avinjwe udumo lwaKhe.ULw 825.1

    Kusekwenzeni umsebenzi kaKristu, elithi ibandla lisixhamle isithembiso sobukho baKhe. “Hambani nizifundise zonke izizwe, watsho; “Yabonani ndinani, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Ukuthabatha idyokhwe yaKhe yenye yeemeko eziphambili ekuzuzeni amandla waKhe. Ubomi obu bebandla, buxhomekeke ekuthembekeni kwalo ukuzalisekisa oko likuthunywe yiNkosi. Ukuwutyeshela lo msebenzi, ngokuqinisekileyo, kukumema ukutyhafa nokufa. Apho kungekho ukusebenzela abanye, uthando luyaphela, nokholo lube luzizi.ULw 825.2

    UKristu ufuna ukuba abafundisi babe ziititshala zebandla emsebenzini weendaba ezilungileyo. Kufuneka zibafundise abantu indlela yokufuna nokusindisa abo balahlekileyo. Phofu, ingaba ngumsebenzi abawenzayo na lo? Kazi bangaphi na ababulaleka bethundeza intlantsi yobomi ese iza kufa? Mangaphi amabandla akhathalelwe njengeemvana ezigulayo ngabo bebefanelwe kukukhangela ezo zimvu zilahlekileyo! Lonke ixesha izigidi ngezigidi ezingenaKristu ziyatshabalala.ULw 825.3

    Uthando lwezulu luchukumiseke lwafikelela kubunzulu obungenako ukulinganiswa ngenxa yabantu, zaye iingelosi zimangalisiwe kukubona kwaba bazuza uthando olukhulu umbulelo nje olungekho nzulu. Iingelosi ziyamangala ngumbulelo wabantu ongekho nzulu ngothando lukaThixo. Izulu liyacaphuka kukungakhathalelwa kwemiphefumlo yabantu. Ingaba singathanda ukwazi ukuba uKristu uyithabatha njani [le nto]? Bebeya kuva njani utata nomama xa benokuva ukuba umntwana wabo, olahlekileyo engqeleni nasekhephini, udlulwe nje, washiywa ukuba afe, ngabo bebenako ukumsindisa? Ingaba bebengayi kuba buhlungu kakhulu na, bacaphuke ngendlela ephambanisayo? Bebengayi kubagxeka na abo babulali benomsindo oshushu ngokweenyembezi zabo, nomkhulu njengothando lwabo? Ukuphatheka kakubi kwakhe nawuphi umntu, kukuphatheka kakubi komntwana kaThixo, kwaye abo bangasoluliyo isandla sokunceda abazalwana babo abatshabalalayo baphehla umsindo waKhe wokulungileyo. Le yingqumbo yeMvana. Kwabo bathi banolwalamano noKristu, babe bengazikhathalele izidingo zabazalwana babo, uya kuthi, ngemini enkulu yomgwebo, “Andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo.” Luka 13:27.ULw 825.4

    Emyalelweni oya kubafundi baKhe, uKristu akanelanga kwandlala nje kuphela umsebenzi wabo, kodwa wabanika isigidimi sabo. Bafundiseni abantu, watsho, “ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” Abafundi kwakufuneka bafundise oko uKristu wayekufundisile. Oko wayekuthethile, kungekuphela ngokwaKhe, kodwa nangabaprofeti neetitshala zeTestamente eNdala, konke kuqukiwe apha. Imfundiso yomntu ivalelwe ngaphandle. Ayikho indawo yesithethe, neemfundiso zomntu nezigqibo zakhe, okanye yolawulo lwebandla. Akukho mithetho yegunya lenkolo ehlanganiswe kulo myalelo. Akukho nanye kwezi ekufuneka abakhonzi baKhe beyifundisile. “Umthetho nabaprofeti,” kunye nengxelo yamazwi nezenzo zaKhe, bubutyebi obunikelwe kubafundi ukuba bunikwe ihlabathi. Igama likaKristu lingumqhele wabo, imbasa yokubenza babe ngabohlukileyo, iqhina lokubamanya, igunya lendlela yokusebenza kwabo, nethende lempumelelo yabo. Ayikho into angafumanekiyo kuyo enokwamkelwa ebukumkanini baKhe. ULw 826.1

    Ivangeli kufuneka ishunyayelwe, hayi njengobuciko obungaphiliyo, kodwa njengamandla aphilayo okuguqula ubomi. UThixo ulangazelela ukuba abo bamkela ubabalo lwaKhe, babe ngamangqina kumandla alo. Abo bakhondo labo libe lisilwa naYe, ubamkele ngokukhululekileyo; xa beguquka, ubanika uMoya waKhe ongcwele, ababeke kwezona ndawo zibalulekileyo, aze abathume baye kwinkampu yabanganyanisekanga ukuba bavakalise inceba yaKhe engenamida. Unga abakhonzi baKhe bangaba nobungqina bokuba, ngobabalo lwaKhe, abantu bangaba naso isimilo esifana nesikaKristu, kwaye banako ukuvuyiswa kukuqiniseka kothando lwaKhe olukhulu. Unga singabuthwala ubungqina ngenyaniso yokuba, akanako ukwaneliseka lude uhlanga loluntu lubuyiswe luphinde lumiselwe kumalungelo alo angcwele njengoonyana neentombi zaKhe. ULw 826.2

    KuKristu kukho uthando lukamalusi, uthando lomzali, nobabalo olungenamlinganiselo lwemfesane yoMsindisi. Iintsikelelo zakhe uzinika ngawona mazwi anomtsalane. Akaneliswa kukuvakalisa nje ezi ntsikelelo; uzibeka ngendlela enika umdla kakhulu, ukuze avuse ulangazelelo lokuba zifunwe. Ngoko ke, abakhonzi baKhe, kufuneka benjenjalo ukuthetha ngobutyebi bozuko lweSipho esingathethekiyo. Uthando olumangalisayo lukaKristu luya kuzinyibilikisa luzoyise iintliziyo, lo gama ucengcelezo nje lodwa lweemfundiso lungayi kufeza nto. “Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu.” “Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo, nyuka uye entabeni ephakamileyo; wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo, liphakamise ngamandla ilizwi lakho, phakamisa ungoyiki. Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu! . . . Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.” Isa. 40:1, 9-11.ULw 826.3

    Baxeleleni abantu ngaLowo “wOngamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi,” Lowo “onqwenelekayo kwaphela (KJV).” Ingoma yazo Iingoma 5:10, 16. Amazwi ewodwa awakwazi ukuyixela. Mayibonakale esimilweni, ibonakalaliswe ebomini. UKristu uhleli ukuba kuzotywe umfanekiso wakhe kumfundi ngamnye. Umntu ngamnye uThixo ummisele kwangaphambili ukuba “afane nomfanekiselo woNyana wakhe.” Roma 8:29. Kuye wonke umfundi, kufuneka kubonakalaliswe ehlabathini, uthando lukaKristu olunomonde, ubungcwele, ukululama, inceba, nenyaniso. ULw 827.1

    Abafundi bokuqala baphuma baya kushumayela ilizwi. Bambonakalalisa uKristu ebomini babo. INkosi yaya yasebenza ngabo, “iliqinisekisa ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo.” Marko 16:20. Aba bafundi bazilungiselela umsebenzi wabo. Phambi kwemini yePentekoste, bahlanganisana kunye, bazibeka nxamnye zonke iiyantlukwano zabo. Babemxhelo mnye. Basikholelwa isithembiso sikaKristu sokuba intsikelelo iya kunikwa, baza bathandaza bekholwa. Abazange bayicelele iziqu zabo kuphela intsikelelo; babesiva ubunzima bomthwalo wokusindiswa kwemiphefumlo. Iindaba ezilungileyo kwakufuneka zisiwe eziphelweni zomhlaba, baza bakubanga ukuzaliswa ngamandla awayethembise ngawo uKristu. Kwaba ngelo xesha ke awathi uMoya Oyingcwele wathululwa, athi amawaka aguquka ngemini.ULw 827.2

    Kunokuba njalo nangoku. Endaweni yobuciko babantu, mayibe lilizwi likaThixo elishunyayelwayo. AmaKristu mawakususe ukuxhwithana, azinikele kuThixo ukuze kusindiswe abalahlekileyo. Ngokholo mabacele intsikelelo, iya kufumaneka. Ukuthululwa kukaMoya ngemihla yabapostile kwakuyi“mvula yokuqala,” saza saba sikhulu isiphumo. Kanti yona “Imvula yamva” iya kuba nkulu kakhulu. Yoweli 2:23.ULw 827.3

    Bonke abanikela umphefumlo, umzimba, nomoya kuThixo baya kuthi rhoqo bezuza ukuzaliswa ngokutsha ngamandla omzimba nengqondo. Izipho ezingapheliyo zezulu ziselulawulweni lwabo. UKristu ubanika impefumlelo yowaKhe umoya, ubomi bobaKhe ubomi. UMoya Oyingcwele ukhupha amandla waKhe angawona aphezulu ukuba asebenze entliziyweni nasengqondweni. Ubabalo lukaThixo lwandisa luphindaphinde izakhono zabo, kuthi konke ukugqibelela kwendalo engcwele kufike kubancede emsebenzini wokusindisa imiphefumlo. Ngokubambisana noKristu emsebenzini, baphelele kuYe, kuthi kubuthakathaka babo abantu, benziwe bakwazi ukwenza izenzo zOnamandla onke. ULw 827.4

    UMsindisi ulangazelela ukubonakalalisa ubabalo lwaKhe nophawu lwesimilo saKhe kulo lonke ihlabathi. LilelaKhe ngokulithenga, kwaye ulangazelela ukwenza ukuba abantu bakhululeke, babenyulu, babengcwele. Nangona uSathana esenza ukuba ayithintele le njongo, kodwa, ngegazi elaphalalela ihlabathi, lukho uloyiso oluza kufumaneka oluya kuzisa uzuko kuThixo nakwiMvana. UKristu akasayi kuze anelisekelude lube lugqityiwe uloyiso, kuba “Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe.” Isa. 53:11. Zonkeizizwe zomhlaba ziya kuziva iindaba ezilungileyo zobabalo lwaKhe. Aziyi kulwamkela zonke ubabalo lwaKhe; kodwa “imbewu iya kumkhonza; kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.” INdumiso 22:30. “Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni,” “ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” “Baya kuloyika igama likaYehova entshonalanga, baboyike ubuqaqawuli bakhe empumalanga.” Dan. 7:27; Isa. 11:9; 59:19.ULw 827.5

    “Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso; zabathi kwiZiyon, Uyalawula uThixo wakho! . . . Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa: . . . UYehova ubathuthuzele abantu bakhe. . . . UYehova uyihlubile ingalo yakhe engcwele emehlweni eentlanga zonke; zonke iziphelo zehlabathi ziya kulubona ke usindiso loThixo wethu.” Isa. 52:7-10.ULw 828.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents