Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    3—“Ukuzaliseka Kwexesha”

    “Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, . . . ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.” Gal. 4:4, 5.ULw 31.1

    Ukuza koMsindisi kwakuxelwe kwamhla mnene e-Eden. Ukuva kuka-Adam noEva isithembiso, balindela ukuzaliseka kwaso okukhawulezileyo. Bamamkela ngovuyo unyana wabo wamazibulo, benethemba lokuba unokuba unguMkhululi. Noko kunjalo, ukuzaliseka kwesithembiso kwalibala. Abo basifumana kuqala bafa bengasibonanga. Kususela kwimihla kaEnoki, isithembiso saphinda-phindwa kumanyange nabaprofeti, ukuligcina liphilile ithemba lokubonakala kwaKhe, kodwa akafika. Isiprofeto sikaDaniyeli salityhila ixesha lokufika kwaKhe, kodwa asingabo bonke abasichaza ngokukuko isigidimi. Iinkulungwane emva kweenkulungwane zadlula; amazwi abaprofeti athula. Isandla somcinezeli sanzima phezu kukaIsrayeli, baza abaninzi bakhala, besithi, “Imihla iyoluka, iyadaka imibono.” Hez. 12:22. ULw 31.2

    Njengeenkwenkwezi kwindlela yazo ebanzi ezibekwe kuyo, iinjongo zikaThixo azingxami kwaye zingalibazisi. Ngemifuziselo yobumnyama obungqingqwa namaziko omlilo aqhumayo, uThixo watyhilela uAbraham ukuthinjwa kukaIsrayeli eYiputa, walixela ixesha lokuphambukela kwabo ukuba liya kuba ngamakhulu amane eminyaka. “Emveni koko,” watsho, “iya kuphuma ineempahla ezininzi.” Gen. 15:14. Ukuchasa elo lizwi, onke amandla ekratshi likaFaro azama ukulwa, kodwa ngelize. “Kanye ngayo loo mini,” eyayimisiwe kwisithembiso sezulu, “yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.” Eks. 12:41. Ngoko ke, kwiqumrhu lasezulwini, iyure yokufika kukaKristu yayisele imisiwe. Yathi iwotshi enkulu yexesha yakukhomba kuloo yure, uYesu wazalwa eBhetelehem.ULw 32.1

    “Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe.” Ukubonelela kukaThixo kwakuzikhokele iintshukumo zezizwe, ikhondo ezilihambayo, nefuthe kunye nempembelelo yabantu, lada ihlabathi lakulungela ukufika koMkhululi. Izizwe zazimanyene phantsi kolawulo olunye. Ulwimi olunye lwaluthethwa ngokubanzi, lwaye lusamkelwa kuyo yonke indawo njengolwimi loncwadi. Ephuma kuwo wonke amazwe, amaYuda asekusabeni abuthelana eYerusalem ukuza kwizidlo zomnyaka. Ayesithi la maYuda xa ebuyela kwiindawo zawo zokuphambukela, asasaze kulo lonke ilizwe iindaba zikaMesiya ozayo.ULw 32.2

    Ngeli xesha, iinkqubo ezimiselweyo zeentlanga zaziphelelwa ngamandla okubalawula abantu. Abantu babediniwe ngamabali neentsomi. Babelangazelela inkolo enokwanelisa intliziyo. Lo gama ukukhanya kwenyaniso kwakubonakala kumkile ebantwini, yayikho imiphefumlo eyayikuzingela ukukhanya, eyayizaliswe kukudideka nentlungu. Yayinxanelwe ulwazi ngoThixo ophilileyo, nengqinisekiso yobomi ngaphaya kwengcwaba.ULw 32.3

    Njengoko amaYuda ayemkile kuThixo, ukholo lwasuka lwaluzizi, ithemba lalise likufuphi ukuba liyeke ukukhanyisa ikamva. Amazwi abaprofeti ayengaqondwa. Kwizihlwele zabantu, ukufa kwakuyimfihlakalo eyoyikwayo; ngaphaya [kwako] yayikukungaqiniseki nobumnyama. Yayingesiso kuphela isimbonono somama baseBhetelehem, kodwa nesijwili sentliziyo enkulu yoluntu, esasithwelwe ngumprofeti kuzo zonke iinkulungwane,--ilizwi elavakalayo eRama, “isimema nesililo nesijwili esikhulu, uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.” Mateyu 2:18. “Ezweni nasethunzini lokufa,” abantu babehleli bengathuthuzelwa. Bekhangele ngolangazelelo babelindele ukufika koMkhululi, xa ubumnyama babuya kugxothwa, imfihlakalo yekamva icaciswe.ULw 32.4

    Ngaphandle kwesizwe samaYuda, kwakukho abantu ababexela ngokuvela komfundisi wezulu. Aba bantu babefuna inyaniso, baza banikwa uMoya weMpefumlelo. Omnye emva komnye, ngokweenkwenkwezi esibhakabhakeni esimnyama, zaba njalo ukubakho iititshala. Amazwi azo esiprofeto ayelikhanyisile ithemba ezintliziyweni zamawaka elizweni leeNtlanga.ULw 33.1

    Kwakungamakhulu eminyaka isiBhalo saguqulelwa kulwimi lwesiGrike, nolwaluthethwa ngokubanzi kubukumkani bamaRoma. AmaYuda ayethe saa kuyo yonke indawo, kwaye ukulindela kwawo ukufika kukaMesiya, ngandlela ithile, kwakunjalo naseziNtlangeni. Phakathi kwabo amaYuda ayebathabatha njengabahedeni, kwakukho abantu ababeziqonda ngcono iziprofeto zesiBhalo ezingoMesiya kuneetitshala zakwaIsrayeli. Babekho abanye ababethembe ukufika kwaKhe njengomkhululi esonweni. Izilumko zazama ukuphanda ngemfihlelo yentlalo yamaHebhere. Ngelishwa, iinkani zamaYuda zakuthintela ukusasazeka kokukhanya. Ezimisele ukugcina phakathi kwawonezinyeizizwe, ayengakhululekangaukubaadluliseulwaziayesalubambile ngomfuziselowenkonzo. UMchazi wenene kufuneka efikile. Lowo yonke imifuziselo yayimele Yena, kufuneka akuchaze ukubaluleka kwayo.ULw 33.2

    Ngendalo, ngemifanekiso nemifuziselo, ngamanyange nabaprofeti, uThixo wathetha nehlabathi. Izifundo kufuneka zinikwe uluntu ngolwimi loluntu. UMthunywa womnqophiso kufuneka athethe. Izwi laKhe kufuneka liviwe kweyaKhe itempile. UKristu kufuneka azokuthetha amazwi aya kuthi acace aqondwe ngokuqinisekileyo. Yena, umqali wenyaniso, kufuneka ahlule inyaniso kwinkunkuma yentetho zomntu, eyenze ukuba [inyaniso] ingavakali. Imithetho-siseko yolawulo lukaThixo kunye necebo lokuhlangula kufuneka zichazwe ngokucacileyo. Izifundo zeTestamente eNdala kufuneka zandlalwe ngokupheleleyo phambi kwabantu.ULw 34.1

    Phakathi kwamaYuda yayikho imiphefumlo eyayisemi izinzile, inzala yalo mlibo ungcwele ekwathi ukwaziwa kukaThixo kwagcinwa ngayo. Aba babesalinde ithemba elenziwa kooyise. Balomeleza ukholo lwabo ngokuhlala kwisiqinisekiso esanikwa ngoMoses, “INkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; ze nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.” Zenzo 3:22. Kwakhona bafunda ngaLowo uYehova wayeya kumthambisa ukuba [a]shumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo,” “[no]kubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabakhonkxiweyo,” nokuvakalisa “umnyaka wetarhu likaYehova.” Isa. 61:1, 2. Bafunda ngendlela awayeya kuthi “akumise okusesikweni ehlabathini,” indlela eziya kuthi “zilindele isiyalo sakhe iziqithi,” nangendlela iiNtlanga eziya kuza ekukhanyeni kwaKhe, nookumkani ekubengezeleni kokuvela kwaKhe. Isa. 42:4; 60:3.ULw 34.2

    Amazwi omyolelo kaYakobi abazalisa ngethemba: “Intonga ayiyi kumka kuYuda, intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, ade afike uShilo.” Gen. 49:10. Ukuya kuphela kwamandla kuIsrayeli kwakungqina ukuba ukufika kukaMesiya kukufuphi. Isiprofeto sikaDaniyeli sabuzoba ubuqaqawuli bolawulo lwaKhe phezu kobukumkani obabuya kulandela zonke izikumkani zomhlaba; kwaye wathi umprofeti, “bona bume ngonaphakade.” Dan. 2:44. Nangona babembalwa ababebuqonda ubume bomsebenzi ohanjelwe nguKristu, kwakuthe saa ukulindela umthetheli onamandla owayeza kumisa ubukumkani bakhe kwaIsrayeli, noya kufika njengomkhululi ezizweni.ULw 34.3

    Ukuzaliseka kwexesha kwakufikile. Uluntu, lusihla ngakumbi kwizizukulwana zokugqitha umthetho, zafuna ukufika koMhlanguli. USathana ube esebenza ukuba kubekho umsantsa onzulu nongenakudlulwa phakathi komhlabanezulu. Ngobuxokibakhe, wabanika isibindi abantu ekwenzeni isono. Yayiyinjongo yakhe ukugqiba ukunyamezela kukaThixo, nokukucima ukuthanda kwaKhe umntu, ukuze ilizwe aliyekele kulawulo lwenkohlakalo.ULw 34.4

    USathana wayefuna ukuvalela ngaphandle ebantwini ukwaziwa kukaThixo, nokuyisusa ingqondo yabo etempileni kaThixo, aze amise obakhe ubukumkani. Ukulwela kwakhe ubukhulu kwakubonakala ngathi sele kuza kuphumelela ngokupheleleyo. Kuyinyaniso ukuba kwisizukulwana ngasinye uThixo ube enezenzeleli zaKhe. Naphakathi kwabahedeni babekho abantu awayesebenza ngabo uKristu ukuphakamisa abantu bakhe ezonweni zabo nasekuweni phantsi. Noko kunjalo, la madoda adelwa athiywa. Amaninzi kuwo abulawa ngobubhovubhovu. Ithunzi elimnyama ekwagutyungelwa ngalo umhlaba nguSathana laya liba ngqingqwa ngokuba ngqingqwa.ULw 35.1

    Ngobuhedeni, uSathana uthe kwizizukulwana wabasusa abantu kuThixo; kodwa uloyiso lwakhe olukhulu waluzuza ngokugqwetha ukholo lukaIsrayeli. Ngokucamngca nokunqula ezabo iimbono, abahedeni balahlekwa kukumazi uThixo, baza bakhohlakala ngakumbi nangakumbi. Kwaba njalo nakuIsrayeli. Umthetho-siseko othi umntu angazisindisa ngemisebenzi yakhe ufumaneka kwisiseko sayo yonke inkolo yobuhedeni; uthe ngoku waba ngumthetho-siseko wenkolo yobuYuda. USathana wawutyala lo mthetho-siseko. Kuyo yonke indawo obanjwe kuyo, abantu abanaso isikhuselo ngakwisono.ULw 35.2

    Isigidimi sosindiso sidluliselwa ebantwini zizenzeleli ezingabantu. AmaYuda wona afuna ukuzigcinela kuwo inyaniso ebubomi obungunaphakade. Ayifumba imana yokuphila, yajika yonakala. Inkolo awazama ukuyivalela kuwo yaba sisigculelo. Amqhatha uThixo ngozuko lwaKhe, baliqhatha ilizwe ngevangeli engunomgogwana. Akwala ukuzinikela kuThixo ukuze kusindiswe ihlabathi, aza aba zizithunywa zikaSathana zentshabalalo yalo.ULw 36.1

    Abantu uThixo awayebabizele ukuba babe yintsika nomhlaba wenyaniso basuka baba ngabameli bakaSathana. Babesenza umsebenzi uSathana awayenqwenela ukuba bawenze, bethabatha ikhondo lokuveza kakubi isimilo sikaThixo, baze benze ihlabathi ukuba limbone uThixo njengomphathi ongumbandezeli. Bona ababingeleli abo babe lungiselela etempileni, babelahlekwe ngumbono wokubaluleka kwenkonzo ababeyenza. Bakuyeka ukukhangela ngaphaya komfuziselo kwinto owawumele yona. Ekunikeleni iminikelo yemibingelelo basuka babangabadlali eqongeni. Iinkonzo, ezazimiswe nguThixo ngokwaKhe, zenziwa indlela yokumfamekisa ingqondo nokwenza lukhuni intliziyo. UThixo wayenokumenzela umntu okungaphezulu ngala majelo. Inkqubo yonke kwakufuneka itshayelwe yasuswa ingabikho.ULw 36.2

    Inkohliso yesono yayifikelele encotsheni yayo. Zonke izenzeleli zokukhohlakalisa imiphefumlo yabantu zasetyenziswa. UNyana kaThixo, ekhangele emhlabeni, wabona ukuphatheka kakubi nenkxwaleko. Ngovelwano, wayibona indlela abantu abathe bangamaxhoba obubi benkohlakalo. Wabakhangela ngemfesane abo babesonakaliswa, bebulawa, belahlwa. Babekhethe umlawuli owaya wabaqamangela kwinqwelo yakhe bengabathinjwa. Bedidekile bekwalahlekisiwe, babehamba kumngcelele osinga kwintshabalalo engunaphakade,--ekufeni ekungekho themba labomi kuko, kubusuku ekungasiyo kubo. Izenzeleli ezikhohlakeleyo zazisebenza kunye nabantu. Imizimba yabantu, eyenzelwe indawo yokuhlala uThixo, yaba likhaya leedemon. Izivo, imithambo-luvo, ukuvutha [kwenkanuko], amalungu omzimba wabantu, zizinto zonke ezenziwa zizenzeleli zangasentla ukuba ziyekelwe kweyona nkanuko ikhohlakele kakhulu. Uphawu lweedemon ngokwalo lwagximfizwa kwimbonakalo yabantu. Ubuso babantu babunembonakalo yemikhosi yenkohlakalo eyayibaphethe abantu abo. Wawunjalo umbono owawukhangelwe nguMhlanguli womhlaba. Umbono onjalo ukuba ubonwe buBunyulu Obungenamda!ULw 36.3

    Isono saba yinto efundwayo, inkohlakalo yanikelwa njengenxalenye yenkolo. Uvukelo lwazimilisela nzulu iingcambu entliziyweni, baza ubundlobongela bomntu babukhulu kakhulu ukuchasa izulu. Kwabonakalaliswa phambi kwendalo yonke ukuba, ngaphandle kukaThixo, uluntu alunako ukuphakanyiswa. Isiqalelo esitsha sobomi namandla kufuneka enikiwe nguMdali welizwe.ULw 37.1

    Ngomdla omkhulu, amazwe angazange awe [esonweni] abukela ukuba ambone uYehova ephakama, ebatshayela abemi bomhlaba. Ukuba ke uThixo wayenokukwenza oku, uSathana wayekulungele ukulenza icebo lakhe lokuthabathela kuye ukuhlonitshwa zizidalwa zasezulwini. Wayesele etshilo ukuthi, imithetho-siseko yolawulo lukaThixo yenza ukuba kungabi nakwenzeka ukuxolela. Ukuba ilizwe lalitshatyalalisiwe, ngewabanga ukuba izityholo zakhe zibonakele ziyinyaniso. Wayelungele ukubeka isigxeko kuThixo, nokusasaza uvukelo kumazwe angasentla. Ngoko ke, endaweni yokutshabalalisa ilizwe, uThixo wathumela uNyana waKhe ukuba alisindise. Nangona ukonakala nokudelela kwakukho kuyo yonke indawo kumhlaba onotshaba, indlela yokuwuhlangula yenziwa. Ngexesha kanye kukho intlekele, xa uSathana wayengathi uza koyisa, uNyana kaThixo weza ethwele ubabalo lwezulu alimeleyo. Kuzo zonke izizukulwana, ngawo onke amaxesha, uthando lukaThixo luye lwasetyenziswa kubantu abawileyo. Nangona benobugwenxa benjalo abantu, imiqondiso yenceba iye yahlala ibonakaliswa. Lathi ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wazukiswa ngokuthulula emhlabeni isikhukula sobabalo oluphilisayo olwalungenakuthintelwa okanye lubuyiswe umva lide lizaliseke icebo losindiso.ULw 37.2

    USathana wayevuya kuba wayephumelele ekuwuthobeni umfanekiselo kaThixoemntwini. Ngokoke uYesu weza ukuba abuyisele emntwini umfanekiselo woMenzi wakhe. Akakho, ngaphandle kukaKristu, onokudala ngokutsha isimilo esonakaliswe sisono. Weza ukuze agxothe iidemon ezalawula ingqondo. Weza ukuze asisuse thina eluthulini, enze ngokutsha isimilo esonakeleyo ngokomfanekiso wesimilo saKhe esingcwele, nokuba asenze sihle ngolwaKhe uzuko.ULw 38.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents