Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    26—EKapernahum

    EKapernahum uYesu wahlala ngamaxesha aphakathi kokuya ebuya kwiihambo zaKhe, yada yaziwa ngokuthi “[ku]kowabo.” Kwakuselunxwemeni lolwandle lwaseGalili, kufuphi kwimida yesithabazi esihle saseGenesarete, ukuba kwakungekho kuso ngqo. ULw 252.1

    Ukutshona ezantsi kakhulu kwechibi kusinika isithabazi esijikeleze unxweme, imozulu emnandi yangasezantsi. Apha, ngemihla kaKristu kwakukhula umthi wesundu kunye nomnquma, apha kwakukho amabhoma emidiliya, amasimi aluhlaza, neentyatyambo eziqhakaza ngemibala emihle ziqhamile zityebile, zonke zinkcenkceshelwa yimithombo empompoza iphuma emaweni. Amanxweme echibi, neenduli ezithe qelele kancinane zilingqongile, ayethiwe gqabagqaba ziidolophu neelali. Ichibi laligqunywe yimikhombe yokuloba iintlanzi. Kuyo yonke indawo kwakuyintshukumo nje yobomi bokuxakeka. ULw 252.2

    IKapernahum ngokwayo yayikulungele ukuba ibe liziko lomsebenzi woMsindisi. Njengoko yayisendleleni esuka eDamasko eya eYerusalem naseYiputa, nakulwandle lweMeditera, yayiyindlela enkulu ephumelayo yokuhamba. Abantu abaphuma kumazwe amaninzi babecanda esixekweni, okanye bahlale bephumla kwiihambo zabo ezihla zinyuka. Apha, uYesu wayekwazi ukuhlangana nazo zonke izizwe nawo onke amabakala, abazizityebi nabakhulu kunye nabangamahlwempu, nabaphantsi, zaye izifundo zaKhezithwalelwakwamanye amazwe, nakumakhaya amaninzi. Ukuphengululwa kweziprofeto ngoko kwakhuthazeka, kunikwa ingqalelo kuMsindisi, uze umsebenzi awuzeleyo ube nokuziswa phambi kwehlabathi.ULw 252.3

    Sekukho okwenziwa yiSanhedrin ukuchasa uYesu kunjalo, abantu bona babekulindele ngenzondelelo ukukhula komsebenzi waKhe. Izulu lonke lalingazinzanga ngumdla. Iingelosi zazilungisa indlela yomsebenzi awuzeleyo, zisebenza ezintliziyweni zabantu, zibatsalela kuMsindisi.ULw 253.1

    EKapernahum, unyana wesikhakhamela owayephiliswe nguKristu wayelingqina ngamandla aKhe. Igosa lasebhotwe kunye nendlu yalo bangqina ngovuyo ngokholo lwabo. Kwathi kwakwaziwa ukuba iTitshala ngokwaYo yayiphakathi kwabo, umzi wonke waphakama. Izihlwele zaba ngumqodi ukuza phambi kwaYo. NgeSabatha, abantu bangungelana endlwini yesikhungu ada amanani amakhulu ajikiswa, engakwazi ukungena.ULw 253.2

    Bonke ababemphulaphule uMsindisi “[ba]bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.” “Ebezifundisa [iindimbane] njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.” Luka 4:32; Mat. 7:29. Imfundiso yababhali namadoda amakhulu yayibanda iqhelekile, njengesifundo esenziwa ngentloko. Kubo, ilizwi likaThixo lalingenawo amandla aphilisayo. Iingcinga zabo nezithethe zazisendaweni yemfundiso yalo. Ekwenzekeni kokuqhelekileyo kwenkonzo, babesithi bachaza umthetho, kodwa yayingekho impefumlelo evela kuThixo echukumisa ezabo iintliziyo okanye iintliziyo zabo babebamamele. ULw 253.3

    UYesu wayengenanto yakwenza nemiba eyahlukeneyo yokungaboni ngasonye kumaYuda. Yayingumsebenzi waKhe ukubeka inyaniso. Amazwi aKhe anika umsinga wokukhanya kwiimfundiso zamanyange nabaprofethi, zaza iziBhalo zafika ebantwini njengentyilelo entsha. Abazanga ngaphambili abamvayo babuqonda ubunzulu obungako bentsingiselo elizwini likaThixo. ULw 253.4

    UYesu wahlangana nabantu kwindawo yabo, njengowayeqhelene neengxaki zabo. Wayenza yabamnandi inyaniso ngokuyibeka ngeyona ndlela itsolileyo nelula. Ulwimi lwaKhe lwalunyulu, luchubekile, lucacile ngokomsinga obalekayo. Ilizwi laKhe lalinje ngomculo kwabo babephulaphula amazwi oorabhi awenza isizungu. Nangona imfundiso yaKhe yayilula, wayethetha ngokonegunya. Olu phawu lwayibeka imfundiso yaKhe yachasana neyabanye bonke. Oorabhi babethetha ngentandabuzo nokungaqiniseki, ngokungathi iziBhalo zazinokuchazwa ngendlela ebonisa ukuba zinokuthetha enye into okanye into ezingathethi yona ngokupheleleyo. Abaphulaphuleyo babenengxaki yokungaqiniseki okukhulu yonke imihla. UYesu yena wazifundisa iziBhalo ngegunya elingathandabuzekiyo. Nokuba nguwuphi umxholo, wawunikwa ngamandla,ngokungathiamazwiwaKheawanako ukuphikiswa.ULw 253.5

    Kanti sekunjalo, wayenyanisekile, ngaphezu kokugadlela. Wayethetha njengonenjongo eqinisekileyo ukuba izaliseke. Wayeveza iinyaniso zezwe elingunaphakade. Kuwo wonke umxholo, uThixo wayetyhilwa. UYesu wazama ukuqhawula intimbo yokuthi phithi luthando into ebagcina abantu bethe bhakada kwizinto zehlabathi. Wabeka izinto zobu bomi kwindawo yazo efanelekileyo, yokuba zibe ngaphantsi kwezo zonandipho olungunaphakade; kodwa akazange angakunanzi ukubaluleka kwazo. Wafundisa ukuba izulu nomhlaba zihlangene kunye, nokuba ulwazi lwenyaniso engcwele kubalungiselela abantu ukuba bakufanele ukuyenza ngcono imisebenzi yabo yemihla ngemihla. Wathetha njengoqheleneyo nezulu, nokuqondayo ukwalamana kwaKhe noThixo, ukanti wayebuvuma ubunye baKhe nalo ngalinye ilungu losapho loluntu.ULw 254.1

    Izigidimi zaKhe zenceba zazahlukene ukuze zilungele abaphulaphuli baKhe. Wayekwazi “ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi” (Isa. 50:4); kuba ubabalo lwaluthululwa kwimilebe yaKhe, ukuze adlulisele ebantwini ngeyona ndlela inomtsalane iindyebo zenyaniso. Wayenobuchule bokuhlangabezana neengqondo eziziphakamisileyo, azothuse ngemizekelo eyayizitsala ingqondo. Ngokwenza ukuba basebenzise ingqondo, wayefikelela entliziyweni. Imizekeliso yaKhe yayithatyathwa kwizinto eziphilayo zobomi bemihla ngemihla, kuthi, nangona zazilula, zisuke zibe nentsingiselo enzulu kubo. Iintaka zezulu, iinyibiba zasemathafeni, imbewu, abelusi kunye nezimvu,--ngezi zinto, uYesu wayebonisa inyaniso kanaphakade, kuze kuthi emva koko, abamphulaphulayo bahlale benethuba lokuzibona ezi zinto zendalo, baze bawakhumbule amazwi waKhe. Imizekeliso kaKristu yayiziphinda rhoqo ezi zifundo. ULw 254.2

    UKristu akazanga wabakhohlisa abantu. Akazanga wathetha into eyayiza kuphakamisa iminqweno yabo neengcinga zabo, engazange wabancoma ngokuba nobuchopho bokwenza izinto; kodwa, abacinga nzulu bengenakumbi, babeyamkela imfundiso yaKhe, befumanisa ukuba iyabuvavanya ubulumko babo. Babemangaliswa yinyanyiso yasemoyeni eyayibekwa ngolwimi olulula. Abona bafunde kakhulu, babetsalwa ngamazwi waKhe, kanti nabo bangafundanga nabo babezuza ulutho. Wayenesigidimi sabangafundanga; ade enze ukuba nabahedeni baqonde ukuba unaso isigidimi sabo. ULw 254.3

    Imfesane yaKhe enothando yayinenkcukumiso ephilisayo kwabadiniweyo nabakhathazekileyo ezintliziyweni. Naphakathi kwengxuba-kaxaka yeentshaba ezinomsindo, wayejikelezwe ngumoya woxolo. Ubuhle benkangeleko yaKhe, ukuthandeka kwesimilo saKhe, ngaphezu kwako konke, uthando olwalubonakala ekukhangeleni nakwimvakalo yelizwi, kwatsalela kuYe bonke ababengenziwanga baqaqadeka kukungakholwa. Ukuba kwakungengabo ubuhle bomoya onovelwano owawukhanya kuko konke ukukhangela nelizwi, ngewayengazanga watsala izihlwele ezikhulu njengezo wazitsalayo. Ababandezelekileyo abeza kuYe beva ukuba ukuhlanganisile okwaKhe akuxabisileyo nokwabo njengomhlobo othembekileyo onothando, baza balangazelela ukuzazi ngakumbi iinyaniso awayezifundisa. Izulu lalisondeziwe. Banga bangahlala phambi kwaKhe, ukuze ubumnandi bothando lwaKhe luhlale lunabo ngamaxesha onke.ULw 254.4

    UYesu waziqwalasela ngenzondelelo enkulu iimbonakalo eziguqukayo zabo babemphulaphula. Ubuso obabubonisa umdla nokonwaba kwamnika ukwaneliseka okukhulu. Ngexesha iintolo zenyaniso zazihlaba umphefumlo, zigqobhoza imiqobo yokuzithandela, zisebenza ukutyumza [intliziyo], ekugqibeleni kwabakho umbulelo, uMsindisi waba novuyo. Xa amehlo aKhe ayehambahamba phezu kwesihlwele sabaphulaphuleyo, ebona phakathi kwabo ubuso awayengaqali ukububona, inkangeleko yaKhe yaba nokukhanya kovuyo. Wabona kubo abantu abangamathemba okwamkela ubukumkani baKhe. Kwakusithi kodwa, xa kuthethwe inyaniso ngokucacileyo, yaza yachukumisa isithixo esithile esithandwayo, wayeyiqaphela inguquko kwimbonakalo, ebandayo, nokukhangela okwalayo, okwakuxela ukuba ukukhanya akwamkelekanga. Xa ebona abantu besala isigidimi soxolo, intliziyo yakhe yayihlabeka ngaphakathi. ULw 255.1

    Endlwini yesikhungu uYesu wayethetha ngobukumkani awayeze ukuba abumise, nangomsebenzi awuthunyiweyo wokuba akhulule abathinjwa bakaSathana. Waya waphazanyiswa sisikhalo esibukhali sokoyika. Indoda ephambeneyo yaphuma ibaleka phakathi kwabantu yeza ngaphambili, ikhala, “Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.”ULw 255.2

    Kwabakho isiphithiphithi nokuthi xhungu kwabantu. Ingqondo yabantu yajika yasuka kuKristu, awamanyelwa amazwi waKhe. Le yayiyinjongo kaSathana ukukhokelela ixhoba laKhe endlwini yesikhungu. UYesu wayikhalimela idemon, wathi, “Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.”ULw 255.3

    Ingqondo yalo mlwelwe uludwayi, yayenziwe yasebumnyameni nguSathana, kodwa ngobukho boMsindisi umtha wokukhanya wagqobhoza ebumnyameni. Waphaphamela ukulangazelela inkululeko kulawulo lukaSathana; kodwa idemon yalana namandla kaKristu. Yathi indoda yakuzama ukucela uncedo kuYesu, umoya okhohlakeleyo wabeka ilizwi emlonyeni wayo, yasuka yakhala isentlungwini yokoyika. Lo unedemon waba nayo indawo eqondayo ukuba uphambi kwaLowo unako ukumkhulula; kodwa athi xa ezama ukusondela kufuphi kweso sandla sinamandla, enye ingqondo imbambe, amanye amazwi athethe ngaye. Imbambano phakathi kwamandla kaSathana kunye nolangazelelo lwayo lwenkululeko yayinkulu. ULw 255.4

    Lowo wamoyisayo uSathana entlango waphinda wajongana ubuso ngobuso notshaba lwaKhe. Idemon yawasebenzisa wonke amandla ayo ukuthintela ukulugcina ulawulo kwixhoba layo. Ukulahlekwa yindawo yokubambelela apha kwakuya kuba kukunika uYesu uloyiso. Kwaba ngathi kufuneka ukuba indoda ethuthunjelwayo kufuneka iphulukane nobomi bayo ekulweni notshaba olube luyintshabalalo kubuntu bayo. Wasuka uMsindisi wathetha ngegunya, walikhulula ikhoboka elalikhonkxiwe. Indoda eyayinedemon yema phambi kwabantu abamangalisiweyo inovuyo kwinkululeko yokuba ibuye yayiyo. Nedemon yawangqina amandla oMsindisi. Le ndoda yamdumisa uThixo ngokuhlangulwa kwayo. Iliso ebelisanda kujama ngomlilo wempambano, ngoku lakhanya ngokuhlakanipha, kuphalala iinyembezi zombulelo. Abantu baba zizimumu ngenxa yokumangaliswa. Bathi nje ukuba bakwazi ukuthetha, badanduluka, omnye komnye, besithi, “Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya bamlulamele?” Marko 1:27.ULw 256.1

    Unobangela oyimfihlakalo wenkxwaleko eyayenza le ndoda ukuba ibe ngumbono owoyikekayo kubahlobo bayo nokuba ibe ngumthwalo esiqwini sayo, yayiyindlela eyayiphila ngayo. Yayithinjwe ziziyolo zesono, yaza yacinga ukuba ibenze ubomi bube ngumboniso womdlalo omkhulu. Ayizanga yacinga ukuba ingaba sisoyikiso ehlabathini nesigculelo kusapho lwayo. Yacinga ukuba ixesha layo lingachithwa kubudenge obumsulwa. Yathi kodwa ngako nje ukuba ibe kwindlela eqengqelekela ezantsi, iinyawo zayo zakhawuleza ukuhla. Ukungakwazi ukuba nobungcathu nokuthsafaza kwaziguqula iimpawu ezihloniphekileyo zendalo yayo, waza uSathana wathabatha ulawulo olupheleleyo ebomini bayo. ULw 256.2

    Ukuzisola kwafika sekusemva kakhulu. Kwathi xa kufika ukuba ichithe ubutyebi nobumnandi ukuze izuze ubuntu bayo obulahlekileyo, yaye seyikhonkxiwe ngokungenako ukuzinceda ngongendawo. Yayizibeke emhlabeni wotshaba, waza uSathana wazithabathela kuye zonke izakhono zayo. Umlingi wayeyilobe ngezinto ezininzi ezinomtsalane; yathi kodwa ngako nje ukuba le ndoda iludwayi ibe segunyeni lakhe, utshaba alwaba nalusizi kwinkohlakalo yalo, lwabanga uloyiko olukhulu ngezibetho zalo ezinengqumbo. Kuya kuba njalo kubo bonke abaziyekela ebubini; ubumnandi obunomtsalane ebutsheni bobizo lwabo buphelela ebumnyameni bokuphelelwa lithemba okanye kwimpambano yomphefumlo owonakalisiweyo.ULw 256.3

    Kwawona la moya ukhohlakeleyo wahenda uKristu entlango, nowaba kwindoda ephambeneyo eKapernahum, wawulawula amaYuda angakholwayo. Kuwo wathabatha imo yokuba nokuzenza ngcwele, ezama ukuwakhohlisa ngenjongo yawo yokwala uMsindisi. Imeko yawo yayingenathemba ngaphezulu kunaleyo yowayenedemon, kuba wona awazange azive emdinga uKristu, aza ke ngoko acinezelwa ngokuqinileyo phantsi kwamandla kaSathana.ULw 256.4

    Ixesha lokulungiselela kukaKristu phakathi kwabantu yayilixesha lokona kusebenza kakhulu kwemikhosi yobukumkani bobumnyama. Kwakuziinkulungwane uSathana neengelosi zakhe ezikhohlakeleyo bezama ukulawula imizimba nemiphefumlo yabantu, ukuzisa kubo isono nentlungu; aze athi emva koko, ngayo yonke le ntlupheko atyhole uThixo. UYesu wayetyhila ebantwini isimilo sikaThixo. Wayesaphula amandla kaSathana, ekhulula abathinjwa bakhe. Ubomi obutsha, uthando kunye namandla avela ezulwini zizinto ezazisebenza ezintliziyweni zabantu, waza umthetheli wobubi wavuka ukuba alwele ubukhulu bobukumkani bakhe. USathana wamema yonke imikhosi yakhe, kwaza, kwinyathelo ngalinye, kwaliwa nomsebenzi kaKristu. ULw 257.1

    Kuza kuba njalo kwidabi elikhulu lokugqibela lembambano phakathi kobulungisa nesono. Kuza kuthi ngeli xesha ubomi obutsha nokukhanya kunye namandla kusihla kuphuma ngasentla [kuThixo] kusiza kubafundi bakaKristu, kube kukhula ubomi obutsha busuka ngasezantsi, bukhuthaza izisebenzi zikaSathana. Ubushushu bufikela zonke iziqalelo zomhlaba. Ngobuqhophololo obazuzwa kumadabi eenkulungwane, inkosi yemisebenzi emibi izifihlile. Ibonakala njengengelosi yokukhanya, ize inkitha yabantu “inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon.” 1 Tim. 4:1.ULw 257.2

    Ngemihla kaKristu, iinkokeli neetitshala zakwaIsrayeli zazingenawo amandla okumelana nomsebenzi kaSathana. Zazityeshele indlela ekuphela kwayo ezazingathi ngayo zichasane nemimoya emibi. Kwakungelizwi likaThixo awathi uKristu wamoyisa ongendawo. Iinkokeli zakwaIsrayeli zazisithi zingabachazi belizwi likaThixo, kodwa zazilifunda kuphela ukuze zixhase izithethe zazo, zize zinyanzelise imithetho eyenziwe ngabantu. Ngokuchaza kwazo [ilizwi likaThixo] zazilenza ukuba lithethe izimvo uThixo angazange wazinika. Ukulimisa kwazo ngokufihlakeleyo kwenza kwamfiliba oko uThixo wayekubeke ngokucacileyo. Zaziphikisana ngobucukubhede obungabalulekanga, zazikhanyela ngokuphandle ezona nyaniso zifunekayo. Ngaloo ndlela kwahlwayeleka ukungakholwa. Ilizwi likaThixo lahluthwa amandla walo, yaza imimoya emibi yasebenza ngokuthanda kwayo.ULw 257.3

    Imbali iyaziphinda. Ithi iBhayibhile ivuliwe phambi kwazo, zaye zisithi zithobela iimfundiso zayo, iinkokheli ezininzi zenkolo zexesha lethu ziyakutshabalalisa ukukholelwa kuyo njengelizwi likaThxo. Zizixakekisa ngokucazulula ilizwi, zibeke ezazo iingcinga ngaphezu kweentetho ezicace kakhulu. Ezandleni zazo, ilizwi likaThixo lilahlekelwa ngamandla alo ahlaziyayo. Yiyo le nto ukunganyaniseki kundlongondlongo nobugwenxa bande kakhulu. ULw 258.1

    Xa uSathana ekubeka phantsi ukukholelwa eBhayibhileni, ubakhokelela abantu kwamanye amajelo okukhanya namandla. Ngoko ke, uyazimisa yena ngokwakhe. Abo basukayo kwimfundiso ecacileyo yesiBhalo kunye namandla awoyisayo kaMoya Oyingcwele kaThixo, bamema ulawulo lweedemon. Ukugxeka nokucingela ngokubhekiselele kwiziBhalo, kuvule indlela yonqulo lwemimoya nokufundisa oko kucingelwayo ngoThixo—ukuba kufumane indawo yokuzinza nakumabandla azibiza ngokuba angaweNkosi yethu uYesu Kristu. ULw 258.2

    Ecaleni kokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwayame izithunywa ezisebenzayo ezingamajelo emimoya exokayo. Mninzi umntu othi asebenzisane nayo kuba efuna ukwazi, kodwa athi ngokubona ubungqina bokusebenza kwamandla angaphaya kwamandla omntu, asuke atsaleleke ngakumbi nangakumbi, ade alawulwe yingqondo enamandla angaphezu kwawakhe. Kubanzima ke ukusinda kwigunya lawo eliyimfihlakalo. ULw 258.3

    Izikhuselo zomphefumlo ziwiswa phantsi. Akanaso amandla isikhuselo ngakwisono. Ngako nje ukuba uthintelo lwelizwi likaThixo kunye noMoya waKhe lwaliwe, akakho umntu owaziyo ukuba unokutshona kubunzulu obungakanani. Isono esisemfihlakalweni okanye ubushushu benkanuko obulawulayo bungambamba umthinjwa engenako ukuzinceda njengalowo wayenedemon waseKapernahum. Kanti ke, imeko yakhe ayinako ukungancedwa.ULw 258.4

    Indlela esingoyisa ngayo ongendawo yileyo uKristu woyisa ngayo,--amandla elizwi. UThixo akazilawuli iingqondo zethu ngaphandle kwemvume yethu; kodwa ukuba silangazelela ukwazi nokwenza intando yaKhe, izithembiso zaKhe zezethu: “Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” “Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le.” Yohane 8:32; 7:17. Ngokukholelwa kwezi zithembiso, wonke umntu unako ukuhlangulwa kwimigibe yemposiso nolawulo lwesono. ULw 258.5

    Wonke umntu ukhululekile ukuba akhethe igunya eliya kumlawula. Akakho ohle wathi bhaxa phantsi kakhulu, nongcole kangako, kangangokuba angabinako ukuzuza ukuhlangulwa kuKristu. Lowo wayenedemon, endaweni yomthandazo, wayekwazi kuphela ukuthetha amazwi kaSathana; ukanti isibheno sentliziyo esingathethwanga saviwa. Akukho sikhalo somphefumlo onesidingo, nangona ingakwazi ukuthetha amazwi, esingayikuviwa. Abo bavumayo ukungena emnqophisweni wolwalamano noThixo wasemazulwini abasayi kuyekelwa kumandla kaSathana okanye ebulwelweni beyabo indalo. Bayamenywa nguMsindisi, “Mababambelele egwibeni lam, baxolelane na, ewe, baxolelane nam.” Isa. 27:5. Imimoya yobumnyama iya kuwulwela umphefumlo owawuphantsi kolawulo lwayo, kodwa iingelosi zikaThixo ziya kuwulwela loo mphefumlo ngamandla awoyisayo. UYehova uthi, “Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamalungisa? . . . Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.” Isa. 49:24, 25.ULw 258.6

    Lo gama ibandla endlwini yesikhungu lalisabanjwe nkxi kukumangaliswa, uYesu wabuyela ekhayeni likaPetros okomzuzwana. Ngelishwa apha, ithunzi lonke lalibuyile. Umama wenkosikazi kaPetros wayelele egula, ehlaselwe “yicesina enkulu.” UYesu wasikhalimela isifo, waza ogulayo waphakama, walungiselela kokufunwa yiNkosi nabafundi baYo. ULw 259.1

    Iindaba zomsebenzi kaKristu zasasazeka ngokukhawuleza kuyo yonke iKapernahum. Ngokoyika oorabhi, abantu abazange babenaso isibindi sokuza ukuba baphiliswe ngeSabatha; kodwa ngako nje ukuba ilanga lithi tshoce ukutshona kwabakho isiphithiphithi esikhulu. Besuka emakhayeni, ezivenkileni, ezindaweni zentengiso, abahlali besixeko batyhudiselana kwindawo ephantsi awayehlala kuyo uYesu. Abagulayo baziswa bephethwe ngeemandlalo zabo, beza abanye beyame ngemisimelelo, okanye, bexhaswe ngabahlobo, batotoba bengenawo amandla beza phambi koMsindisi. ULw 259.2

    Iyure emva kweyure, befika besimka; kuba akakho owayesazi ukuba ngengomso angaba esekho uMphilisi phakathi kwabo. IKapernahum ayizanga yayibona imini enje ngale ngaphambili. UMsindisi wayezele luvuyo ngenxa yovuyo awaluvusayo. Wathi xa ekukhangele ukubulaleka kwabo babesiza kuYe, intliziyo yaKhe yachukumiseka yimfesane, waba novuyo ngokuba enamandla okubabuyisela empilweni nasekonwabeni.ULw 259.3

    UYesu akazange ayeke ukusebenza kwada kwangowokugqibela umntu ogulayo. Kwakusele kusebusuku kakhulu xa sindulukayo isihlwele, kwabuya kwazola ekhayeni likaSimon. Imini eyayinde, izise nochulumanco, yayiphelile, waza uYesu wazama ukuphumla. Kwakusithi ke umzi usagutyungelwe bubuthongo, uMsindisi “kusemnyama kakhulu, . . . waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona.” ULw 259.4

    Yayichithwa njalo imihla yobomi bukaYesu basemhlabeni. Wayekholisa ngokubandulula abafundi baKhe ukuba bahambele amakhaya abo baphumle; kodwa wayeyala ngobubele imizamo yaboyokummema ukubaakuyekeukusebenzakwaKhenzima.Imini yonke wayesebenza nzima, efundisa abangenalwazi, ephilisa abagulayo, enika ukubona abazimfama, esondla izihlwele; kuthi xa kuhlwayo okanye kwasekuseni, ahambe aye kwingcwele esentabeni ukuba athethe kunye noYise waKhe. Wayeye adlulise ubusuku bonke ekuthandazeni nasekucamngceni, aze abuye xa kusithi qheke ukusa aze emsebenzini waKhe phakathi kwabantu. ULw 259.5

    Bekusithi kuse kwangoko kusasa, uPetros namaqabane akhe babesiza kuYesu, besithi abantu baseKapernahum sele bemfuna. Abafundi babedaniswe kakhulu lulwamkelo uKristu awayelufumene ukuza kuthi ga ngoku. Amagunya aseYerusalem ayefuna ukumbulala; kanti nabantu bakubo babezamile ukumbulala; kodwa eKapernahum wayamkeleke ngolangazelelo oluzele luvuyo, aza amathemba abafundi avuseleleka ngokutsha. Kunokwenzeka ukuba kwabathandi benkululeko baseGalili kwakukho abaxhasi bobukumkani obutsha. Baya bamangaliswa xa besiva amazwi kaKristu athi, “Ndimelwe ukubushumayela ubukumkani bukaThixo nakweminye imizi: kuba ndithunywe oko.”ULw 260.1

    Kuchulumanco olwaluzalise iKapernahum yayikho ingozi yokuba injongo yomsebenzi awuzeleyo, uYesu, yayinokulahleka. UYesu wayenganelisekanga kukutsalela iingqondo kuYe kuphela njengomenzi wemimangaliso okanye umphilisi wezifo zenyama. Wayefuna ukutsalela abantu kuYe njengoMsindisi wabo. Lo gama abantu babebalangazelela ukuba abe ufike engukumkani, ukuze amise ulawulo lwasemhlabeni, Yena wayelangazelela ukuzijika iingqondo zabo zisuke kokwasemhlabeni ziye kokwasemoyeni. Impumelelo nje yasemhlabeni yayiza kuwuphazamisa umsebenzi waKhe. ULw 260.2

    Ukumangaliswa kwesihlwele esingakhathaliyo kwangena kakubi emoyeni waKhe. Ebomini bakhe kwakungekho ukuzigqatsa. Imbeko eyayinikwa lihlabathi kule meko, okanye ubutyebi, okanye italente, yayingamkelekanga kuNyana womntu. Yayingekho kwiindlela ezisetyenziswa ngabantu ukuzuza ukuthotyelwa okanye ukuzuza imbeko awakha wayisebenzisa uYesu. Kwiinkulungwaneezazingaphambi kokuzalwa kwaKhe, kwaprofetwa ngaYe, kwathiwa, “Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe. Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhawukileyo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso. Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini.” Isa. 42:2-4.ULw 260.3

    AbaFarisi babefuna ukubaluleka ngenkonzo yabo enobucukubhede, nonqulo lwabo olunobumbetshe-mbetshe kunye nezipho zabo. Babeyibonisa inzondelelo yenkolo yabo ngokuyenza ibe ngumxholo wengxoxo. Iimpikiswano phakathi kwamahlelo achaseneyo zazinkulu zinde, kwaye kungeyonto engaqhelekanga ukuva ezitratweni amazwi embambano enomsindo ephuma kubaqondisi-mthetho abawufunde kakhulu umthetho.ULw 261.1

    Babungafani nako konke oku ubomi bukaYesu. Kobo bomi, kwakungekho ngxolo yampikiswano, kungekho lunqulo lumbetshe-mbetshe, kungekho senzo sokuzuza ukunconywa, nantoni enjalo eyakha yabonwa. UKristu wayefihlwe kuThixo, waye uThixo etyhilwa esimilweni soNyana waKhe. Kwesi sityhilelo, uYesu wayelangazalela ukuba iingqondo zabantu zikhokelelwe, ukuze bayinike kuso imbeko yabo.ULw 261.2

    Ilanga loBulungisa alizange lidubule phezu komhlaba ngokuqaqamba, ukuze liziphanyaze izivo ngobuqaqawuli baKhe. Kubhalwe kwathiwa ngoKristu, “Ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo.” Hoseya 6:3. Ngokuzolileyo nangobunono yaqhekeka imini phezu komhlaba, igxotha ithunzi lobumnyama, ivusela umhlaba ebomini. Lenza njalo iLanga loBulungisa ukuphuma, “linophiliso emaphikweni alo.” Mal. 4:2.ULw 261.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents