Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    41—Intlekele EGalili

    [Esi sahluko sisekwe kuYohane 6:22-71.]

    Wathi uKristu akubalela abantu ukuba bambeke njengokumkani, wazi ukuba sifikile isiphelo sent’ ibithethwa ngaYe. Izihlwele ezazinqwenela ukumphakamisela etroneni namhlanje zaziza kumshiya ngengomso. Ukudaniswa kwamabhongo abo asemoneni kwakuza kulujika uthando lube yintiyo, ukudumisa kube zizithuko. Uthe kodwa ekwazi oku, akathabatha manyathelo okusijika eso siphelo. Kwasekuqalekeni, wayengazange abanike themba lamivuzo yasemhlabeni abafundi baKhe. Koweza elangazelela ukuba ngumfundi waKhe, wathi, “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.” Mat. 8:20. Ukuba abantu babenokulifumana ihlabathi kunye noKristu, izihlwele ngezazinikela ukuba zayame ngaYe; kodwa inkonzo enjalo wayengenako ukuyamkela. Kwabo ngoku babezimanye naYe babebaninzi ababetsalwe lithemba lobukumkani basemhlabeni. Kwakufuneka kususiwe kubo ukukhohliseka. Imfundiso enzulu yasemoyeni yommangaliso wezonka ayizange iqondwe. Kwakufuneka icacisiwe. Le nkcazo intsha yayiza kuza iqulathe uvavanyo olunzima.ULw 383.1

    Ummangaliso wezonka kwathethwa ngawo kuyo yonke indawo, kwaza kwathi kwasekuseni ngemini elandelayo abantu beza eBhetesayida beyimfumba bezokubona uYesu. Beza bengamaqela amakhulu, behamba ngeeendlela zomhlaba, abanye ngolwandle. Abo babemshiyile ngobusuku obungaphambili babuya, belindele ukumfumana eselapho; kuba wawungekho umkhombe awayenokuwelela ngaphesheya ngawo. Ukumkhangela kwabo kwaba ngelize, baza abaninzi baya kungena eKapernahum, besamkhangela.ULw 383.2

    Ngeli xesha wayefikile eGenezarete, emva kokungabikho usuku olunye. Ngako nje ukuba kwaziwe ukuba ufikile, abantu “bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona.” Marko 6:55.ULw 384.1

    Emva kwexesha, waya endlwini yesikhungu, baza abo babevela eBhetesayida bamfumana. Bayiva ngabafundi indlela awalucanda ngayo ulwandle. Ingqumbo yesaqhwithi, neeyure ezininzi zokugwexa okwakungenasiphumo besilwa nokutyhalwa yimimoya, ukubonakala kukaKristu ehamba phezu kwamanzi, ukoyika okungako okwakwenzayo, amazwi waKhe okubaqinisekisa, ubuganga bukaPetros nesiphumo sabo, nokuthuliswa ngesiquphe kwesaqhwithi kunye nokufikiswa komkhombe emhlabeni, zonke ezo zinto zabaliselwa indimbane eyayimangalisiwe. Bathe benganelisekanga koku, abaninzi babuthelana ngakuYesu, bembuza, “Rabhi, ufike nini apha?” Babelindele ukuva kuYe ngokwaKhe ingxelo engaphaya yommangaliso. ULw 384.2

    UYesu akazange akwanelise ukufuna kwabo ukwazi. Ebuhlungu, wathi, “Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.” Babengamfuni kuba benenjongo entle; kodwa njengoko babetyiswe izonka, babesathembe ukuzuza okuhle kwasemhlabeni ngokuzayamanisa kuYe. UMsindisi wabayalela, wathi, “Musani ukusebenzelaukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlalakuse ebominiobungunaphakade.” Musani ukufuna kuphela okuhle kwexeshana. Makungabi ngowona mgudu mkhulu ukufuna inkxaso yobomi bangoku, kodwa funani ukutya kwasemoyeni, obo bulumko buya kuhlala bukho kude kuse ebomini obungunaphakade. Oku kuphela nguNyana kaThixo onokukunika; “kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.”ULw 384.3

    Okwaloo mzuzu, umdla wabantu ababephulaphule wathi phaka. Bakhuza babuza, “Senze ntoni na ukuze siyisebenze imisebenzi kaThixo?” Babesebenza imisebenzi emininzi nenzima ukuze bazithandise kuThixo; kwaye babekulungele ukuva ukuba kukho okunye okutsha ekufuneka bekugcinile abanokuthi ngako bazuze ukufaneleka okungaphezulu. Umbuzo wabo wawusithi, Singenza ntoni ukuze silifanele izulu? Lithini ixabiso lentlawulo ekufuneka siyihlawule ukuze sizuze ubomi obuzayo? ULw 385.1

    “Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.” Ixabiso lezulu nguYesu. Indlela eya ezulwini ingokholo “[kwi]Mvana kaThixo ethwala isuse isono sehlabathi.” Yohane 1:29.ULw 385.2

    Abantu abazange bakhethe ukuba bayamkele le ntetho ingenyaniso yezulu. UYesu wenza kanye le nto isiprofeto sayixela kwangaphambili ukuba uMesiya uya kuyenza; kodwa abazange babone oko amathemba abo okuzithandela ayenomfanekiso wayo ngomsebenzi waKhe. Ngokwenene, ngaphambili uKristu wayebondlile ngezonka zerhasi; kodwa ngemihla kaMoses, uIsrayeli wondliwa ngemana iminyaka emashumi mane, kwaye kwakulindelwe iintsikelelo ezinkulu kakhulu kuMesiya. Iintliziyo ezazinganelisekanga zaba nokukhalaza kuba, xa uYesu wayenokwenza imisebenzi emangalisayo emininzi kangako njengoko babesele beyibonile, kwakungani ukuba anganiki impilo, amandla, nobutyebi bonke abantu baKhe, abakhulule kubacinezeli babo, abaphakamisele egunyeni nasekuzukisweni? Into yokuba athi ungOthunyiweyo nguThixo, kanti uza kwala ukuba ngukumkani kaIsrayeli, yayiyimfihlakalo ababengakwazi ukufikelela kubunzulu bayo. Ukwala kwaKhe kwabonwa ngenye indlela. Abaninzi bagqiba kwelithi akakwazi ukuwenza amabango aKhe kuba Yena ngokwaKhe wayeyithandabuza indlela yobume bobuThixo bomsebenzi awayewuzele. Ngaloo ndlela baba bazivulela ukungakholwa iintliziyo zabo, yaza yathi imbewu uSathana awayeyihlwayele yathwala isiqhamo esiyifaneleyo, ukungamqondi nomkushiya [uYesu]. ULw 385.3

    Ngeli xesha, exube nokugculela, urabhi wabuza, “Wenza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona.”ULw 385.4

    AmaYuda ayemhloniphile uMoses njengowawanika imana, enika udumo kwisixhobo, engamboni Lowo wawusenziwa ngaYe umsebenzi. Ooyise bamkrokrela uMoses, bawuthandabuza bawukhanyela umsebenzi awuthunyiweyo lizulu. Ngoku, kwangaloomoyamnye, abantwana bamala Lowo wayezise kubo isigidimi sikaThixo. “Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, asinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini.” Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.” UMniki wemana wayemi phakathi kwabo. YayinguKristu ngokwaKhe owakhokela amaHebhere entlango, wawondla imihla ngemihla ngesonka sasezulwini. Oko kutya kwakungumfuziselo wesonka soqobo esivela ezulwini. UMoya onika ubomi, ompompoza uphuma ekupheleleni okungenamda kukaThixo, yimana eyinyaniso. UYesu wathi, “Isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.” Yohane 6:33.ULw 386.1

    Besacinga ukuba kukutya kwasemhlabeni awayethetha ngako uYesu, abanye babamphulaphuleyo bakhwaza besithi, “Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke.” UYesu wathi ngoko wathetha ngokucacileyo: “Isonka sobomi esi ndim.”ULw 386.2

    Umfanekiso awawusebenzisayo uKristu wawungoqhelekileyo kumaYuda. UMoses, ephefumlelwe nguMoya Oyingcwele, wayethe, “Akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila nento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.” Kanti umprofeti uYeremiya wayebhale, wathi, “Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum aba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam.” Dut. 8:3; Yer. 15:16. Oorabhi ngokwabo babenayo intetho ethi, ukutya isonka, ngokokubaluleka kwako kwasemoyeni, yayikukufunda umthetho nokwenza imisebenzi elungileyo; kwaye kwakukholiswa ngokuthi, akufika uMesiya, wonke uIsrayeli uya kondliwa. Imfundiso yabaprofeti yasicacisa nzulu isifundo sommangaliso wezonka. Esi sifundo, uKristu wayefuna ukusandlalela abaphulaphuli baKhe endlwini yesikhungu. Ukuba babeziqonda iziBhalo, ngebawaqonda amazwi waKhe xa wayesithi, “Isonka sobomi esi ndim.” Kwimini nje engaphambi kwaleyo, isihlwele esikhulu, xa sasilambile sidiniwe, sondliwa ngesonka awasinikayo. Kususela kweso sonka, bafumana amandla nokuhlaziyeka kwasenyameni, ngoko ke kuKristu kwakufuneka bezuze amandla asemoyeni akhokelela kubomi obungunaphakade. Lowo uzayo kum,” watsho, “akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade.” Wabuya wongeza, “Nindibonile nokundibona, anikholwa noko.” ULw 386.3

    Babembonile uKristu ngobungqina bukaMoya Oyingcwele, ngokutyhilwa kukaThixo emiphefumlweni yabo. Ubungqina obuphilileyo bamandla waKhe babuphambi kwabo imihla ngemihla, kodwa babesabuza ngomnye umqondiso. Ukuba oku kwakwenziwe, babesaza kuhlala bengakholwa njengaphambili. Ukuba babengoyisakalanga koko babekubonile bakuva, kwakungancedi nto ukubabonisa eminye imisebenzi emangalisayo. Ukungakholwa kuhlala kufumana isizathu sokuthandabuza, kuze kuphikise nobona bungqina bucace kakhulu.ULw 386.4

    WaphindauKristuwanikaumngeniabobantliziyozineenkani. “[Lowo uzayo] kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle.” Bonke abamamkelayo ngokholo, wathi, baya kuba nobomi obungunaphakade. Kwakungayi kulahleka noyedwa. Kwakungekho sidingo sokuba abaFarisi nabaSadusi baphikisane ngobomi obuzayo. Kwakungekho sidingo sokuba abantu bakhale balile benentlungu engenathemba ngenxa yabafileyo babo. “Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.” ULw 387.1

    Ngenxa yoko, iinkokeli zabantu zakhubeka, zathi, “Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angathini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?” Zazama ukuvusa inkcaso ngokuhlekisa ngemvelaphi ephantsi kaYesu. Bathetha ngokudelela ngobomi baKhe bokuba ngumsebenzi waseGalili, nangosapho lwakubo olwaluhlupheka luphantsi. Amabango alo mchweli ungafundanga, ngokutsho kwabo, ayengafanelanga ukuba anganikwa ingqalelo. Ngokuzalwa kwaKhe okuyimfihlakalo, banika ingqondo ethi babengacacanga kakuhle abazali baKhe, ngaloo ndlela besenza ukuba iimeko zokuzalwa kwaKhe zibe nechaphaza kwimbali yobomi baKhe. ULw 387.2

    UYesu akazange azame ukuyichaza imfihlakalo yokuzalwa kwaKhe. Akazange aphendule kwiintandabuzo ezingokuhla kwaKhe esuka ezulwini, nanjengokuba engazange wayenza [impendulo] kwimibuzo engokunqumla kwaKhe ulwandle. Akazange wayitsalela ingqalelo kwimimangaliso eyayibonakala ebomini baKhe. Ngokuzithandela, wazenza ukuba angabi nakubaluleka, wathabathela kuYe imo yomkhonzi. Amazwi aKhe nemisebenzi yaKhe yaba zizinto ezavezayo ukuba ungubani. Bonke abantliziyo zabo zazivulekile ukukwamkela ukhanyiso lwezulu bamqonda ukuba “[ungo]wokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.” Yohane 1:14.ULw 387.3

    Inkcaso yabaFarisi yayinzulu kakhulu kunokuba yayibonakala emibuzweni; iingcambu zayo zazimile kubugwenxa beentliziyo zabo. Lonke ilizwi nesenzo sikaYesu, savusa intiyo kubo; kuba umoya ababenawo wawungenako ukuyifumana impendulo kuYe. ULw 387.4

    “Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.” Akakho oya kuza eze kuKristu, ngaphandle kwabo basabelayo kuthando lukaBawo olubatsalayo. UThixo Yena utsalela zonke iintliziyo kuYe, kwaye kuphela ngabo baxhathisayo ekutsaleni kwaKhe abaya kwala ukuza kuKristu.ULw 387.5

    Kumazwi athi, “[Baya] kuba ngabafundiswa bakaThixo,” uYesu wayebhekisa kwisiprofeto sikaIsaya: “Bonke abantwanabakhobaya kubangabafundibakaYehova,lube lukhuluuxololwabantwana lwabantwana bakho.” Isa. 54:13. Esi siBhalo amaYuda asithabathela kuwo. Yinto awayeqhayisa ngayo eyokuba uThixo wayeyititshala yawo. UYesu Yena wabonisa indlela elalililize ngayo eli bango; kuba wathi, “Bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.” Kwakukuphela ngoKristu ababenako ukuzuza ukumazi uBawo. Uluntu lwalungenako ukuwunyamezela umbono wobuqaqawuli baKhe. Abo babefunde kuThixo, baliphulaphula izwi loNyana waKhe, nakuYesu waseNazarete, abaya kumqonda Lowo indalo nesityhilelo sithi unguBawo.ULw 388.1

    “Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.” NgoYohane othandwayo, owawevayo la mazwi, uMoya Oyingcwele wathetha emabandleni, esithi, “Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye ke obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana, unabo ubomi.” 1 Yohane 5:11, 12. Yena uYesu wathi, “Ndikuvuse ngomhla wokugqibela.” UKristu wabamnye ngenyama kunye nathi, ukuze thina sibe banye naYe emoyeni. Kungenxa yokuhle kolu manyano esiza kuba nako ukuphuma engcwabeni,--kungekuphela nje ekubonakalalisweni kwamandla kaKristu, kodwa kungokuba, ngokholo, ubomi baKhe buthe babobethu. Abo bambona uKristu enjengokuba enjalo ngokwenene, baze bamamkele entliziyweni, banobomi obungunaphakade. KungoMoya athi uKristu ahlala ngaphakathi kwethu; kwaye uMoya kaThixo, xa amkelwe entliziyweni ngokholo, usisiqalo sobomi obungunaphakade.ULw 388.2

    Abantu bamxelela uKristu ngemana eyayityiwa ngooyise babo entlango, ngokungathi ukunikezwa koko kutya kwakungummangaliso ongaphezu kowenziwa nguYesu; kodwa ubonisa indlela esasisincinane ngayo eso sipho xa sithelekiswa neentsikelelo aweza ukuba azinike. Imana yayinokuxhasa kuphela kubukho balapha emhlabeni; ayizange ikuthintele ukufika kokufa, ingazange iqinisekise ukungabi nakufa; kodwa isonka sasezulwini siya kondla umphefumlo siwuse ebomini obungunaphakade. UMsindisi wathi, “Ndim isonka sobomi. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade.” Kulo mfanekiso uKristu wongeza ngoku omnye. Kuphela ngokufa anokuthi adlulisele ubomi ebantwini, aze athi, kumazwi alandelayo, alathe ekufeni kwaKhe njengendlela yosindiso. Uthi, “Isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.”ULw 388.3

    AmaYuda ayekufuphi ukuba abenesidlo sePasika eYerusalem, kwisikhumbuzo sobusuku bokuhlangulwa kukaIsrayeli, xa ingelosi etshabalalisayoabethaamakhayaamaYiputa.Kwimvanayepasika uThixo wayelangazelela ukuba abone iMvana kaThixo, aze athi, ngomfuziselo, amamkele Lowo wazinikelayo ngenxa yobomi behlabathi. AmaYuda aya afika kwindawo apho awenza umfuziselo wayinto yonke ebalulekileyo, lo gama ukubaluleka kwawo kwakungaqatshelwanga. Awazange abone umzimba weNkosi. Kwaloo nyaniso ifanayo, yayifuziselwa yinkonzo yePasika, yafundiswa emazwini kaKristu. Nangoko, yayingaqondwa. ULw 389.1

    Ngoku oorabhi badanduluka benomsindo, “Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?” Banela ukuwaqonda amazwi aKhe ngokuphandle nje lula ngovo olunye nolukaNikodemo xa wabuzayo, wathi, “Angathini na umntu ukuzalwa emdala?” Yohane 3:4. Ngandlela ithile, bayiqonda intsingiselo yamazwi kaYesu, kodwa babengakulungelanga ukuyivuma. Ngokuwabeka gwenxa amazwi aKhe, babethembe ukuxhokonxa intiyo yabantu ngakuYe.ULw 389.2

    UKristu akazange ayithothise intetho yaKhe yomfuziselo Wayiphinda inyaniso, sele esebenzisa intetho eqatha: “Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.”ULw 389.3

    Ukutya inyama nokusela igazi likaKristu kukumamkela njengoMsindisi womntu ngokwakhe, ekholelwa ukuba uyazixolela izono, nokuba siphelele kuYe. Kungokubona uthando lwaKhe, ngokuhlala kulo, nokulusela ngaphakathi, esithi sibe ngamadlelane kwindalo yaKhe. Loo nto kuyiyo ukutya emzimbeni, kufuneka uKristu eyiyo emphefumlweni. Ukutya akunako ukusinceda nto singathanga sikutye, kungathanga kwaba yinxalenye yobuqu bethu. Ngokunjalo, uKristu akanaxabiso kuthi ukuba asimazi enguMsindisi wethu buqu. Ulwazi nje lwengqondo alusayi kuze lusenzele nto. Kufuneka sizondle ngaYe, simamkelele entliziyweni, ukuze ubomi baKhe bube bobethu. Uthando lwaKhe, ubabalo lwaKhe, kufuneka lungene emzimbeni wethu.ULw 389.4

    Nayo ngokwayo le mifuziselo yoyiswa kukubanika ilungelo abakholwayo ukuba babe nolwalamano noKristu. UYesu wathi, “Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam.” Njengoko uNyana kaThixo waphila ngokukholwa kuYise, ngokunjalo nathi kufuneka siphile ngokukholwa kuKristu. Kwakuphelele kakhulu ukuzinikela kukaYesu kwintando kaThixo kangangokuba kwabonakala uThixo kuphela ebomini baKhe. Nangona wahendwa ngazo zonke iindawo njengathi, wema phambi kwehlabathi engangcoliswanga bububi obabumjikelezile. Ngokunjalo nathi sifanele ukoyisa njengoko uKristu woyisayo. ULw 389.5

    Ingaba ungumlandeli kaKristu? Ngoko ke, konke okubhaliweyo ngobomi basemoyenikubhalelwe wena,kwayekungafunyanwa ngokuzimanya kwakho noYesu. Ingaba inzondelelo yakho iyafadalala? Ingaba uthando lwakho lokuqala luye lwabanda? Yamkela kwakhona uthando olunikwayo lukaKristu. Yitya inyama yaKhe, sela igazi laKhe, uya kuba mnye noBawo kunye noNyana. ULw 390.1

    AmaYuda awayengakholwa ala ukubona nantoni ngaphandle kweyona ntsingiselo iphandle emazwini kaKristu. Ngomthetho weenkonzo zamadini, ayesalelwa ukuba alingcamle igazi, aza ngoku aluqonda ulwimi lukaKristu njengentetho ehlambelayo, aza aphikisana ngayo ewodwa. Abaninzi nakubafundi bathi, “Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva?” ULw 390.2

    UMsindisi wabaphendula: “Kuyanikhubekisa na oku? Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.” ULw 390.3

    Ubomi bukaKristu obunika ubomi emhlabeni buselizwini laKhe. Kwakungezwi laKhe awayephilisa ngalo isifo ekhupha ngalo iidemon; ngezwi laKhe wathulisa ulwandle, wavusa abafileyo; baza abantu banobungqina bokuba ilizwi laKhe lalinamandla. Wathetha ilizwi likaThixo, njengoko wayethetha kubo bonke abaprofeti nabafundisi beTestamente eNdala. Yonke iBhayibhile iyintyilelo kaKristu, kwaye uMsindisi ulangazelela ukulumilisela ukholo lwabalandeli baKhe elizwini. Xa ubukho baKhe obabubonakala babuza kususwa, ilizwi kufuneka libe lithende labo lamandla. NjengeNkosi yabo, babeza kuphila “ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.” Mat. 4:4.ULw 390.4

    Njengoko ubomi bethu basenyameni buxhaswa kukutya, ngokunjalo ubomi bethu basemoyeni buxhaswa lilizwi likaThixo. Wonke umphefumlo kufuneka uzamkelele ubomi elizwini likaThixo. Njengoko kufuneka sizityele ngokwethu ukuze sibe nokondleka, kufuneka sizizuzele ngolo hlobo ngokwethu ilizwi. Akufuneki silifumane nje kwijelo eliyingqondo yomnye umntu. Kufuneka siyifunde ngocoselelo iBhayibhile, simcele uThixo ukuba asinike uncedo lukaMoya Oyingcwele ukuze siliqonde ilizwi laKhe. Kufuneka sithabathe indima ibenye, similisele ingqondo emsebenzini wokuqinisekisa ingcamango uThixo awayibeka kwindima leyo ngenxa yethu. Kufuneka sihlale kule ngcamango ide ibe yeyethu, size simazi u“itsho iNkosi.” ULw 390.5

    Kwizithembiso nezilumkiso zaKhe, uYesu uthetha nam. UThixo walithanda ihlabathi kangaka, wada wanikela ngoNyana waKhe amzeleyo, ukuze mna, ngokukholwa kuYe ndingatshabalali, koko ndibe nobomi obungunaphakade. Amava ahambelana nelizwi likaThixo kufuneka abe ngamava wam. Umthandazo nesithembiso, umthetho nesilumkiso, zezam. “Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikelangenxayam.” Gal. 2:20. Xa ke ngoko ukholo lusamkela, lwetyise imithetho-siseko yenyaniso, ithi ibe yinxalenye yomntu nenjongo yamandla obomi. Ilizwi likaThixo, xa lamkelelwe ebomini, liyazibumba iingcinga, lungene ekuphuhliseni isimilo. ULw 390.6

    Ngokukhangela njalo kuYesu ngamehlo okholo, siya komelezwa. UThixo uya kwenza iintyilelo ezixabiseke kakhulu kubantu baKhe abalambileyo nabanxaniweyo. Baya kufumanisa ukuba uKristu unguMsindisi weziqu zabo. Baya kuthi xa bezondla ngelizwi laKhe, baphawule ukuba lingumoya libubomi. Ilizwi libulala imvelo, imvelo yomhlaba, lunike ubomi obutsha kuKristu Yesu. UMoya Oyingcwele uza emphefumlweni enguMthuthuzeli. Ngesenzeleli esenza kumila kumbi ubabalo lwaKhe, umfanekiselo kaThixo wenziwa ngokutsha umfundi; uba yindalo entsha. Uthando luma endaweni yentiyo, ize intliziyo izuze imfano nobungcwele bezulu. Kuthetha loo nto ukuphila “ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.” Kuko oku ukutya isonka esehla siphuma ezulwini.ULw 391.1

    UKristu wayethethe inyaniso engcwele engunaphakade ngolwalamano phakathi kwaKhe nabalandeli baKhe. Wayesazi isimilo sabo babezibiza ngokuba bangabafundi baKhe, aza amazwi aKhe aluvavanya ukholo lwabo. Watsho ukuthi babeza kukholwa benze ngokwemfundiso yaKhe. Bonke abamamkelayo babeza kuba nenxaxheba kwindalo yaKhe, balungelelane nesimilo saKhe. Oku kwakuquka ukushiya amabhongo ababenawo. Kwakufuna ukuzinikela okupheleleyo, ubulali nokuthobeka entliziyweni. Kufuneka bahambe kwindlela emxinwa ehanjwa yiNdoda yaseKalvari, ukuba bajonge ukuzuza kwisipho sobomi nozuko lwezulu.ULw 391.2

    Uvavanyo lwalulukhulu kakhulu. Ukuthabatheka kwabo babefuna ukumnyanzela ukuba bamenze ukumkani kwabanda. Le ntetho yasendlwini yesikhungu, bathi, iwavulile amehlo abo. Ngoku babengasakhohlisekanga. Ezingqondweni zabo, amazwi waKhe aye kukuvuma okutsolileyo lokuba akanguye uMesiya, nokuba akukho mivuzo yasemhlabeni yayiza kufunyanwa ngokuhlangana naYe. Babewamkele amandla waKhe asebenza imimangaliso; babefuna kona ukukhululwa kwisifo nokubulaleka; kodwa babenganako ukuzayamanisa kuvelwano lobomi baKhe bokuzincama. Babengabukhathalele ubukumkani obufihlakeleyo basemoyeni awayethetha ngabo. Ababenganyanisekanga, abafuna okukokwabo, ababemfuna, babengasamnqweneli. Ukuba wayengenako ukunikela amandla nempembelelo yaKhe ekuzuzeni inkululeko kumaRoma, babengasayi kuba nanto yakwenza naYe. ULw 391.3

    UYesu wabaxelela ngokuphandle, wathi, “Kukho abathile kuni abangakholwayo.” Wongeza, “Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.” Wanqwenela ukuba bayiqonde into yokuba, ukuba abatsalelekanga kuYe, kungokuba iintliziyo zabo zazingakulungelanga ukumamkela uMoya Oyingcwele. “Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.” 1 Kor. 2:14. Kungokholo othi umphefumlo ububone ubuqaqawuli bukaYesu. Obu buqaqawuli bufihliwe, lude luthi, ngoMoya Oyingcwele, ukholo lukhanyiswe ngaphakathi emphefumlweni.ULw 392.1

    Ngenxa yokukhalinyelwa esidlangalaleni kokungakholwa kwabo, aba bafundi babesachasene noYesu. Babenganelisekanga kakhulu, baye benqwenela ukumhlungisa uMsindisi ukuze banelise inkohlakalo yabaFarisi, baza bamfulathela, bamshiya becekisa. Babekwenzile ukukhetha kwabo,--bethabathe imo engenamoya, ikhatshu elingenalukhozo. Isigqibo sabo sasingayi kuze sirhoxiswe emva koko; kuba abazange babe baphinde bahambe noYesu. ULw 392.2

    “Omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe.” Mat. 3:12. Yayilelinye lamaxesha okuhlambulula eli. Ngamazwi enyaniso, umququ wawusahlulwa engqoloweni. Kuba babengamahobho anobulungisa bawo ukuba bangamkela ukungxoliswa, belithanda kakhulu ihlabathi ukuba bangamkela ubomi bokuzithoba, abaninzi bajika bamshiya uYesu. Baninzi abasayenzayo le nto. Imiphefumlo iyavavanywa namhlanje njengoko kwakusenziwa njalo kwabo bafundi endlwini yesikhungu eKapernahum. Xa inyaniso ifakwa entliziyweni, bayabona ukuba ubomi babo abuhambelani nentando kaThixo. Bayasibona isidingo sokutshintsha okupheleleyo kubo; kodwa abanayo intumekelelo yokuwuthabatha umsebenzi wokuzilandula. Basuka, ke ngoko, babe nomsindo zakuba zibhaqiwe izono zabo. Bahamba bekhubekile, kanye njengoko benzayo abafundi bakaYesu ukukhalaza, besithi, “Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva?” ULw 392.3

    Ukunconywa nokukhohliswa bekuya kuba luvuyo ezindlebeni zabo; kodwa yona inyaniso ayamkelekanga; abanako ukuyiphulaphula. Xa indimbane ilandela, izihlwele zisondliwa, imikhwazo yoloyiso ivakala, amazwi abo aphezulu edumisa; kodwa xa ukuphengulula kukaMoya kaThixo kuveza isono sabo, uthi kubo mabasishiye, bayayifulathela inyaniso, bangabi saphinda bahambe naYe uYesu. ULw 392.4

    Bathi xa abo bafundi banganelisekanga besimka kuKristu, umoya owahlukileyo wabalawula. Abazange bakwazi kubona nto intle kuLowo babekhe bamfuna enika umdla kakhulu. Bazingela iintshaba zaKhe, kuba babevumelana nomoya kunye nomsebenzi wazo. Bawaqonda ngandlela yimbi amazwi aKhe, bazixoka iintetho zaKhe, baziphikisa iinjongo zaKhe. Balixhasaikhondo labo ngokuqokelelayonke into eyayinokusetyenziswa ukumchasa;kwazakwakho ingqumbo enkulu eyavuswa zezi ngxelo zobuxoki kangangokuba ubomi baKhe baba sengozini. ULw 392.5

    Iindaba zakhawuleza ukusasazeka ezithi, ngokuthetha kwaKhe, uYesu waseNazarete wayengenguye uMesiya. Kwaba njalo naseGalili, umsinga wemvakalelo exhaphakileyo yajika yamlwa, njengoko kwakunjalo nakwaYuda kumnyaka owadlulayo. Yeha, kuIsrayeli! Bamala uMsindisi wabo, kuba babenga bangafumana umnqobi owayeza kubanika igunya lasemhlabeni. Babefuna ukudla okutshabalalayo, ingekuko okuhlala kude kuse ebomini ebongunaphakade. ULw 393.1

    Ngentliziyo ebuhlungu, uYesu wababona abo babengabafundi baKhe besimka kuYe, uBomi nokuKhanya kwabantu. Ukuphawula ukuba imfesane yaKhe yayingathathelwe ngqalelo, uthando lwaKhe lungabuyekezwanga, inceba yaKhe icekisiwe, usindiso lwaKhe lwaliwe, konke kwamzalisa ngentlungu engathethekiyo. Zizinto ezinjengezi ezathi zenzeka ezamenza ukuba abeyindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo. ULw 393.2

    Wathi engakhange azame ukubanqanda abo babemshiya, uYesu wajika wabuyela kwabalishumi elinambini, wathi, “Nani nifuna ukumka, yini na?”ULw 393.3

    UPetros waphendula ngokubuza, wathi, “Nkosi, sosuka siye kubani na?” “Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.” Wongeza wathi, “Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.”ULw 393.4

    “Sosuka siye kubani na?” Iititshala zakwaIsrayeli zazingamakhoboka okugcina ngqongqo umthetho. AbaFarisi nabaSadusi babethe gqolo bexabana. Ukumshiya uYesu kwaba kukuwa ezandleni zabathandi beenkonzo nemibingelelo, namadoda awayenamabhongo awayefuna okwawo ukudunyiswa. Abafundi babezuze uxolo novuyo olungaphezulu kususela oko bamkela uKristu kunabo bonke ubomi babo obadlulayo. Bebeza kuthini ngoku ukubuyela kwabo babegculele batshutshisa uMhlobo waboni? Kwakukudala belindele uMesiya; ngoku uthe wafika, abakwazi ke ngoko ukusuka phambi kwaKhe baye kwabo babezingela ubomi baKhe, nabathi babatshutshisa ngokuba basuka bangabalandeli baKhe. ULw 393.5

    “Sosuka siye kubani na?” Kungekuko ukusuka kwimfundiso kaKristu, kwizifundo zaKhe zothando nenceba, kuyiwe kubumnyama bokungakholwa, kwinkohlakalo yehlabathi. Nangona uMsindisi wayeshiyiwe ngabaninzi ababeyibonile imisebenzi yaKhe emangalisayo, uPetros wabonisa ukholo lwabafundi,--unguye uKristu.” Yona ingcamango yokulahlekwa yiankile yemiphefumlo yabazalisa ngoloyiko nentlungu. Ukungabi naye uMsindisi kwakuza kuba kukukhukuliseka kulwandle olumnyama olunoqhwithelo.ULw 393.6

    Amazwi nezenzo ezininzi zikaYesu zabonakala ziyimfihlakalo kwiingqondo ezicinga kufutshane, kodwa lonke ilizwi nesenzo sasinenjongo eqinisekileyoemsebenzini wokuhlangula; into nganye yayilungiselelwe ukuba iveze isiphumo sayo. Ukuba sasikwazi ukuziqonda iinjongo zaKhe, konke kwakuya kubonakala kubalulekile, kuphelele, kuvumelana nomsebenzi awuzeleyo.ULw 394.1

    Nangona ngoku singenako ukuyiqonda imisebenzi neendlela zikaThixo, singakwazi ukulubona uthando lwaKhe olukhulu, olungaphantsi kwako konke ukuphatha kwaKhe abantu. Lowo ohlala kufuphi noYesu uya kuyiqonda imfihlakalo eninzi yokuhlonela uThixo. Uya kuyazi inceba elawula ukungxolisa, evavanya isimilo, ize izise ekukhanyeni injongo yentliziyo. ULw 394.2

    Xa uYesu wayenika inyaniso evavanyayo neyenza ukuba abaninzi kubafundi baKhe babuye umva, wayesazi ukuba sasiya kuba yintoni isiphumo samazwi aKhe; kodwa wayenayo injongo yenceba ekwakufuneka eyizalisekile. Wakubona kwangaphambili ukuba yakufika iyure yokulingwa, wonke ubani kubafundi baKhe abathandekayo wayeza kuvavanywa kakhulu. Intlungu yaKhe eGetsemane, ukungcatshwa nokubethelelwa kwaKhe emnqamlezweni, kubo kwakuza kuba sesona silingo esinzima sokubavavanya. Ukuba kwakungekho luvavanyo lukhe lwanikwa ngaphambili, abaninzi ababeqhutywa kuphela ziinjongo zokubawa, ngebazihlanganisa kunye nabo. Xa iNkosi yabo yayigwetywa kwiholo yamatyala; xa isihlwele esasimamkela njengokumkani waso sasinximza simgculela; xa indimbane eyayimthuka yayikhwaza, isithi, “Mbethelele!” —xa amabhongo abo asemhlabeni ayedaniswa, aba bantu banokuziphakamisa babeza kuthi, ngokuyeka kwabo ukwayama kuYesu, bazise kubafundi intlungu ekrakra, eyaphula intliziyo, ngaphezu kwentlungu nodano ngenxa yokutshabalala kwawona mathemba abo babewathanda. Ngelo xesha lobumnyama, umzekelo wabo basukayo bemka kuYe ngowenza ukuba nabanye bemke kunye nabo. UYesu wayenze ukuba kufikwe kule meko yovuthondaba lo gama ngobukho baKhe wayesenako ukulomeleza ukholo lwabo bangabalandeli baKhe ngenene. ULw 394.3

    UMhlanguli onovelwano, owathi eyazi ngokupheleleyo intshabalalo eyayimlindele, wayigudisa ngobubele indlela yabafundi baKhe, wabalungisela ukulingwa kokugqibela, wabomelezela uvavanyo lokugqibela! ULw 394.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents