Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 32—I-Pentekoste

    AKUBA uYesu eyivulile ingqiqo yabafundi kwintsingiselo yeziprofeto ezingaye, wabaqinisekisa ukuba igunya lonke linikwe yena ezulwini nasemhlabeni, wabayalela ukuba bahambhe baye kushumayela iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. Abafundi, livuselelekile ngokukhauleza ithembha labo elidala lokuba uYesu uza kuthabatha indawo yakhe phezu kwetrone kaDavide eJerusalem, babuza besithi, “Nkosi, wobubuyisela ngelixesha na ubukumkani kuSirayeli?” Zenzo 1: 6. UmSindisi waphosa ukungaqiniseki ezingqondweni zabo mayela nalomcimbhi ngokuphendula ngokuthi, asikokwabo “ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba awamise ngelakhe igunya uBawo.” Zenzo 1: 7.IL 219.1

    Abafundi baqala bathembha ukuba ukuhla okungummangaliso koMoya oyiNgcwele kuya kubaphembhelela abantu besiJuda ukuba bamamkele uYesu. UmSindisi wakubandeza ukubacacisela ngokungakumbhi, kuba wayesazi ukuba akuba uMoya oyiNgcwele ehlile phezu kwabo ngomlinganiselo ozeleyo iingqondo zabo ziya kukhanyiselwa, baze bawuqonde ngokuzeleyo umsebenzi ophambhi kwabo, bawuthabathele kanye kulondawo waye wushiye kuyo.IL 219.2

    Abafundi bahlanganisana kwigumbhi eliphezulu, bemanyene ngokukhunga kunye nabafazi abakholwayo, noMariya unina kaYesu, nabazalwana bakhe. Aaba bazalwana, ababengakholwa, ngoku babemiliselwe ngokuzeleyo elukholweni lwabo ziziganeko ezahambha nokubethelelwa emnqamlezweni nokuvuka nokunyuselwa ezulwini kweNkosi. Inaani laabo babehlanganisene lalimalunga nekhulu elinamashumi amabini.IL 219.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents