Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ulungiselelo Olulodwa Lobunkokeli

    Izithunywa zezulu zamxelela uMoses ukuba uThixo umnyule ukuba ahlangule oonyana bakaSirayeli. Abaphathi boonyana bakaSirayeli bafundiswa nabo zizithunywa zezulu ukuba ilixa lokukhululwa kwabo likufuphi, nokuba uMoses nguye indoda uThixo ayakusebenzisa yona ukuphumeza lomsebenzi. UMoses wayecinga ukuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlangulwa ngemfazwe, nokuba wayeza kukhokela umkhosi wamaHebere, aphathe imfazwe yokulwa nemikhosi yamaJiputa abahlangule abazalwana bakhe edyokweni yobukhoboka. Enalengcamango engqondweni, uMoses wazifihla icala athambhekele ngakulo, ukuba angazibhokoxeli kakhulu ngakunina omtsha okanye ngakuFaro, elumkele ukuba kungabi nzima kuye ukuhlala ekhululekile ukuba enze intando kaThixo.IL 97.2

    UYehova wamkhusela uMoses ekwenzakalisweni ziimpembhelelo ezonakalisayo ezimngqongileyo. Iziseko zenyaniso, ezamkelwa ebuncinaneni bakhe kubazali abahlonela uThixo, azizange zalityalwa nguye. Waza xa kwakufuneka ngokungakumbhi ukuba akhuselwe kwezimpembhelelo zonakalisayo ezilandelelana nentlalo yasenkundleni yakomkhulu, izifundo zasebu- tsheni bakhe zathwala iziqhamo. Ukoyika uYehova kwakuphambhi kwakhe. Kwaye wayebathanda abazalwana bakhe, eyithanda eyihlonele kakhulu inkolo yamaHebere, ngangokuba angaziflhli umnombho wokuzalwa kwakhe ngenxa yembheko yokuba yindla-mafa elusatsheni lakomkhulu.IL 97.3

    UMoses akuba eminyaka imashumi mane ubudala, “waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umJiputa ebetha umHebere wabazalwana bakhe. Wabheka-bheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umJiputa, wamselela entlabathini. Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebere amabini entlalana; wathi kowoone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho? Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umJiputa? Woyika uMoses, wathi, Ma ibe lento iyaziwa. UFaro wayiva lento, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan.” UYehova wamyalela indlela yakhe, wafika emzini kaJitro, indoda eyayinqula uThixo. Waye ngumfuyi wezimvu ekwa ngumbingeleli wakwaMidiyan. Iintombhi zakhe zazisalusa izimvu zakhe. Kodwa izimvu zikaJitro zehla zanikelwa kuMoses ukuba azaluse; wazeka intombhi kaJitro wahlala kwaMidiyan iminyaka engamashumi amane.IL 98.1

    UMoses wakhaulezisa gqitha ukumbulala umJiputa. Wayecinga ukuba oonyana bakaSirayeli bayaqonda ukuba ugcino olulodwa lukaThixo lumvusele ukuba abahlangule. Kodwa uThixo wayengamiselanga ukuba ukukhululwa koonyana bakaSirayeli kuya kwenziwa ngemfazwe, njengoko uMoses wayecinga, kodwa ngamandla akhe amakhulu, ukuze uzuko lunikelwe kuye yedwa. UThixo walaula phezu kwesenzo sikaMoses sokumbulala umJiputa ukuphumeza injongo yakhe. Wayethe ngokwazelelela kwakhe wamngenisa uMoses elusatsheni lwakomkhulu eJiputa, apho wafumana imfundo efezekileyo; kanti noko waye ngekakulungeli ukuba uThixo amphathise umsebenzi omkhulu awayemvusele ukuba awufeze. UMoses wayengenakumka ebhothweni lokumkani nakumalungelo awani- kiweyo njengomzukulwana wokumkani aze kwa oko aye kwenza umsebenzi owodwa kaThixo. Kwafuneka abe nethuba lokufumana amava aqeqeshwe esikolweni sembhandezelo nobuhlwempu. Xa wayehleli ekonwabeni, uYehova wathumela izithunywa zakhe ukuba zimqeqeshele ngokukodwa ngokusingisele kwikamva lakhe. Wasifunda apha ngokuzeleyo isifundo sokuzeyisa nokuthobeka. Wayesalusa imihlambhi kaJitro, waza xa wayesenza umsebenzi wakhe othobekileyo womalusi, uThixo wamlungiselela ukuba abe ngumalusi wasemoyeni wezimvu zakhe, ezingabantu bakhe uSirayeli.IL 98.2

    Akuba uMoses ezikhokele izimvu wafika entabeni kaThixo, ewe eHorebe, “kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi.” Wathi uYehova, “Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseJiputa, nokuhlala kwabo ndikuvile, ngenxa yaabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo. Ndihlile ke; ndize kubahlangula esandleni samaJiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi. . . . Ngoku ke naanku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaJiputa. Hambha ngoku, ndikuthume kuFaro, ubakhuphe eJiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.”IL 99.1

    Ixesha lalifikile ngokupheleleyo awayefuna ngalo uThixo ukuba uMoses ayibeke phantsi intonga yomalusi athabathe intonga kaYehova, awayeza kuyenza ibe namandla ngokwenza imiqondiso nemimangaliso, ekubahlanguleni abantu bakhe ekucinezelekeni, nokubakhusela xa besukelwa ziintshaba zabo.IL 99.2

    UMoses wavuma ukuwenza lomsebenzi. Kuqala watyelela uyise womkakhe, wafumana imvume yakhe yokuba yena nosapho lwakhe babuyele eJiputa. Woyika ukumxelela uJitro ngesigidimi sakhe esiya kuFaro, ngokulumkela ukuba hleze angavumi ukuba umkakhe nabantwana bakhe baluhambhe oluhambho luya kumsebenzi oyingozi kangaka. UYehova wamomeleza walususa uloyiko lwakhe ngokuthi, “Hambha ubuyele eJiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.”IL 99.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents