Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    U-Luther Esahlukana neRoma

    I-Roma yayizimisele ekumtshabalaliseni, kodwa uThixo wayemkhusele. Iimfundiso zakhe zaziviwa ezindaweni zonke—emizini yoonongendi, ezindlwini, ezinqabeni zezidwangube, kwizikolo eziphakamileyo, kumabhotwe ookumkani; nezidwangube zivuka macala onke ukuba ziyixhase imizamo yakhe.IL 309.2

    Kwisibheno esaya kukumkani nakwizidwangube zaseJamani ngenxa yoHlaziyo lobuKristu, uLuther wabhala wathi ngokusingisele ku-popi: “Kuyinto emanyumnyezi ukubona umntu ozibiza ukuba ungummeli kaKristu, ebonakalalisa ubunewu-newu ekungekho kumkani unokubulinganisa. Oku kufana noYesu ihlwempu, okanye noPetros othobekileyo na? Ngokokutsho kwabo, bathi uyinkosi yehlabathi! Kodwa uKristu, aqhayisa ukuba ungummeli wakhe, uthe yena, ‘Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi.’ Izikumkani zommeli zingaba ngaphezu kwezomongameli wakhe na?”IL 309.3

    Wabhalela ngoluhlobo kwizikolo eziphakamileyo : “Ndinoloyiko olukhulu lokuba izikolo eziphakamileyo ziya kuba ngamasango amakhulu esihogo, ngaphandle kokuba zisebenzele ngenyameko ukucacisa iziBhalo eziNgcwele zizimilisele ezintliziyweni zolutsha. Andicebisi namnye ukuba ase umntwana wakhe apho iziBhalo eziNgcwele zingathabathi eyona ndawo iphambhili. Wonke umzi apho abantu bangahlali bezingisile ukuqwalasela iliZwi likaThixo umelwe kukonakala.”IL 310.1

    Esisibheno sasasazwa ngokukhauleza kulo lonke elaseJamani, sangenisa impembhelelo enamandla ebantwini. Uhlanga lonke lwavuseleleka lwahlanganiselana lwaraqa ibanile yohlaziyo. Abachasi bakaLuther, besitsha lulangazelelo lwempindezelo, bamthundeza u-popi ukuba abe nezigqibo eziqatha ngakuye. Kwavakaliswa ukuba iimfundiso zakhe ma zigwetywe kwangoko. Kwasikwa imihla engamashumi amathandathu kulomHlaziyi nabalandeli bakhe, ekwakuza kuthi emva kwayo, ukuba abaroxi, basikwe ebandleni.IL 310.2

    Wakuba umyalelo ka-popi ufikile kuLuther, wathi: “Ndiyawudela ndiwuhlaba, njengento engahlonele Thixo, nebubuxoki. . . . NguKristu ngokwakhe lo ugwetywayo apha kuwo. . . . Ndiyagcoba kukuthwala ububi obungaka ngenxa yowona uphambhili emisebenzini. Kwangoku sendiziva ndikhululeke ngakumbhi entliziyweni yam ; kuba ekugqibeleni ndiyazi ukuba u-popi ngumchasi-Kristu nokuba itrone yakhe yileyo kaSatana ngenkqu.”IL 310.3

    Kanti noko ilizwi lika-popi waseRoma lalise negunya. Intolongo, ukuthuthunjiswa, nekrele zazi zizixhobo ezinamandla ekunyanzeliseni intobelo. Yonke into yaba ngathi yalatha ukuba umsebenzi womHlaziyi use uza kuphela. Ababuthathaka nabazaliswe ziinkolo bangcangcazela phambhi kwalomyalelo ka-popi, kwaza kwathi naxa uvelwano olukhulu lwalungakuLuther, abanye beva kubo ukuba ubomi buxabiseke kakhulu ukuba babuncamele umsebenzi wohlaziyo.IL 310.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents