Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imihla Yempumelelo

    Usapho lukaSirayeli lwalu ngengawo amakhoboka. Lwalu ngazange luzithengise iinkomo zalo, namasimi alo, neziqu zawo kuFaro ngenxa yokudla, njengoko uninzi IwamaJiputa lwalwenze njalo. Babe nikelwe isiqwenga somhlaba ukuba bahlale kuso, nemihlambhi yabo yempahla emfutshane neenkomo, ngenxa yoncedo awaba lulo uJosefu ebukumkanini. UFaro wabuncoma ubulumko bakhe ekuphatheni kwakhe izinto zonke zasebukumkanini, ngokungakumbhi ekulungiseleleni iminyaka emide yendlala eyafikela ilizwe laseJiputa. Weva ukuba ubukumkani buphela bunobutyala ngenxa yempumelelo yabo kulungiselelo lobulumko lukaJosefu; waza, njengomqondiso wombulelo wakhe, wathi kuJosefu, “Ilizwe laseJiputa liphambhi kwakho; uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle; ma bahlale ezweni laseGoshen. Ukuba uyazi ukuba kukho kuwo amadoda azinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.”IL 93.1

    “UJosefu wambeka uyise nabazalwana bakhe ezweni laseRameses, ngokomthetho kaFaro. UJosefu wamondla uyise, nabazalwana bakhe, nendlu yonke kayise, ngesonka, ngangokuswela kosapho lwabo.”IL 93.2

    Akubizwanga rafu kuyise kaJosefu nakubazalwana bakhe ngukumkani waseJiputa, waza uJosefu wanikwa ilungelo lokubanika ukudla ngesisa. Ukumkani wathi kubaphathi bakhe, Asinabutyala kuThixo kaJosefu na, kwa nakuye ngokukudla kusisisulu esinako? Akubanga ngenxa yobulumko bakhe na esibe nokugcina okuninzi kangaka? Logama amanye amazwe etshabalala, thina sinokwaneleyo! Ukuphatha kwakhe kubutyebisile ngokukhulu ubukumkani.IL 93.3

    “Wafa uJosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke. Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, baanda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo. Kwavela ukumkani omtsha phezu kweJiputa, owayengamazi uJosefu. Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu abangoonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi: Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.”IL 93.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents