Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ulungiselelo lukaJohane

    UJohane wabaxelela abafundi bakhe ukuba uYesu unguMesiya odingiweyo, umSindisi wehlabathi. Wakuba umsebenzi wakhe ufikelela esiphelweni, wabafundisa abafundi bakhe ukuba bakhangele kuYesu bamlandele njengaloo mFundisi mKhulu. Ubomi bukaJohane babuzaliswe lusizi nokukuzincama. Wavakalisa ukuza kokuqala kukaYesu kodwa akavunyelwa ukuba ayibone imimangaliso yakhe awaxhamle amandla awabonakalalisayo. Xa uYesu wayeza kuzimisa ukuba abe ngumfundisi, uJohane wazi ukuba yena umelwe kukufa. Izwi lakhe lalingaviwa futhi, ngaphandle kwasentlango. Ubomi bakhe babu bobobulolo. Akazange ahlalelane nosapho lukayise, axhamle ukudlelana nalo, kodwa wabashiya ukuze aphumeze umsebenzi wakhe. Izihlwele zazishiya izixeko eziphithizelayo neelali, zabuthelana entlango apho ukuya kuva amazwi alomprofeti ungummangaliso. UJohane walibeka izembhe ezingcanjini zomthi. Wasikhalimela isoono, engakoyiki okuya kuhla, walungisa indlela yemVana kaThixo.IL 176.1

    UHerode wachukumiseka akuba ebuva ubunqhina obutsolileyo bukaJohane, waza ngonandipho olukhulu wabuza ukuba angenza ntoni na ukuze abe ngumfundi wakhe. UJohane wayeyazi inyaniso yokuba kwa kukufuphi ukuba atshate nomfazi womninawa wakhe, ekubeni indoda yakhe yayisaphilile, waza ngokuthembeka wamxelela uHerode ukuba oku akukho emthethweni. UHerode waye ngazimiselanga ukwenza nawuphina umbingelelo. Watshata nomfazi womninawa wakhe, waza ngokuphenjelelwa nguye, wambambha uJohane wamfaka entolongweni, kodwa ke, ezimisele, ukumkhulula. Logama wayevalelwe khona apho, uJohane weva ngabafundi bakhe ngemisebenzi yamandla kaYesu. Waye ngenako ukuwaphulaphula amazwi akhe amnandi, kodwa abafundi bamxelela bamthuthuzela ngezinto abazivileyo. Kungekudala uJohane wanqanyulwa intloko, ngempembhelelo yomka- Herode. Ndabona ukuba abona baphantsi kubafundi ababe landela uYesu, bayibona imimangaliso yakhe, baweva amazwi akhe entuthuzelo aphuma emlonyeni wakhe, babe bakhulu kunoJohane umBaptizi; ooko kukuthi, babe phakanyisiwe bebekiwe ngokungaphezulu, benokonwaba okungaphezulu ebomini babo.IL 176.2

    UJohane weza ngomoya namandla kaEliya ukuza kuvakalisa ukuza kokuqala kukaYesu. Ndalathiswa phambhili kwimihla yokugqibela ndabona ukuba uJohane umele aabo baya kuphuma ngomoya namandla kaEliya baya kuvakalisa umhla wengqumbho nokuza kwesibini kukaYesu.IL 177.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents