Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izibetho

    Imimangaliso yokujika kwentonga ibe yinyoka nokujika komlambho ube ligazi ayizange iyichukumise intliziyo elukhuni kaFaro, yamenza kuphela awathiye ngakumbhi amaSirayeli. Izenzo zabakhafuli zamkhokelela ekukholelweni ukuba lemimangaliso yenziwa ngobugqi, kodwa waba nobunqhina obaneleyo bokuba akunjalo sakuba sishenxisiwe isibetho samasele. UThixo ngewayebange ukuba adake abuyele eluthulini ngomzuzwana, kodwa akakwenzanga oku, hleze, kuthi emva kokuba esusiwe, ukumkani namaJiputa bathi ibi sisenzo sobugqi, njengomsebenzi wabakhafuli. Aafa, aza ahlanganiselwa ndawonye aziimfumbha. Izidumbhu zawo aba nokuzibona phambhi kwawo, zayona- kalisa impepho. Apha ke ukumkani nalo lonke elaseJiputa baba nobunqhina obunge nakususwa kulwazi lwabo olungelulo-ke, bokuba esisenzo sasi ngebubo ubugqi kodwa sasi sisigwebo sikaThixo wezulu.IL 103.3

    Abakhafuli ababanga nako ukuvelisa iintwala. UYehova akabavumelanga nokuba benze umlingo phakathi kwabo, okanye kumaJiputa, wokungathi bangasivelisa isibetho seentwala. Wayeza kukushenxisa konke ukuzilandulela kokungakholwa kuFaro. Wada wanyanzela nabakhafuli ngokwabo ukuba bathi, “Ngumnwe kaThixo.”IL 104.1

    Kulandele ke isibetho sezibawu. Zazingezizo ezo zifana nezo zisenzela isithukuthezi nje ngamanye amathuba onyaka, kodwa izibawu ezaziswa phezu kweJiputa zazizikhulu zinobuhlungu. Zazihlaba kabuhlungu ebantwini nasezinkomeni. UThixo wabahlula abantu bakhe kumaJiputa akavumela zibawu ukuba zibonakale emideni yabo.IL 104.2

    UYehova ke walandelisa ngokuthumela isibetho sesifo ezinkomeni, waza kwa ngeloxa linye wazikhusela iinkomo zamaHebere, ngangokuba kungafi nanye kuzo. Kulandele isibetho samathumbha ebantwini na-sezinkomeni, baza abakhafuli ababinako ukuzikhusela kuso. UYehova wathumela ke phezu kweJiputa isichotho esixubene nomlilo, nemibane neendudumo. Ixesha lesibetho ngasinye laxelwa ngaphambhi kokuba sifike, ukuze kungabi nako ukuthiwa sifane sehla nje. UYehova wabonakalalisa kumaJiputa ukuba umhlaba wonke uphela uphantsi kolaulo loThixo wamaHebere — nokuba iindudumo, isichotho noqhwithela zithobela izwi lakhe. UFaro, ukumkani onekratshi owakha wabuza esithi, “Ngubani na uYehova, ukuba ndiphula-phule izwi lakhe?” wazithoba wathi, “Ndonile ... ; uYehova ulilungisa, ke mna nabantu bam asindawo.” Wambongoza uMoses ukuba abe ngumlamleli wakhe kuThixo, ukuze ezindudumo nalemibane yoyikekayo ziphele.IL 104.3

    UYehova ulandelise ngokuthumela isibetho esoyikekayo seenkumbhi. Ukumkani wanyula ukufumana ezizibetho endaweni yokuba azinikele kuThixo. Ngaphandle kokuzohlwaya wabubona ubukumkani bakhe buphela buphantsi kwezizigwebo zo- yikekayo. UYehova ngoku wathumela ubumnyama phezu kweJiputa. Abantu ababandezwanga ukukhanya kuphela, kodwa kwanempepho le yaba nobunzima, ngangokuba kube nzima ukuphefumla ; kanti noko wona amaHebere aba kwimpepho epholileyo anokukhanya emakhayeni awo.IL 104.4

    Sasisinye kwakhona isibetho esoyikekayo uThixo asizisa phezu kweJiputa, esinzima ngaphezu kwaso nasiphina kweziphambi kwaso. Yayi ngukumkani nababingeleli bakhe bezithixo abasichasayo kwada kwaba sekupheleni isicelo sikaMoses. Abantu balangazelela ukuba amaHebere avunyelwe ukuba aphume eJiputa. UMoses wachaza kuFaro nakubantu baseJiputa, nakumaSirayeli, isimo nokusebenza kwesibetho sokugqibela. Ngabo obobusuku, obabusoyikeka kangaka kumaJiputa buzuke kangaka ebantwini bakaThixo, kwamiselwa isimiselo esindilekileyo se-pasika.IL 105.1

    Kwa kunzima kakhulu kukumkani wamaJiputa onekratshi nakubantu abathanda izithixo ukuvumela ooko kufunwa nguThixo wezulu. Wathatha ithuba ukumkani waseJiputa ngaphambhi kokuba avume. Akuba ephantsi kweyona mbhandezelo ibuhlungu ebevuma kancinane; kodwa yakuba ishenxisiwe imbhandezelo, akujike kwakhona konke abe kuvumele. Ngalendlela ke, isibetho emva kwesibetho zaziswa phezu kweJiputa, waza akavuma ngaphezu kokuba enyanzeIwa zizohlwayo ezoyikekayo zengqumbho kaThixo. Ukumkani wada wazingisa eluvukelweni lwakhe nasemva kokuba iJiputa yonakalisiwe.IL 105.2

    UMoses noAron bachaza kuFaro isimo nokusebenza kwesibetho ngasinye esiya kulandela ukwaala kwakhe ukukhulula amaSirayeli ahambhe. Onke ke amaxesha wazibona ezi zibetho zisihla kanye njengokuba wayexelelwe ukuba ziya kuhla; kanti noko akavumanga. Kuqala wavuma ukubanika imvume yokuba babingelele kuThixo elizweni laseJiputa; waza, emva kokuba iJiputa ikuvile ukubandezeleka ngumsindo kaThixo, wavumela ukuba amadoda ahambhe odwa. Emva kokuba iJiputa yayiphantse ukutshatyalaliswa yonke sisibetho seenkumbhi, wavumela ukuba abafazi nabantwana bahambhe, kodwa akavuma u- kuba imfuyo ihambhe. UMoses ngoku wamxelela ukumkani ukuba isithunywa sikaThixo sasiza kubulala amazibulo awo.IL 105.3

    Isibetho ngasinye saya sisondela ngokusondela eboyeni sibanzima ngokungaphezulu, saye esi ke sasiza kuba nzima ngaphezu kwaso nasiphina kwezangaphambhili. Kodwa ukumkani onekratshi waba nomsindo ongathethekiyo, akazithoba. Athi ke amaJiputa ewabona amalungiselelo amakhulu enziwayo phakathi kwamaSirayeli elungiselela obobusuku boyikekayo, ahlekisa ngomqondiso wegazi elalisemigubasini yeengcango zawo.IL 106.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents