Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umthandazo kaMoses Owoyisayo

    UMoses waya kuthetha noThixo emnqubeni. “Wathi uYehova kuMoses, Kuya kude kube nini na bendigiba aaba bantu? Kuya kude kube nini na bengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo? Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwenze uhlanga olukhulu olunamandla kunabo. Wathi uMoses kuYehova, Kohla kuvakale kumaJiputa (ngokuba ubanyusile ngamandla akho aaba bantu phakathi kwawo); abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena Yehova uphakathi kwaaba bantu, ubonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo, uhambha phambhi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku. Ukuba uthe wababulala aaba bantu njengandoda nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi, Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukub’ asa aabo bantu ezweni abebafungele lona, lento abasikileyo entlango.”IL 142.2

    UMoses waala kwakhona ukuba Sirayeli atshatyalaliswe aze yena eenziwe uhlanga olukhulu ngaphezu kokuba uSirayeli abe njalo. Lomkhonzi kaThixo uthandiweyo wabonisa uthando lwakhe kumaSirayeli wabonisa ubushushu bakhe ngenxa yozuko lomDali wakhe nembheko yabantu bakhe. Njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baaba bantu, uthabathele eJiputa wezisa apha, uzeke kade umsindo, wamkhulu ngenceba kwada kwangoku kwaaba bantu bangenambulelo; nokuba abafanelekanga kangakananina, inceba yakho isoloko inye. Wabongoza esithi, Awusayi kubaxolela na, ngako oko, nangesisihlandlo, wongeze nesi sinye isihlandlo sonyamezelo olungcwele koluninzi ose ubenalo?IL 143.1

    “Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho. Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqauli bukaYehova. Amadoda onke abubonileyo ubuqaqauli bam, nemiqondiso yam endayenzayo, eJiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphula-phula izwi lam, wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona. Ke yena umkhonzi warn uKalebi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbhi wakholisa ukundilandela, ndiya kumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbhewu yakhe.”IL 143.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents