Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubugqwira Bezimini

    Inkqu gama eli lobugqwira ngoku liyacekiseka. Ibango lokuba abantu banokudlelana noomoya abancholileyo lithathwa njengentsomi yalaamaThuba obuMnyama. Kodwa uNqulo IweMinyanya, eliwabala amalungu alo ngamakhulu amawaka, ewe, nangezigidi, oluvule indlela lwangena kumaqela ezazi, nolungenele amabandla, lwamkeleka emaqumrwini abalauli, kwada kwaba nasezinkundleni zookumkani—lenkohliso inkulu iluvuselelo nje olwambhethe ingubo entsha yobuya bugqwira babuhlatywa busalelwa kumaxesha akudala.IL 355.2

    USatana uya balukuhla abantu namhlanje, njengoko wamlukuhlayo uEva eEden, ngokuvuselela umnqweno wokufuna ulwazi olwalelweyo. “Niya kuba njengoothixo,” utsho, “nazi okulungileyo nokubi.” Genesis 3: 5. Kodwa ubulumko obunikwa yinkolo kwiminyanya bubo obo bucaciswe ngumpostile uYakobi, “asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon.” Yakobi 3: 15.IL 356.1

    Itshawe lobumnyama linengqondo enobuchule, kwaye lizilungiselela ngobunkunkqele izihendo zalo ebantwini abakwiimeko nenkcubeko eyahlukahlukileyo. Lisebenza “ngako ukulukuhla konke kokungalungisi” ukuba lilulaule usapho loluntu, kodwa linokuyiphumeza injongo yalo kuphela xa luvumelana ngokwalo nezihendo zalo. Aabo bazibeka egunyeni lalo ngokondla iimpau ezikhohlakeleyo ezimilweni zabo, abaqondi ukuba indlela yabo iya kuphelela phina. Umhendi uyagqiba ukubonakalisa, aze ngoku abasebenzisele ukonakalisa abanye.IL 356.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents