Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 64—Uvuko Lwesibini

    WANDULA ke uYesu kunye naso sonke isihlwele sezithunywa ezingcwele, nabo bonke abangcwele abasindisiweyo, bawushiya umzi. Izithunywa zamphahla umPhathi wazo zampheleka endleleni yakhe, saza isihlwele sabangcwele abasindisiweyo salandela. Kwaza, ngobungangamsha obuhlasimlisayo, oboyikekayo, uYesu wababiza abakhohlakeleyo abafileyo ukuba bavuke; baza bavuka bese naloo mizimbha ibuthathaka, inesifo eyaya emanchwabeni. Babe ngumbono onjani! Kuvuko lokuqala bonke bavuka benemizimbha enokungafi, kodwa kolwesibini iimpau zesiqalekiso zazibonakala kubo bonke. Ookumkani nezikhulu zomhlaba, amavimbha nabaphantsi, abafundileyo nabangafundanga, bavuka kunye. Bonke bayambona uNyana womntu; naloo madoda kanye aamdelayo amgculela, abeka isitsaba sameva ebunzini lakhe elingcwele ambetha ngengcongolo, ayambona ekubo bonke ubungangamsha bobukumkani bakhe. Aabo bamtshicelayo ngeyure yokulingwa kwakhe ngoku baya kuphepha ukukhangela kwakhe okugqobozayo nokubengezela kobuqaqauli bobuso bakhe. Aabo baabethelela izikhonkwane ezandleni nasezinyaweni zakhe ngoku bayawakhangela amanxeba okubethelelwa kwakhe. Aabo bamhlabayo ngekrele ecaleni lakhe ngoku bayawabona amanxeba enkohlakalo yabo emzimbheni wakhe. Kwaye bayamazi ukuba ukwanguye kanye Iowa babembethelela emnqamlezweni begculela ngeentlungu zokufa kwakhe. Kwalandela ke isijwili esinye esizingileyo esibuhlungu, xa babebaleka besiya kuzifihla ebusweni boKumkani kakumkani noNkosi kankosi.IL 375.2

    Bonke baafuna ukuzimela emaweni, ukuba bazikhusele kubuqaqauli oboyikekayo balowo ababekhe bamcukuceza. Baze bathi, besindekile behlungisiwe bubungangamsha nobuqaqauli bakhe obuncamisileyo, bathi ngamxhelo mnye bawaphakamisa amazwi abo, bathi ngokucace ngokoyikekayo, “Ma kabongwe lo uzayo egameni leNkosi!”IL 376.1

    Andule ke uYesu kunye nezithunywa ezingcwele, elandelwa ngabo bonke abangcwele, babuyele kwakhona emzini, zibe izijwili ezikrakra zabangendawo abagwetyiweyo zisizalise isibhaka-bhaka. Ndabona ke ukuba uSatana wawuqalisa kwakhona umsebenzi wakhe. Wahambha-hambha phakathi kwababusi bakhe wabomeleza ababuthathaka, wabaxelela ukuba yena nezithunywa zakhe banamandla. Walatha kwizigidi ezingenakubalwa zabavuswe ekufeni. Kwa kukho kubo amagora omeleleyo nookumkani ababe ngamachule agqibeleleyo emfazwe awoyisa izikumkani. Kwa kukho neengxilimbhela ezinamandla namadoda akhaliphileyo angazange alahlekwe mfazwe. Waye lapho uNapoleon onekratshi nonebhongo, owazingcangcazelisayo izikumkani ngokubonakala kwakhe. Ayemi apho amadoda azithomo ziphakamileyo nanka- ngeleko indilekileyo awaye wele emfazweni esafuna uloyiso.IL 376.2

    Ekuphumeni kwabo emanchwabeni abo, baqalisa ukucinga kulaa ndawo bagqibela kuyo ekufeni kwabo. Base kwanaloo mnqweno wokoyisa owawubalaula ngaphambhi kokuba bafe. USatana uyabhunga nezithunywa zakhe, alandelise ngaabo kumkani nabeyisi namadoda anamandla. Uya wuhlola ke lomkhosi mkhulu, abaxelele ukuba iqela elisemzini ngaphakathi lincinane libuthathaka, nokuba banganyuka bawuthabathe, babakhuphele ngaphandle abemi bawo, bube bobabo ubutyebi bawo nobuqaqauli bawo.IL 377.1

    USatana uyaphumelela ekubakhohliseni, baze bonke bazilungiselele imfazwe kwa oko. Maninzi amadoda angamachule kulomkhosi mkhulu, enza ke zonke iintlobo zezixhobo zemfazwe. Sathi ke esi sihlwele sikhokelwe nguSatana, safunzela phambhili. Ookumkani namagora aalandela kufuphi kuSatana, saza isihlwele salandela ngasemva singamaqela ngamqela. Iqela ngalinye linenkokeli yalo, kugcinwe ulungelelwano ekuhambheni kwabo phezu kobuso bomhlaba obonakeleyo besinga kuMzi oNgcwele. UYesu walivala isango lomzi, waza lomkhosi mkhulu wawuraula, wazimisa ngokulungele imfazwe, ulindele idabi elinzima.IL 377.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents