Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 13—UYakobi nesiThunywa seZulu

    Isiphoso sikaYakobi sokwamkela intsikelelo yomkhuluwa wakhe ngenkohliso sabonakalaliswa kuye kwakhona ngokucacileyo, waza woyikela ukuba uThixo uya kumvumela uEsau ukuba ambulale. Ekukhathazekeni kwakhe wathandaza kuThixo ubusuku bonke. Ndaboniswa isithunywa simi phambhi koYakobi, simbonisa isiphoso sakhe njengoko sinjalo. Xa isithunywa sasimshiya uYakobi, wasibambha, akavuma ukusiyeka. Wasibongoza elila. Wavuma ukuba uzidanele ngokupheleleyo izoono zakhe, neziphoso aazenzayo kumkhuluwa wakhe, ezabangela ukuba ahlukane nendlu kayise leminyaka ingamashumi amabini. Wazama ukubanga amadinga kaThixo nemiqondiso yokumthanda kwakhe amaxesha ngamaxesha ngethuba lokungabikho kwakhe endlwini kayise.IL 83.2

    Wabambhana uYakobi nesithunywa ubusuku bonke, ebongoza ukuba makasikelelwe. Isithunywa saba ngathi siyawuchasa umthandazo wakhe, ngokusoloko siziphinda izoono zakhe ukuba azikhumbhule, kwangelo xesha linye sizama ukuzisombhulula kuye. UYakobi wazimisela ukusibambha isithunywa, kungengawo amandla enyama, kodwa ngamandla okholo oluphilileyo. Entlungwini yakhe uYakobi wathetha ngokuzidanela kwakhe emphefumlweni, nokuzithoba kwakhe okunzulu ngenxa yeziphoso zakhe. Isithunywa saba ngathi asiwunanzanga umthandazo wakhe, sasoloko sizamela ukuzisombhulula kuye. Nge sasisebenzise amandla aso angengawomntu sazisombhulula kuYakobi, kodwa asinyulanga ukwenza njalo.IL 85.1

    Sithe sakubona ukuba asimoyisi uYakobi, ukubonisa amandla aso angengawomntu, samchukumisa usikrobana womlenze wakhe wancothuka usikrobana. Kodwa uYakobi akayiyekanga imizamo yakhe enyamekileyo ngenxa yentlungu yasenyameni. Injongo yakhe yayi kukufumana intsikelelo, intlungu yomzimbha ke inganele ukuba ingayijika ingqondo yakhe kulenjongo yakhe. Imizamo yakhe yomelela kwimizuzu yokugqibela kolubambhano kuna sekuqaleni kwalo. Ukholo Iwakhe lwaya luzimisela luzingisa kwada kwase kugqibeleni, ewe kwada kwase kuthini qheke kokusa. Waye ngaz’ ukusiyeka isithunywa singathanga simsikelele. “Sathi, Ndindulule ndihambhe, kuba kuya sa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.” Isithunywa ke sathi, “Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi. Sathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weeyisa.”IL 85.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents