Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukusaba eJerusalem

    Xa uPaulos, owayejongene nazo zonke iziphumo zelinyathelo, wayethandaza ngenyameko etempileni, umSindisi wabonakala kuye embonweni, esithi, “Nxama, uphume kamsinya eJerusalem; ngokuba bengayi kubamkela ubunqhina bakho ngam.” Nangoko uPaulos wakha wathingaza ukuyishiya iJerusalem engawanelisanga amaJuda anenkani ngobunyaniso benkolo yakhe; wacinga ukuba, nokuba ubomi bakhe bebungabingelelwayo ngenxa yenyaniso, bebungayi kuhlaulela ityala eloyikekayo azibeka lona ngenxa yokubulawa kukaStefano. Waphendula wathi, “Nkosi, bayazi kakuhle ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu aabo bakholwayo kuwe; naxeshikweni laphalazwayo igazi likaStefano, inqhina lakho, ndaye ndimi kufuphi nam, ndikuthakazela ukusikwa kwakhe, ndizigcinile iingubo zaabo babemsika.” Kodwa impendulo yaqina kunangaphambhili: “Hambha; ngokuba mna ndiya kukuthuma kude kwiinTlanga.”IL 251.3

    Bakuba abazalwana bevile ngombono kaPaulos, nangokugcinwa kwakhe nguThixo, ukuxhalaba kwabo ngaye kwakhula; kuba babeqonda ukuba ngenene usisitya esinyuliweyo seNkosi, sokuthwalela inyaniso kwabeenTlanga. Bakukhaulezisa ukumzimelisa kwabo emke eJerusalem, besoyikela ukubulawa kwakhe ngamaJuda. Ukumka kukaPaulos kwanqumamisa okwethuba elincinane inkcaso enamandla yamaJuda, laza ibandla lanethuba lokuphumla, ekongezwa ngalo inaani elikhulu lamakholwa.IL 252.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents