Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ethunyelwa kuHerode

    Akuba uPilato evile ukuba uHerode useJerusalem, waziva ekhululekile kakhulu, kuba wayethembhe ukuzikhulula emthwalweni wokuthetha ityala likaYesu nokumgweba. Kwa oko wamthumela, kunye nabamangaleli bakhe, kuHerode. Lo mlauli wayeqaqadekile esoonweni. Ukubulawa kukaJohane umBaptizi kwa kushiye esazeleni sakhe isiphako awayenge nakusisusa kuye. Akuba evile ngoYesu nangemisebenzi yakhe yamandla ayenzayo, woyika wangcangcazela, ekholelwa ukuba unguJohane umBaptizi uvukile ekufeni. Akuba uYesu enikelwe ezandleni zakhe nguPilato, uHerode wasithabatha esisenzo njengokuvunywa kwegunya lakhe namandla nogwebo. Oko ke kwabanga ukuba kudaleke ubuhlobo phakathi kwaba baphathi babini ababe zintshaba ngaphambhili. UHerode wakholiswa kukumbona uYesu, wamlindela ukuba enze ummangaliso wamandla wokwanelisa yena. Kodwa yayingenguwo umsebenzi kaYesu ukwanelisa abafuna ulwazi nje okanye ukufuna ukuzisindisa isiqu sakhe. Amandla akhe angummangaliso obuthixo ayeza kusetyenziselwa usindiso lwabanye, kungekhona ngenxa yesiqu sakhe.IL 196.1

    UYesu akaphendulanga nto kuyo yonke imibuzo emininzi eyabhekiswa kuye nguHerode; engaziphendulanga neentshaba zakhe kananjalo, ezazimtyhola ngamandla. UHerode waba nomsindo kuba uYesu engabonakalisi ukuloyika igunya lakhe, waza kunye namasoldathi akhe bahlekisa bagculela ngaye uNyana kaThixo. Kodwa wakhwankqiswa sisimo esibukekayo sikaYesu esifana noThixo xa wayephatheke kakubi ngendlela eyoyikekayo, waza esoyika ukumgweba, wamphindisela kuPilato.IL 196.2

    USatana nezithunywa zakhe babemhenda uPilato bezama ukumkhokelela entshabalalweni. Bazindla kuye ukuthi ukuba akathabathanga nxaxheba ekumgwebeni uYesu abanye baya kuyithabatha ; isihlwele sasinxanele igazi lakhe; ukuba ke waye ngamnikeli ukuba abethelelwe emnqamlezweni, yena wayeza kulahlekwa ligunya lakhe naliwonga lakhe lasemhlabeni bambize ukuba ukholelwa kulomlahlekisi. Ngenxa yokoyika ukulahlekwa ngamandla negunya lakhe, uPilato wakuvumela ukubulawa kukaYesu. Waza ngenxa yoko ke walibeka igazi likaYesu phezu kwabamangaleli bakhe, saza isihlwele salamkela, ngokunkqangaza sisithi, “Igazi lakhe ma libe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu” (Mateyu 27: 25), kanti noko uPilato wayengemsulwa ; waye netyala ngegazi likaKristu. Ngenxa yokuzikhathalela yena ngokwakhe, ukuthanda kwakhe imbheko evela kubantu abaphakamileyo bomhlaba, wanikela umntu omsulwa ukuba afe. Ukuba uPilato wayelandele izimvo zakhe ngewayengazange abe nanto yokwenza nokugwetywa kukaYesu.IL 197.1

    Imbhonakalo namazwi kaYesu ngexesha lokuthethwa kwetyala lakhe yeenza umbhalo onzulu ezingqondweni zabantu abaninzi ababekho kweso siganeko. Isiqhamo saloo mpembhelelo eyabakho sabonakala emva kokuvuka kwakhe. Phakathi kwaabo bongezelelwayo ebandleni, babe baninzi abakuhlabeka kwabo kwasusela ngexesha lokumiswa ematyaleni kukaYesu.IL 197.2

    Ingqumbho kaSatana yabankulu akubona ukuba yonke inkohlakalo awakhokelela amaJuda ukuba ayenze kuYesu ayizange ivelise nentwana encinane yokukrokra kuye. Nakuba wayethabathele kuye isimo somntu, wayesekelwe lukhuselo olubuThixo, akaphambhuka nakancinane entandweni kaYise.IL 197.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents