Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ingcinezelo

    Lo kumkani mtsha waseJiputa waqonda ukuba oonyana bakaSirayeli baluncedo olukhulu ebukumkanini. Abaninzi kubo babe ngabasebenzi abanokuqonda nobuchule, waza akathanda ukwahlukana nomsebenzi wabo. Lo kumkani mtsha wababalela oonyana ba-kaSirayeli kunye nodidi lwamakhoboka awazithengisayo iimfuyo zawo, nemihlaba, kwakunye neziqu zawo ebukumkanini. Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela uFaro imizi enoovimbha, iPitom neRameses.IL 94.1

    “Kodwa okukhona babacinezelayo, kokukhona baandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli. AmaJiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo; abenza baakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.”IL 94.2

    Babanyanzela abafazi babo ukuba basebenze emasimini, ngokungathi bangamakhoboka. Kanti noko amanaani abo akanciphanga. Akuba ukumkani nabaphathi bakhe bebona ukuba baphikele ukwanda, bathethana bodwa ukuba babanyanzele ukuba basebenze umlinganiselo othile ngemini. Bacamanga ukubeyisa ngomsebenzi onzima, baba nomsindo kukuba bengenako ukulinciphisa inaani labo bawaphule umoya wabo wokungaqameli mntwini.IL 94.3

    Baza ngenxa yokuba boyisiwe kukuyiphumeza injongo yabo, bazenza lukhuni iintliziyo zabo ukuba zifunzele phambhili ngakumbhi. Ukumkani wayalela ukuba abantwana abangamakhwenkwe mababulawe nje ukuba bazalwe. NguSatana owaye ngumyili kulemicimbhi. Wayesazi ukuba umkhululi wayeza kuphuma apha kumaHebere oza kubakhulula ebukhobokeni. Wacinga ukuba xa angamchukumisayo ukumkani ukuba abatshabalalise abantwana abangamakhwenkwe, injongo kaThixo iya koyiswa. Abafazi babemoyika uThixo abeenza ngokomyalelo wokumkani waseJiputa, babasindisa abantwana abangamakhwenkwe.IL 94.4

    Abafazi abababulalanga abantwana bamaHebere, baza ngenxa yokuba bengawuphula-phulanga umyalelo kakumkani, uYehova wabenza baba nempumelelo. Akuba exelelwe ukumkani waseJiputa ukuba umyalelo wakhe awunanzwanga, waqumbha kakhulu. Wawenza ke umyalelo wakhe wanyanzela ngokungakumbhi wawandisa. Wabayalela bonke abantu bakhe ukuba babe neliso elibukhali, esithi, “Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombhi zisindiseni.”IL 95.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents