Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Inkcaso Engenampumelelo

    USatana nezithunywa zakhe bawamfamekisa amehlo bazenza mnyama iingqiqo zamaJuda, baphembhelela izikhulu zabantu nabaphathi ukuba bambulale umSindisi. Abathile bathunywa ukuba bambambhe uYesu beze naye kubo, kodwa bathe bakusondela apho wayekhona besuka bakhwankqiswa kakhulu. Bambona ezaliswe yimfesane akuba elubona usizi loluntu. Bamphula-phula xa wayethetha ngothando nobubele esomeleza ababuthathaka nababandezelekileyo. Bamva, kananjalo, ngezwi legunya, elikhalimela igunya likaSatana eyalela ababanjwa bakhe ukuba bahambhe bekhululekile. Bawaphula-phula amazwi obulumko aphuma emlonyeni wakhe, bakhwankqiswa; ababanga nakumsa zandla. Babuyela kubabingeleli namadoda amadala ngaphandle kwakhe uYesu.IL 183.2

    Bakuba bebuzwa ukuba, “Kungani na ukuba ningezi naye?” babalisa ezo zinto bazibonayo emimangalisweni yakhe namazwi angcwele obulumko, nothando, nolwazi abawevayo, bagqibela ngokuthi, “Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lomntu.” Ababingeleli abakhulu babatyhola ngokuthi bakhohlisiwe nabo, yaza inxalenye yamadindala yaneentloni ukuba ingambambhanga. Ababingeleli babuza ngendlela egxekayo ukuba inxalenye yabaphathi ikholiwe na nguye. Ndibone ukuba inxalenye yabaphathi namadoda amakhulu yakholwa kuYesu, kodwa uSatana wabanqanda ukuba bangakuvakalisi oko ; babesoyika ukujalelwa ngabantu kunokuba boyike uThixo.IL 184.1

    Ukuza kuthi ga apha ubuqhetseba nentiyo kaSatana yayingabanga nako ukulichitha icebo losindiso. Ixesha lokuphunyezwa kwenjongo awayezele yona emhlabeni uYesu lalisondela. USatana nezithunywa zakhe bagqugula kunye bagqiba ekubeni bavuselele uhlanga lukaKristu kanye ukuba lunkqangazele ngozondelelo igazi lakhe lufumbhe phezu kwakhe inkohlakalo nogxeko. Zazi thembhe ukuba uYesu uya kuyicekisa lempatho inje oyiswe kukukugcina ukuthobeka nobulali bakhe.IL 184.2

    Logama uSatana wayesenza amalungiselelo akhe, uYesu wayetyhilela abafundi bakhe ngenyameko ngeentlungu awayeza kuphumela kuzo — nokuba wayeza kubethelelwa emnqamlezweni aze avuke kwakhona ngomhla wesithathu. Kodwa ingqiqo yabo yabangathi ilele, ababi nakukuqonda oko waye baxelela.IL 184.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents