Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uhlaziyo Luhlakazeka

    Kwa kungenxa yezibhalo zikaWycliffe ukuze uJohn Huss waseBohemia akhokelelwe ekubulahleni ubuxoki obuninzi bobuRoma angene emsebenzini wohlaziyo. NjengoWycliffe, uHuss waye ngumKristu ondilekileyo, indoda efundileyo ezinikele ngokungashukumiyo enyanisweni. Ukubhenela kwakhe eziBhalweni eziNgcwele nokuzihlaba kwakhe ngesibindi izimilo ezilihlazo nezincholileyo zabafundisi kwaadala unandipho olukhulu nolubanzi, aza amawaka ayamkela ngovuyo inkolo ehlambhuluke ngakumbhi. Oku kwavusa umsindo ka-popi nabaveleli, ababingeleli, nabeqela elifungele ukungatshati, waza uHuss wabizelwa phambhi kweQumru laseConstance ukuba aze kuphendula ityala lokuba ngumahlukanisi. Wanikwa isiqiniselo sohambho olukhuselekileyo ngukumkani wase Jamani, waza ekufikeni kwakhe eConstance waqinisekiswa ngu-popi ngesiqu ukuba akukho bubi obuya kwenziwa kuye.IL 303.2

    Emva kwengxoxo ende, awayigcinayo inyaniso kuyo yonke, kwafunwa u-Huss anyule ukuba uza kuzilahla na iimfundiso zakhe okanye anyamezele ukufa. Wanyula isigwebo sokufela inkolo, waza emva kokuzibona iincwadi zakhe zinikelwe emalangatyeni, yena ngokwakhe watshiswa emlilweni. Phambhi kweziga- nga ezihlanganiseneyo zebandla nezombuso, umkhonzi kaThixo wavakalisa inkcaso endilekileyo nethembekileyo kwizincholiso zolaulo lobu-popi. Ukubulawa kwakhe, okwaba kukwaphulwa ngendlela ehlazekileyo kwesithembhiso esindilekileyo nesenziwe ekuhleni sokuba uya kukhuseleka, kwabonisa kwelimiweyo liphela inkohlakalo ezele bubungini-ngini yaseRoma. Iintshaba zenyaniso, noxa zazingakwazi oko, zaziwuqhubela phambhili umsebenzi ezazizamela ngokungenampumelelo ukuwutshabalalisa.IL 303.3

    Noxa yayivutha intshutshiso, inkcaso epholileyo, nenentlonelo, enyamekileyo nenonyamezelo yokuchasa ukunchola okwakulaula inkolo yonqulo yaphikela ukuvakaliswa emva kokufa kukaWycliffe. Njengamakholwa emihla yabapostlie, baninzi abazibingelela ngenkululeko iimpahla zabo ngenxa yomsebenzi kaKristu.IL 304.1

    Kwenziwa imizamo enamandla yokomeleza nokwandisa igunya lobu-popi, kodwa logama oo-popi babezibiza ukuba bangabameli bakaKristu, ubomi babo babubole ngangokuba bube lihlazo ebantwini. Ngokuncedwa kukuyilwa koshicilelo iziBhalo eziNgcwele zasasazwa ngokubanzi ngakumbhi, baza babaninzi abakhokelelwa ekuboneni ukuba iimfundiso zobu-popi azixhaswanga liliZwi likaThixo.IL 304.2

    Lakuba elinye inqhina linyanzelwe ukuba lisiyeke siwe isibane senyaniso, elinye lasithabatha esandleni salo laza ngesibindi esingenakuthinteleka lasiphakamisela phezulu. Idabi laliqalile elaliza kuqhubela phambili lingakhululi abantu ngabanye namabandla kuphela, kodwa neentlanga. Ngaphesheya komsantsa wekhulu leminyaka abantu bazolula izandla zabo ukuba babambane nezandla zamaLollard exesha likaWycliffe. Phantsi kukaLuther kwaqaliswa uHlaziyo kwelaseJamani; uCalvin wazishumayela iindaba ezilungileyo kwelaseFrance, uZwigli kwelaseSwitzerland. Ihlabathi lalivusiwe ekulaleni kwezizukulwana, ngenxa yokuhlokoma kumazwe ngamazwe kwalamazwi avuselelayo athi “Inkululeko Elunqulweni.”IL 304.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents