Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 27—Ukungcatshwa KukaKristu

    NDATHWALELWA ndasiwa kwixesha lokudla kukaYesu isidlo sePasika kunye nabafundi bakhe. USatana wayemkhohlisile uJudas wamkhokelela ekucingeni ukuba ungomnye wabafundi bakaKristu abanyanisekileyo, kodwa intliziyo yakhe yayi soloko iye yasenyameni. Wayeyibonile imisebenzi yamandla kaYesu, waye naye kulo lonke ulungiselelo lwakhe, woyiswa bubunqhina obongameleyo bokuba unguye uMesiya; kodwa uJudas wayevimbha ebawa; wayethanda imali. Wakhalaza esemsindweni ngenxa yamafutha axabiso likhulu athululelwa phezu koYesu.IL 186.2

    UMariya waye yithanda iNkosi yakhe. Yayimxolele izoono zakhe, ezazizininzi, ivuse nasekufeni umnakwabo othandekileyo, waziva ke kungekho nto ixabiseke ngokugqithileyo ngangokuba angayinikeli kuYesu. Okukhona enexabiso amafutha, kokukhona waba nokuvakalisa umbulelo wakhe kumSindisi wakhe ngokuwanikela kuye.IL 187.1

    UJudas, ukufihla ukubawa kwakhe, wathi akwaba lamafutha ebethengisiwe kwaphiwa amahlwempu. Kodwa oku kwa kunge ngakuba waye wakhathalele amahlwempu; kuba waye ligqolo, ehlala futhi ezithabathela kooko awayegciniswe kona ukuba akunike amahlwempu. UJudas waye ngakukhathalele nganto ukonwaba kwa neentswelo zikaYesu, waza ukugquka ukubawa kwakhe wasoloko ethetha ngamahlwempu. Esisenzo sobubele sikaMariya sasisesona sohlwayo sibukhali esimeni sakhe sokubawa. Indlela yavuleka yesihendo sikaSatana ukuba sifumane ulwamkelo olulungileyo entliziyweni kaJudas.IL 187.2

    Ababingeleli nabaphathi bamaJuda babemthiyile uYesu, kodwa izihlwele zantontelana ukuya kuphulaphula amazwi akhe obulumko nokuya kubona imisebenzi yakhe yamandla. Abantu bachukumiseka banonandipho olunzulu bamlandela ngolangazelelo uYesu ukuba beve ukufundisa kwalomFundisi ungummangaliso. Baninzi kubaphathi ababekholwa kuye, kodwa bengacingi ukuluxela ukholo lwabo hleze bagxothwe endlwini yesikhungu. Ababingeleli namadoda amakhulu bagqiba ukuba kubekho into eyenziweyo yokususa iingqondo zabantu kuYesu. Babesoyikela ukuba abantu bonke baya kukholelwa kuye. Ababonanga cala lakukhuseleka kwabo. Babeza kulahlekwa liwonga labo okanye bambulale uYesu. Emva kokuba bembulele ke, bekusaza kubakho aabo baya kuba zizikhumbhuzo ezihleliyo zamandla akhe.IL 187.3

    UYesu wayevuse uLazaro ekufeni, baza boyikela ukuba xa bembulele uYesu, uLazaro uya kunika ubu- nqhina ngamandla akhe amakhulu. Abantu babe ntontelana besiza kumbona lowo wayevuswe ekufeni, baza abaphathi bazimisela ukuba bambulale naye uLazaro, baphelise lomothuko. Babeza kubabuyisela abantu ezithetheni nasezimfundisweni zabantu, banikele izishumi zetyeleba nenxina, ukuze kwakhona babe nempembhelelo phezu kwabo. Bavumelana ukuba bambambhe uYesu xa ayedwa, kuba xa bengazama ukumbambha phakathi kwesihlwele, xa iintliziyo zabantu zonke zijonge kuye, babeya kuxulutywa ngamatye.IL 187.4

    UJudas wayeyazi indlela abalangazelela ngayo ukumbambha waza wazinikela ukuba amngcatshe kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu ngamaqhosha ambalwa esilivere. Ukuyithanda kwakhe imali kwamkhokelela ukuba avume ukuyingcatshela iNkosi yakhe ezandleni zezona ntshaba zayo zikrakra. USatana wayesebenza ngokuphandle ngoJudas, kwathi kanye phakathi kweso siganeko sichukumisayo sesidlo sangokuhlwa sokugqibela umngcatshi waba eyila amacebo okuyingcatsha iNkosi yakhe. UYesu ngosizi wabaxelela abafundi bakhe ukuba bonke baya kukhubeka ngaye ngobo busuku. Kodwa uPetros waqinisekisa ngamandla ukuba nokuba abanye bonke bangakhubeka ngenxa yakhe, yena Petros akayi kukhubeka. UYesu wathi kuPetros, “uSatana ubenibanga, ukuba aneele njengenqholowa. Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.” Luka 22: 31, 32.IL 189.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents