Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 59—Ukuvalwa Kwenceba

    NDALATHISWA phambhili kwixesha esiya kuba sivalwa ngalo isigidimi sesithunywa sesithathu. Amandla kaThixo ayephumle phezu kwabantu bakhe; babe wufezile umsebenzi wabo belindele ilixa elinzima elaliphambhi kwabo. Babe yamkele imvula yamva, okanye amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi, baza ubunqhina obuphilileyo bavuseleleka. Isigidimi esikhulu sokugqibela sasihlokome kuzo zonke iindawo, saza sabahlongoza sababanga umsindo abemi bomhlaba abangavumanga ukusamkela isigidimi.IL 361.2

    Ndabona izithunywa zikhauleza zibheka ngapha nangapha ezulwini. Isithunywa esasinezinto zokubhala ethangeni laso sabuya sivela emhlabeni sanika ingxelo kuYesu yokuba umsebenzi waso ufeziwe, nabangcwele babaliwe batywinwa. Ndaza ndambona ke uYesu, owaye lungiselela phambhi kwetyeya enemi- Thetho eliShumi, esiphosa phantsi isiqhumiselo. Waziphakamisa izandla zakhe, waza wathi ngezwi elikhulu. “Kwenzekile.” Waza wonke umkhosi wezithunywa zezulu zazibeka phantsi izitsaba zazo xa uYesu wayesenza lemvakaliso indilekileyo, ithi, “Lowo ungalungisiyo, ma kasel’ ehlala engalungisi ; lowo uyinyhuku-nyhuku, ma kasel’ ehlala eyinyhuku-nyhuku ; nolilungisa, ma kasel’ ehlala ezingcwalisile.” IsiTyhilelo 22: 11.IL 361.3

    Umgwebo wabo bonke wawugqityelwe ubomi okanye ukufa. Logama uYesu wayelungiselela engcweleni, umgwebo wamalungisa afileyo wawuqhubeka, kwaza kwalandela owamalungisa ahleliyo. UKristu wabufumana ubukumkani bakhe, ekubeni elwenzile ucamagushelo lwabantu bakhe wazicima izoono zabo. Ababusi bobukumkani babekhethiwe. Umsitho wemVana wawugqityiwe. Baza ubukumkani, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, banikwa uYesu neendlalifa zosindiso, noYesu wayeza kulaula enguKumkani kakumkani, uNkosi kankosi.IL 362.1

    Xa uYesu wayephuma kwingcwele kangcwele, ndakuva ukukhenkceza kweentsimbhi ezisengubeni yakhe ; kwaza kwathi ekumkeni kwakhe, ilifu lobumnyama labagubungela abemi bomhlaba. Ngoko kwa kungekho mlamleli phakathi komntu onetyala noThixo owoniweyo. Logama uYesu wayesemi phakathi koThixo nomntu onetyala, kwa kukho ukuthibeka ebantwini; kodwa akuba eshenxile phakathi kwabantu noYise, ukuthibeka kwasuka waza uSatana wanegunya elipheleleyo phezu kwabo bangaguqukanga.IL 362.2

    Kwa kungenakwenzeka ukuba izibetho ziphalazwe logama uYesu waye salungiselela engcweleni; kodwa njengokuba umsebenzi wakhe apho ugqityiwe, nocamagushelo lwakhe lugqityiwe, akukho nto yokuwuthintela umsindo kaThixo, uthi ke ugaleleke ngamandla phezu kwentloko engenalukhuselo yomooni onetyala, oludelileyo usindiso wakuthiya ukohlwaywa. Ngelixesha loyikekayo, emva kokuvalwa kokusilamlela kukaYesu, abangcwele babehleli phambhi koThixo ongcwele ngaphandle komlamleli. TJmcimbhi ngamnye wawugqityiwe, igugu ngalinye libaliwe. UYesu walibala umzuzwana kwigumbhi lokuqala lengcwele yase- zulwini, zaza izoono ezazivunyiwe ngokuya ebe kwingcwele kangcwele zabekwa phezu koSatana, umqali wesoono, omakathwale isohlwayo sazo.*Inkcazelo.— Oku kubandezeleka kukaSatana akudibananga mpela nokumela ucamagushelo. Njengoko se kwalathiwe kwisahluko esingaserava: “Nje ngommeli nomenzeleli worantu, isoono sabantu sabekwa phezu koKristu.” (Bona iphepha 204.) Kodwa emva kokuba aabo balamkeleyo idini likaKristu bekhululwe, kusesikweni ngokupheleleyo ukuba uSatana, umqali wesoono, ma keve isohlwayo sokugqibela. Njengokuba uNkosikazi White etshilo kwenye indawo, ukuthi, “Wakuba umsebenzi wocamagushelo kwingcwele yasezulwini ugqityiwe, kuya kuthi ke phambhi kobuso bukaThixo nobezithunywa zezulu, kwa kunye nomkhosi wabasindisiweyo, izoono zabantu bakaThixo zibekwe phezu koSatana ; uya kubekwa ityala layo yonke inkohlakalo awababanga ukuba bayenze.”— The Great Controversy, page 658.—ABENZINCWADI.IL 362.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents