Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ngokomfanckiso

    Emva kokuba ukwakhiwa komnquba kugqityiwe, uMoses wawuhlola wonke umsebenzi, wawuthelekisa nomfanekiso, nemiyalelo abe yamkele kuYehova, wabona ukuba yonke indawo yawo inqhinelana nomfane-kiso; wabasikelela ke abantu.IL 136.1

    UYehova wamnika uMoses umfanekiso wetyeya, nemiyalelo eyodwa yokwenziwa kwayo. Ityeya yayenzelwe ukuba igcine amacwecwe amatye, uThixo akrole kuwo ngomnwe wakhe, imiThetho eliShumi. Ngesimo yayifana netyesi, yalekwe ngaphandle nangaphakathi ngegolide ecocekileyo. Yayihonjiswe ngezitsaba zegolide ngaphezulu. Isiciko saletyeya ingcwele sasi sisihlalo sokucamagusha, senziwe ngegolide ecocekileyo. Esiphelweni ngasinye sesihlalo sokucamagusha kwakumi ikerubi eyenziwe ngegolide ecocekileyo. Ubuso bazo bakhangelana, zakhangela ngentlonelo esihlalweni sokucamagusha, zona ke zimele zonke izithunywa zasezulwini eziwukhangele ngonandipho nangentlonelo umthetho kaThixo ogcinwe etyeyeni kwindawo engcwele yasezulwini. Ezikerubi zazi namaphiko. Elinye iphiko iliphakamisele phezulu, ekubeni elinye kwikerubi nganye lisithelise isiqu sayo. Ityeya yasendaweni engcwele yasemhlabeni yayi ngumfanekiso kanye wetyeya yenene esezulwini. Khona apho, ecaleni kwetyeya yasezulwini, kumi izithunywa eziphilileyo, esiphelweni ngasinye setyeya, ngasinye sazo ngephiko elinye sisithelise isihlalo sokucamagusha iliphakamisele phezulu, ekubeni amanye amaphiko efihle iziqu zazo njengomqondiso wentlonelo nokuzithoba.IL 136.2

    Etyeyeni yasemhlabeni uMoses kwafuneka ukuba afake amacwecwe amatye. Wona la ayebizwa ukuba ngamacwecwe esinqhino; netyeya yayibizwa ukuba yityeya yesinqhino, ngenxa yokuba ayenesinqhino sikaThixo emiThethweni eliShumi.IL 136.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents