Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umthetheli-khulu

    “Kwaye kukho eKesariya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldathi ekuthiwa lelaseltali, emhlonelayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kananjalo yayimana ikhunga kuThixo.” Noxa uKorneli waye ngumRoma, wayazene noThixo wenyaniso wakulahla ukunqula izithixo. Wayilulamela intando kaThixo wamnqula ngentliziyo enyanisekileyo. Wayengazimanyanga namaJuda, kodwa ewazi, ewuthobele, umthetho wesimilo. Wayengalukanga, kananjalo engathabathi nxaxheba kwiinkonzo zamadini; wayebalelwe ke ngoko ngamaJuda ukuba uyinqambhi. Kodwa ke, wawuxhasa umsebenzi wamaJuda ngeminikelo yesisa, esaziwa kufuphi nakude ngenxa yezenzo zakhe zobubele nezesisa. Ubomi bakhe bobulungisa bamenza wanodumo oluhle phakathi kwamaJuda nabeenTlanga.IL 253.2

    UKorneli wayengenalukholo lumqondayo u-Kristu nakuba wayekholelwa eziprofetweni ekhangele phambhili ekuzeni kukaMesiya. Ngenxa yokumthanda nokumthobela kwakhe uThixo, wasondezwa kufuphi kuThixo, walungela ukumamkela umSindisi xa athe watyhilwa kuye. Ukugwetywa kuza ngenxa yokucekisa ukukhanya esikunikiweyo. Umthetheli-khulu lo waye ngumntu ophuma kusapho oludumileyo ekwibanga eliphakamileyo lembheko nelokuthenjwa ; kodwa ezimeko azizange zibe nakuzijika iimpau ezintle zesimilo sakhe. Ubulungisa benene nobukhulu zadibana ezonto zamenza umntu osimilo sifanelekileyo. Impembhelelo yakhe yayiluncedo kubo bonke athe wahlangana nabo.IL 254.1

    Wayekholelwa kuThixo omnye, lowo ungumDali wezulu nomhlaba. Wayemhlonele, elivuma igunya lakhe, efuna amacebo kuye kuyo yonke imisebenzi yobomi bakhe. Wayethembhekile emisebenzini yakhe yasekhaya kwanjengakwimisebenzi aphathiswe yona yobugosa, kananjalo wayemise isibingelelo sikaThixo emzini wakhe. Wayengacingi ukuzama ukuwaphumeza amacebo akhe, awuthwale umthwalo onzima wobugosa bakhe, ngaphandle koncedo lukaThixo; ngenxa yoko ke waluthandazela ngenyameko oloncedo. Imisebenzi yakhe yonke yabonisa ukholo, waza uThixo wambuka ngenxa yobunyulu bemikhwa yakhe, nangesisa sakhe, wasondela kuye ngelizwi nangomoya.IL 254.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents